Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 27

“Ulunge Kakhulu!”

“Ulunge Kakhulu!”

1, 2. Kukhulu kangakanani ukulunga kukaThixo, yaye iBhayibhile ilugxininisa njani olu phawu?

 BEHLELI phandle yaye begcakamele ilanga, abahlobo abakhulu banandipha isidlo kunye, behleka bencokola bevuyela ubuhle bemini. Qelele phayaa, umlimi ujonge emasimini akhe ezaliswe luvuyo njengoko ebona amafu edibana yaye kuqalisa nokuchaphaza. Kwenye indawo, indoda nomfazi wayo bazele luchulumanco njengoko bebona umntwana wabo eqalisa ukuqingqa.

2 Enoba bayakwazi okanye abakwazi oko, bonke aba bantu bavuyiswa yinto enye—ukulunga kukaYehova uThixo. Amakholwa adla ngokuliphindaphinda ibinzana elithi “UThixo ulungile.” Kodwa yona iBhayibhile iligxininisa nangakumbi elo binzana. Ithi: “Ulunge kakhulu!” (Zekariya 9:17) Kodwa kubonakala ukuba bambalwa namhlanje abayaziyo intsingiselo yokwenene yaloo mazwi. Yintoni kanye kanye ebandakanywa kukulunga kukaYehova uThixo, yaye olu phawu lukaThixo lumchaphazela njani ngamnye wethu?

Inkalo Ebalaseleyo Yothando LukaThixo

3, 4. Kuyintoni ukulunga, yaye kutheni ukulunga kukaYehova kunokuchazwa ngeyona ndlela ifanelekileyo njengendlela yokubonakaliswa kothando lobuthixo?

3 Kwiilwimi ezininzi, igama elithi “ukulunga” ligama nje eliqhelekileyo. Noko ke, iBhayibhile ityhila ukuba ukulunga akulogama nje liqhelekileyo. Ngokuyintloko, libhekisela ekuthini tye nakwihambo egqibeleleyo. Ngoko, ngandlel’ ithile sinokuthi ukulunga kuyinxalenye yobuntu bukaYehova. Zonke iimpawu zakhe—kuquka amandla akhe, ukuba sesikweni kwakhe, nobulumko bakhe—zilungile ngokugqibeleleyo. Ukanti, ukulunga kusekwanokuchazwa ngeyona ndlela ifanelekileyo njengendlela yokubonakaliswa kothando lukaYehova. Ngoba? 

4 Ukulunga kuluphawu olubonakaliswa ngezenzo. Umpostile uPawulos wabonisa ukuba ebantwini lunomtsalane nangaphezu kobulungisa. (Roma 5:7) Umntu olilungisa unokuthenjwa ukuba uya kuwuthobela ngokuthembekileyo umthetho, kodwa umntu olungileyo wenza okungakumbi. Uthabatha amanyathelo okufuna ukunceda abanye. Njengoko siza kubona, ngokuqinisekileyo uYehova ulungile ngaloo ngqiqo. Ngokucacileyo, oko kulunga kubangelwa luthando olukhulu lukaYehova.

5-7. Kwakutheni ukuze uYesu ale ukubizwa kuthiwe “Mfundisi Olungileyo,” yaye ngaloo ndlela yiyiphi inyaniso ebalulekileyo awayingqinayo?

5 Kwakhona ukulunga kukaYehova akunakulinganiswa nanto. Kungekudala ngaphambi kokufa kukaYesu, kweza ndoda ithile kuye yaza yambuza umbuzo, ibhekisela kuye ngokuthi “Mfundisi Olungileyo.” UYesu wayiphendula wathi: “Kutheni usithi ndilungile? Mnye kuphela umntu olungileyo, nguThixo.” (Marko 10:17, 18) Isenokuba iyakothusa noko le mpendulo. Kwakutheni ukuze uYesu ayilungise loo ndoda? Kanti uYesu wayengenguye na ‘uMfundisi Olungileyo’?

6 Ngokucacileyo, le ndoda yayiwasebenzisa amazwi athi “Mfundisi Olungileyo” kuba ifuna ukumzukisa. Ngokuthozama uYesu walujolisa kuBawo wakhe wasezulwini uzuko olunjalo, olunge ngomlinganiselo ophakamileyo. (IMizekeliso 11:2) Kodwa kwakhona uYesu wayengqina inyaniso ebalulekileyo. NguYehova kuphela ongumlinganiselo woko kulungileyo. Nguye kuphela onelungelo elipheleleyo lokumisela oko kulungileyo noko kubi. UAdam noEva, ngokutya kwabo ngemvukelo kumthi wokwazi okulungileyo nokubi, babefuna ukulithabathela kubo elo lungelo. Ngokungafaniyo nabo, ngokuthobekileyo uYesu ukushiyela kuYise ukumisela imilinganiselo.

7 Ngaphezu koko, uYesu wayesazi ukuba uYehova unguMthombo wako konke oko kulunge ngokwenene. UnguMniki waso “nasiphi na isipho esihle nesigqibeleleyo.” (Yakobi 1:17) Makhe sihlolisise indlela ukulunga kukaYehova okubonakala ngayo kuphawu lwakhe lokuba nesisa.

Ubungqina Bokulunga Okukhulu KukaYehova

8. UYehova ukubonise njani ukulunga kulo lonke uluntu?

8 Wonk’ ubani okhe waphila uye wangenelwa kukulunga kukaYehova. INdumiso 145:9 ithi: “UYehova ubenzela izinto ezilungileyo bonke.” Yiyiphi eminye imizekelo yako konke ukulunga kwakhe? IBhayibhile ithi: “Uye wanibonisa ukuba unjani ngokwenza izinto ezintle, eninika iimvula ezivela ezulwini nezivuno, eninika ukutya okwaneleyo aze aqinisekise ukuba niyonwaba.” (IZenzo 14:17) Ngaba wakha waziva uchwayitile xa unandipha isidlo esimnandi? Ukuba uYehova ebengathanga ngenxa yokulunga kwakhe wenza umhlaba namanzi awo ahlaziyayo “nezivuno” zokuvelisa intabalala yokutya, bezingenakubakho izidlo. UYehova ukubonisa ukulunga okunjalo kungekuphela nje kwabo bamthandayo kodwa kuye wonk’ ubani. UYesu wathi: ‘Ulenza ilanga lakhe liphume kubantu abalungileyo nabangalunganga, nemvula uyinika amalungisa nabangengomalungisa.’—Mateyu 5:45.

9. Iapile likubonisa njani ukulunga kukaYehova?

9 Abaninzi bazithabatha lula ezi ngenelo zesisa ezibangelwa kukusebenza kwelanga, imvula, namaxesha emveliso. Ngokomzekelo, khawucinge nje ngeapile. Lisisiqhamo esiqhelekileyo kuyo yonke imimandla yomhlaba enemozulu epholileyo. Ukanti, liyabukeka, linencasa, yaye linencindi ehlaziyayo nenezondlo. Ngaba ubusazi ukuba ehlabathini lonke kukho malunga neendidi ezingama-7 500 ezahlukahlukeneyo zama-apile, anombala obomvu nobugolide nomthubi noluhlaza, nanobukhulu obahlukahlukeneyo ukususela kobediliya ukusa kobembambusi? Ukuba unokubeka esandleni sakho imbewu encinane yeapile, ibonakala njengento engenamsebenzi. Kodwa kuyo kukhula omnye weyona mithi ithandekayo. (INgoma yazo iiNgoma 2:3) Rhoqo ngentwasahlobo imithi yama-apile iyatyatyamba; ize rhoqo ekwindla ivelise iziqhamo. Nyaka ngamnye—kangangeminyaka engama-75—ngokomlinganiselo umthi omnye wama-apile uvelisa iziqhamo ezinokuzalisa iibhokisi ezingama-20 ezinobunzima obuziikhilogram ezili-19 inye!

UYehova ‘uninika iimvula ezivela ezulwini nezivuno’

Kule mbewu encinane kukhula umthi onokondla uze uchwayitise abantu kangangamashumi eminyaka

10, 11. Izivamvo zikubonisa njani ukulunga kukaThixo?

10 Ngenxa yokulunga kwakhe okungenasiphelo, uYehova uye wasinika umzimba ‘owenziwe ngendlela emangalisayo,’ onezivamvo ezenzelwe ukusinceda ukuba siyiqonde imisebenzi yakhe yaye siyinandiphe. (INdumiso 139:14) Khawucinge nje kwakhona ngala mibono echazwe ekuqaleni kwesi sahluko. Yintoni eyenza ukuba ezo zihlandlo zibukeke? Zizidlele ezitum-tum zomntwana owonwabileyo. Ukugxagxaza kwemvula emasimini. Imibalabala emihle yokutshona kwelanga. Iliso lomntu lenziwe lakwazi ukubona imibala eyahlukahlukeneyo engamawakawaka, mhlawubi ede ibe ziimiliyoni! Yaye isivamvo sethu sokuva sahlukanisa isandi selizwi elithandekayo, isandi somoya ovuthuza imithi, nokugigitheka kosana. Ngubani owenze ukuba sikwazi ukuyoliswa koko sikubukelayo noko sikuvayo? IBhayibhile ithi: “Indlebe evayo nelihlo elibonayo, zombini zenziwe nguYehova.” (IMizekeliso 20:12) Kodwa sisakhankanye izivamvo ezimbini kuphela.

11 Isivamvo sokujoja sibobunye ubungqina bokulunga kukaYehova. Impumlo yomntu iyakwazi ukwahlukanisa amavumba amaninzi ahlukahlukeneyo—ekuqikelelwa ukuba anokuba ngamawaka de ayokufika kutriliyoni. Khawucinge nje ngamavumba ambalwa: ivumba lokutya okuthandayo, elezityalo, elamagqabi omileyo, nelomlilo ofudumeleyo. Yaye isivamvo sokuchukumisa sikwenza ukunandiphe ukubetha kwempepho epholileyo ebusweni bakho, ukwangiwa ngulowo umthandayo, nokuva ukuthamba kwesiqhamo esisesandleni sakho. Xa uluma into, kusebenza isivamvo sakho sokungcamla. Uyoliswa bubumnandi besiqhamo njengoko ungcamla iincindi zaso ezahlukahlukeneyo. Ewe, sinesizathu esihle sokudanduluka sithi ngoYehova: “Ulunge ngeyona ndlela! Unezinto ezininzi ezilungileyo ozigcinele abo bakoyikayo.” (INdumiso 31:19) Kodwa ke, uYehova ‘ubagcinele’ njani ukulunga abo banoloyiko lobuthixo?

Iingenelo Ezingunaphakade Zokulunga

12. Ngawaphi amalungiselelo kaYehova angawona abalulekileyo, yaye ngoba?

12 UYesu wathi: “Kubhaliwe kwathiwa: ‘Umntu akamele aphile ngokutya kuphela, kodwa umele aphile nangawo onke amazwi aphuma emlonyeni kaYehova.’” (Mateyu 4:4) Eneneni, amalungiselelo kaYehova okomoya anokusizisela iingenelo ezingakumbi kunalawo okwenyama, kuba akhokelela kubomi obungunaphakade. KwiSahluko 8 sale ncwadi, siye saphawula ukuba uYehova usebenzise amandla akhe okubuyisela kule mihla yokugqibela ukuze azise iparadesi yokomoya eyandayo. Eyona nto ibalasele ngayo loo paradesi yintabalala yokutya kokomoya.

13, 14. (a) Yintoni umprofeti uHezekile awayibonayo embonweni, yaye oko kunayiphi intsingiselo kuthi namhlanje? (b) Ngawaphi amalungiselelo okomoya anik’ ubomi uYehova awenzela abakhonzi bakhe abathembekileyo?

13 Kwesinye seziprofeto ezikhulu zeBhayibhile ezingokubuyiselwa, umprofeti uHezekile waboniswa umbono wetempile ebuyiselweyo nezukisiweyo. Kuloo tempile kwakuqukuqela umsinga wamanzi, owawusiya usiba banzi yaye usiba nzulu ngakumbi nangakumbi de waba “ngumlambo.” Naphi na apho wawuqukuqela khona, loo mlambo wawuzisa iintsikelelo. Emacaleni awo kwakuchume imithi eyayivelisa ukudla neyayiphilisa. Yaye loo mlambo wada waphilisa noLwandle Olufileyo olwalumtyuba yaye kungekho nto iphilayo kulo! (Hezekile 47:1-12) Kodwa kwakuthetha ntoni konke oko?

14 Lo mbono wetempile wawuthetha ukuba uYehova wayeza kulubuyisela unqulo olucocekileyo. Lwaluza kuphinda luhambisane nemithetho nemigaqo yakhe elungileyo. Njengaloo mlambo wasembonweni, amalungiselelo kaThixo obomi ayeza kuqukuqelela ebantwini bakhe ngomlinganiselo omkhulu kakhulu. Ukususela ekubuyiselweni konqulo olunyulu ngowe-1919, uYehova uye wabasikelela abantu bakhe ngamalungiselelo anik’ ubomi. Njani? Kaloku iiBhayibhile, uncwadi lweBhayibhile, iintlanganiso, neendibano, ziye zonke zanceda ekudluliseleni iinyaniso ezibalulekileyo kwizigidi zabantu. Ngala malungiselelo uYehova uye wafundisa abantu ngelona lungiselelo libalulekileyo lobomi—idini lentlawulelo likaKristu, elibanika ukuma okucocekileyo phambi kukaYehova nethemba lobomi obungunaphakade bonke abo bamthanda ngokunyanisekileyo uThixo. a Ngoko ke, ebudeni bale mihla yokugqibela, ngoxa ihlabathi liye lathwaxwa yindlala yokomoya, abantu bakaYehova bona banandipha isidlo sokomoya.—Isaya 65:13.

15. Ukulunga kukaYehova kuza kuqukuqela ngayiphi ingqiqo kuluntu oluthembekileyo ebudeni boLawulo Lwewaka Leminyaka lukaKristu?

15 Kodwa umlambo wasembonweni kaHezekile awuyeki ukuqukuqela ekuphelisweni kwale nkqubo indala yezinto. Kunoko, uya kuqukuqela kakhulu nangakumbi ebudeni boLawulo Lwewaka Leminyaka lukaKristu. Ngoko, ngoBukumkani bukaMesiya, uYehova uza kulisebenzisa ngokupheleleyo ixabiso ledini likaYesu, aze ngokuthe ngcembe aluzise emfezekweni uluntu oluthembekileyo. Siya kwandula ke sikuvuyele kakhulu ukulunga kukaYehova!

Iinkalo Ezingakumbi Zokulunga KukaYehova

16. IBhayibhile ibonisa njani ukuba ukulunga kukaYehova kubandakanya ezinye iimpawu, yaye ziziphi ezinye zazo?

16 Ukulunga kukaYehova kubandakanya okungakumbi kunokuba nesisa. UThixo wathi kuMoses: “Ndiza kubangela ukuba konke ukulunga kwam kudlule phambi kobuso bakho, kwaye ndiza kubhengeza igama likaYehova.” Kamva ingxelo ithi: “UYehova wadlula phambi kwakhe esithi: ‘UYehova, uYehova, uThixo onenceba nobubele, ongakhawuleziyo ukucaphuka, ophuphuma luthando olungagungqiyo nenyaniso.’” (Eksodus 33:19; 34:6, umbhalo osemazantsi) Ngoko ukulunga kukaYehova kubandakanya iimpawu ezintle eziliqela. Makhe sihlolisise nje ezimbini zazo. gracious

17. Luyintoni ubabalo, yaye uYehova ulubonakalise njani kubantu abangafezekanga?

17 ‘Ububele.’ Olu phawu, olusuka kwigama eliphinda liguqulelwe nangokuthi “uvelwano,” lusixelela intw’ eninzi ngendlela uYehova asebenzisana ngayo nezidalwa zakhe. Kunokuba abe ngqwabalala, abe ngqongqo, okanye akhohlakale, njengoko bedla ngokuba njalo abo banegunya phezu kwabanye, uYehova uyathantamisa yaye unobubele. Ngokomzekelo, uYehova wathi kuAbram: “Khawuncede uphakamise amehlo akho, uze ujonge ukwindawo okuyo, emntla nasemzantsi, empuma nasentshona.” (Genesis 13:14) Iinguqulelo ezininzi ziyalishiya igama elithi “khawuncede.” Kodwa abaphengululi beBhayibhile baphawula ukuba kumbhalo wantlandlolo wesiHebhere kufakelwe ilungu legama eliguqula eli binzana lingabi ngumyalelo kodwa libe sisicelo sentlonelo. Ikho neminye imizekelo yoku. (Genesis 31:12; Hezekile 8:5) Khawuyithelekelele nje into yokuba, uMongami wendalo iphela uthi “khawuncede” kubantu nje! Kweli hlabathi lingqwabalala, nelizaliswe lugonyamelo nobukrwada, akuhlaziyi na ukuphawula ukuba nobabalo kukaThixo wethu, uYehova?

18. UYehova ‘uphuphuma inyaniso’ ngayiphi ingqiqo, yaye kutheni ekhuthaza nje loo mazwi?

18 ‘Uphuphuma inyaniso.’ Ukunganyaniseki kuyinto yemihla ngemihla ehlabathini namhlanje. Kodwa iBhayibhile isikhumbuza isithi: “UThixo akafani nabantu, bona baxokayo.” (Numeri 23:19) Kangangokuba, uTito 1:2 uthi ‘uThixo akanakuxoka.’ Ulunge kakhulu ukuba angenza oko. Ngoko, izithembiso zikaYehova zithembeke ngokupheleleyo; amazwi akhe asoloko ezaliseka ngokuqinisekileyo. UYehova ude abizwe ngokuba ‘nguThixo wenyaniso.’ (INdumiso 31:5) Akaneli nje ngokukuphepha ukuthetha ubuxoki kodwa usasaza inyaniso eninzi. Akagogotyanga nto, yaye akangomntu weemfihlo; kunoko, uyabakhanyisela abakhonzi bakhe abathembekileyo ngobulumko bakhe obuninzi. b Ude abafundise indlela yokuphila ngokuvisisana nenyaniso ayisasazayo ukuze ‘babambelele enyanisweni.’ (3 Yohane 3) Ngokuqhelekileyo, ukulunga kukaYehova kufanele kumchaphazele njani ngamnye wethu?

‘Khazimla Ngenxa Yokulunga KukaYehova’

19, 20. (a) Wazama njani uSathana ukuphelisa intembelo kaEva ekulungeni kukaYehova, yaye waba yintoni umphumo? (b) Ukulunga kukaYehova kufanele ngokufanelekileyo kube nawuphi umphumo kuthi, yaye ngoba?

19 Xa uSathana wahenda uEva emyezweni wase-Eden, waqala ngokuyiphelisa ngokuchuliweyo intembelo yakhe ekulungeni kukaYehova. UYehova wayethe kuAdam: “Kuyo yonke imithi yomyezo ungatya wanele.” Kumawakawaka emithi eyayizalise loo myezo, mnye kuphela uYehova awabalela ukuba badle kuwo. Kodwa, phawula indlela uSathana awawubhekisa ngayo umbuzo wakhe wokuqala kuEva: “Ngaba utshilo nyhani uThixo ukuba nize ningatyi kuyo yonke imithi yomyezo?” (Genesis 2:9, 16; 3:1) USathana wawagqwetha amazwi kaYehova ukuze enze uEva acinge ukuba uYehova wayebabandeza into elungileyo. Ngelishwa, elo qhinga lasebenza. UEva, njengamadoda namabhinqa amaninzi emva kwakhe, waqalisa ukukuthandabuza ukulunga kukaThixo, owayemnike yonke into awayenayo.

20 Siyabazi ubunzulu bentlungu nosizi olwabangelwa ngaloo mathandabuzo. Ngoko masithobele amazwi kaYeremiya 31:12 athi: ‘Baza kukhazimla ngenxa yokulunga kukaYehova.’ Ngokwenene ukulunga kukaYehova kufanele kusenze sikhazimle luvuyo. Akukho mfuneko yokuba sizithandabuze iintshukumisa zikaThixo wethu, ozele kukulunga. Sinokuba nentembelo epheleleyo kuye, kuba ubanqwenelela okuhle kuphela abo bamthandayo.

21, 22. (a) Ziziphi ezinye iindlela onokuthanda ukubonisa ngazo uxabiso ngokulunga kukaYehova? (b) Luluphi uphawu esiza kuxubusha ngalo kwisahluko esilandelayo, yaye lwahluka njani kolo lokulunga?

21 Ngokubhekele phaya, sivuya kakhulu xa sifumana ithuba lokuthetha nabanye ngokulunga kukaThixo. Ngokuphathelele abantu bakaYehova, INdumiso 145:7 ithi: “Baza kuvuya kakhulu xa bekhumbula izinto ezininzi ezilungileyo ozenzileyo.” Suku ngalunye lokuphila kwethu, siyangenelwa ngandlel’ ithile ekulungeni kukaYehova. Kutheni ke singakwenzi uqheliselo nje suku ngalunye ukumbulela uYehova ngokulunga kwakhe, sikukhankanye ngokungqalileyo oko simbulela ngako? Ukucinga ngolo phawu, umbulela ngalo uYehova imihla ngemihla, nokuxelela abanye ngalo kuya kusinceda ukuba nathi simxelise uThixo wethu olungileyo. Yaye njengoko sifuna iindlela zokwenza okulungileyo, njengoko uYehova esenza, siya kusondela ngakumbi kuye. Umpostile uYohane owalupheleyo wabhala wathi: “Mzalwana wam endimthandayo, ungazilinganisi izinto ezimbi, kodwa linganisa ezilungileyo. Umntu owenza izinto ezilungileyo uphuma kuThixo.”—3 Yohane 11.

22 Ukulunga kukaYehova kukwanxulunyaniswa nezinye iimpawu. Ngokomzekelo, uThixo ‘uphuphuma luthando olungagungqiyo.’ (Eksodus 34:6) Olu phawu uYehova akalubonakalisi kubantu ngokubanzi njengokulunga, kodwa ulubonakalisa ngokukhethekileyo kubakhonzi bakhe abathembekileyo. Kwisahluko esilandelayo, siza kufunda indlela akwenza ngayo oko.

a Awukho umzekelo omkhulu ngakumbi wokulunga kukaYehova kunalowo wentlawulelo. Kuzo zonke izigidi zezidalwa zomoya abenokukhetha kuzo, uYehova wakhetha uNyana wakhe othandekayo nokuphela kwamzeleyo ukuba asifele.

b Ngesizathu esihle, iBhayibhile inxulumanisa inyaniso kunye nokukhanya. Umdumisi wacula wathi: “Thumela ukukhanya kwakho nenyaniso yakho.” (INdumiso 43:3) UYehova ubanika intabalala yokukhanya kokomoya abo bakulungeleyo ukufundiswa, okanye ukukhanyiselwa nguye.—2 Korinte 4:6; 1 Yohane 1:5.