Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 18

Ubulumko ‘Elizwini LikaThixo’

Ubulumko ‘Elizwini LikaThixo’

1, 2. Yiyiphi “ileta” asibhalele yona uYehova, yaye ngoba?

 NGABA uyakhumbula ukugqibela kwakho ukufumana ileta evela kumntu omthandayo ohlala kude? Kusivuyisa kakhulu ukufumana ileta evela emntwini esimthandayo. Kusivuyisa gqitha ukuva ukuba unjani, izinto ezenzekileyo kuye, nezinto aceba ukuzenza. Unxibelelwano olunjalo luyabasondeza abo sibathandayo, nokuba bahlala kude.

2 Kodwa akukho ntw’ inokusivuyisa ngaphezu kokufumana umyalezo obhaliweyo ovela kuThixo esimthandayo! UYehova uye wasibhalela into efana neleta—iLizwi lakhe, iBhayibhile. Kulo usichazela ngaye, ngoko akwenzileyo, ngoko aceba ukukwenza, nangokunye okuninzi. UYehova usinike iLizwi lakhe kuba ufuna sisondele kuye. UThixo wethu onobulumko bonke ukhethe eyona ndlela ibhetele yokunxibelelana nathi. Kukho ubulumko obungenakuthelekiswa nanto kwindlela iBhayibhile ebhalwe ngayo nakwinto ethetha ngayo.

Kutheni Esinike ILizwi Elibhaliweyo?

3. UYehova wawudlulisela njani uMthetho kuMoses?

3 Abanye basenokubuza, ‘Kutheni uYehova engakhethanga indlela yokunxibelelana nabantu emangalisa nangakumbi, njengokuthetha nabo esezulwini?’ Phofu, uYehova wakha wathetha esezulwini esebenzisa abameli bakhe abaziingelosi. Ngokomzekelo, wenza njalo xa wayenika uSirayeli uMthetho. (Galati 3:19) Ilizwi elalivela ezulwini lalisoyikeka—kangangokuba amaSirayeli awayesoyika amcela uYehova ukuba angathethi nawo ngaloo ndlela kodwa athethe nawo ngoMoses. (Eksodus 20:18-20) Ngaloo ndlela, uMthetho, owawunemiyalelo emalunga neyi-600, wadluliselwa ngoMoses ngomlomo, igama negama.

4. Chaza isizathu sokuba bekungayi kuba yindlela ethembekileyo ukuyidlulisela ngomlomo imithetho kaThixo.

4 Yintoni eyayinokwenzeka kodwa ukuba loo Mthetho wawungazange ubhalwe phantsi? Ngaba uMoses wayenokuzikhumbula zonke iinkcukacha zawo aze awudlulisele ngokuchanileyo kuhlanga lonke? Zaziza kuthini zona izizukulwana ezaziza kulandela? Ngaba kwakuza kufuneka zithembele kuphela kumazwi omlomo? Oko bekungenakuba yindlela ethembekileyo yokudlulisela imithetho kaThixo. Khawucinge nje into ebinokwenzeka ukuba ubunokudlulisela ibali kwisihlwele sabantu ngokuthi uchazele umntu wokuqala aze yena achazele omnye naye achazele omnye njalo njalo. Beliya kufika kumntu wokugqibela selingasafani nelo ubulichazele umntu wokuqala. Lona iLizwi likaThixo alikhange libe kwingozi efanayo.

5, 6. Yintoni uYehova awayalela uMoses ukuba ayenze ngamazwi Akhe, yaye kutheni kuyintsikelelo nje kuthi ukuba neLizwi likaYehova elibhaliweyo?

5 Ngobulumko uYehova uye wakhetha ukuba abhalwe phantsi amazwi akhe. Wayalela uMoses esithi: “Wabhale phantsi la mazwi, kuba ngawo ndenza isivumelwano nawe noSirayeli.” (Eksodus 34:27) Kwaqala ngaloo ndlela ukubhalwa kweBhayibhile, ngo-1513 B.C.E. Kwiminyaka eyi-1 610 eyalandelayo, uYehova “wayethetha . . . kaninzi nangeendlela ngeendlela” kubabhali abamalunga nabayi-40 abathi bona babhala iBhayibhile. (Hebhere 1:1) Ngelo xesha, amany’ amadoda athembekileyo enza iikopi ezichanileyo zaloo mibhalo ukuze amazwi kaYehova agcinwe, sikwazi ukuwafunda eBhayibhileni namhlanje.—Ezra 7:6; INdumiso 45:1.

6 Usisikelele nyhani uYehova ngokunxibelelana nathi ngokusibhalela. Ngaba wakha wafumana ileta exabiseke kakhulu kuwe eyakukhuthaza kakhulu nowayithanda kangangokuba wada wayigcina waza waman’ uyifunda? Kunjalo ke ‘nangeleta’ uYehova asibhalele yona. Ngenxa yokuba uYehova ewabhale phantsi amazwi akhe, siyakwazi ukuwafunda qho size sicingisise ngento ayitshoyo. (INdumiso 1:2) ‘Sinokuthuthuzelwa ziZibhalo’ nanini na.—Roma 15:4.

Kutheni Esebenzise Ababhali Abangabantu?

7. Bubonakala njani ubulumko bukaYehova ekusebenziseni kwakhe ababhali abangabantu?

7 Ngobulumko, uYehova usebenzise abantu ukubhala iLizwi lakhe. Khawucinge nje ngoku: Ukuba uYehova wayesebenzise iingelosi ukubhala iBhayibhile, ngaba ibiza kusichukumisa ngendlela esichukumisa ngayo ngoku? Iingelosi zazinokumchaza ngendlela ezimazi ngayo uYehova. Zazinokuchaza isizathu sokuba zizinikele kuye, zisibalisele nangabantu abathembekileyo ababekhonza uThixo. Kodwa iingelosi ziphakame kakhulu kunathi. Zigqibelele futhi zinolwazi, amava, namandla amakhulu kunathi. Ngaba nyhani besiza kuyiqonda indlela ezivakalelwa ngayo?—Hebhere 2:6, 7.

8. Ababhali beBhayibhile bavunyelwa ukuba benze ntoni? (Jonga nombhalo osemazantsi.)

8 Ngokusebenzisa kwakhe ababhali abangabantu, uYehova usinike kanye into esiyidingayo—incwadi ‘ephefumlelwe nguThixo’ nechukumisa iimvakalelo esinazo thina bantu. (2 Timoti 3:16) Uyenze njani le nto? Kwiimeko ezininzi, kubonakala ukuba wabavumela ababhali ukuba basebenzise amandla abo engqondo ekukhetheni “amazwi obuciko” nokuba babhale ‘namazwi achanileyo enyaniso.’ (INtshumayeli 12:10, 11) Yiloo nto iBhayibhile ibhalwe ngezitayile ezahlukahlukeneyo. Umbhali wayezibeka izinto ngokohlobo lomntu anguye nangokwezinto ezenzekileyo ebomini bakhe. a Kodwa, aba bantu “babethetha ngokusuka kuThixo beqhutywa ngumoya oyingcwele.” (2 Petros 1:21) Yiloo nto iBhayibhile “ilizwi likaThixo.”—1 Tesalonika 2:13.

“Sonke iSibhalo siphefumlelwe nguThixo”

9, 10. Yintoni eyenza ukuba iBhayibhile ichukumise iimvakalelo zethu?

9 Into yokuba uYehova esebenzise abantu ukubhala iBhayibhile, yenza ukuba isichukumise kakhulu. Ababhali bayo babengabantu abaneemvakalelo njengathi. Nabo babengafezekanga njengathi, futhi besehlelwa zizilingo nezinto ezicinezelayo ezifana nezisehlelayo nathi. Kwezinye iimeko, umoya kaYehova wawubaphefumlela ukuba babhale ngeemvakalelo nangeengxaki zabo. (2 Korinte 12:7-10) Ngoko izinto ezenzeka kubo bazibhala ngamazwi abo, amazwi awayengenakuthethwa yingelosi.

10 Ngokomzekelo, cinga nje ngoKumkani uDavide wakwaSirayeli. Emva kokwenza izono ezinzulu, uDavide waqamba indumiso awaveza kuyo indlela avakalelwa ngayo nawacenga kuyo uThixo ukuba amxolele. Wabhala wathi: “Ndicoce [kwisono] sam. Kuba ndizazi kakuhle iziphoso zam, nesono sam sisoloko siphambi kwam. Kaloku ndazalwa ndinesono, nomama wandikhawulela esonweni. Sukundilahlela kude; ungawususi nomoya wakho oyingcwele kum. Imibingelelo ayithandayo uThixo ngumoya owaphukileyo; owu Thixo, wena awuzukuyinikela umva intliziyo eyaphukileyo netyumkileyo.” (INdumiso 51:2, 3, 5, 11, 17) Xa sifunda la mazwi, siyayiqonda intlungu awayekuyo lo mbhali. Ngumntu ongafezekanga kuphela owayenokuveza ezi mvakalelo!

Isizathu Esiyenza Ibe Yincwadi Ethetha Kakhulu Ngabantu

11. Yeyiphi imizekelo yezinto ezenzeka ebantwini ebhaliweyo eBhayibhileni “ukuze kufundiswe thina”?

11 Ikho nenye into eyenza iBhayibhile isichukumise kakhulu. Ithetha kakhulu ngabantu. Abanye babo bantu babekhonza uThixo, abanye babengamkhonzi. Sifunda ngezinto ezazisenza ubomi babo bube nzima nezazibonwabisa. Sifunda ngezigqibo abazenzayo nangokuba zaphumela entwenini. Ezo ngxelo zabhalwa “ukuze kufundiswe thina.” (Roma 15:4) Ngale mizekelo yezinto ezenzeka ebantwini, uYehova ufundisa ngeendlela ezichukumisa iintliziyo zethu. Khawujonge le mizekelo embalwa.

12. Amabali aseBhayibhileni abantu ababengathembekanga asinceda njani?

12 IBhayibhile isixelela ngabantu ababengathembekanga, nababesenza izinto ezimbi, nokuba kwenzeka ntoni kubo. Amabali aba bantu asinceda siqonde isizathu sokuba iimpawu ababa nazo zimbi. Ngokomzekelo, iBhayibhile ibinokuvele isixelele ukuba akulunganga ukujikela umhlobo. Kodwa uziva njani xa ufunda ngendlela uYudas awamjikela ngayo uYesu? (Mateyu 26:14-16, 46-50; 27:3-10) Amabali afana nala athetha neentliziyo zethu, enze kube lula ukuqonda imikhwa emibi esinokuba nayo kube lula nokulwa nayo.

13. IBhayibhile isinceda njani ukuba siziqonde futhi sibe nazo iimpawu ezintle?

13 Kwakhona iBhayibhile ichaza abakhonzi abaninzi abathembekileyo bakaThixo. Sifunda ngendlela ababezinikele nababengagungqi ngayo. Sibona indlela abazibonisa ngayo iimpawu ezintle ekufuneka sibe nazo nathi ukuze sisondele kuThixo. Ngokomzekelo, khawucinge nje ngokholo. IBhayibhile iyalucacisa ukholo ize isixelele nendlela olubaluleke ngayo ukuze sivuyise uThixo. (Hebhere 11:1, 6) Kodwa akuphelelanga apho. IBhayibhile ichaza nendlela abantu ababonisa ngayo ukuba banokholo olumangalisayo. Khawucinge nje ngokholo awalubonisayo uAbraham xa wayeza kunikela ngoIsake. (Genesis, isahluko 22; Hebhere 11:17-19) Imizekelo efana nale isinceda siyiqonde bhetele into oluyiyo ukholo. Ulumke nyhani uYehova kuba akaphelelanga nje ekusicengeni ukuba sizame ukuba neempawu ezintle kodwa usinike nemizekelo ebonisa indlela esinokuba nazo ngayo!

14, 15. Isixelela ntoni iBhayibhile ngomhlolokazi oweza etempileni, futhi yintoni esiyifundayo ngoYehova kweli bali?

14 Abantu ekuthethwa ngabo eBhayibhileni nezinto ezenzeka kubo zisifundisa ngohlobo lomntu alulo uYehova. Khawucinge ngebali lomhlolokazi owabonwa nguYesu etempileni. UYesu wayehleli ngakwiibhokisi zemali ebukele abantu befaka iminikelo yabo. Abantu abaninzi abazizityebi beza, banikela ‘bethatha kwimali eshiyekileyo.’ Kodwa uYesu waqwalasela umhlolokazi owayehlupheka. Umnikelo wakhe ‘wawuziisentana ezimbini.’ b Yayiyimali encinci yokugqibela awayenayo. Into awayithethayo uYesu iyiveza kakuhle indlela uTata wakhe awayevakalelwa ngayo ngalo mhlolokazi: “Lo mhlolokazi ufake imali eninzi ngaphezu kwabo bonke aba abantu.” Loo nto itheth’ ukuthi kuYehova wayenikele ngaphezu kwabo bonke abanye bedibene.—Marko 12:41-44; Luka 21:1-4; Yohane 8:28.

15 Ngaba ayikumangalisi into yokuba kubo bonke abantu abeza etempileni ngolo suku, kwaphawulwa lo mhlolokazi kwaza kwathethwa ngaye eBhayibhileni? Ngalo mzekelo, uYehova usifundisa ukuba unguThixo ozixabisayo izinto esimenzela zona. Uyakuvuyela ukwamkela izinto esimenzela ngamandla ethu onke, noba zincinci kunezabanye. Ayikho enye indlela ebhetele uYehova abenokusifundisa ngayo le nyaniso ichukumisayo!

Izinto Ezingabhalwanga EBhayibhileni

16, 17. Bubonakala njani ubulumko bukaYehova nakwizinto akhethe ukungazifaki eLizwini lakhe?

16 Xa ubhalela umntu omthandayo ileta, zininzi kakhulu izinto onokuzibhala. Ngoko uzikhetha kakuhle izinto onokuzibhala. Ngendlela efanayo, noYehova zange athethe ngabo bonke abantu nangazo zonke izinto kwiLizwi lakhe. Kodwa nakwezi zinto zibhaliweyo, iBhayibhile ayisoloko izichaza zonke iinkcukacha. (Yohane 21:25) Ngokomzekelo, xa iBhayibhile ithetha ngendlela uThixo agweba ngayo, isenokungaphenduli yonk’ imibuzo esinayo. Ubulumko bukaYehova bubonakala nakwizinto akhethe ukungazichazi eLizwini lakhe. Njani?

17 Indlela ebhalwe ngayo iBhayibhile isinceda sazi umntu esinguye ngaphakathi. AmaHebhere 4:12 athi: “Ilizwi [okanye, umyalezo] likaThixo liphilile, linamandla yaye libukhali ngaphezu kwalo naliphi na ikrele elibukhali macala, lihlaba lide lahlule umphefumlo nomoya . . . yaye liyakwazi ukubona iingcinga nezinto ezifunwa yintliziyo.” Into ethethwa yiBhayibhile ihlaba ingene nzulu kuthi ngaphakathi, iveze eyona nto siyicingayo nesizathu sokuba senze izinto ngendlela esizenza ngayo. Abantu abathanda ukugxeka badla ngokuphazamiseka xa into ethethwa yiBhayibhile ingenankcazelo ininzi ebenza baneliseke. Abantu abanjalo basenokude bathandabuze ukuba nyhani uYehova unothando, ubulumko nobulungisa.

18, 19. (a) Kutheni singafanelanga siphazamiseke xa singakhawulezi sizifumane iimpendulo zemibuzo esinayo malunga nento ethethwa yiBhayibhile? (b) Yintoni efunekayo ukuze siliqonde iLizwi likaThixo, futhi loo nto ingqina njani ukuba uYehova unobulumko obukhulu?

18 Kodwa ke, xa siyifunda ngezizathu ezihle iBhayibhile, asizuphazamiseka xa singakhawulezi sizifumane iimpendulo zemibuzo esinokuba nayo ngento ethethwa eBhayibhileni. Ngoba? Xa sifunda iBhayibhile kuba sifuna ukusondela kuYehova, kancinci kancinci siya siyazi indlela iBhayibhile emchaza ngayo futhi siluqonda nohlobo loMntu anguye. Ngoko xa sifunda into esingayiqondiyo ekuqaleni okanye ebonakala ingahambisani nohlobo lomntu anguye uYehova, sesifunde into eyaneleyo ngaye ukuba sazi ukuba usoloko enothando futhi usoloko esenza okulungileyo.

19 Ngoko, ukuze siliqonde iLizwi likaThixo, simele silifunde ngezizathu ezihle. Ngaba le nto ayingqini ukuba uYehova unobulumko obukhulu? Abantu abakleva banokubhala iincwadi ezinokuqondwa kuphela ngabo ‘bazizilumko nezifundiswa.’ Kodwa nguThixo onobulumko yedwa onokukwazi ukubhala incwadi enokuqondwa kuphela ngabantu abaneenjongo ezintle!—Mateyu 11:25.

Incwadi ‘Enobulumko’

20. Kutheni inguYehova kuphela onokusixelela eyona ndlela ilungileyo sinokuphila ngayo, futhi yintoni eseBhayibhileni enokusinceda?

20 ELizwini lakhe, uYehova usixelela eyona ndlela ilungileyo yokuphila. NjengoMdali wethu, uzazi ngaphezu kwethu izinto esizidingayo. Nangoku bonke abantu basakudinga ukuthandwa, ukonwaba, nokuba nentsapho eyonwabileyo nabahlobo abalungileyo, njengokuba kwakunjalo nangamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. “Ubulumko” obuseBhayibhileni bunokusinceda sonwabe futhi siphumelele. (IMizekeliso 2:7) Candelo ngalinye lale ncwadi linesahluko esibonisa indlela esinokuwasebenzisa ngayo amacebiso obulumko aseBhayibhileni, kodwa ngoku makhe sijonge umzekelo nje omnye.

21-23. Ngawaphi amacebiso obulumko anokusinceda siphephe ukuba nomsindo nokubaqumbela abanye?

21 Ngaba ukhe waphawula ukuba abantu abangaxoleliyo badla ngokuzenzakalisa bona ngokwabo? Xa kukho umntu esimqumbeleyo, buba nzima ubomi bethu. Ayibikho eny’ into esikwaziyo ukuyicinga futhi siyayeka ukuba seluxolweni nokonwaba. Oogqirha bafumanise ukuba xa sisoloko siqumbile sinokuhlaselwa sisifo sentliziyo nezinye izifo ezinganyangekiyo. Kude kudala ngaphambi kokuba oogqirha bayifumanise loo nto, ngobulumko iBhayibhile yathi: “Wuyeke umsindo, uyilahle nengqumbo.” (INdumiso 37:8) Kodwa sinokuyenza njani loo nto?

22 ILizwi likaThixo lisinika eli cebiso lobulumko: “Ingqiqo imenza angakhawulezi acaphuke umntu, ibe uyathandeka ngenxa yokungakuhoyi ukucatshukiswa.” (IMizekeliso 19:11) Ingqiqo bubuchule bokubona ubunzulu bento, ungaboni nje apha phambi kwamehlo. Ingqiqo isenza sikwazi ukuziqonda izinto, kuba isinceda sibone isizathu sokuba umntu athethe okanye enze izinto ngendlela ethile. Into enokusinceda singamqumbeli umntu okanye sicinge kakubi ngaye kukuba sizame ukuqonda izizathu zokuba ethethe okanye enze ngendlela enze ngayo, indlela avakalelwa ngayo, neemeko zakhe.

23 Nali eliny’ icebiso lobulumko esilifumana eBhayibhileni: “Qhubekani ninyamezelana yaye nixolelana ngokusuka entliziyweni.” (Kolose 3:13) Amazwi athi “qhubekani ninyamezelana” athetha ukuba sifanele sibe nomonde kwabanye, singacaphuki xa besenza izinto ezisidikayo. Ukunyamezelana ngolo hlobo kunokusinceda singamphathi ngendlela engenabubele okanye simbaleke loo mntu. ‘Ukuxolela’ kuthetha ukuba siyeke ukumqumbela umntu. UThixo wethu olumkileyo uyazi ukuba kufuneka sibaxolele abanye nanini na sikhona isizathu sokwenza njalo. Loo nto ayincedi bona kuphela, kodwa nathi isenza sizole futhi sibe seluxolweni. (Luka 17:3, 4) Bumangalisa nyhani ubulumko obukwiLizwi likaThixo!

24. Yintoni eyenzekayo xa siwasebenzisa amacebiso kaYehova obulumko?

24 Kuba esithanda kakhulu, uYehova uye wafuna ukuthetha nathi. Ukhethe eyona ndlela ibhetele yokuyenza loo nto, ngokuthi abhale “ileta” esebenzisa abantu beqhutywa ngumoya oyingcwele. Ngenxa yaloo nto, inobulumko bukaYehova. Obu bulumko ‘bunokuthenjwa.’ (INdumiso 93:5) Xa sibusebenzisa ebomini bethu, sixelela nabanye abantu ngabo, siyasondela kuThixo wethu onabo bonke ubulumko. Kwisahluko esilandelayo, siza kuthetha ngomnye umzekelo omangalisayo wobulumko bukaYehova: ukukwazi kwakhe ukuxela izinto eziza kwenzeka kwixesha elizayo nokwenza ukuba injongo yakhe yenzeke.

a Ngokomzekelo, uDavide, owayengumalusi, usebenzisa imizekelo ehlobene nobomi bakhe njengomalusi. (INdumiso 23) UMateyu, owayengumqokeleli werhafu, uthetha kakhulu ngamanani nangamaxabiso emali. (Mateyu 17:27; 26:15; 27:3) ULuka, owayengugqirha, uchaza iinkcukacha ezimalunga nezigulo abantu ababenazo.—Luka 4:38; 14:2; 16:20.

b Ngelo xesha, umntu wayenokusebenza imizuzu eyi-15 nje kuphela ukuze abhatalwe ngezi sentana zincinci zimbini. Ezi sentana zimbini zazinganelanga ukuba zingathenga nentaka le encinci eyayixabisa imali ephantsi eyayityiwa ngamahlwempu.