Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 21

UYesu Utyhila “Ubulumko . . . BukaThixo”

UYesu Utyhila “Ubulumko . . . BukaThixo”

1-3. Bathini abantu ababekade bengabammelwane bakaYesu xa bamva efundisa, futhi yintoni abangazange bayiqonde ngaye?

 ABANTU ababemamele babemangalisiwe. Umfana onguYesu wayemi phambi kwabo endlini akhonzela kuyo amaYuda ebafundisa. Babemqhelile kuba wayekhulele esixekweni sabo, futhi wayengumchweli, wasebenza iminyaka emininzi phambi kwabo. Mhlawumbi izindlu ababehlala kuzo abanye uYesu wayencedisile xa zazisakhiwa, okanye mhlawumbi babelima ngamakhuba nangeedyokhwe awayezenze ngezandla zakhe. a Kodwa ngaba babeza kuyimamela imfundiso yalo mntu obekade engumchweli?

2 Abantu abaninzi kwabo babemmamele bamangaliswa, baza bathi: “Le ndoda ibufumene phi obu bulumko bungaka?” Baphinda bathi: “Lo ngumchweli unyana kaMariya.” (Mateyu 13:54-58; Marko 6:1-3) Intw’ ebuhlungu kukuba abantu ababekade bengabamelwane bakaYesu babezixelela ukuba, ‘Lo mchweli ngumntu nje wasekuhlaleni ofana nathi.’ Nangona wayethetha amazwi anobulumko, zange bafune nokuva ngaye. Babengazi ukuba ubulumko bakhe babungaveli kuye.

3 Nyhani ke, uYesu wabufumana phi obu bulumko? Wathi: “Ezi zinto ndizifundisayo ayizozam, zezaLowo undithumileyo.” (Yohane 7:16) Umpostile uPawulos wachaza ukuba uYesu ‘uye wasibonisa ubulumko bukaThixo.’ (1 Korinte 1:30) Ubulumko bukaYehova bubonakala nakuNyana wakhe, uYesu. Ndlela le uYesu awayefana ngayo noYehova ngobulumko wade wathi: “Mna noTata sibanye.” (Yohane 10:30) Makhe sijonge iindlela ezintathu uYesu awabonakala ngazo ukuba ‘unobulumko bukaThixo.’

Izinto Awazifundisayo

4. (a) Wawungantoni umyalezo kaYesu, futhi kutheni loo nto yayibaluleke kakhulu? (b) Kutheni amacebiso kaYesu ayesoloko esebenza futhi enceda?

4 Okokuqala, khawucinge ngezinto uYesu awazifundisayo. Umyalezo wakhe ‘wawungeendaba ezilungileyo ezingoBukumkani.’ (Luka 4:43) Yayingumyalezo obaluleke kakhulu lowo kuba uYehova uzosebenzisa uBukumkani ukuze ahlambe igama lakhe, azingqine ukuba ungoyena Mlawuli ubhetele, aze enze lo mhlaba ube yiParadesi abantu abanokuphila kuyo ngonaphakade. Kwakhona, uYesu wanika abantu amacebiso obulumko malunga nobomi. Waba “nguMcebisi Omangalisayo” owayexelwe kwangaphambili nyhani. (Isaya 9:6) Phofu ke, ayenokuthini ukungamangalisi amacebiso akhe? Wayelazi ukusuka nokuhlala iLizwi likaThixo nendlela uYehova afuna ukukhonzwa ngayo, eyiqonda kakuhle indlela abantu abacinga nabavakalelwa ngayo, kanti ebathanda nokubathanda. Yiloo nto, amacebiso akhe ayesoloko esebenza futhi enceda. UYesu wayethetha “amazwi anika ubomi obungunaphakade.” Xa siwalandela amacebiso akhe, sinokuphila ngonaphakade.—Yohane 6:68.

5. Ziintoni awathetha ngazo uYesu kwiNtshumayelo yaseNtabeni?

5 INtshumayelo yaseNtabeni iyiveza kakuhle kakhulu indlela ezinobulumko ngayo izinto awazifundisayo uYesu. Le ntshumayelo ebhalwe kuMateyu 5:3–7:27, yayinokuthatha imizuzu eyi-20 nje kuphela. Kodwa amacebiso ayo wona awaphelelwa lixesha, asasebenza nanamhlanje. Kuloo ntshumayelo, uYesu wathetha ngezinto ezininzi, ezinjengendlela yokuvana kakuhle nabanye abantu (5:23-26, 38-42; 7:1-5, 12), indlela yokuziphatha kakuhle (5:27-32), nendlela yokuphila ubomi obunenjongo (6:19-24; 7:24-27). Kodwa uYesu zange aphelele nje ekubaxeleleni abantu indlela yokulumka, wabaxelela nezizathu zezinto awayezithetha, ebanika nemizekelo. Ngaloo ndlela wayebanceda babone ukuba kutheni ukulandela amacebiso akhe iyeyona nto ibhetele abanokuyenza.

6-8. (a) UYesu uchaza eziphi izizathu ezivakalayo zokuphepha ukuba nexhala? (b) Yintoni ebonisa ukuba amacebiso kaYesu ayenobulumko baphezulu?

6 Ngokomzekelo, khawucinge nje ngecebiso lobulumko likaYesu lendlela yokumelana nexhala lezinto ezinjengokutya nempahla, elikuMateyu isahluko 6. UYesu wacebisa wathi: “Yekani ukuxhalela ubomi benu, ukuba niza kutya ntoni, nisele ntoni; okanye nixhalele imizimba yenu, ukuba niza kunxiba ntoni.” (Ivesi 25) Ukutya nempahla zizinto esizidingayo, futhi yinto ezenzekelayo ukucinga kakhulu ngendlela yokuzifumana. Kodwa uYesu usixelela ukuba ‘siyeke ukuxhalela’ ezi zinto. b Ngoba?

7 UYesu usixelela izizathu ezivakalayo. Kuba uYehova esinike ubomi nomzimba, ngaba angoyiswa kukusinika ukutya kokuxhasa obo bomi nempahla yokunxibisa loo mzimba? (Ivesi 25) Ukuba uThixo unika iintaka ukutya aze azinxibise kakuhle iiflawa, angaxakwa yintoni ke kukuhoya abakhonzi bakhe abangabantu! (Ivesi 26, 28-30) Ukuba nexhala akuncedi nganto tu. Akuzubongeza nakancinci ubomi bethu. c (Ivesi 27) Sinokukuphepha njani ukuba nexhala? UYesu usicebisa ukuba siqiniseke ukuba ukukhonza uThixo kusoloko kuyeyona nto ebaluleke kakhulu ebomini bethu. Abantu abayenzayo loo nto banokuqiniseka ukuba zonke izinto zemihla ngemihla abazidingayo “ziza kongezelelwa” kubo nguTata osezulwini. (Ivesi 33) Kwakhona, uYesu usinika icebiso lobulumko elithi masihoye iingxaki zanamhlanje kuphela, singazikhathazi ngezangomso. (Ivesi 34) Zisenokungade zenzeke kwaezo ngxaki! Ukusebenzisa elo cebiso lobulumko kunokusisindisa kwizitresi zeli hlabathi.

8 Nawona macebiso abhetele abantu aye aphelelwe lixesha kuze kufuneke atshintshwe okanye kusetyenziswe amanye endaweni yawo. Kodwa akunjalo tu ngeemfundiso zikaYesu. Amacebiso akhe asasebenza ngala ndlela ayesebenza ngayo kwiminyaka emalunga neyi-2 000 eyadlulayo. Le nto ke, ingqina ukuba ubulumko bakhe buvela kuTata wakhe. Kucacile ukuba uYesu wayenguMcebisi Omangalisayo owayethetha “amazwi kaThixo.”—Yohane 3:34.

Indlela Awayefundisa Ngayo

9. Athini amanye amajoni ngemfundiso kaYesu, futhi kutheni loo nto yayingekokuzibaxa izinto?

9 Indlela yesibini uYesu awabonakala ngayo ukuba unobulumko bukaThixo yindlela awayefundisa ngayo. Kukho ixesha apho amajoni awayethunywe ukuba aye kumbamba abuya ephaca, esithi: “Akekho umntu owakha wathetha njengala ndoda.” (Yohane 7:45, 46) Ayengazibaxi izinto. Kubo bonke abantu abakha baphila, uYesu, ‘owayevela phezulu,’ ngoyena wayenolwazi namava amaninzi. (Yohane 8:23) Akekho umntu owayenokufundisa njengaye. Makhe sijonge zibe mbini nje kuphela iindlela awayefundisa ngazo lo Mfundisi usisilumko.

‘‘Abantu babemangalisiwe yindlela afundisa ngayo’’

10, 11. (a) Kutheni imangalisa nje indlela uYesu awayisebenzisa ngayo imizekelo? (b) Ngowuphi umzekelo webali uYesu awalibalisayo elifundisa isifundo esibalulekileyo?

10 Imizekelo enamandla. Sixelelwa ukuba “uYesu wabafundisa ngemizekelo bonke [abantu]. Akukho nto wayeyithetha kubo engasebenzisi mizekelo.” (Mateyu 13:34) Imangalisa nyhani indlela uYesu awayesebenzisa ngayo imizekelo elula yezinto eziqhelekileyo ebantwini ukuze afundise iinyaniso ezibalulekileyo. Wathetha ngabalimi abatyala iimbewu, abafazi abalungiselela ukubhaka isonka, abantwana abadlala kwiindawo ekuthengiswa kuzo, abalobi abatsala iminatha, nabalusi abakhangela iigusha ezilahlekileyo. Zizinto ababezibone kaninzi ezi abantu ababemmamele. Xa inyaniso ebalulekileyo idityaniswa nento eqhelekileyo, kuba lula ukuyiqonda, ukuyikhumbula nokuyisebenzisa.—Mateyu 11:16-19; 13:3-8, 33, 47-50; 18:12-14.

11 UYesu wayedla ngokusebenzisa amabali amafutshane ukuze afundise izifundo ezibalulekileyo. Ngenxa yokuba kulula ukuwaqonda nokuwakhumbula amabali, le kwakuyindlela enamandla yokuba uYesu aqinisekise ukuba ezo zifundo aziphumi ezingqondweni zabo babemmamele. Kumabali amaninzi, uYesu wayemchaza uTata wakhe ngemizekelo enamandla engalibaleki lula. Ngokomzekelo, ngubani onokungayiqondi into esiyifundiswa libali lonyana wolahleko? Elo bali liyenza icace into yokuba xa umntu eguquka nyhani, uYehova uza kumxolela aze amvumele ngothando ukuba abuyele kuye.—Luka 15:11-32.

12. (a) UYesu wayisebenzisa njani imibuzo xa wayefundisa? (b) UYesu wabavala njani umlomo abo babethandabuza igunya lakhe?

12 Imibuzo echuliweyo. UYesu wasebenzisa imibuzo ukuze enze abantu ababemmamele bacinge nzulu, babone ukuba izinto bazenza ngezizathu ezilungileyo na, okanye bazenzele ezabo izigqibo. (Mateyu 12:24-30; 17:24-27; 22:41-46) Xa iinkokeli zonqulo zazithandabuza ukuba wayelinikwe nguThixo igunya lakhe, uYesu waphendula wathi: “UYohane wayethunywe ngubani ukuba abhaptize? NguThixo okanye ngabantu?” Zamangaliswa nyhani nguloo mbuzo, zathetha zodwa zisithi: “Ukuba sithi, ‘Wayethunywe nguThixo,’ uza kuthi, ‘Kwakutheni ke ze ningamkholelwa?’ Kodwa singakhe silinge sithi, ‘Wayethunywe ngabantu’!” Kodwa ke, “[zazisoyika] abantu ababelapho, kuba bonke babekholelwa ukuba uYohane ngumprofeti.” Ekugqibeleni, zaphendula zathi: “Asazi.” (Marko 11:27-33; Mateyu 21:23-27) Ngombuzo nje olula, uYesu wazitsho zaphelelwa ngamazwi waza waveza ukuba zazingabuzi ngezizathu ezizizo.

13-15. Ibali lommelwane ongumSamariya libonisa njani ukuba uYesu wayelumkile?

13 Ngamanye amaxesha uYesu wayezidibanisa zombini ezi ndlela zokufundisa. Wayebuza imibuzo eyayisenza abantu badl’ amathamb’ engqondo ngezinto awayezibalisa. Xa igqwetha elingumYuda labuza uYesu into ekwakufuneka liyenze ukuze lifumane ubomi obungunaphakade, uYesu walikhumbuza ngoMthetho kaMoses owawuyalela abantu ukuba bathande uThixo nommelwane. Kuba lifuna ukubonisa uYesu ukuba lililungisa, eli gqwetha lathi: “Ngubani kanye kanye ummelwane wam?” UYesu waliphendula ngokubalisa ibali. Indoda engumYuda eyayihamba yodwa yahlaselwa ngootsotsi, bayishiya sele iza kufa. Kwadlula amaYuda amabini, owokuqala wayengumbingeleli omnye engumLevi. Omabini akazange ayihoye. Kodwa kwathi gqi indoda engumSamariya. Yaba nosizi, yawabopha ngenkathalo amanxeba aloo ndoda yaza yayisa kwindawo ekhuselekileyo endlini yabahambi apho yayinokuphola khona. Xa uYesu egqibezela ibali lakhe, wabuza eli gqwetha: “Kwaba bantu bathathu, ucinga ukuba ngubani ummelwane walo mntu wahlaselwa ngootsotsi?” Lanyanzeleka ukuba lithi: “Ngulo uye wamnceda.”—Luka 10:25-37.

14 Eli bali lisixelela ntoni ngobulumko bukaYesu? Ngexesha likaYesu, amaYuda ayesithi “ummelwane” ngumntu ogcina izithethe zawo kuphela, hayi amaSamariya. (Yohane 4:9) Ukuba uYesu wayebalise ngomSamariya oncedwa ngumYuda, ngaba loo nto yayiza kuyitshintsha indlela embi eli gqwetha elalibajonga ngayo abantu abangengomaYuda? UYesu wenza ubulumko bokuba kweli bali ibe ngumSamariya owenzela umYuda ububele. Qaphela nento awayibuzayo uYesu xa egqiba ibali lakhe ukuze ancede eli gqwetha liqonde ukuba kuthetha ukuthini ukuthanda ummelwane. Eyona nto yayibuzwa lelo gqwetha yayikukuba: ‘Ngubani endifanele ndimphathe njengommelwane?’ Kodwa uYesu walibuza: “Kwaba bantu bathathu, ucinga ukuba ngubani ummelwane?” Oyena mntu uYesu awamphakamisayo ayinguye lo wenzelwa ububele, kodwa ngulo wabenzayo, umSamariya. Umntu ongummelwane nyhani ngumntu obenzela kuqala abantu ububele, noba bangaboluphi uhlanga. UYesu wayifundisa ngeyona ndlela elumkileyo loo nto.

15 Ngoko ayisothusi into yokuba abantu babemangaliswa “yindlela afundisa ngayo” uYesu futhi befuna ukummamela. (Mateyu 7:28, 29) Kukho ixesha apho “abantu abaninzi” bahlala naye iintsuku ezintathu, bengenako nokutya!—Marko 8:1, 2.

Indlela Awayephila Ngayo

16. Yeyiphi indlela uYesu awenza ‘kwacaca’ ngayo ukuba wayesebenzisa ubulumko bukaThixo?

16 Indlela yesithathu uYesu awabonakala ngayo ukuba unobulumko bukaYehova yindlela awayephila ngayo. Ubulumko budinga ukusetyenziswa; buyanceda. Umfundi uYakobi wathi: “Ukuba ukho umntu osisilumko . . . phakathi kwenu, loo nto mayicace kwindlela entle aziphethe ngayo.” (Yakobi 3:13) Indlela awayeziphethe ngayo uYesu yenza ‘kwacaca’ ukuba wayesebenzisa ubulumko bukaThixo. Makhe siyibone le nto kwindlela awayephila ngayo nakwindlela awayebaphatha ngayo abanye.

17. Ziintoni ezibonisa ukuba uYesu wayengazibaxi izinto?

17 Mhlawumbi ukhe wabona ukuba abantu abangenabulumko badla ngokuba nomthetho kakhulu baze bangabi bhetyebhetye okanye bayekelele kakhulu baze benze izinto zobudenge. Kuba uYesu wayenobulumko bukaYehova, wayengazibaxi izinto. Eyona nto yayibalulekile ebomini bukaYesu yayikukukhonza uYehova. Wayexakeke ngumsebenzi wokushumayela iindaba ezilungileyo. Wathi: “Ndizele loo nto.” (Marko 1:38) Yiloo nto ukuba nemali nokuba nezinto kwakungeyonto ibaluleke kangako kuye, futhi kumele ukuba wayengenazinto zininzi. (Mateyu 8:20) Kodwa ke, wayengazivimbi ulonwabo. NjengoTata wakhe, ‘uThixo owonwabileyo,’ uYesu wayengumntu owonwabileyo, futhi wayebonwabisa nabanye. (1 Timoti 1:11; 6:15) Xa waya kwisidlo somtshato apho kwakudlalwa khona umculo, kuculwe, futhi konwatywe, zange enze abanye abantu bangakhululeki futhi bangonwabi. Yathi yakuphela iwayini, wajika amanzi aba yiwayini, isiselo ‘esivuyisa intliziyo yomntu.’ (INdumiso 104:15; Yohane 2:1-11) Zininzi izidlo awamenywa kuzo uYesu waza waya, futhi wayedla ngokuwasebenzisela ukufundisa abantu loo mathuba.—Luka 10:38-42; 14:1-6.

18. Indlela uYesu awayebaphatha ngayo abafundi bakhe yabonisa njani ukuba ulumke kakhulu?

18 Nendlela uYesu awayebaphatha ngayo abanye yenza kwacaca ukuba ulumke kakhulu. Wayeyiqonda kakuhle indlela abafundi bakhe ababecinga nababevakalelwa ngayo, eyiqonda kakuhle nento yokuba izinto bazenza ngaziphi izizathu. Wayesazi kakuhle ukuba bayazenza iimpazamo. Kodwa wayeqonda nokuba banazo iimpawu ezintle. Wabona into anokuba yiyo la madoda awayetsalwe nguYehova. (Yohane 6:44) Nangona babezenza iimpazamo, uYesu wayebathemba. Loo nto yabonakala ngokuba abanike umsebenzi obalulekileyo. Wabathuma ukuba bashumayele iindaba ezilungileyo, futhi wayebathemba ukuba bangakwazi ukuwenza loo msebenzi. (Mateyu 28:19, 20) Xa sifunda incwadi yeZenzo, sibona ukuba bawenza ngokuthembeka umsebenzi awayebathume wona. (IZenzo 2:41, 42; 4:33; 5:27-32) Kucacile ke ukuba uYesu wenza ngobulumko ngokubathemba.

19. UYesu wabonakala njani ukuba ‘wayezolile futhi ethobekile’?

19 KwiSahluko 20, sifunde ukuba abantu abalumke nyhani bathobekile futhi balulamile. UYehova ungowona mzekelo mhle ngokuthobeka nokululama. Kanti noYesu wayethobeke kakhulu. Kuyachukumisa ukubona ukuthobeka kwakhe kwindlela awayebaphatha ngayo abafundi bakhe. Kuba wayengumntu ongazenziyo iimpazamo, wayemkhulu kunabo. Kodwa, akazange abajongele phantsi abafundi bakhe. Akazange afune ukubenza bazive bengabalulekanga okanye kungekho yabo. Kodwa wayebacingela kwizinto abangakwaziyo ukuzenza futhi enomonde kubo xa besenza iimpazamo. (Marko 14:34-38; Yohane 16:12) Nabantwana babekonwabela ukuba kunye noYesu. Ngoba? Ngokuqinisekileyo babemthanda kuba babebona ukuba ‘wayezolile futhi ethobekile.’—Mateyu 11:29; Marko 10:13-16.

20. UYesu waba bhetyebhetye njani kumama owayengengomYuda owayenentombi eyayiphethwe yidemon?

20 Ikhona nenye indlela uYesu awayethobeke njengoYehova ngayo. Wayebhetyebhetye, okanye eyekelela, xa kwakukho isizathu esihle sokuba nenceba. Ngokomzekelo, cinga ngelaa xesha xa umama ongengomYuda wacela ukuba aphilise intombi yakhe eyayiphethwe kakubi yidemon. Ngeendlela ezintathu, uYesu waqala wambonisa ukuba wayengazukumnceda. Okokuqala, zange amphendule. Okwesibini, wamxelela ukuba wayethunyelwe ukuzonceda amaYuda, hayi abantu abangengomaYuda. Okokugqibela, wamenzela umzekelo ukuze ambonise ngobubele ukuba kutheni engazukumnceda. Kodwa lo mama wayenokholo olukhulu kangangokuba waqhubeka emcenga. Kule meko ikhethekileyo, wenza ntoni uYesu? Wenza kanye le nto wayethe akazukuyenza. Wayiphilisa intombi yalo mama. (Mateyu 15:21-28) Yayikukuthobeka okumangalisayo oko! Futhi khumbula ukuba, umntu osisilumko nyhani ngumntu othobeke nyhani.

21. Kutheni sifanele sizame ukulinganisa iimpawu zikaYesu, indlela awayethetha nawayezenza ngayo izinto?

21 Sibulela nyhani ngento yokuba iincwadi zeVangeli zisixelela ngamazwi nangezinto ezenziwa ngoyena mntu ulumkileyo wakha waphila! Masikhumbule ukuba uYesu ufana twatse noTata wakhe ngento yonke. Singazama ukuba nobulumko bukaThixo ngokulinganisa iimpawu zikaYesu, indlela awayethetha nawayezenza ngayo izinto. Kwisahluko esilandelayo, siza kufunda ngendlela esinokubusebenzisa ngayo ubulumko bukaThixo ebomini bethu.

a Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, abachweli babeqeshelwa ukwakha izindlu, ukwenza ifanitshala, nezixhobo zokulima. UJustin Martyr, umbhali owayephila malunga neminyaka eyi-100 emva kokufa kukaYesu, wathi ngoYesu: “Xa wayesemhlabeni wayengumchweli, esenza amakhuba needyokhwe.”

b Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “ukuxhalela” lithetha “ukuphazamiseka kwengqondo.” Ngendlela elisetyenziswe ngayo kuMateyu 6:25, lithetha umntu onexhala nowoyika ngohlobo lokuba angakwazi tu ukucinga ngenye into ade aphelelwe luvuyo.

c Oogqirha bafumanise ukuba abantu abanestresi kakhulu banokuba neengxaki zentliziyo nezinye izigulo ezininzi baze bafe besebancinci.