Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 16

Yenza “Ngobulungisa” Ekuhambeni NoThixo

Yenza “Ngobulungisa” Ekuhambeni NoThixo

1-3. (a) Kutheni simtyala nje uYehova? (b) Yintoni uMhlanguli wethu onothando ayifunayo kuthi?

 KHAWUZITHELEKELELE uvaleleke kwinqanawa ezikayo. Xa kanye uphelelwa lithemba, kufika umntu akuhlangule. Ubunokuvuya nyhani xa umhlanguli ekususa kuloo ngozi aze athi: “Ukhuselekile ngoku”! Ngaba ubungazuvakalelwa ngathi uyamtyala loo mntu? Phofu, ubuya kuba umtyala ubomi bakho.

2 Ngandlel’ ithile, oku kubonisa oko uYehova asenzele kona. Ngokuqinisekileyo siyamtyala. Kaloku, uye walungiselela intlawulelo, ukuze sihlangulwe esonweni nasekufeni. Ukuba sibonisa ukholo kwelo dini lixabisekileyo, sinokuqiniseka ukuba izono zethu zixolelwe nokuba siza kubufumana ubomi obungunaphakade. (1 Yohane 1:7; 4:9) Njengoko sibonile kwiSahluko 14, intlawulelo ibobona bungqina bunamandla bokuba uYehova nguThixo wobulungisa nokuba uyasithanda. Sifanele simbulele njani ke?

3 Kuhle ukuba siqwalasele oko uMhlanguli wethu onothando akufunayo kuthi. UYehova uthi ngomprofeti uMika: “Ukuxelele, mntundini, okulungileyo. Yintoni ke uYehova ayifunayo kuwe? Ufuna nje ugwebe ngobulungisa, ukuthande ukuthembeka, uhambe ngokuthobeka noThixo wakho!” (Mika 6:8) Phawula ukuba enye yezinto uYehova azifunayo kuthi kukuba sigwebe, okanye, senze ngobulungisa. Sinokuyenza njani loo nto?

Ukuzimisela Ukwenza “Ngobulungisa Bokwenene”

4. Sazi njani ukuba uYehova ulindele ukuba siphile ngokwemithetho nemigaqo yakhe yobulungisa?

4 NguYehova ogqibayo ukuba yintoni elungileyo. Ulindele ukuba siphile ngokwezinto agqibe ukuba zilungile. KuIsaya 1:17 uthi: “Fundani ukwenza izinto ezilungileyo, funani ubulungisa.” ILizwi likaThixo lisixelela nokuba ‘sifune ubulungisa.’ (Zefaniya 2:3) Likwasikhuthaza nokuba ‘sinxibe ubuntu obutsha, obenziwa baba butsha ngokokuthanda kukaThixo, ngobulungisa bokwenene.’ (Efese 4:24) Xa sizimisela ukuphila ngokwezinto uYehova athi zilungile, siza kuhambela kude nakwintoni na enobundlobongela, engcolileyo, nasekuziphatheni kakubi kuba zonke izinto ezinjalo ziyangqubana nemithetho nemigaqo kaYehova engcwele, yezinto ezilungileyo.—INdumiso 11:5; Efese 5:3-5.

5, 6. (a) Kutheni kungengomthwalo nje kuthi ukuphila ngokwemithetho nemigaqo kaYehova? (b) IBhayibhile ibonisa njani ukuba ukuzimisela ukuphila ngokwezinto uYehova athi zilungile kuyinto eqhubekayo?

5 Ngaba kungumthwalo kuthi ukuphila ngokwemithetho nemigaqo kaYehova yobulungisa? Akunjalo. Ukuba umntu uyamthanda uYehova futhi ufuna ukusondelelana naye, loo mntu akakruqulwa zizinto uYehova amcela ukuba azenze. Siyamthanda uYehova nazo zonke iimpawu zakhe. Ngenxa yaloo nto sifuna ukuphila ngendlela emvuyisayo. (1 Yohane 5:3) Khumbula ukuba uYehova “uyabuthanda ubulungisa.” (INdumiso 11:7) Sinokulinganisa ubulungisa bakhe kuphela ngokufunda ukuthanda oko uYehova akuthandayo size sikucaphukele oko akucaphukelayo.—INdumiso 97:10.

6 Kuba sinesono esisifumene njengelifa, akukho lula ukuba sisoloko sizama ukwenza okulungileyo. Simele sibukhulule ubuntu obudala nezinto zabo size sinxibe obutsha. IBhayibhile ithi ubuntu obutsha “benziwa bube butsha” ngolwazi oluchanileyo. (Kolose 3:9, 10) Amagama athi “benziwa bube butsha” abonisa ukuba ukunxiba ubuntu obutsha kuyinto eqhubekayo, efuna ukuzimisela. Kungakhathaliseki ukuba sizama ngamandla kangakanani ukwenza okulungileyo, kubakho amaxesha okuba isono siphambukise iingcinga, amazwi nezenzo zethu.—Roma 7:14-20; Yakobi 3:2.

7. Sifanele sivakalelwe njani xa sisenza iimpazamo nangona sizama kangangoko ukwenza okulungileyo?

7 Sifanele sivakalelwe njani xa sisenza iimpazamo nangona sizama kangangoko ukwenza okulungileyo? Kakade ke, asifuni kuzithethelela sivakalelwe kukuba ibingekho mbi kangako into esiyenzileyo. Kwangaxeshanye, asimele sinikezele, sivakalelwe kukuba iimpazamo zethu zisenza singakufanelekeli ukukhonza uYehova. UThixo wethu onenceba wenze ilungiselelo lokubabuyisela kuye abo baguquka ngokunyanisekileyo. Khawucinge ngala mazwi akhuthazayo kampostile uYohane: “Ndinibhalela ezi zinto ukuze ningoni.” Kodwa wongezelela nala mazwi athuthuzelayo: “Kodwa ke, ukuba kukho kuni oye wona [ngenxa yokungafezeki esikuzuz’ ilifa], sinaye umncedi . . . uYesu Kristu, okunye noTata.” (1 Yohane 2:1) UYehova ulungiselele idini lentlawulelo likaYesu ukuze sikwazi ukumkhonza ngokwamkelekileyo nangona sisona. Ngaba loo nto ayisenzi sifune ukwenza okusemandleni ethu ukuze sivuyise uYehova?

Iindaba Ezilungileyo Nobulungisa BukaYehova

8, 9. Ukushunyayelwa kweendaba ezilungileyo kubonisa njani ukuba uYehova unobulungisa?

8 Sinokubonisa ubulungisa—phofu, silinganise ubulungisa bukaYehova—ngokwenza konke okusemandleni ethu ukuze sishumayele iindaba ezilungileyo zoBukumkani bukaThixo kwabanye. Ubulungisa bukaYehova budibana njani neendaba ezilungileyo?

9 UYehova akazukulitshabalalisa eli hlabathi libi ngaphandle kokukhupha isilumkiso kuqala. Xa wayeprofeta ngezinto ezaziza kwenzeka ngexesha lesiphelo, uYesu wathi: “Kumele kuqale kushunyayelwe iindaba ezilungileyo kuzo zonke iintlanga.” (Marko 13:10; Mateyu 24:3) Ukusetyenziswa kwegama elithi “kuqale” kubonisa ukuba ezinye iziganeko ziya kulandela emva komsebenzi wokushumayela owenziwa ehlabathini lonke. Ezo ziganeko ziquka ixesha lentlungu engathethekiyo elaxelwa kwangaphambili, ekuza kutshatyalaliswa ngalo abenzi-bubi ukuze kufike ihlabathi elitsha lobulungisa. (Mateyu 24:14, 21, 22) Ngokuqinisekileyo, akukho mntu unokutyhola ngelithi uYehova akabonisanga bulungisa kubenzi-bubi. Ngokukhupha isilumkiso, ubanika ithuba elaneleyo lokutshintsha iindlela zabo ukuze basinde kuloo ntshabalalo.—Yona 3:1-10.

10, 11. Sibulinganisa njani ubulungisa bukaYehova xa sishumayela iindaba ezilungileyo?

10 Sibulinganisa njani ubulungisa bukaYehova xa sishumayela iindaba ezilungileyo? Okokuqala, kuyinto efanelekileyo ukuba senze okusemandleni ethu ukunceda abanye basinde. Khawucinge nje kwakhona ngomzekeliso wokuhlangulwa kwinqanawa ezikayo. Njengoko ukhuselekile kwiphenyane lokuhlangula, ngokuqinisekileyo ubuya kufuna ukunceda abanye abasesemanzini. Ngokufanayo, nathi simele sincede abo basazikayo ‘kumanzi’ eli hlabathi libi. Ewe kona, baninzi abangafuniyo ukusimamela. Kodwa logama uYehova eqhubeka enomonde, simele sizame kangangoko ukubanceda bafumane ithuba lokuba ‘baguquke’ baze ngaloo ndlela babe nethemba lokusinda.—2 Petros 3:9.

11 Ngokushumayela iindaba ezilungileyo kubo bonke abo sidibana nabo, sibonisa ubulungisa nangenye indlela ebalulekileyo: Sibonisa ukungabi namkhethe. Khumbula ukuba “uThixo akakhethi, kodwa kuzo zonke iintlanga wamkela nabani na omoyikayo nowenza izinto ezilungileyo.” (IZenzo 10:34, 35) Ukuba sifuna ukulinganisa ubulungisa Bakhe, asimele sibagwebe kwangaphambili abantu. Kunoko, sifanele sishumayele iindaba ezilungileyo kubo bonke abantu noba bangaboluphi uhlanga, bajongwa njani ngabany’ abantu, okanye noba bazizityebi okanye bayasokola. Xa sisenza njalo sinika bonke abamamelayo ithuba lokuva nelokuthobela iindaba ezilungileyo.—Roma 10:11-13.

Indlela Esibaphatha Ngayo Abanye

12, 13. (a) Kutheni singafanele sikhawuleze ukugweba abanye? (b) Wayethetha ukuthini uYesu xa esithi “yekani ukugweba,” “yekani ukugxeka”? (Bona kwanombhalo osemazantsi.)

12 Kwakhona sinokubonisa ubulungisa ngokubaphatha abanye ngendlela uYehova asiphatha ngayo. Kulula kakhulu ukugweba abanye, sibagxeke ngeziphoso zabo yaye sithandabuze ukuba izinto bazenza ngezizathu ezintle. Kodwa ngaba besingathanda ukuba uYehova asithandabuze ukuba izinto sizenza ngenxa yezizathu ezintle okanye asigxeke ngokungenanceba xa senze iimpazamo? Tu kaloku. Asiyondlela asiphatha ngayo uYehova leyo. Umdumisi wathi: “Ukuba ubugadene neziphoso wena Ya, ngubani ke Yehova obenokuxolelwa?” (INdumiso 130:3) Ngokuqinisekileyo siyambulela uYehova kuba enobulungisa nenceba futhi engasoloko ejonge iimpazamo zethu! (INdumiso 103:8-10) Ngoko, thina sifanele sibaphathe njani abanye?

13 Xa abanye besenza iimpazamo, sinokulinganisa ubulungisa nenceba kaYehova, singakhawulezi sibagwebe, ingakumbi xa iyimeko esingangeni ndawo kuyo okanye izimpazamo ezincinci. KwiNtshumayelo yakhe yaseNtabeni, uYesu walumkisa ngelithi: “Yekani ukugweba ukuze nani ningagwetywa.” (Mateyu 7:1) Ngokutsho kwengxelo kaLuka, uYesu wongezelela wathi: “Yekani ukugxeka ukuze nani ningagxekwa.” a (Luka 6:37) UYesu wabonisa ukuba wayeyiqonda into yokuba abantu abangafezekanga bayathanda ukugxeka abanye. Nabani na kwabo babemmamele owayenaloo mkhwa wayemele awuyeke.

Silinganisa ubulungisa bukaThixo xa sishumayela kwabanye iindaba ezilungileyo ngokungenamkhethe.

14. Kutheni simele ‘siyeke ukugweba’ abanye?

14 Kutheni simele ‘siyeke ukugweba’ abanye? Esinye isizathu sikukuba, asinalo igunya lokwenza loo nto. Umfundi uYakobi usikhumbuza esithi: “Mnye kuphela uMniki-mthetho noMgwebi”—uYehova. Ngoko uYakobi ubuza ngokungqalileyo esithi: “Ungubani na ke wena ukuba ugwebe ummelwane wakho?” (Yakobi 4:12; Roma 14:1-4) Ukongezelela, ngenxa yesono kulula kakhulu ngathi ukuba abantu sibagwebe ngendlela engeyiyo. Sisenokungaziboni iimpawu zabo ezintle kuba kukho into esiyicaphukelayo ngabo, sivakalelwa kukuba baye basiphatha kakubi, sinomona, okanye sicinga ukuba sibhetele kunabo. Eny’ into, asinakuzazi izinto ezicingwa ngabany’ abantu neemvakalelo zabo okanye sazi zonke iimeko zabo ebomini. Xa kunjalo ke, ngaba sinalo ilungelo lokucinga ukuba abazalwana noodadewethu abamkhonzi ngokwaneleyo uYehova okanye izinto abazenzi ngenxa yezizathu ezintle? Tu ke khona! Kubhetele silinganise uYehova ngokujonga izinto ezintle kubazalwana noodade kunokuba sihoye izinto ababuthathaka kuzo!

15. Ngamazwi nempatho enjani engafunekiyo phakathi kwabanquli bakaThixo, yaye ngoba?

15 Sifanele sibaphathe njani abo bakwiintsapho zethu? Okubuhlungu kukuba, kule mihla ngamany’ amaxesha impatho embi ibakho kwindawo ebekufanele ukuba yeyoxolo—ekhaya. Abayeni, abafazi, okanye abazali abaninzi baba njengeejaji ezingenanceba kwindlela abaphatha ngayo iintsapho zabo, ngokuthetha izinto ezihlabayo, ezikhohlakeleyo kuzo nangokuzixhaphaza ngokwasemzimbeni. Kodwa abanquli bakaThixo abafanelanga bathethe izinto ezikhohlakeleyo, ezirhabaxa kwiintsapho zazo okanye zizixhaphaze nangayiphi na indlela. (Efese 4:29, 31; 5:33; 6:4) Amazwi kaYesu athi “yekani ukugweba” nathi “yekani ukugxeka” akayeki ukusebenza xa sisekhaya. Khumbula ukuba ukugweba ngobulungisa kuthetha ukuba siphathe abanye ngendlela uYehova asiphatha ngayo. UThixo wethu ke akaze asiphathe ngqwabalala okanye ngenkohlakalo. Kunoko, ‘unovelwano’ kwabo bamthandayo. (Yakobi 5:11) Ungumzekelo omhle!

Abadala Abakhonza “Ngokusesikweni”

16, 17. (a) Yintoni uYehova ayilindeleyo kubadala? (b) Yintoni efanele yenziwe xa umoni engaguquki ngokwenene, yaye ngoba?

16 Sonke simele senze ngobulungisa, kodwa abadala abakwibandla lamaKristu ngabona banomsebenzi omkhulu wokwenza njalo. Phawula indlela ezichazwa ngayo ‘iinkosana,’ okanye abadala, kwisiprofeto esabhalwa nguIsaya esithi: “Jongani! Kukho ukumkani oza kulawula ngobulungisa, neenkosana eziza kulawula ngokusesikweni.” (Isaya 32:1) UYehova ulindele ukuba abadala balinganise ubulungisa bakhe. Banokuyenza njani loo nto?

17 La madoda afanelekayo ngokomoya azi kakuhle ukuba ukwenza ngobulungisa, kufuna ukuba agcine ibandla licocekile. Ngamany’ amaxesha, abadala kuye kufuneke bagwebe amatyala ezono ezinzulu. Xa besenza njalo, bakhumbula ukuba uYehova ufuna babonise inceba ukuba kunokwenzeka. Ngenxa yoko bazama ukumnceda aguquke umoni. Kodwa bamele bathini xa umoni engaguquki ngokwenene nangona bezama ukumnceda? Balandela iLizwi likaYehova eliyalela ngobulungisa obugqibeleleyo ukuba kuthathwe inyathelo eliqatha, lisithi: “Msuseni loo menzi-bubi phakathi kwenu.” Loo nto ithetha ukumgxotha ebandleni. (1 Korinte 5:11-13; 2 Yohane 9-11) Abadala abakuvuyeli ukwenza le nto, kodwa bayaqonda ukuba kunyanzelekile ukuze kugcinwe ibandla licocekile phambi kukaYehova. Sekunjalo, bathemba ukuba ngenye imini umoni lowo uza kubuyela ezingqondweni aze abuyele ebandleni.—Luka 15:17, 18.

18. Yintoni abayikhumbulayo abadala xa belungisa abanye ngeBhayibhile?

18 Abadala balinganisa ubulungisa bukaYehova naxa belungisa ngeBhayibhile umntu odinga ukulungiswa. Kakade ke, abadala abahambi bekhangela iimpazamo zabanye. Futhi bengasoloko bengxamela ukulungisa abazalwana noodade qho ithuba livela. Kodwa omnye umntu ‘usenokwenza into engalunganga engaqondi.’ Ukukhumbula ukuba ubulungisa bukaYehova abukho ngqwabalala kuza kwenza abadala bazame ‘ukumlungisa ngomoya omhle.’ (Galati 6:1) Ngoko ke, abadala abamngxolisi umntu ophazamayo okanye bathethe kabukhali naye. Kunoko, bamlungisa ngothando ukuze bamkhuthaze lowo ulungiswayo. Naxa abadala bemnika isiluleko esingqalileyo umntu ukuze bamncede abone imiphumo emibi enokubakho ukuba uqhubeka ephazama, basoloko bekhumbula ukuba lo mzalwana okanye lo dade uyimvu kaYehova. b (Luka 15:7) Xa abadala bemlungisa okanye bemluleka kuba bemthanda umntu futhi beyenza ngendlela enothando loo nto, kokukhona basenokukwazi ukumnceda.

19. Ziziphi izigqibo ekuye kufuneke ukuba abadala bazenze, yaye bamele bazisekele entwenini izigqibo ezinjalo?

19 Kudla ngokufuneka ukuba abadala benze izigqibo ezichaphazela abo bakhonza nabo. Ngokomzekelo, ngamathuba athile abadala bayahlanganisana ukuze bajonge ukuba abanye abazalwana ebandleni bayafaneleka na ukuba banganconyelwa njengabadala okanye izicaka zolungiselelo. Abadala bayakwazi ukubaluleka kokungabi namkhethe. Xa kufuneka benze izigqibo ezinjalo abaxhomekeki kwindlela abavakalelwa ngayo ngaloo mzalwana, balandela izinto ezifunwa nguThixo. Ngoko ‘ababi namkhethe xa besenza isigqibo.’—1 Timoti 5:21.

20, 21. (a) Yintoni abadala abazama ukuyenza, yaye ngoba? (b) Yintoni abanokuyenza abadala ukuze bancede “abakhathazekileyo”?

20 Abadala bagweba ngobulungisa nangezinye iindlela. Emva kokuxela kwangaphambili ukuba abadala babeza kukhonza “ngokusesikweni,” uIsaya wathi: “Ngamnye uza kuba njengekhusi emoyeni, indawo yokuzifihla kwisiphango, njengemisinga yamanzi kwilizwe elomileyo, njengomthunzi weliwakazi kwilizwe elomileyo.” (Isaya 32:2) Ngoko, abadala bazama kangangoko ukubakhuthaza nokubathuthuzela abo bakhonza kunye nabo.

21 Namhlanje, zininzi iingxaki ezistresayo kangangokuba abantu bakaYehova abaninzi badinga ukukhuthazwa. Badala, yintoni eninokuyenza ukuze nincede “abakhathazekileyo”? (1 Tesalonika 5:14) Bamameleni ngovelwano. (Yakobi 1:19) Basenokudinga ukuthetha nomntu abamthembayo ngezinto ezibakhathazayo. (IMizekeliso 12:25) Baqinisekiseni ukuba bayafunwa, baxatyisiwe, yaye bayathandwa—nguYehova kwanangabazalwana noodade abakhonza nabo. (1 Petros 1:22; 5:6, 7) Ukongezelela, ninokubathandazela nikunye nabo. Ukuva umdala ebathandazela ngokusuk’ entliziyweni kunokubakhuthaza ngokwenene. (Yakobi 5:14, 15) UThixo wobulungisa soze angayiboni imizamo yenu yothando yokunceda abakhathazekileyo.

Abadala balinganisa ubulungisa bukaYehova xa bekhuthaza abo bakhathazekileyo

22. Zeziphi iindlela esinokubulinganisa ngazo ubulungisa bukaYehova, futhi ukwenza njalo kumenza azive njani uYehova?

22 Yinyani ukuba, sisondela ngakumbi kuYehova xa silinganisa ubulungisa bakhe! Xa siphila ngokwezinto athi zilungile, sisabelana nabanye ngeendaba ezilungileyo ezisindis’ ubomi, naxa sikhetha ukuhoya izinto ezintle kwabanye kunokuba sijonge iimpazamo zabo, silinganisa ubulungisa bukaThixo. Badala, xa nigcina ibandla licocekile, xa nibalungisa ngeZibhalo abanye ngendlela eyakhayo, xa nisenza izigqibo ngokungenamkhethe, naxa nikhuthaza abo bakhathazekileyo, nibonisa ubulungisa bukaThixo. Ngokuqinisekileyo uvuya nyhani uYehova xa ejonga phantsi esemazulwini aze abone abantu bakhe bezama kangangoko ukwenza “ngobulungisa” ekuhambeni kwabo noThixo wabo!

a Ezinye iinguqulelo zithi “musani ukugweba” futhi “musani ukugxeka.” Ukuyibeka ngolo hlobo kuyenza ivakale ngathi ithi ‘musani ukuqalisa ukugweba’ nangokuthi ‘musani ukuqalisa ukugxeka.’ Kodwa ke, ababhali beBhayibhile kule vesi basebenzisa isilandulo sexesha langoku (elikwimo eqhubekayo). Ngoko kwakuchazwa izinto eziqhubekayo kodwa ezazifanele ziyekwe.

b Kweyesi-2 kuTimoti 4:2, iBhayibhile ithi ngamany’ amaxesha abadala bamele ‘baluleke, bangxolise, bacenge.’ Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘cenga’ (pa·ra·ka·leʹo) lisenokuthetha “ukukhuthaza.” Elinye igama lesiGrike elisisithetha-ntonye nalo, elithi pa·raʹkle·tos, lisenokubhekisela kwigqwetha elinceda umntu enkundleni yamatyala. Ngoko ke, naxa kufuneka abadala baluleke ngokuqatha, injongo kukumnceda umntu aphinde asondele kuYehova.