Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 3

“Unobulumko”

“Unobulumko”

Ubulumko bokwenene bubobunye bobona buncwane buxabisekileyo unokubufuna. NguYehova kuphela onguMthombo wabo. Kweli candelo siza kuhlolisisa ubulumko obungasikelwanga mda bukaYehova uThixo, lowo indoda ethembekileyo uYobhi yathi ngaye: “Unobulumko.”—Yobhi 9:4.

KWELI CANDELO

ISAHLUKO 17

‘Ubulumko BukaThixo Obungenakulinganiswa Nanto!’

Kutheni ubulumko bukaThixo bubukhulu nangaphezu kolwazi, ukuqonda nengqiqo yakhe?

ISAHLUKO 18

Ubulumko ‘Elizwini LikaThixo’

Kwakutheni ukuze uThixo asebenzise abantu ukuze abhale iingcinga zakhe encwadini, futhi kutheni kukho izinto ezifakiweyo okanye ezikhutshiweyo kuyo?

ISAHLUKO 19

‘Ubulumko BukaThixo Kwimfihlelo Engcwele’

Iyintoni imfihlelo engcwele uThixo ayityhile kancinci kancinci?

ISAHLUKO 20

“Ulumkile Entliziyweni”​—⁠Kodwa Uthobekile

Kutshiwo njani ukuba iNkosi enguMongami yendalo yonke ithobekile?

ISAHLUKO 21

UYesu Utyhila “Ubulumko . . . BukaThixo”

Indlela eyayimangalisa ngayo imfundiso kaYesu, ngenye imini amajoni awayethunywe ukuba ayombamba abuya ephaca!

ISAHLUKO 22

Uyabusebenzisa “Ubulumko Obuvela Emazulwini” Ebomini Bakho?

IBhayibhile ichaza iindlela ezine eziphambili onokwenza ngazo ukuze ube nobulumko bukaThixo.