Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 1

Isizathu Sokuba UYesu Abe NguMfundisi Omkhulu

Isizathu Sokuba UYesu Abe NguMfundisi Omkhulu

NGAPHEZU kweminyaka engamawaka amabini eyadlulayo, kwazalwa umntwana okhetheke kakhulu owakhula waba ngoyena mntu ubalaseleyo wakha waphila. Akukho mntu owayephila ngelo xesha owayenenqwelo-moya okanye imoto. Zazingekho izinto ezifana noomabonwakude, iikhompyutha neInternet.

Loo mntwana wathiywa igama elinguYesu. Waba ngoyena mntu unobulumko obugqithiseleyo wakha waphila. Kwakhona uYesu waba ngoyena mfundisi ubalaseleyo. Wayekwazi ukucacisa izinto ezinzima ngendlela eqondakala lula.

UYesu wayefundisa abantu kuyo yonke indawo abafumana kuyo. Wayebafundisa elunxwemeni nasezikhepheni. Wayebafundisa emakhayeni abo naxa esendleleni. UYesu wayengenayo imoto, ibe wayengahambi ngebhasi okanye uloliwe. UYesu wayesiya kwiindawo ngeendawo, efundisa abantu.

Zininzi izinto esinokuzifunda kwabanye abantu. Kodwa sinokufunda ezona zinto zibalulekileyo kuMfundisi Omkhulu, uYesu. KuseBhayibhileni apho sinokuwafumana khona amazwi kaYesu. Xa sisiva loo mazwi aseBhayibhileni, kuba ngathi uYesu uthetha nathi.

Kwakutheni ukuze uYesu abe nguMfundisi Omkhulu ngaloo ndlela? Esinye isizathu kukuba naye uYesu wafundiswa. Yaye wayeyazi indlela ekubaluleke ngayo ukuphulaphula. Kodwa wayephulaphula kubani uYesu? Wafundiswa ngubani?— NguYise. Yaye uYise kaYesu nguThixo.

Ngaphambi kokuba uYesu aphile emhlabeni njengomntu, wayephila ezulwini kunye noThixo. Ngoko ke, uYesu wayengafani nabanye abantu, kuba akakho omnye umntu owakha waphila ezulwini ngaphambi kokuba azalwe emhlabeni. Ezulwini uYesu wayenguNyana olungileyo, owayemphulaphula uYise. Ngoko ke, uYesu wakwazi ukufundisa abantu oko wayekufunde kuThixo. Nawe unokumxelisa uYesu ngokuthi uphulaphule abazali bakho.

Esinye isizathu esabangela ukuba uYesu abe nguMfundisi Omkhulu kukuba wayebathanda abantu. Wayefuna ukunceda abantu bafunde ngoThixo. UYesu wayebathanda abantu abadala, ukanti wayebathanda nabantwana. Yaye abantwana babekuthanda ukuhlala noYesu kuba wayencokola nabo ibe wayebaphulaphula.

Kwakutheni ukuze abantwana bakunandiphe ukuba kunye noYesu?

Ngenye imini abanye abazali bazisa abantwana babo abaselula kuYesu. Kodwa abahlobo bakhe babecinga ukuba uMfundisi Omkhulu uxakeke gqitha ukuba angancokola nabantwana abancinane. Ngoko babagxotha. Kodwa wathini uYesu?— UYesu wathi: “Bayekeni abantwana abaselula beze kum; ningabaleli.” Ewe, uYesu wayefuna ukuba abantwana abaselula beze kuye. Ngoko, nakuba wayelumkile yaye ebaluleke gqitha, uYesu wachitha ixesha efundisa abantwana abaselula.​—Marko 10:13, 14.

Ngaba uyasazi isizathu sokuba uYesu afundise abantwana aze abaphulaphule? Esinye isizathu kukuba wayefuna ukubonwabisa ngokubachazela izinto ngoThixo, uYise wasezulwini. Ungabonwabisa njani abanye abantu?​—Ngokubaxelela ngezinto ozifundileyo ngoThixo.

Ngesinye isihlandlo, uYesu wasebenzisa umntwana oselula ukufundisa abahlobo Bakhe isifundo esibalulekileyo. Wathabatha loo mntwana wammisa phambi kwabafundi Bakhe. Wandula ke uYesu waxelela abo bantu badala ukuba baguqule isimo sabo sengqondo sifane nesaloo mntwana.

Sisiphi isifundo esinokufundwa ngabantwana abadadlana nabantu abadala kumntwana omncinane?

Wayetheth’ ukuthini uYesu xa esitsho? Ngaba uyazi ukuba kunokwenzeka njani ukuba umntu omdala, okanye umntwana omdadlana, afane nomntwana omncinane?​—Kaloku, umntwana omncinane akanalwazi lukhulu njengomntu omdala yaye ukulungele ukufunda kwabanye. Ngoko uYesu wayesithi abafundi bakhe kufuneka bathobeke njengabantwana abancinane. Enyanisweni, sonke singafunda lukhulu kwabanye abantu. Yaye simele siqonde ukuba iimfundiso zikaYesu zibaluleke ngakumbi kuneembono zethu.​—Mateyu 18:1-5.

Esinye isizathu esabangela ukuba uYesu abe nguMfundisi Omkhulu kukuba wayekwazi ukufundisa ngendlela ebangel’ umdla ebantwini. Wayezichaza izinto ngendlela elula necacileyo. Wathetha ngeentaka neentyatyambo nezinye izinto eziqhelekileyo ukuze ancede abantu bamqonde uThixo.

Ngenye imini xa uYesu wayesentabeni, kweza abantu abaninzi kuye. UYesu wahlala phantsi wanikela intetho, okanye intshumayelo, njengoko ubona apha. Le ntetho ibizwa ngokuba yiNtshumayelo yaseNtabeni. Wathi: ‘Khangelani kwiintaka ezisesibhakabhakeni. Azihlwayeli mbewu. Azigcini kutya koovimba. Kodwa uThixo osemazulwini uyazondla. Ngaba anixabisekanga ngaphezu kwazo?’

Sisiphi isifundo esasifundiswa nguYesu xa wayethetha ngeentaka neentyatyambo?

Kwakhona uYesu wathi: ‘Fundani isifundo kwiinyibiba zasendle. Zikhula ngaphandle kokubulaleka. Yaye khangela indlela ezintle ngayo! Nkqu noKumkani uSolomon owayesisityebi wayenganxibi kakuhle njengeenyibiba zasendle. Ngoko ukuba uThixo uyazinyamekela iintyatyambo zasendle, ngaba akayi kukunyamekela nawe?’​—Mateyu 6:25-33.

Ngaba uyakuqonda oko uYesu wayekufundisa ngoko?— Wayengafuni sizikhathaze ngendlela yokufumana ukutya okanye impahla yokunxiba. UThixo uyazi ukuba siziswele ezo zinto. UYesu wayengathethi ukuba asimele sisebenzele ukutya nempahla. Kodwa wayethetha ukuba simele sibeke uThixo kwindawo yokuqala. Ukuba senjenjalo, uThixo uya kuqinisekisa ukuba siyakufumana ukutya nempahla yokunxiba. Ngaba uyakukholelwa oko?—

Yintoni eyacingwa ngabantu, akugqiba ukuthetha uYesu?— IBhayibhile ithi bamangaliswa yindlela yakhe yokufundisa. Kwakubangel’ umdla ukumphulaphula. Oko wakuthethayo kwanceda abantu ukuba benze okulungileyo.​—Mateyu 7:28.

Ngoko kubaluleke kakhulu ukuba sifunde kuYesu. Ngaba uyayazi indlela esinokukwenza ngayo oko?— Kaloku, amazwi akhe abhalwe encwadini. Ngaba uyazi ukuba yiyiphi loo ncwadi?— YiBhayibhile Engcwele. Oku kuthetha ukuba sinokumphulaphula uYesu ngokunikela ingqalelo kwizinto esizifunda eBhayibhileni. Enyanisweni, iBhayibhile inengxelo echulumancisayo ngendlela uThixo awasixelela ngayo ukuba siphulaphule uYesu. Makhe sibone oko kwenzekayo.

Ngenye imini uYesu wathabatha abahlobo bakhe abathathu benyuka intaba. Amagama abo yayinguYakobi, uYohane noPetros. Kamva siza kufunda ngakumbi ngala madoda, ekubeni omathathu ayengabahlobo abasondeleyo bakaYesu. Kodwa ngeso sihlandlo sikhethekileyo, ubuso bukaYesu baqalisa ukukhazimla. Nempahla yakhe yaqaqamba njengokukhanya, njengoko ubona apha.

“Lo nguNyana wam . . . Mphulaphuleni yena”

Emva koko, uYesu nabahlobo bakhe beva ilizwi livela ezulwini. Lalisithi: “Lo nguNyana wam, oyintanda, endikholisiweyo nguye; mphulaphuleni yena.” (Mateyu 17:1-5) Ngaba uyazi ukuba yayilelikabani elo lizwi?— YayilelikaThixo! Ewe, yayinguThixo lowo wayesithi bafanele bamphulaphule uNyana wakhe.

Kuthekani ngathi namhlanje? Ngaba siza kumthobela uThixo size siphulaphule uNyana wakhe, uMfundisi Omkhulu?— Sonke simele senze loo nto kanye. Ngaba uyayikhumbula indlela esinokukwenza ngayo oko?—

Kaloku, sinokumphulaphula uNyana kaThixo ngokufunda ingxelo yeBhayibhile engobomi bakhe. Zininzi izinto ezimangalisayo anokusixelela zona uMfundisi Omkhulu. Uya kukunandipha ukufunda ezi zinto zibhalwe eBhayibhileni. Yaye kuya kukuvuyisa ukuxelela abahlobo bakho ngezinto ezintle ozifundayo.

Ukuze ufumane inkcazelo efanelekileyo engakumbi ngeengenelo ezintle zokuphulaphula uYesu, tyhila iBhayibhile yakho uze ufunde uYohane 3:16; 8:28-30 neZenzo 4:12.