Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 3

Lowo Wazenzayo Zonke Izinto

Lowo Wazenzayo Zonke Izinto

Ngubani owenza zonke izinto eziphilayo?

NDINENTO emangalisayo endiyaziyo. Ngaba uyafun’ ukuyazi?— Jonga isandla sakho. Goba iminwe yakho. Ngoku khawuchole into. Isandla sakho sinokwenza izinto ezininzi, yaye sinokuzenza kakuhle. Ngaba uyazi ukuba zenziwa ngubani izandla zethu?—

Zenziwa nguLowo wenza umlomo, impumlo, namehlo ethu. NguThixo, uYise woMfundisi Omkhulu. Ngaba ayisivuyisi into yokuba uThixo esinike amehlo?— Sinokubona izinto ezininzi ngawo. Sinokubona iintyatyambo. Sinokubona ingca eluhlaza kunye nesibhakabhaka. Sinokubona neentaka zisitya njengezi zilapha kulo mfanekiso. Ngaba akuvumi ukuba kumangalisa ngokwenene ukubona izinto ezifana nezi?—

Kodwa zenziwa ngubani ezi zinto? Ngaba zenziwa ngabantu? Akunjalo. Abantu bayakwazi ukwenza indlu. Kodwa akukho mntu unokwenza ingca. Abantu abanakukwazi ukwenza intaka, intyatyambo, okanye nantoni na enye ephilayo. Ngaba ubukwazi oko?—

NguThixo owazenzayo zonke ezi zinto. UThixo wenza izulu nomhlaba. Wenza nabantu. Wadala indoda nomfazi wokuqala. UYesu, uMfundisi Omkhulu, wakufundisa oku.—Mateyu 19:4-6.

Wayesazi njani uYesu ukuba nguThixo owenza indoda nomfazi? Ngaba uYesu wambona uThixo ekwenza oko?— Ewe, wambona. UYesu wayekunye noThixo xa wayesenza indoda nomfazi. UYesu ngumntu wokuqala owenziwa nguThixo. UYesu wayeyingelosi, yaye wayehlala noYise ezulwini.

IBhayibhile isixelela ukuba uThixo wathi: “Masenze umntu.” (Genesis 1:26) Ngaba uyazi ukuba wayethetha nabani uThixo?— Wayethetha noNyana wakhe. Wayethetha nalowo kamva weza emhlabeni waza waba nguYesu.

Ngaba akuchulumancisi oko? Khawufan’ ucinge! Xa siphulaphula uYesu, sifundiswa ngulowo wayekunye noThixo xa uThixo wayesenza umhlaba nazo zonke ezinye izinto. UYesu wafunda lukhulu xa wayesebenza noYise ezulwini. Seso sizathu esabangela ukuba uYesu abe nguMfundisi Omkhulu!

Ngaba ucinga ukuba uThixo wayengonwabanga xa wayeyedwa ngaphambi kokuba enze uNyana wakhe?— Ewe, wayengonwabanga, kwakutheni ukuze enze ezinye izinto eziphilayo?— Wazenza ngenxa yokuba enguThixo onothando. Wayefuna kubekho abanye abaphilayo baze banandiphe ubomi. Simele simbulele uThixo ngokusinika kwakhe ubomi.

Yonke into uThixo ayenzileyo ibonisa uthando lwakhe. UThixo wenza ilanga. Ilanga liyasikhanyisela lize lisifudumeze. Bekuya kubanda gqitha yaye kungabikho nto iphilayo emhlabeni ukuba belingekho ilanga. Ngaba ayikuvuyisi into yokuba uThixo wenza ilanga?—

Kwakhona uThixo wenza ukuba kune imvula. Maxa wambi usenokungayithandi imvula kuba akunakukwazi ukuya kudlala phandle xa isina. Kodwa imvula inceda iintyatyambo zikhule. Ngoko xa sibona iintyatyambo ezintle, ngubani esimele simbulele ngazo?— NguThixo. Yaye ngubani esimele simbulele xa sisitya iziqhamo nemifuno emnandi?— Simele sibulele uThixo kuba lilanga nemvula ezenziwe nguye ezikhulisa ezo zinto.

Masithi kukho umntu okubuzayo athi: ‘Ngaba nguThixo owenza abantu nezilwanyana?’ Ubuya kuphendula uthini?— Ubuya kuba uchanile xa usithi: “Ewe, nguThixo owenza abantu nezilwanyana.” Kodwa kuthekani ukuba loo mntu akakholelwa ukuba nguThixo owenza abantu? Kuthekani ukuba uthi abantu bavela ezilwanyaneni? Noko ke, iBhayibhile ayikufundisi oko. Ithi zonke izinto eziphilayo zadalwa nguThixo.​—Genesis 1:26-31.

Ekubeni kukho umntu owenza indlu, ngubani owenza iintyatyambo, imithi nezilwanyana?

Kodwa omnye umntu usenokukuxelela ukuba akakholelwa kuThixo. Ubunokuthini?— Kutheni ungambonisi indlu? Mbuze: “Yenziwe ngubani le ndlu?” Bonke abantu bayazi ukuba kumele kubekho umntu owayenzayo. Ngokuqinisekileyo loo ndlu ayizange izenze ngokwayo.​—Hebhere 3:4.

Emva koko hamba naloo mntu niye egadini uze umbonise intyatyambo. Mbuze: “Yenziwe ngubani le ntyatyambo?” Abantu abanakukwazi ukuyenza. Kanye njengokuba indlu ingenakuzenza ngokwayo, ngoko ke nale ntyatyambo ayizange izenze ngokwayo. Kukho umntu owayenzayo. Yenziwa nguThixo.

Khawucele loo mntu ukuba eme aze aphulaphule iintaka xa zicula. Emva koko mbuze: “Ngubani owenza iintaka waza wazifundisa ukucula?” NguThixo. NguThixo owenza amazulu nomhlaba nazo zonke izinto eziphilayo! Nguye ozinika ubomi.

Ukanti, omnye usenokuthi ukholelwa kuphela koko akubonayo. Usenokuthi: ‘Andiyikholelwa into endingayiboniyo.’ Ngoko abanye abantu bathi abakholelwa kuThixo kuba abamboni.

Liyinyaniso elokuba asinakumbona uThixo. IBhayibhile ithi: ‘Akakho umntu onokumbona uThixo.’ Akukho ndoda, mfazi okanye umntwana emhlabeni onokumbona uThixo. Ngoko akukho mntu ufanele azame ukwenza umfanekiso kaThixo. Naye uThixo usixelela ukuba singenzi mfanekiso wakhe. Ngoko akuyi kumkholisa uThixo ukuba nezinto ezinjalo ezindlwini zethu.​—Eksodus 20:4, 5; 33:20; Yohane 1:18.

Kodwa ukuba asinakumbona uThixo, sazi njani ukuba ukho ngokwenene? Khawucinge ngoku kulandelayo. Ngaba unokuwubona umoya?— Akunakuwubona. Akakho umntu onokuwubona umoya. Kodwa unokuzibona izinto ezenziwa ngumoya. Unokuwabona amagqabi emithi eshukuma xa kukho umoya ovuthuzayo. Oko kukwenza ukholelwe ukuba ukho umoya.

Sazi njani ukuba kukho umoya?

Unokuzibona nazo izinto azenzileyo uThixo. Xa ubona intyatyambo okanye intaka, ubona into eyenziwe nguThixo. Oko kukwenza ukholelwa ukuba ukho ngokwenene uThixo.

Omnye umntu usenokukubuza athi, ‘Ngubani owenza ilanga nomhlaba?’ IBhayibhile ithi: “UThixo wadala amazulu nomhlaba.” (Genesis 1:1) Ewe, nguThixo owazenzayo zonke ezi zinto zimangalisayo! Uvakalelwa njani ngoko?—

Ngaba akuyonto ivuyisayo ukuphila? Sinokuva iingoma ezimyoli zeentaka. Sinokubona iintyatyambo nezinye izinto azenzileyo uThixo. Yaye sinokunandipha ukutya esikuphiwe nguThixo.

Simele sibulele uThixo ngazo zonke ezi zinto. Ngaphezu kwako konke, simele simbulele ngokusinika ubomi. Ukuba sinombulelo ngokwenene kuThixo, kukho into esimele siyenze. Yintoni leyo?— Siya kumphulaphula uThixo size senze oko asixelela kona eBhayibhileni. Ngaloo ndlela siya kubonisa ukuba siyamthanda Lowo wazenzayo zonke izinto.

Simele sibonakalise uxabiso kuThixo ngako konke oko akwenzileyo. Njani? Funda oko kubhalwe kwiNdumiso 139:14; Yohane 4:23, 24; 1 Yohane 5:21 neSityhilelo 4:11.