Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 17

‘Ubulumko BukaThixo Obungenakulinganiswa Nanto!’

‘Ubulumko BukaThixo Obungenakulinganiswa Nanto!’

1, 2. Yayiyintoni injongo kaYehova ngosuku lwesixhenxe, kodwa kwavela eyiphi ingxaki ekuqaleni kolo suku?

 ZAVELE zonakala izinto! Kwaqhawuk’ ujingi abantwana bedlala kweyona ndalo inkulu uYehova awayeyidalile emhlabeni, abantu. UYehova wayethe “zonke izinto awayezenzile,” kuquka abantu, “zazilunge gqitha.” (Genesis 1:31) Kodwa ekuqaleni kosuku lwesixhenxe, uAdam noEva bakhetha ukulandela uSathana baza bavukela. Bangena baphelela esonweni, kwimeko yokungafezeki, nasekufeni.

2 Kwakusenokubonakala ngathi injongo kaYehova malunga nosuku lwesixhenxe soze yenzeke. Olo suku, njengezintandathu ezazingaphambi kwalo, lwaluza kuba ngamawaka eminyaka ubude. UYehova wathi lungcwele, futhi ekupheleni kwalo umhlaba wonke wawuza kuba yiparadesi egcwele abantu abafezekileyo. (Genesis 1:28; 2:3) Kodwa emva kwemvukelo, kwakunokwenzeka njani oko? Wayeza kwenza ntoni uThixo? Wayeza kubonisa ubulumko bakhe ngeyona ndlela imangalisayo.

3, 4. (a) Kutheni indlela uYehova awaphendula ngayo kwimvukelo yase-Eden ingumzekelo omangalisayo wobulumko bakhe? (b) Yintoni ecaca gca xa sifunda ngobulumko bukaYehova?

3 UYehova zange abe elibazisa. Wakhawuleza wawiswa isigwebo kwabo bavukeli, kwangaxeshanye waveza into entle yokuba wayeza kuzilungisa iingxaki ababeqalise ukuzibangela. (Genesis 3:15) Le njongo kaYehova yayiza kuqhubeka izaliseka ukususela e-Eden nakuyo yonke iminyaka engamawaka embali yabantu, ukusa kwixesha elikude elizayo. Ilula kakhulu kodwa inobulumko kangangokuba umfundi weBhayibhile usenokuchitha ubomi bakhe bonke efundisisa futhi ecingisisa ngayo kodwa ingayeki ukubangel’ umdla. Ngaphezu koko, le njongo kaYehova iza kuphumelela ngokuqinisekileyo. Iza kuphelisa bonke ububi, isono nokufa. Iza kwenza ukuba abantu abathembekileyo bafezeke. Konke oku kuza kwenzeka ngaphambi kokuphela kosuku lwesixhenxe, ukuze, nangona kwaye kwabakho imvukelo, uYehova abe uyiphumezile injongo yakhe ngomhlaba nangabantu ngexesha elililo!

4 Ubulumko obunjalo buyamangalisa, akunjalo? Umpostile uPawulos wabhala wathi: ‘Ubulumko bukaThixo abunakulinganiswa nanto!’ (Roma 11:33) Njengoko sifunda okungakumbi ngobulumko bukaYehova, inye into eza kucaca gca nefanele isenze sithobeke: Noba singafunda kangakanani, siza kuphelela ekwazini nje intwana yobulumko obuninzi bukaYehova. (Yobhi 26:14) Makhe siqale sichaze ukuba luyintoni olu phawu lumangalisayo.

Buyintoni Ubulumko Benene?

5, 6. Luhlobene njani ulwazi nobulumko, yaye luninzi kangakanani ulwazi lukaYehova?

5 Ubulumko abufani nolwazi. Iikhompyutha zinokugcina ulwazi oluninzi, kodwa asinakuthi abo matshini balumkile. Noko ke, ulwazi nobulumko zihlobene. (IMizekeliso 10:14) Ngokomzekelo, ukuba ugula kakhulu futhi ufuna icebiso lobulumko elinokukunceda uzive bhetele, ubungenakuya kumntu onolwazi nje oluncinane okanye ongenalo tu ulwazi ngezonyango! Ngoko ulwazi oluchanileyo lubalulekile ukuze ube nobulumko benene.

6 UYehova unolwazi oluninzi ngokugqithiseleyo. ‘NjengoKumkani kanaphakade,’ nguye kuphela obephila ngonaphakade. (ISityhilelo 15:3) Futhi kuyo yonke loo minyaka ingaziwayo, ebesazi yonke into. IBhayibhile ithi: “Akukho sidalwa sifihlakeleyo emehlweni akhe, kodwa zonke izinto zize yaye ziyabonakala emehlweni alowo simele siphendule kuye.” (Hebhere 4:13; IMizekeliso 15:3) NjengoMdali, uYehova wazi yonk’ into ngendalo yakhe, futhi ebezibona zonke izinto ebezisenziwa ngabantu ukususela ekuqaleni. Uyiqonda kakuhle indlela ngamnye wethu acinga ngayo navakalelwa ngayo. (1 Kronike 28:9) Ekubeni esidale sanenkululeko yokuzikhethela, uyavuya xa esibona sikhetha ngobulumko ebomini. “Umamela imithandazo,” futhi uyakwazi ukuva imithandazo emininzi ngexesha elinye! (INdumiso 65:2) Asiyithandabuzi ke neyokuba, uYehova unenkumbulo egqibeleleyo.

7, 8. UYehova ukubonisa njani ukuqonda nobulumko?

7 UYehova akaphelelanga nje ngokuba nolwazi. Uyakwazi ukubona indlela izinto ezidibana ngayo nendlela iinkcukacha ezininzi ezakha ngayo ibali elipheleleyo. Uyagqiba ukuba yintoni elungileyo nembi nokuba yintoni ebalulekileyo nengabalulekanga. Ngaphezu koko, akajongi nje oko kubonakalayo kodwa uhlolisisa intliziyo. (1 Samuweli 16:7) Ngoko, ukuqonda kubhetele kunolwazi. Kodwa nako ukuqonda oko kungaphantsi kunobulumko.

8 Ubulumko kukusebenzisa ulwazi nokuqonda. Phofu, amanye amagama asetyenzisiweyo eBhayibhileni aguqulelwe ngokuthi “ubulumko” ngokoqobo athetha “ukusebenza ngokuphumelelayo” okanye “ubulumko obusebenzisekayo.” Ngoko ukulumka kukaYehova akuphelelanga nje ekubeni nolwazi. Uyabusebenzisa ubulumko bakhe, futhi usoloko ephumelela. Wazi futhi uqonda yonke into, ibe usoloko esenza ezona zigqibo zibhetele aze akhethe eyona ndlela ebhetele yokwenza loo nto ayigqibileyo. Ayibobulumko benene ke obo? UYehova ungowona mzekelo omhle wamazwi kaYesu athi: “Ubulumko bubonakala ngezenzo.” (Mateyu 11:19) Yonk’ indalo kaYehova ibenza bucace gca ubulumko bakhe.

Ubungqina Bobulumko BukaThixo

9, 10. (a) UYehova ubonisa uhlobo olunjani lobulumko, yaye uye wabubonisa njani? (b) Iseli ingqina njani ukuba uYehova unobulumko?

9 Ngaba wakha wamangaliswa kukubona indlela umntu olichule enza ngayo izinto ezintle ezisebenza kakuhle? (Eksodus 31:1-3) UYehova unguMthombo noMnini wobulumko obunjalo. UKumkani uDavide wathi ngoYehova: “Ndiyakudumisa kuba ndenziwe ngendlela emangalisayo. Imisebenzi yakho iyamangalisa, ndiyazi kakuhle loo nto.” (INdumiso 139:14) Nyhani, okukhona sifunda ngomzimba womntu, kokukhona simangaliswa bubulumko bukaYehova.

10 Singakuzekelisa ngolu hlobo oku: Ubomi bakho buqale ngokuba yiseli nje enye—iseli yeqanda elikumama wakho, eye yakhuliswa lidlozi eliphuma kutata wakho. Kungekudala, loo seli yaqalisa ukwahlukana yakhupha ezinye ezininzi. Wena ke, njengokuba sowukhule wangaka, ubunjwa ziiseli ezimalunga ne-100 triliyoni. Zincinane kakhulu kangangokuba iiseli eziyi-10 000 zingalingana nentloko kanotaka. Kanti ke, nganye yazo intsonkothe ngendlela engathethekiyo. Iseli inobugoci-goci obuninzi ngakumbi kunawo nawuphi na umatshini okanye ifektri eyenziwe ngumntu. Oososayensi bathi iseli ifana nedolophu enkulu eneendonga neegeyithi, iindlela nezithuthi zokuhambisa abantu, inetwekhi yokunxibelelana, iindlela zokuvelisa umbane nenkqubo yokulahl’ inkunkuma, izixhobo zokuzikhusela, nento engathi ngurhulumente olawula zonke ezi zinto esiphakathini sayo. Ngaphezu koko, iseli iyakwazi ukuziphindaphinda yenze enye efana nayo ngeeyure nje ezimbalwa!

11, 12. (a) Ivela phi inkcazelo edingekayo ukuze kubekho iiseli ezahlukahlukeneyo, futhi loo nto ivumelana njani neNdumiso 139:16? (b) Ubuchopho bomntu bubonisa ngaziphi iindlela ukuba ‘senziwe ngendlela emangalisayo’?

11 Kakade ke, iiseli azifani zonke. Njengoko iiseli zemveku engekazalwa ziqhubeka zihlukana, zenza imisebenzi eyahlukahlukeneyo. Ezinye ziba ziiseli zemithambo-luvo; ezinye iba ziiseli zamathambo, ezezihlunu, ezegazi okanye ezamehlo. Yonke inkcazelo edingekayo yokwenza ezinye iintlobo zeeseli igcinwe ngaphakathi kwiseli nganye kwindawo efana nelayibrari enkulu, iDNA. Okubangel’ umdla kukuba, uDavide waphefumlelwa ukuba athi kuYehova: “Amehlo akho andibona ndiseyimbumba; encwadini yakho, kwabhalwa . . . zonke iinxalenye zam.”—INdumiso 139:16.

12 Amanye amalungu omzimba antsokothe kakhulu. Ngokomzekelo, khawucinge nje ngobuchopho bomntu. Abanye bathi buyeyona nto intsonkothileyo yakha yafunyanwa kwindalo yonke. Buneeseli zemithambo-luvo ezimalunga ne-100 bhiliyoni—mhlawumbi zilingana neenkwenkwezi ezikwigalaksi yethu. Nganye yezo seli inxibelelana namawakawaka ezinye iiseli. Oososayensi bathi ubuchopho bomntu bunokugcina yonke inkcazelo ekwiilayibrari ezisehlabathini lonke futhi bunokugcina inkcazelo engenakulinganiswa nanto. Nangona bechithe amashumi eminyaka befunda ngeli lungu ‘limangalisayo,’ oososayensi bayavuma ukuba abanakuze bayiqonde ngokupheleleyo indlela elisebenza ngayo.

13, 14. (a) Iimbovane nezinye izidalwa zibonisa njani ukuba “ngethuku lemvelo zilumkile,” yaye oko kusifundisa ntoni ngoMdali wazo? (b) Kutheni sinokuthi indalo enjengendlu yesigcawu yenziwe “ngobulumko”?

13 Noko ke, abantu bangumzekelo nje omnye wobulumko bukaYehova bokudala. INdumiso 104:24 ithi: “Mininzi ngeyona ndlela imisebenzi yakho, Yehova! Yonke uyenze ngobulumko. Umhlaba ugcwele zizinto ozidalileyo.” Ubulumko bukaYehova buyabonakala kuyo yonke indalo esijikelezileyo. Ngokomzekelo, imbovane ‘ilumkile ngethuku lemvelo.’ (IMizekeliso 30:24) Le nto inokubonakala kwindlela amaqela eembovane alungelelaniswe ngayo. Kubakho iqela leembovane elifuya kwinduli yazo izinambuzane ezivelisa ukutya kweembovane. Ezinye iimbovane ziba ngabalimi, zikhulise “isivuno” sezinto ezingundileyo. Kukho nezinye izidalwa ezininzi eziqhutywa lithuku ukuba zenze izinto ezimangalisayo. Impukane inobuchule bokwenza uqulukubhode xa ibhabha ngendlela engenakulinganiswa nazezona nqwelo-moya zikumgangatho ophezulu ezenziwe ngabantu. Iintaka ezifudukayo ziyibona indlela ngokuncedwa ziinkwenkwezi nayimagneti ethile yomhlaba, okanye imaphu yazo yemvelo. Izazi ngendalo zichitha iminyaka zihlolisisa iindlela ezintsonkothileyo zokusebenza kwethuku lezi zidalwa. Ngoko, kumele ukuba unobulumko nyhani uThixo onguMyili welo thuku!

14 Oososayensi bafunde into eninzi ngobulumko bukaYehova obukwindalo. Kangangokuba kukho icandelo lobunjineli elibizwa ngokuba yibiomimetics eliphanda ngeendlela zokulinganisa indalo. Ngokomzekelo, usenokuba wakha wamangaliswa bubuhle bendlu yesigcawu. Kodwa yona injineli imangaliswa yindlela eyenziwe kakuhle ngayo. Imisonto yayo ebonakala ibuthathaka inokomelela ngakumbi kunentsimbi, futhi nangakumbi kunemicu yokwenza ivesti yokunqanda iimbumbulu zingangeni emzimbeni. Inokomelela kangakanani? Ukuba indlu yesigcawu ibinokwenziwa ngeentambo ezilingana nezomnatha wokuloba, ibinokukwazi ukubambisa inqwelo-moya enkulu lula nje, ngendlela indlu yesigcawu ebambisa ngayo impukane! Nyhani, uYehova uzenze zonke ezo zinto “ngobulumko.”

Ngubani owenze ukuba izidalwa zomhlaba “ngethuku lemvelo zilumke’’?

Ubulumko Kwindalo Ethe Qelele Nomhlaba

15, 16. (a) Isibhakabhaka singqina njani ukuba uYehova ulumkile? (b) Ukuba nguMphathi-mkhosi Ophakamileyo weengelosi ezininzi kungqina njani ukuba uYehova unguMlawuli onobulumko?

15 Ubulumko bukaYehova bubonakala kwindalo yakhe yonke. Iinkwenkwezi, esithethe kakhulu ngazo kwiSahluko 5, azithanga saa ngokungalungelelananga esibhakabhakeni. Ngenxa ‘yemithetho elawula iinkwenkwezi’ ebubulumko bukaYehova, isibhakabhaka silungelelene. Iinkwenkwezi zibekwe ngokweegalaksi, ezo galaksi zabekwa ngokwamaqela, naloo maqela eegalaksi enziwa amaqela amakhulu nangakumbi. (Yobhi 38:33) Yiyo loo nto uYehova efanisa iinkwenkwezi ‘nomkhosi’! (Isaya 40:26) Kodwa ke, kukho omnye umkhosi obubonisa ngokucace ngakumbi ubulumko bukaYehova.

16 Njengoko sibonile kwiSahluko 4, uThixo ubizwa ngokuba ‘nguYehova wemikhosi’ ngenxa yokuba enguMphathi-mkhosi Ophakamileyo womkhosi omkhulu weengelosi eziziimiliyoni. Loo nto ingqina ukuba uYehova unamandla kakhulu. Kodwa ke ibonisa nokuba ulumkile. Njani? Khawucinge nje ngoku: UYehova noYesu abaze bayeke ukusebenza. (Yohane 5:17) Ngoko sinokuqiniseka ukuba zinjalo neengelosi ezikhonza uYehova. Khumbula nokuba, ziphakamile kunabantu, zikrelekrele futhi zinamandla ngokugqithiseleyo. (Hebhere 1:7; 2:7) Sekunjalo, uYehova uye wazigcina zixakekile zonke ezi ngelosi, zisenza umsebenzi ovuyisayo—‘zimthobela’ yaye zisenza “ukuthanda kwakhe”—kangangeebhiliyoni zeminyaka. (INdumiso 103:20, 21) Bumangalisa nyhani ubulumko balo Mlawuli!

UYehova “Nguye Yedwa Osisilumko”

17, 18. Kutheni iBhayibhile isithi uYehova “nguye yedwa osisilumko,” futhi kutheni bufanele busimangalise nyhani ubulumko bakhe?

17 Xa sibona obu bungqina, ngaba iyamangalisa into yokuba iBhayibhile imdumisa kangaka uYehova ngenxa yobulumko bakhe obukhulu? Ngokomzekelo, ithi uYehova “nguye yedwa osisilumko.” (Roma 16:27) NguYehova kuphela olumke ngokupheleleyo. UnguMthombo wabo bonke ubulumko benene. (IMizekeliso 2:6) Yiloo nto uYesu, nangona esesona sidalwa silumkileyo sikaYehova, engazange athembele kubulumko bakhe kodwa wathetha njengoko wayeyalelwe nguTata wakhe.—Yohane 12:48-50.

18 Umpostile uPawulos wayiveza kanje indlela awayevakalelwa ngayo ngobulumko bukaYehova obukhethekileyo: “Iintsikelelo zikaThixo, ubulumko bakhe nolwazi lwakhe, zonke azinakulinganiswa nanto! Izigwebo zakhe neendlela zakhe azinakuqondwa ngokupheleleyo!” (Roma 11:33) Ngolwimi eyayibhalwe ngalo, uPawulos wayiqalisa le vesi ngokuthi “Owu,” ebonisa indlela awayechukumiseke kakhulu ngayo, emangaliswe nyhani. Igama lesiGrike awalisebenzisayo eliguqulelwe ngokuthi “azinakulinganiswa nanto” lihlobene kakhulu negama eliguqulelwa ngokuthi “umngxuma ongenasiphelo.” Ngoko, la mazwi akhe asinika umfanekiso-ngqondweni ocacileyo. Ukuzama ukuqonda ubulumko bukaYehova, kufana nokujonga umngxuma onzulu, ongenasiphelo, esingenakukwazi ukubona ukuba utshona uyophela phi, nesingenakuwazi ukuba unjani ngaphakathi. (INdumiso 92:5) Ngaba loo nto ayisenzi sizive sibancinci?

19, 20. (a) Kutheni uYehova esebenzise ukhozi ukufanekisela ubulumko bakhe? (b) UYehova ubonise njani ukuba uyakwazi ukubona izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo?

19 UYehova “nguye yedwa osisilumko” nangenye indlela: Nguye kuphela okwaziyo ukubona izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo. Khumbula ukuba, uYehova usebenzisa ukhozi olubona kude ukuze afanekisele ubulumko bakhe. Ukhozi ekuthiwa yi-golden eagle lunokuba yi-5 kg nje kuphela, kodwa amehlo alo makhulu kunawomntu omdala. Amehlo okhozi abukhali ngendlela emangalisayo. Ayenza le ntaka ikwazi ukubona izilwanyana ezincinci ezisezantsi nokuba seyibhabhela phezulu kakhulu kangangeekhilomitha! UYehova wakha wathi ngokhozi: “Amehlo alo abona kude.” (Yobhi 39:29) Ngendlela efanayo, uYehova unokubona “kude” kwixesha elizayo!

20 Bugcwele eBhayibhileni ubungqina obubonisa ukuba yinyani le. Ineziprofeto ezininzi, okanye imbali ebhalwe kwangaphambili. Iimfazwe, ukuvela nokuwa kwamagunya ehlabathi, kwaneenkcukacha ezingqalileyo zokulwa kwabaphathi-mkhosi, yonke loo nto yaxelwa kwangaphambili eBhayibhileni. Ezinye zazo zaxelwa kwiminyaka engamakhulu ngaphambili.—Isaya 44:25–45:4; Daniyeli 8:2-8, 20-22.

21, 22. (a) Kutheni kungekho sizathu sakugqiba ekuthini uYehova uzibone kwangaphambili zonk’ izinto esiza kuzikhetha ebomini? Zekelisa. (b) Sazi njani ukuba uYehova akabusebenzisi ngendlela engenaluthando ubulumko bakhe?

21 Kodwa ke, ngaba le nto ithetha ukuba uThixo sele eyibone kwangaphambili yonk’ into oza kuyikhetha ebomini? Eziny’ iinkonzo ezishumayela ukuba izinto ezenzeka ebomini bomntu zazigqitywe kwangaphambili zitsho njalo. Kodwa ukucinga ngolo hlobo bekuya kuthetha ukuba akalumkanga ngokwaneleyo ukuba akwazi ukulawula amandla akhe okubona izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo. Singayizekelisa kanje le nto: Ukuba ubunelizwi elimnandi lokucula, ekungekho omny’ umntu onalo, ngaba loo nto ibiza kukunyanzela ukuba usoloko ucula ngalo lonke ixesha? Akunjalo! Ngokufanayo, uYehova uyakwazi ukubona izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo, kodwa akasoloko eyenza loo nto. Ukwenza njalo bekunokuphazamisana nenkululeko yethu yokuzikhethela, esisipho esixabisekileyo uYehova angasoze asithathe.—Duteronomi 30:19, 20.

22 Eyona nto imbi nakakhulu kukuba, ukukholelwa ukuba yonk’ into eyenzekayo yagqitywa kwangaphambili kwenza kubonakale ngathi ubulumko bukaYehova abunaluthando navelwano. Kodwa ayiqalanga tu ukuba yinyani loo nto! IBhayibhile ifundisa ukuba uYehova “ulumkile entliziyweni.” (Yobhi 9:4, NWT ka-1999) Oku akuthethi kuthi unentliziyo yokoqobo, kodwa iBhayibhile idla ngokulisebenzisa elo gama ukubhekisela kwiimvakalelo ezinzulu, ezinjengothando. Ngoko ubulumko bukaYehova, njengezinye iimpawu zakhe, bulawulwa luthando.—1 Yohane 4:8.

23. Ukuphakama kobulumko bukaYehova kufanele kusenze sifune ukwenza ntoni?

23 Kucace gca ukuba sinokubuthemba ngokupheleleyo ubulumko bukaYehova. Buphakame kakhulu kunobethu kangangokuba iLizwi likaThixo lisikhuthaza lisithi: “Thembela ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungathembeli kwindlela oziqonda ngayo izinto. Uze umkhumbule ezindleleni zakho zonke, ibe uza kuyenza iphumelele indlela yakho.” (IMizekeliso 3:5, 6) Ngoku makhe sifunde okungakumbi ngobulumko bukaYehova ukuze sisondele ngakumbi kuThixo wethu onobulumko bonke.