Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 2

Ileta Evela KuThixo Onothando

Ileta Evela KuThixo Onothando

KHAWUTSHO, yiyiphi eyona ncwadi uyithandayo?— Abanye abantwana badla ngokukhetha incwadi enezilwanyana. Abanye bakhethe enemifanekiso emininzi. Kuyayolisa ukufunda ezo ncwadi.

Kodwa ezona ncwadi zifanelekileyo ehlabathini lonke zezo zisixelela inyaniso ngoThixo. Enye yezo ncwadi ixabiseke ngaphezu kwazo zonke ezinye. Ngaba uyazi ukuba yiyiphi loo ncwadi?— YiBhayibhile.

Kutheni ibaluleke kangaka iBhayibhile?— Kungenxa yokuba ivela kuThixo. Isixela ngaye nangezinto ezintle aya kusenzela zona. Yaye isixelela oko simele sikwenze ukuze simkholise. Injengeleta evela kuThixo.

Kambe ke, uThixo wayenokuyibhalela ezulwini yonke iBhayibhile aze ayinike abantu. Kodwa akazange enjenjalo. Nangona iingcamango zazivela kuThixo, wasebenzisa abakhonzi bakhe basemhlabeni ukubhala iBhayibhile.

Wakwenza njani oko uThixo?— Ukuze uqonde indlela awakwenza ngayo oko, cinga ngoku. Xa sisiva ilizwi lomntu kunomathotholo, lisenokuba lelomntu okude. Xa sibukele umabonwakude, sinokude sibone abantu abakwamanye amazwe, yaye siyakuva oko bakuthethayo.

Abantu banokude baye nasenyangeni behamba ngeziphekepheke, yaye xa belapho banokuthumela imiyalezo emhlabeni. Ngaba ubukwazi oko?— Ukuba abantu banokukwazi ukwenza oko, ngaba yena uThixo ebengenakukwazi ukuthumela imiyalezo evela ezulwini?— Kakade ke ebenokuxakwa yintoni? Yaye wakwenza oko kwakudala ngaphambi kokuba abantu benze unomathotholo okanye umabonwakude.

Sazi njani ukuba uThixo unokuthetha nathi ekude?

UMoses wamva uThixo ethetha. UMoses wayengenakumbona uThixo, kodwa waliva ilizwi likaThixo. Kwakukho izigidi zabantu xa kwakusenzeka oku. Enyanisweni, ngalo mini uThixo wayishukumisa intaba, yaye kwaduduma kwaza kwabaneka. Abantu babesazi ukuba nguThixo owayethetha, kodwa babesoyika. Ngoko bathi kuMoses: “Makangathethi nathi uThixo, hleze sife.” Kamva, uMoses wazibhala phantsi ezo zinto zathethwa nguThixo. Yaye oko kwabhalwa nguMoses kuseBhayibhileni.​—Eksodus 20:18-21.

UMoses wabhala iincwadi ezintlanu zokuqala zeBhayibhile. Kodwa asinguye yedwa owabhalayo. UThixo wasebenzisa amadoda anokuba ngama-40 ekubhaleni ezinye iinxalenye zeBhayibhile. La madoda ayephila kudala kakhulu, yaye iBhayibhile yathabatha iminyaka emininzi ukuba igqitywe. Ewe, yathabatha isithuba esimalunga neminyaka eli-1 600! Eyona nto imangalisayo kukuba nakuba amanye ala madoda engazange abonane, yonke into ayibhalayo ivumelana ngokupheleleyo.

Ngoobani amagama aba babhali beBhayibhile?

Amanye kuloo madoda asetyenziswa nguThixo ukubhala iBhayibhile ayedumile. Nangona uMoses wayengumalusi, waba yinkokeli yohlanga lwakwaSirayeli. USolomon wayengoyena kumkani ulumkileyo nosisityebi ehlabathini. Noko ke, abanye ababhali babengaziwa kangako. UAmosi wayenyamekela imikhiwane.

Kwakhona, omnye umbhali weBhayibhile wayengugqirha. Ngaba uyalazi igama lakhe?— YayinguLuka. Omnye umbhali wayengumbuthi werhafu. Igama lakhe yayinguMateyu. Ukongezelela omnye wayeligqwetha, ingcaphephe kumthetho wonqulo lwamaYuda. Ngoyena wabhala iincwadi ezininzi zeBhayibhile. Ngaba uyalazi igama lakhe?— YayinguPawulos. Yaye abafundi bakaYesu uPetros noYohane, nabo ababengababhali beBhayibhile, babengabalobi.

Uninzi lwaba babhali beBhayibhile babhala ngezinto uThixo awayeza kuzenza kwixesha elizayo. Babezazi njani ezo zinto kwangaphambi kokuba zenzeke?— Babechazelwa nguThixo. Wayebaxelela oko kwakuza kwenzeka.

Ngexesha uYesu, uMfundisi Omkhulu, awayesemhlabeni ngalo, kwakusele kubhalwe inxalenye enkulu yeBhayibhile. Ngoku khumbula ukuba uMfundisi Omkhulu wayesezulwini. Wayekwazi konke okwakwenzekile. Ngaba wayekholelwa ukuba iBhayibhile yayivela kuThixo?— Ngokuqinisekileyo.

Xa uYesu wayethetha nabantu ngemisebenzi kaThixo, wayefunda eBhayibhileni. Maxa wambi wayebaxelela izinto azikhumbulayo. Kwakhona uYesu weza nenkcazelo engakumbi kaThixo. UYesu wathi: “Izinto endazivayo kuye ndithetha zona kanye ehlabathini.” (Yohane 8:26) UYesu wayeve izinto ezininzi kuThixo kuba wayehlala naye. Sinokuzifunda phi ezo zinto wazithethayo uYesu?— EBhayibhileni. Ibhalelwe thina ukuba siyifunde.

Kakade ke, xa uThixo wasebenzisa abantu ukuba babhale, babhala ngolwimi oluqhelekileyo. Ngoko inxalenye enkulu yeBhayibhile yabhalwa ngesiHebhere, enye ngesiAramiki, nenye inxalenye ngesiGrike. Ekubeni abantu abaninzi namhlanje bengakwazi ukufunda ezo lwimi, iBhayibhile iye yaguqulelwa kwezinye iilwimi. Namhlanje iinxalenye zeBhayibhile zifumaneka ngeelwimi ezingaphezu kwama-2 260. Khawufan’ ucinge! IBhayibhile yileta uThixo ayibhalele bonke abantu. Kodwa kungakhathaliseki ukuba ikhutshelwa izihlandlo ezingaphi na, isigidimi sayo sivela kuThixo.

Oko kuthethwa yiBhayibhile kubalulekile kuthi. Yabhalwa kudala. Kodwa isixelela ngezinto ezenzekayo namhlanje. Yaye isixelela oko uThixo aza kukwenza kwixesha elingekude elizayo. Oko ikuthethayo kuyachulumancisa! Kusinika ithemba elivuyisayo.

Ziziphi izinto onokuzifunda eBhayibhileni?

Kwakhona iBhayibhile isixelela ngendlela afuna siphile ngayo uThixo. Isixelela oko kulungileyo noko kuphosakeleyo. Kubalulekile ukuba sikwazi oku. Isixelela ngabantu abenza izinto ezimbi nemiphumo yoko, ukuze siziphephe ezo nkathazo bangena kuzo. Isixelela nangabantu abenza izinto ezilungileyo nemiphumo emihle yoko. Konke oku kwabhalelwa ukunceda thina.

Kodwa ukuze singenelwe kakhulu eBhayibhileni, kukho umbuzo esimele siwuphendule. Loo mbuzo uthi: Ngubani osinike iBhayibhile? Ubuya kuphendula uthini?— Kakade, yonke iBhayibhile ivela kuThixo. Ngoko simele senze ntoni ukubonisa ukuba silumke ngokwenene?— Simele siphulaphule uThixo size senze oko akuthethayo.

Ngoko sonke simele siziphe ixesha lokufunda iBhayibhile. Xa sifumana ileta evela kumntu esimthanda kakhulu, siyifunda ngokuphindaphindiweyo. Ixabisekile kuthi. Simele sivakalelwe ngaloo ndlela nangeBhayibhile kuba yileta evela kuLowo usithanda gqitha. Yileta evela kuThixo onothando.

Ngoku ziphe ithuba lokufunda ezi zibhalo zibonisa ukuba ngokwenene iBhayibhile liLizwi likaThixo, elibhalelwe ukunceda thina: Roma 15:4; 2 Timoti 3:16, 17 neyesi-2 kaPetros 1:20, 21.