Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 26

UThixo ‘Osoloko Efuna Ukuxolela’

UThixo ‘Osoloko Efuna Ukuxolela’

1-3. (a) Yintoni eyayimkhathaza kakhulu umdumisi uDavide, yaye yathuthuzeleka njani intliziyo yakhe ekhathazekileyo? (b) Xa sisona, kunokusichaphazela njani oko, kodwa yintoni asiqinisekisa ngayo uYehova?

 UMDUMISI uDavide wabhala wathi: “Ndintyumpa-ntyumpeka ezonweni zam; zindisinda okomthwalo onzima. Ndisuke ndandindisholo, ndatyumka ngokupheleleyo.” (INdumiso 38:4, 8) UDavide wayekwazi ukukhathaza kwesazela esinetyala. Kodwa intliziyo yakhe ekhathazekileyo yathuthuzeleka. Wayeqonda ukuba nangona uYehova esithiyile isono, akamthiyanga umoni ukuba uguquka ngokunyanisekileyo aze aligatye ikhondo lakhe lesono. Enentembelo epheleleyo ekukulungeleni kukaYehova ukubonisa inceba kwabo baguqukayo, uDavide wathi: “Wena, Yehova, . . . usoloko ufuna ukuxolela.”—INdumiso 86:5.

2 Xa sisona, nathi sisenokukhathazwa sisazela. Le mvakalelo yokuzisola iluncedo. Inokusishukumisela ukuba sithabathe amanyathelo okulungisa iimpazamo zethu. Noko ke, kukho ingozi yokonganyelwa yimvakalelo yokuba netyala. Iintliziyo zethu zisenokusigweba ngelithi uYehova akayi kusixolela, nokuba sinokuguquka kangakanani na. Ukuba ‘sikhathazeka kakhulu’ yimvakalelo yokuba netyala, uSathana usenokuzama ukusenza sinikezele, sivakalelwe kukuba uYehova usigqala njengabantu abangento, abangakufanelekelanga ukumkhonza.—2 Korinte 2:5-11.

3 Ngaba leyo yindlela uYehova avakalelwa ngayo ngokwenene? Unotshe! Ukuxolela kuyinxalenye yothando lukaYehova olukhulu. ELizwini lakhe, usiqinisekisa ukuba xa sibonakalisa inguquko yokwenene nesuka entliziyweni, ukulungele ukuxolela. (IMizekeliso 28:13) Ukuze singaze sicinge ukuba uYehova akasoze asixolele, makhe sihlolisise isizathu nendlela axolela ngayo.

Isizathu Sokuba UYehova ‘Esoloko Efuna Ukuxolela’

4. Yintoni ayikhumbulayo uYehova ngokubunjwa kwethu, yaye oku kuyichaphazela njani indlela asiphatha ngayo?

4 UYehova uyazazi iintsilelo zethu. INdumiso 103:14 ithi: “Yena uyakwazi ukubunjwa kwethu, ekhumbula ukuba siluthuli.” Akayilibali into yokuba sizizidalwa ezenziwe ngothuli, nezibuthathaka, ngenxa yokungafezeki. Ibinzana elithi “uyakwazi ukubunjwa kwethu” lisikhumbuza ukuba iBhayibhile imfanisa uYehova nombumbi ize thina isifanise nesitya sodongwe asenzayo. (Yeremiya 18:2-6) Lo Mbumbi Mkhulu usebenzisana nathi ngokobuthathaka bethu nangokwemeko yethu yesono nendlela esisabela okanye esisilela ngayo ukusabela kukhokelo lwakhe.

5. Incwadi yabaseRoma iwachaza njani amandla esono?

5 UYehova uyayiqonda indlela esinamandla ngayo isono. ILizwi lakhe lisichaza isono njengamandla amakhulu akhokelela umntu ekufeni. Kanye kanye makhulu kangakanani la mandla esono? Encwadini yabaseRoma, umpostile uPawulos ucacisa athi: ‘Siphantsi kwesono,’ njengoko amajoni esiba phantsi komphathi-mkhosi (Roma 3:9, NWT ka-1999); isono siye ‘salawula’ uluntu njengokumkani (Roma 5:21); “sihleli” kuthi (Roma 7:17, 20, NWT ka-1999); “umthetho” waso uyaqhubeka usebenza kuthi, uzama ukulawula ikhondo lethu. (Roma 7:23, 25) Hayi indlela esinamandla ngayo isono kwinyama yethu engafezekanga!—Roma 7:21, 24.

6, 7. (a) UYehova ubagqala njani abo baguquka ngokusuka entliziyweni nabacela ukwenzelwa inceba? (b) Kutheni singafanele siyibange inceba kaThixo?

6 Ngenxa yoko, uYehova uyazi ukuba asinakukwazi ukumthobela ngokugqibeleleyo, nokuba sinokukulangazelela ngokunyaniseke kangakanani na ukwenjenjalo. Ngothando usiqinisekisa ukuba xa siguquka ngokusuka entliziyweni size simcele ukuba asenzele inceba, uya kusixolela. INdumiso 51:17 ithi: “Imibingelelo ayithandayo uThixo ngumoya owaphukileyo; owu Thixo, wena awuzukuyinikela umva intliziyo eyaphukileyo netyumkileyo.” UYehova akasayi kuze ayigatye intliziyo “eyaphukileyo netyumkileyo” ngenxa yokuzisola.

7 Noko ke, ngaba oku kuthetha ukuba sinokuyibanga inceba kaThixo, sone size sizingxengxezele ngelithi kakade singabantu abanesono? Ngokuqinisekileyo akunjalo! UYehova akaphenjelelwa ziimvakalelo kuphela. Inceba yakhe isikelwe umda. Akasayi kubaxolela abo baqhelisela isono ngabom, bengaguquki. (Hebhere 10:26) Kodwa ke, xa ebona intliziyo eguqukayo, ukulungele ukuxolela. Ngoku makhe sihlolisise amabinzana athile angqalileyo aseBhayibhileni achaza le nkalo imangalisayo yothando lukaYehova.

Uxolela Ngokupheleleyo Kangakanani UYehova?

8. Eneneni, yintoni ayenzayo uYehova xa exolela izono zethu, yaye oku kusinika yiphi intembelo?

8 UDavide owaguqukayo wathi: “Ekugqibeleni ndasivuma isono sam kuwe; andizange ndibufihle ububi endabenzayo. . . . Waza wena wazixolela izono zam.” (INdumiso 32:5) Igama elithi “wazixolela” liguqulelwe ngokusuka kwelesiHebhere elithetha “ukuphakamisa” okanye “ukuthwala.” Ukusetyenziswa kwalo apha kubonisa ukususa “ityala, isono nokunxaxha.” Eneneni, uYehova uye waziphakamisa izono zikaDavide, wazithwala wahamba nazo. Ngokungathandabuzekiyo oku kwayiphelisa imvakalelo kaDavide yokuziva enetyala. (INdumiso 32:3) Nathi sinokuba nentembelo epheleleyo kuThixo ozithwalayo izono zabo bacela ukuxolelwa nguye nabanokholo kwidini lentlawulelo likaYesu.—Mateyu 20:28.

9. UYehova uzishenxisa kude kangakanani kuthi izono zethu?

9 UDavide wasebenzisa elinye ibinzana elingqalileyo ukuchaza ukuxolela kukaYehova: “Uzibhekelisele kude nathi izono zethu, njengokuba kude kwempumalanga entshonalanga.” (INdumiso 103:12) Ilanga liphuma empuma liyotshona entshona. Ikude kangakanani impumalanga ukusuka entshonalanga? Eneneni, impumalanga nentshonalanga zezona ncam ziqeleleneyo; azinakuze zidibane. Omnye umphengululi uthi eli binzana lithetha “into ekude ngokungathethekiyo; esingenakuyithelekelela.” La mazwi aphefumlelweyo kaDavide asixelela ukuba xa uYehova exolela, uzishenxisa kude kakhulu izono zethu ngomkhamo esingenakuwuthelekelela.

“Izono zenu . . . ziza kwenziwa mhlophe njengekhephu”

10. Xa uYehova exolela izono zethu, kutheni singafanele sivakalelwe kukuba siya kuhlala sinebala lezo zono ubomi bethu bonke?

10 Ngaba wakha wazama ukususa ibala elimdaka kwisambatho esinombala okhanyayo? Mhlawumbi nasemva kokuba uzame kangangoko unako, liye lasala libonakala elo bala. Kodwa ke phawula indlela uYehova akuchaza ngayo ukuxolela kwakhe: “Nangona izono zenu zibomvu njengegazi, ziza kwenziwa mhlophe njengekhephu; nangona zibomvu njengelaphu elibomvu krwe, ziza kuba mhlophe njengoboya.” (Isaya 1:18) a Asinakuze sikwazi ngemizamo yethu ukulishenxisa ibala lesono. Kodwa uYehova unako ukuzicoca izono ezingqombela nezibomvu ngokungqombela, azenze zibe mhlophe njengekhephu okanye zibe njengoboya obungadaywanga. Xa uYehova exolela izono zethu, akukho mfuneko yokuvakalelwa kukuba siya kuhlala sinebala lezo zono ubomi bethu bonke.

11. UYehova uziphosa ngayiphi ingqiqo izono zethu emva kwakhe?

11 Kwingoma echukumisayo yokubulela eyaqanjwa nguHezekiya emva kokusindiswa kwakhe kwisifo esibulalayo, wathi kuYehova: “Zonke izono zam uziphose emva kwakho.” (Isaya 38:17) Apha uYehova uchazwa njengothabatha izono zomenzi-bubi oguqukileyo aze aziphose emva Kwakhe ukuze angabi sazibona okanye aphinde anikele ingqalelo kuzo. Ngokutsho kwenye incwadi, eyona ngcamango yala mazwi inokuchazwa ngokuthi: “Uye wazisusa [izono zam] kwangathi zange zibekho.” Ngaba akukhuthazi oko?

12. Umprofeti uMika ubonisa njani ukuba xa uYehova exolela, uzishenxisa ngokupheleleyo izono zethu?

12 Kwisithembiso sokubuyiselwa, umprofeti uMika wavakalisa intembelo yakhe yokuba uYehova wayeya kubaxolela abantu bakhe abaguqukayo, esithi: “Ngubani na uThixo onjengawe, . . . odlulayo kwisono sabantu abashiyekileyo kwilifa lakhe? . . . Wena uza kuziphosa enzulwini yolwandle zonke izono zabo.” (Mika 7:18, 19) Khawucinge nje ngoko kwakuthethwa ngaloo mazwi kwabo babephila ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile. Ngaba yayinokuphinda ifumaneke into ephoswe “enzulwini yolwandle”? Ngoko amazwi kaMika abonisa ukuba xa uYehova exolela, uzishenxisa ngokupheleleyo izono zethu.

13. Athetha ukuthini amazwi kaYesu athi “sixolele amatyala ethu”?

13 UYesu wazekelisa ngomntu onetyala ukubonisa indlela axolela ngayo uYehova. UYesu wasibongoza ukuba sithandaze sithi: “Sixolele amatyala ethu.” (Mateyu 6:12) Ngoko uYesu wafanisa izono kunye namatyala. (Luka 11:4) Xa sisona, “siyamtyala” uYehova. Ngokuphathelele intsingiselo yesenzi sesiGrike esiguqulelwe ngokuthi “ukuxolela,” enye incwadi ithi: “Kukuncama, ukucima ityala, uze ungafuni ntlawulo yalo.” Lilonke ke, xa uYehova exolela, uyalicima ityala esinalo. Oko kumele kubathuthuzele aboni abaguqukayo. UYehova akasayi kuze afune intlawulo yetyala alicimileyo!—INdumiso 32:1, 2.

14. Ibinzana elithi “zicinywe izono zenu” lisinika wuphi umfanekiso-ngqondweni?

14 Ukuxolela kukaYehova kuchazwe ngokubhekele phaya kwiZenzo 3:19 ngokuthi: “Guqukani ke ngoko, nijike, ukuze zicinywe izono zenu.” Eli binzana lokugqibela liguqulelwe ngokusuka kwisenzi sesiGrike esithetha “ukusula, . . . ukutshitshisa okanye ukutshabalalisa.” Ngokutsho kwabanye abaphengululi, oku kusinika umfanekiso-ngqondweni wokucima umbhalo wesandla. Kwakunokwenzeka njani oku? I-inki eyayidla ngokusetyenziswa mandulo yayenziwe ngomxube wekharbhon, intlaka namanzi. Ngokukhawuleza emva kokusebenza nge-inki elolo hlobo, umntu wayenako ukuthabatha isponji esimanzi aze akucime oko ebekubhalile. Oku kusinika umfanekiso-ngqondweni omhle wenceba kaYehova. Xa exolela izono zethu, kunjengokungathi uthabatha isponji aze azicime.

15. Yintoni uYehova afuna siyazi ngaye?

15 Xa sicamngca ngale mizekelo, ngaba ayicaci na into yokuba uYehova ufuna sazi ukuba ukulungele ngokwenene ukusixolela izono zethu ukuba siguquka ngokunyanisekileyo? Akukho mfuneko yokuba noloyiko lokuba uya kusohlwaya ngenxa yezo zono kwixesha elizayo. Oku kuboniswa yenye inkalo etyhilwa yiBhayibhile ngokuphathelele inceba enkulu kaYehova: Xa exolela, uyalibala.

UYehova ufuna sazi ukuba ‘usoloko efuna ukuxolela’

‘Isono Sabo Andizukusikhumbula’

16, 17. Xa iBhayibhile isithi uYehova uyazilibala izono zethu, ithetha ukuthini, yaye kutheni uphendula ngaloo ndlela nje?

16 UYehova wabathembisa oku abo babesemnqophisweni omtsha: “Ndiza kusixolela isiphoso sabo, nesono sabo andizukusikhumbula.” (Yeremiya 31:34) Ngaba oku kuthetha ukuba xa uYehova exolela akakwazi kuphinda azikhumbule izono? Akunjalo konke konke. IBhayibhile isixelela ngezono zabantu abaninzi awabaxolelayo uYehova, kuquka uDavide. (2 Samuweli 11:1-17; 12:13) Ngokucacileyo uYehova usazazi iziphoso abazenzayo. Ingxelo engezono zabo, kwanaleyo yokuguquka kwabo nokuxolelwa kwabo nguThixo, iye yagcinwa ukuze kungenelwe thina. (Roma 15:4) Ngoko ke, ithetha ukuthini iBhayibhile xa isithi uYehova ‘akazikhumbuli’ izono zabo abaxolelayo?

17 Isenzi sesiHebhere esiguqulelwa ngokuthi “andizukusikhumbula” sithetha okungakumbi kunokubuyisela engqondweni into yexesha elidluleyo. IThe Theological Wordbook of the Old Testament ithi siquka “isenzo esongezelelekileyo sokuthabatha inyathelo elifanelekileyo.” Ngoko ngokwale ngqiqo, ‘ukukhumbula’ isono kuthetha ukuthabatha inyathelo nxamnye naboni. (Hoseya 9:9) Kodwa xa uThixo esithi ‘isono sabo andizukusikhumbula,’ uyasiqinisekisa ukuba xa ebaxolele aboni abaguqukayo, akasayi kuthabatha inyathelo nxamnye nabo kwixesha elizayo ngenxa yezo zono. (Hezekile 18:21, 22) Ngoko ukuthi uYehova uyalibala kuthetha ukuba akaphindi azikhumbule izono zethu ngenjongo yokusimangalela okanye yokusohlwaya ngenxa yazo. Ngaba akuthuthuzeli ukwazi ukuba uThixo wethu uyaxolela aze alibale?

Kuthekani Ngemiphumo?

18. Kutheni ukuxolelwa kungathethi kuthi umoni oguqukayo akachatshazelwa yiyo yonke imiphumo yekhondo lakhe eliphosakeleyo?

18 Ngaba ukukulungela kukaYehova ukuxolela kuthetha ukuba umoni oguqukayo akachatshazelwa yiyo nayiphi na imiphumo yekhondo lakhe eliphosakeleyo? Akunjalo konke konke. Asinako ukona size singajamelani nemiphumo yoko. UPawulos wabhala wathi: “Loo nto ayityalayo umntu, uza kuvuna kwayona.” (Galati 6:7) Sisenokujamelana nemiphumo ethile yezenzo zethu. Oku akuthethi kuthi emva kokuba esixolele, uYehova usizisela intlekele. Xa kuvela iinkathazo, umKristu akafanele avakalelwe kukuba, ‘Mhlawumbi uYehova uyandohlwaya ngenxa yezono zexesha elidluleyo.’ (Yakobi 1:13) Kwelinye icala, uYehova akasikhuseli kuyo yonke imiphumo yezenzo zethu eziphosakeleyo. Uqhawulo-mtshato, ukukhulelwa okungafunwayo, izifo ezidluliselwa ngeentlobano zesini, ukungathenjwa okanye ukungahlonelwa—zonke ezi zisenokuba yimiphumo ebuhlungu nengaphephekiyo yesono. Khumbula ukuba kwanasemva kokuba emxolele uDavide izono zakhe ngokuphathelele uBhatshebha noUriya, uYehova akazange amkhusele uDavide kwimiphumo eyintlekele eyalandelayo.—2 Samuweli 12:9-12.

19-21. (a) Umthetho obhalwe kwiLevitikus 6:1-7 wawumzuzisa njani lowo ulixhoba kunye nomoni? (b) Xa abanye besiva ubuhlungu ngenxa yezono zethu, uYehova uyakholiswa xa sisenza ntoni?

19 Izono zethu zisenokuba nemiphumo eyongezelelekileyo, ingakumbi ukuba kukho abanye abaye baviswa ubuhlungu zizenzo zethu. Ngokomzekelo, khawuqwalasele ingxelo ekwiLevitikus isahluko 6. Apha uMthetho kaMoses uthetha ngemeko yomntu owenze isono esinzulu ngokuphanga okanye athabathe ngobuqhetseba izinto zomnye umSirayeli. Wandula ke umoni alikhanyele eli tyala, ade afunge ngobuxoki. Aba bantu bayaphikisana. Kuthi ekuhambeni kwethuba, umoni lowo atyiwe sisazela aze asivume isono sakhe. Ukuze axolelwe nguThixo, ufanele enze izinto ezintathu ezingakumbi: ufanele abuyisele oko akuthabathileyo, ahlawule ixhoba lakhe iipesenti ezingama-20 zoko akubileyo, aze anikele ngenkunzi yegusha nangombingelelo wetyala. Wandula ke umthetho uthi: “Umbingeleli uza kuwunikela kuYehova loo mnikelo aze loo mntu acoceke, aze axolelwe.”—Levitikus 6:1-7.

20 Lo mthetho wawulilungiselelo lenceba likaThixo. Wawulizuzisa ixhoba, elalibuyiselwa izinto zalo lize ngokungathandabuzekiyo lizive likhululekile xa ekugqibeleni umoni esivuma isono sakhe. Kwangaxeshanye, lo mthetho wawumzuzisa nalowo wayeqhutywa sisazela ekugqibeleni ukuba alivume ityala lakhe aze asilungise isiphoso sakhe. Eneneni, ukuba wayesala ukwenjenjalo, wayengayi kuxolelwa nguThixo.

21 Nangona singekho phantsi koMthetho kaMoses, loo Mthetho usinceda ukuba siziqonde iingcinga zikaYehova, kuquka indlela akugqala ngayo ukuxolela. (Kolose 2:13, 14) Ukuba abanye baye beva ubuhlungu ngenxa yezono zethu, uThixo uyakholiswa xa sisenza oko sinokukwenza ukulungisa apho sone khona. (Mateyu 5:23, 24) Oku kusenokubandakanya ukusivuma isono sethu, side sicele uxolo kulowo simonileyo. Emva koko sinokumbongoza uYehova ngokusekelwe kwidini likaYesu size sinandiphe isiqinisekiso sokuba sixolelwe nguThixo.—Hebhere 10:21, 22.

22. Yintoni esenokulandelwa kukuxolela kukaYehova?

22 Njengaye nawuphi na umzali onothando, uYehova usenokusixolela aze asiqeqeshe ngomlinganiselo ofanelekileyo. (IMizekeliso 3:11, 12) UmKristu oguqukileyo usenokuphulukana nelungelo lakhe lenkonzo njengomdala, isicaka solungiselelo, okanye umshumayeli wexesha elizeleyo. Kusenokuba buhlungu kuye ukuphulukana okwethuba elithile naloo malungelo axabisekileyo kuye. Noko ke, olo qeqesho aluthethi kuthi uYehova akamxolelanga. Simele sikhumbule ukuba ingqeqesho kaYehova ibubungqina bokusithanda kwakhe. Ukuyamkela nokuyisebenzisa kuya kusizuzisa kakhulu.—Hebhere 12:5-11.

23. Kutheni singafanele sigqibe kwelokuba asifanelwanga yinceba kaYehova, yaye kutheni nathi sifanele simxelise ekubaxoleleni abanye?

23 Hayi indlela ekukhuthaza ngayo ukwazi ukuba uThixo wethu ‘usoloko efuna ukuxolela’! Phezu kwazo nje iimpazamo esisenokuba siye sazenza, asifanele sigqibe kwelokuba asifanelwanga yinceba kaYehova. Ukuba siguquka ngokwenene, sithabathe amanyathelo okulungisa iziphoso zethu, size ngokunyanisekileyo sithandazele ukuxolelwa ngesizinzi segazi elaphalalayo likaYesu, sinokuba nentembelo ngokupheleleyo yokuba uYehova uya kusixolela. (1 Yohane 1:9) Nathi masixelise ukuxolela kwakhe ekusebenzisaneni kwethu nabanye. Ngapha koko, ukuba uYehova, ongenzi sono, unokusixolela ngothando, asifanele na thina bantu banesono sizame ngokusemandleni ethu ukuxolelana?

a Omnye umphengululi uthi umbala obomvu krwe “yayingumbala ongasukiyo. Umbethe, imvula, ukuhlanjwa, nokuba isambatho sidala kangakanani, oko kwakungenakuze kuwususe.”