Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 4

“UThixo Uluthando”

“UThixo Uluthando”

Kuzo zonke iimpawu anazo uYehova, uthando lolona luhamba phambili. Lukwalolona lusenza sikufune ngamandla ukusondela kuye. Njengoko sifunda ngakumbi ngeendlela olubonakala ngazo olu phawu luhle, siza kutsho sibone ukuba kutheni iBhayibhile isithi “uThixo uluthando.”—1 Yohane 4:8.

KWELI CANDELO

ISAHLUKO 23

“Wasithanda Kuqala”

Kuthethwa ukuthiwani kanye kanye xa kusithiwa “uThixo uluthando”?

ISAHLUKO 24

Akukho Nto ‘Inokwenza UThixo Angasithandi’

Bulwe ubuxoki obuthi uThixo akakuthandi okanye akakuxabisanga.

ISAHLUKO 25

‘Indlela UYehova Anovelwano Ngayo’

Indlela uThixo avakalelwa ngayo ngawe ifana njani nendlela umama avakalelwa ngayo ngosana lwakhe?

ISAHLUKO 26

UThixo ‘Osoloko Efuna Ukuxolela’

Ukuba uThixo unenkumbulo egqibeleleyo, angaxolela aze alibale njani?

ISAHLUKO 27

“Ulunge Kakhulu!”

Yintoni kanye kanye ukulunga kukaThixo?

ISAHLUKO 28

“Nguwe Wedwa Othembekileyo”

Kutheni ukunyaniseka kukaThixo kungaphezulu kunokuthembeka kwakhe?

ISAHLUKO 29

“Ukwazi Indlela UKristu Anothando Ngayo”

Iindlela ezintathu olubonakala ngazo uthando lukaYesu zilubonisa ngokugqibeleleyo uthando lukaTata wakhe.

ISAHLUKO 30

“Niqhubeke Ninothando”

AmaKorinte okuqala aveza iindlela eziliqela esinokubonisa ngazo uthando.