Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 29

“Ukwazi Indlela UKristu Anothando Ngayo”

“Ukwazi Indlela UKristu Anothando Ngayo”

1-3. (a) Yintoni eyashukumisela uYesu ekubeni afune ukufana noYise? (b) Ziziphi iinkalo zothando lukaYesu esiza kuzihlolisisa?

 NGABA wakha wayibona inkwenkwana ezama ukufana noyise? Le nkwenkwana isenokulinganisa indlela uyise ahamba ngayo, athetha ngayo, okanye enza ngayo izinto. Ekuhambeni kwexesha, le nkwenkwana isenokude ilinganise nemilinganiselo kayise yokuziphatha neyokomoya. Ewe, uthando noxabiso analo unyana ngoyise onothando lushukumisela inkwenkwana ukuba ifune ukufana naye.

2 Kuthekani ngolwalamano oluphakathi kukaYesu noYise wasemazulwini? UYesu wathi ngesinye isihlandlo: “Ndiyamthanda uTata.” (Yohane 14:31) Akukho bani unokumthanda uYehova ngaphezu kwalo Nyana wakhe, owayekunye noYise ithuba elide ngaphambi kokubakho kwazo naziphi na ezinye izidalwa. Olo thando lwashukumisela lo Nyana ozinikeleyo ekubeni afune ukufana noYise.—Yohane 14:9.

3 Kwizahluko ezingaphambili zale ncwadi, sixubushe ngendlela uYesu awamxelisa ngokugqibelele ngayo uYehova ekusebenziseni kwakhe amandla, okusesikweni nobulumko. Kodwa, uYesu walubonakalisa njani uthando lukaYise? Makhe sihlolisise iinkalo ezintathu zothando lukaYesu—umoya wakhe wokuzincama, imfesane yakhe yothando, nokukulungela kwakhe ukuxolela.

“Akakho Umntu Onothando Ukogqitha” Olu

4. UYesu wawumisela njani owona mzekelo ubalaseleyo ebantwini wothando lokuzincama?

4 UYesu wamisela umzekelo obalaseleyo wothando lokuzincama. Ukuzincama kubandakanya ukubeka ngokungazingci iintswelo nezilangazelelo zabanye kuqala kunezakho. UYesu walubonisa njani uthando olunjalo? Yena ngokwakhe wachaza wathi: “Akakho umntu onothando ukogqitha umntu oncama ubomi bakhe, ebuncamela abahlobo bakhe.” (Yohane 15:13) UYesu wabunikela ngokuzithandela ubomi bakhe obufezekileyo ngenxa yethu. Olo yayilolona thando lukhulu lwakha lwabonakaliswa nguye nawuphi na umntu. Kodwa uYesu wabonisa uthando lokuzincama nangezinye iindlela.

5. Kutheni ukushiya amazulu koNyana kaThixo okuphela kwamzeleyo kwakusisenzo sokuzincama sothando?

5 Ngethuba lokuphila kwakhe ngaphambi kokuba ngumntu, uNyana kaThixo okuphela kwamzeleyo wayenesigxina esibalaseleyo nesiphakamileyo emazulwini. Wayenolwalamano olusenyongweni kunye noYehova nenkitha yezidalwa zomoya. Phezu kwazo nje ezi ngenelo zobuqu, lo Nyana othandekayo “waziqongqotha waza wazenza ikhoboka, waba ngumntu.” (Filipi 2:7) Wavuma ngokuzithandela ukuphila phakathi kwabantu abanesono kwihlabathi ‘elilawulwa nguSathana.’ (1 Yohane 5:19) Ngaba yayingekokuzincama kothando na oko kwenziwa nguNyana kaThixo?

6, 7. (a) UYesu walubonisa ngaziphi iindlela uthando lokuzincama ebudeni bobulungiseleli bakhe basemhlabeni? (b) Nguwuphi umzekelo ochukumisayo wothando lokungazingci obhalwe kuYohane 19:25-27?

6 Kubo bonke ubulungiseleli bakhe basemhlabeni, uYesu wabonisa uthando lokuzincama ngeendlela ezahlukahlukeneyo. Wayengazingci ngokupheleleyo. Ngangendlela awayezinikele ngayo kubulungiseleli wada wancama nobomi obutofotofo obuqhelekileyo ebantwini. Wathi: “Iimpungutye zinemingxuma neentaka zineendlwane, kodwa yena uNyana womntu akanayo nendawo le yokufihla intloko.” (Mateyu 8:20) Njengoko wayengumchweli onobuchule, uYesu wayesenokuzipha ixesha lokuzakhela ikhaya elitofotofo okanye enze ifanitshala entle aze ayithengise ukuze abe nemali eninzi. Kodwa akazange asebenzise ubuchule bakhe ukuze azuze izinto eziphathekayo.

7 Umzekelo ochukumisa ngokwenene wothando lokuzincama lukaYesu ubhalwe kuYohane 19:25-27. Khawucinge nje indlela emele ukuba yayixakeke ngayo ingqondo nentliziyo kaYesu ngemva kwemini yokufa kwakhe. Njengoko wayengcungcutheka esibondeni, wayexhalabile ngabafundi bakhe, ngomsebenzi wokushumayela, yaye ingakumbi ngokugcina kwakhe ingqibelelo nendlela oko okwakuya kulichaphazela ngayo igama likaYise. Eneneni, lonke ikamva loluntu lalisemagxeni akhe! Ukanti, kwimizuzu ephambi kokufa kwakhe, uYesu wabonisa inkathalo ngonina, uMariya, ekucacileyo ukuba wayengumhlolokazi ngelo xesha. UYesu wacela umpostile uYohane ukuba amnyamekele uMariya njengonina, yaye emva koko loo mpostile wamhlalisa ekhayeni lakhe uMariya. Ngaloo ndlela uYesu wenza ilungiselelo lokuba unina anyanyekelwe ngokwenyama nangokomoya. Enjani yona ukuhlab’ umxhelo indlela awalubonakalisa ngayo uthando lokungazingci!

‘Waba Nosizi’

8. Iyintoni intsingiselo yegama lesiGrike elisetyenziswe eBhayibhileni ukuchaza imfesane kaYesu?

8 NjengoYise, uYesu wayenemfesane. IZibhalo zichaza ukuba uYesu wayebanceda abo babandezelekileyo ngenxa yokuba wayenovelwano ngabo. Ekuchazeni uvelwano lukaYesu, iBhayibhile isebenzisa igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘waba nosizi.’ Omnye umphengululi uthi: “Eli gama lichaza . . . imvakalelo enzulu umntu aba nayo. Lelona gama lesiGrike liyigxininisa ngamandla imvakalelo yokuba nemfesane.” Makhe sihlolisise iimeko ezimbalwa awathi kuzo uYesu wenza okuthile ngokuqhutywa yimfesane enzulu.

9, 10. (a) Ziziphi iimeko ezabangela ukuba uYesu nabapostile bakhe bafune indawo ezolileyo? (b) Xa isihlwele samphazamisa eza kuphumla, wasabela njani uYesu, yaye ngoba?

9 Washukunyiselwa ukuba anyamekele iintswelo zokomoya. Ingxelo ekuMarko 6:30-34 ibonisa into eyamshukumisa ngokuyintloko uYesu ukuba abe nosizi. Khawube nomfanekiso-ngqondweni wako oko. Abapostile babenemincili, kuba babesanda kugqiba ukhenketho olukhulu lokushumayela. Babuyela kuYesu baza ngochulumanco bamchazela konke abakubonileyo nabakuvileyo. Kodwa kwafika isihlwele esikhulu, engekafumani nethuba lokutya uYesu nabapostile bakhe. Njengoko wayesoloko eziphaphele iintswelo zabapostile bakhe, uYesu waphawula ukuba babediniwe. Wathi kubo: “Masiyeni kwindawo engenabantu, ukuze niphumle kancinci.” Bakhwela isikhephe, bawelela ngaphesheya kommandla ongasentla woLwandle lwaseGalili kwindawo ezolileyo. Kodwa isihlwele sababona ukumka kwabo. Abanye beva ngokumka kwabo. Bonke babaleka banyukela ngaselunxwemeni besiya ngasemantla olwandle baza bafika kwelinye icala ngaphambi kwesikhephe eso!

10 Ngaba uYesu wacaphuka ngenxa yoku kuphazanyiswa kwakhe eziphumlele? Unotshe! Intliziyo yakhe yachukumiseka akuwabona loo mawakawaka ezihlwele, ethe xhonxosholo apho emlindile. UMarko wabhala wathi: “Wabona abantu abaninzi, wabasizela, kuba babenjengeegusha ezingenamalusi. Ibe wabafundisa izinto ezininzi.” UYesu wayibona intswelo yaba bantu yokomoya. Babefana nezimvu ezibhadulayo, ezingenamalusi wakuzikhokela okanye wakuzikhusela. UYesu wayesazi ukuba abantu abaqhelekileyo babetyeshelwe ziinkokeli zonqulo ezingakhathaliyo, ezazifanele ukuba zibe ngabalusi abanenkathalo. (Yohane 7:47-49) Wabasizela aba bantu, ngoko waqalisa ukubafundisa “ngoBukumkani bukaThixo.” (Luka 9:11) Phawula ukuba uYesu wabasizela aba bantu ngaphambi kokuba abone indlela ababeza kusabela ngayo koko wayeza kubafundisa kona. Ngamany’ amazwi, imfesane yakhe yothando, yayingabangelwa yindlela isihlwele esasabela ngayo emva kokusifundisa kwakhe, kunoko yiyo eyamshukumisela ekubeni asifundise.

“Wolula isandla sakhe, wambamba”

11, 12. (a) Babejongwa njani abantu abaneqhenqa ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, kodwa wasabela njani uYesu xa kweza kuye umntu “owayephethwe ngamandla liqhenqa”? (b) Umele ukuba wavakalelwa njani umntu oneqhenqa kukuchukunyiswa nguYesu, yaye amava omnye ugqirha akukhanyisa njani oku?

11 Washukunyiselwa ukuba aphelise ukubandezeleka. Abantu ababeneziphene ezahlukahlukeneyo baphawula ukuba uYesu wayenemfesane, ngoko batsaleleka kuye. Oku kwabonakala ngokukhethekileyo xa uYesu wayelandelwa sisihlwele kwaza kweza kuye umntu “owayephethwe ngamandla liqhenqa.” (Luka 5:12) Ngamaxesha okubhalwa kweBhayibhile, abantu abaneqhenqa babehlaliswa bodwa ukuze kukhuselwe abanye ukuba bangasulelwa lilo. (Numeri 5:1-4) Noko ke, ekuhambeni kwexesha iinkokeli ezingoorabhi zavelisa imbono egabadeleyo ngeqhenqa zaza zanyanzelisa imithetho yazo engqongqo. a Kodwa, phawula indlela uYesu awasabela ngayo kuloo mntu wayeneqhenqa: “Kweza umntu oneqhenqa kuye, emcenga eguqe ngedolo, esithi: ‘Ukuba nje uyathanda, ungandiphilisa.’ Ngoko waba nosizi, wolula isandla sakhe, wambamba, waza wathi kuye: ‘Ndiyathanda! Phila.’ Laphela ngoko nangoko iqhenqa lakhe, waphila.” (Marko 1:40-42) UYesu wayesazi ukuba kwakungekho mthethweni kwaukuba loo mntu oneqhenqa abe lapho. Kodwa, kunokuba amgxothe, uYesu washukunyiselwa ukuba enze into engakholelekiyo. UYesu wamchukumisa!

12 Ngaba unokuyithelekelela indlela awavakalelwa ngayo loo mntu uneqhenqa koko kuchukunyiswa? Ukuze kukukhanyele oku, khawucinge ngala mava alandelayo. UGqr. Paul Brand, oyingcali yesifo seqhenqa, ubalisa ngomntu oneqhenqa awamnyangayo eIndiya. Ebudeni bokumxilonga kwakhe, lo gqirha wabeka isandla sakhe egxalabeni laloo mntu uneqhenqa waza, etolikelwa, wachaza unyango loo mntu ekwakuza kufuneka elufumene. Ngoko nangoko, loo mntu oneqhenqa walila. Ugqirha wabuza: “Ngaba ndithethe into embi?” Itoliki yambuza loo mfana ngolwimi lwakhe yaza yaphendula yathi: “Hayi, gqirha. Uthi uliliswa yinto yokuba ubeke isandla sakho egxalabeni lakhe. Ngaphambi kokuza kwakhe apha akukho mntu wakha wamchukumisa kangangeminyaka emininzi.” Yena umntu oneqhenqa owaya kuYesu, ukuchukunyiswa kwakhe kwakunentsingiselo enkulu ngakumbi. Emva kokuchukunyiswa kanye, eso sifo sasimenza ikheswa sanyamalala!

13, 14. (a) Yintoni awadibana nayo uYesu kufuphi nesixeko saseNayin, yaye yintoni eyayenza le meko yaba lusizi ngokukhethekileyo? (b) Ukuba nemfesane kukaYesu kwamshukumisela ukuba enze ntoni ukunceda umhlolokazi waseNayin?

13 Washukunyiselwa ukuba aphelise iintlungu. UYesu wayeshukunyiswa ngokunzulu kukubona abanye besentlungwini. Ngokomzekelo, khawuqwalasele ingxelo ekuLuka 7:11-15. Oku kwenzeka ebudeni bobulungiseleli bukaYesu, xa wayesiya kwisixeko saseNayin esisemdeni waseGalili. Xa wayengasesangweni leso sixeko, uYesu wadibana nabantu besemngcwabeni. Babeselusizini ngokwenene. Umama ongumhlolokazi wayefelwe ngunyana wakhe okuphela kwakhe. Ngaphambili, kusenokuba wayesemngcwabeni wendoda yakhe. Ngoku ngunyana wakhe, ekusenokwenzeka ukuba kuphela kwakhe owayeyintonga yakhe esekhosi. Isihlwele esasikuloo mngcwabo sisenokuba sasisenza isijwili nesimbonono sikwacula neengoma ezilusizi. (Yeremiya 9:17, 18; Mateyu 9:23) Noko ke, uYesu wathi ntsho kulo mama osentlungwini, ngokungathandabuzekiyo owayehamba ecaleni kwabantu ababethwele isidumbu sonyana wakhe.

14 UYesu ‘wamsizela’ lo mama ofelweyo. Ngelizwi elithuthuzelayo, wathi kuye: “Sukukhala.” Engaphozisanga maseko, waya kweso sidumbu, waza wasichukumisa. Abo babesithwele—yaye mhlawumbi naso sonke isihlwele—bema. Ngelizwi elinegunya, uYesu wathetha kweso sidumbu wathi: “Mfana, ndithi kuwe, vuka!” Kwenzeka ntoni emva koko? “Wavuka umfi wahlala ngeempundu, wathetha” ngokungathi ngumntu ovuka ebuthongweni obunzulu! Emva koko kulandela amazwi achukumisayo athi: “Waza uYesu wathi kumama wakhe makamthathe.”

15. (a) Iingxelo zeBhayibhile eziphathelele ukubasizela kukaYesu abantu zibonisa luphi unxibelelwano phakathi kwemfesane nesenzo? (b) Sinokumxelisa njani uYesu kule nkalo?

15 Yintoni esiyifundayo kwezi ngxelo? Kwimeko nganye, phawula unxibelelwano olukhoyo phakathi kwemfesane nesenzo. UYesu wayethi akubona ukubandezeleka kwabanye abe nosizi, yaye loo mfesane yayimshukumisela ekubeni enze okuthile. Sinokuwulandela njani umzekelo wakhe? NjengamaKristu, sinembopheleleko yokushumayela iindaba ezilungileyo nokwenza abafundi. Ngokuyintloko, siqhutywa luthando ngoThixo. Noko ke, masikhumbule ukuba lo ikwangumsebenzi wokubonisa imfesane. Ukuba sinovelwano ngabantu njengoYesu, iintliziyo zethu ziya kusishukumisela ukuba senze okusemandleni ethu ukwabelana nabo ngeendaba ezilungileyo. (Mateyu 22:37-39) Kuthekani ngokubonisa imfesane kwabo sikholwa nabo ababandezelekileyo okanye abasentlungwini? Asinakuphilisa abantu ngokungummangaliso okanye sivuse abafileyo. Noko ke, sinako ukubonisa imfesane ngokuthabatha inyathelo lokuqala lokubonisa inkathalo okanye sincede ngokoqobo ngandlel’ ithile.—Efese 4:32.

“Tata Baxolele”

16. Kwabonakala njani ukukulungela kukaYesu ukuxolela kwanaxa wayekwisibonda sentuthumbo?

16 UYesu walufanekisela ngokugqibeleleyo uthando lukaYise nangenye indlela ebalulekileyo—‘wayesoloko efuna ukuxolela.’ (INdumiso 86:5) Oku kwakucacile nangethuba wayekwisibonda sentuthumbo. Xa wayebulawa ngendlela elihlazo, egqojozwe izandla neenyawo ngezikhonkwane, yintoni uYesu awathetha ngayo? Ngaba wabongoza uYehova ukuba abohlwaye abo babembulala? Akunjalo, kunoko emazwini akhe okugqibela uYesu wathi: “Tata baxolele, kuba abayazi le nto bayenzayo.”—Luka 23:34. b

17-19. UYesu wabonisa ngaziphi iindlela ukuba wayemxolele umpostile uPetros ngokumkhanyela kwakhe izihlandlo ezithathu?

17 Mhlawumbi umzekelo ochukumisa nangakumbi wokuxolela kukaYesu unokubonwa kwindlela awamphatha ngayo umpostile uPetros. Ayithandabuzeki into yokuba uPetros wayemthanda ngokwenene uYesu. NgoNisan 14, ubusuku bokugqibela bobomi bukaYesu, uPetros wathi kuye: “Nkosi, ndixolele ukuya nawe ejele nokufa nawe.” Kodwa, emva nje kweeyure ezimbalwa, uPetros wayikhanyela izihlandlo ezithathu kwainto yokuba uyamazi uYesu! IBhayibhile iyasixelela oko kwenzekayo njengoko uPetros wayemkhanyela okwesithathu: “INkosi yajika yajonga kuPetros.” Ezisola ngesi sono sinzulu, uPetros “waphuma phandle waza wakhala kabuhlungu.” Akuba uYesu efile kamva ngaloo mini, lo mpostile umele ukuba wazibuza, ‘Ngaba iNkosi yam indixolele?’—Luka 22:33, 61, 62.

18 Akuzange kube thuba lide ngaphambi kokuba uPetros afumane impendulo. UYesu wavuswa ngentsasa yangoNisan 16, yaye kubonakala ukuba kwangalo olo suku, wamtyelela ngokobuqu uPetros. (Luka 24:34; 1 Korinte 15:4-8) Kwakutheni ukuze uYesu anikele ingqalelo ekhetheke ngolo hlobo kumpostile owayemkhanyele ngokuphandle? Kusenokwenzeka ukuba uYesu wayefuna ukumqinisekisa uPetros oguqukileyo ukuba wayesathandwa yaye exatyiswa yiNkosi yakhe. Kodwa uYesu wenza okungakumbi ukuqinisekisa uPetros.

19 Emva kwethuba elithile kamva, uYesu wabonakala kubafundi bakhe kuLwandle lwaseGalili. Ngesi sihlandlo, uYesu wambuza kathathu uPetros (owayeyikhanyele izihlandlo ezithathu iNkosi yakhe) enoba wayemthanda kusini na. Emva kwesihlandlo sesithathu, uPetros waphendula wathi: “Nkosi, wena wazi yonke into; uyazi ukuba ndikuthanda kakhulu.” Enyanisweni, uYesu, okwaziyo ukubona oko kusentliziyweni, wayeqonda ngokupheleleyo ukuba uPetros wayemthanda yaye enomsa ngaye. Kodwa, uYesu wamnika ithuba uPetros lokulungqina ngokwakhe olo thando. Ngaphezu koko, uYesu wamyalela uPetros ukuba ‘ondle’ yaye ‘aluse amatakane akhe’ ezimvu. (Yohane 21:15-17) Ngaphambilana, uPetros wayenikwe isabelo sokushumayela. (Luka 5:10) Kodwa ngoku, ebonisa ukuba nentembelo epheleleyo kuye, uYesu wamnika imbopheleleko enkulu ngakumbi—ukuba anyamekele abo babeza kuba ngabalandeli bakaKristu. Kungabanga thuba lide emva koko, uYesu wamsebenzisa uPetros ukuba aphumeze indima ebalulekileyo yabafundi. (IZenzo 2:1-41) Hayi indlela amele ukuba wakhuthazeka ngayo uPetros kukwazi ukuba uYesu wayemxolele yaye wayesenentembelo kuye!

Ngaba ‘Uyayazi Indlela UKristu Anothando’ Ngayo?

20, 21. ‘Sinokuyazi’ njani ngokupheleleyo ‘indlela uKristu anothanda ngayo’?

20 Eneneni, iLizwi likaYehova liluchaza kakuhle gqitha uthando lukaKristu. Noko ke, sifanele sisabele njani kuthando lukaYesu? IBhayibhile isibongoza ukuba ‘siyazi indlela uKristu anothanda ngayo ngendlela engenakuqondwa mntu.’ (Efese 3:19) Njengoko sibonile, iingxelo zeVangeli ezingobomi nobulungiseleli bukaYesu zisifundisa lukhulu ngothando lukaKristu. Kodwa, ‘ukwazi indlela uKristu anothando’ ngayo kubandakanya okungakumbi kunokufunda oko iBhayibhile ikutshoyo ngaye.

21 Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi ‘ukwazi’ lithetha ukuyazi into “ngokuyiqhelisela nangokuba namava ayo ngokoqobo.” Xa sibonisa uthando ngendlela awenza ngayo uYesu—sizinikele ngokungazingciyo ngenxa yabanye, sizinyamekele ngemfesane iintswelo zabo, sibaxolele ngokusuka ezintliziyweni zethu—ngoko sinokuyiqonda ngokwenene indlela avakalelwa ngayo. Ngale ndlela, sitsho ‘siyazi’ ngokusuka kumava obuqu ‘indlela uKristu anothanda ngayo ngendlela engenakuqondwa mntu.’ Yaye masingaze silibale ukuba okukhona sisiba njengoKristu, kokukhona siya kusondela ngakumbi kulowo uYesu wayemxelisa ngokugqibeleleyo, uThixo wethu onothando, uYehova.

a Imithetho yoorabhi yayisithi akukho namnye owayefanele asondele kumntu oneqhenqa nganeno komgama oziimitha ezisisi-1,8. Kodwa ukuba kwakuvuthuza umoya, umntu oneqhenqa wayefanele ahlalele kude nabantu kangangomgama weemitha ezingama-45. Incwadi ethi Midrash Rabbah ithi omnye urabhi wayezifihla kubantu abaneqhenqa kanti omnye wayebagibisela ngamatye ukuze bangasondeli kuye. Ngoko abantu abaneqhenqa babeyazi intlungu yokugxothwa, ukwenyanywa nokungafunwa.

b Inxalenye yokuqala kaLuka 23:34 ishiyiwe kweminye imibhalo-ngqangi yantlandlolo. Noko ke, ngenxa yokuba la mazwi ekho kwimibhalo-ngqangi emininzi evunyiweyo, aqukiwe kwiNguqulelo Yehlabathi Elitsha nakwezinye iinguqulelo ezininzi. Kumele ukuba uYesu wayethetha ngamajoni amaRoma awambulalayo. Ayengakwazi oko ayekwenza; ayengazi ukuba wayengubani kanye kanye uYesu. Mhlawumbi wayecinga nangamaYuda awathi makabulawe kodwa awayeza kuthi ethubeni akholwe kuye. (IZenzo 2:36-38) Kambe ke, zona iinkokeli zonqulo ezaphembelela oko kubulawa kwakhe zazingenakuxoleleka, kuba zazisenza ngabom nangokuqhutywa yintiyo. Inkoliso yazo, yayingenakuxoleleka nje kwaphela.—Yohane 11:45-53.