Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 4

UThixo Unalo Igama

UThixo Unalo Igama

XA UQALA ukudibana nomntu yintoni ombuza yona?— Umbuza igama lakhe. Sonke sinamagama. UThixo wamthiya igama umntu wokuqala emhlabeni. Wathi nguAdam. Umfazi ka-Adam wathi nguEva.

Noko ke, asingobantu kuphela abanamagama. Cinga nangezinye izinto ezinawo. Ukuba umntu ukupha unodoli okanye isilwanyana osithandayo, usithiya igama, akunjalo?— Ngokwenene kubalulekile ukuba negama.

Khawucinge ngeenkwenkwezi ozibona ebusuku. Ucinga ukuba zinawo amagama?— Ewe, uThixo wazithiya amagama zonke iinkwenkwezi ezisesibhakabhakeni. IBhayibhile ithi: “Ubala inani leenkwenkwezi; zonke uzibiza ngamagama azo.”​—INdumiso 147:4.

Ngaba ubusazi ukuba zonke iinkwenkwezi zinamagama?

Ucinga ukuba ngubani oyena mntu ubalulekileyo kwindalo yonke?— NguThixo. Ucinga ukuba unalo igama?— UYesu wathi unalo. UYesu wakha wathandaza kuThixo wathi: ‘Ndilazisile igama lakho kubalandeli bam.’ (Yohane 17:26) Uyalazi igama likaThixo?— UThixo usixelela ngokwakhe. Uthi: “NdinguYehova. Lilo elo igama lam.” Ngoko igama likaThixo nguYEHOVA.​—Isaya 42:8.

Uziva njani xa abanye belazi igama lakho?— Uye uvuye, andithi?— NoYehova ufuna abantu balazi igama lakhe. Ngoko sifanele sisebenzise igama elithi Yehova xa sithetha ngoThixo. UMfundisi Omkhulu walisebenzisa igama likaThixo elithi Yehova, xa wayethetha nabantu. UYesu wakha wathi: “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela.”​—Marko 12:30.

UYesu wayesazi ukuba igama elithi “Yehova” libaluleke gqitha. Ngoko wafundisa abalandeli bakhe ukuba balisebenzise igama likaThixo. Waphinda wabafundisa ukuba balikhankanye igama likaThixo xa bethandaza. UYesu wayesazi ukuba uThixo ufuna bonke abantu balazi igama Lakhe, uYehova.

Kwakudala uThixo wabonisa ukubaluleka kwegama lakhe kwindoda enguMoses, eyayingomnye woonyana bakaSirayeli. Oonyana bakaSirayeli ababebizwa ngokuba ngamaSirayeli, babehlala kwilizwe laseYiputa. Abantu belo lizwe kwakusithiwa ngamaYiputa. Bawenza amakhoboka amaSirayeli baza bawakhohlakalela. Akukhula, uMoses wazama ukunceda omnye wabantu bakowabo. Loo nto yamcaphukisa uFaro, ukumkani waseYiputa. Wafuna ukubulala uMoses! Ngoko uMoses wabaleka eYiputa.

UMoses waya kwelinye ilizwe. Elo yayililizwe lakwaMidiyan. Apho uMoses watshata waza wanentsapho. Kwakhona waba ngumalusi. Ngenye imini uMoses wayexakekile esalusa iigusha ngasentabeni xa wabona ummangaliso. Ityholo lalisitsha, kodwa lalingade litshe liphele! UMoses wasondela ukuze akubone kakuhle oko kwakusenzeka.

Ngaba uyazi ukuba kwenzeka ntoni?— UMoses weva ilizwi liphuma kwelo tyholo lalisitsha. Elo lizwi lambiza lathi, “Moses! Moses!” Ngubani lowo wayethetha?— NguThixo! UThixo wayenomsebenzi omninzi awayefuna ukuba uMoses awenze. UThixo wathi: ‘Yiza ndikuthume kuFaro, ukumkani waseYiputa, uze ubakhuphe eYiputa abantu bam, oonyana bakaSirayeli.’ UThixo wathembisa ukumnceda uMoses ekwenzeni oku.

Yintoni ebalulekileyo awayifundayo uMoses kwityholo elitshayo?

Kodwa uMoses wathi kuThixo: ‘Makwenzeke ke ndifike koonyana bakaSirayeli eYiputa ndize ndithi kubo uThixo undithumile. Kuthekani ukuba bayandibuza bathi, “Ngubani igama lakhe?” Ndiza kuthini kubo?’ UThixo wamxelela uMoses ukuba athi koonyana bakaSirayeli: ‘UYehova undithumile kuni. UYehova ligama lam ngonaphakade.’ (Eksodus 3:1-15) Oku kubonisa ukuba uThixo wayeza kuligcina igama elithi Yehova. Akasayi kuze alitshintshe. UThixo wayefuna ukuba simazi ngegama lakhe, elinguYehova ngonaphakade.

UThixo walenza njani laziwa igama lakhe kuLwandle Olubomvu?

Xa uMoses wabuyela eYiputa, amaYiputa ayecinga ukuba uYehova wayenguthixo nje omncinane wamaSirayeli. Akazange acinge ukuba wayenguThixo womhlaba wonke. Ngoko uYehova wathi kukumkani waseYiputa: ‘Ndiya kulenza laziwe igama lam emhlabeni wonke.’ (Eksodus 9:16) Eneneni uYehova walenza laziwa igama lakhe. Ngaba uyazi ukuba wakwenza njani oko?—

Wakwenza ngokusebenzisa uMoses ukuba akhokele abantu bakwaSirayeli ekuphumeni eYiputa. Xa bafika kuLwandle Olubomvu, uYehova wavula indlela eyomileyo enqumla kulo. AmaSirayeli ahamba ekhuselekile kuloo ndlela yomileyo. Kodwa emva kokuba uFaro nawo wonke umkhosi wakhe balandelayo, amanzi aphinda adibana awagubungela amaYiputa, aza afa onke.

Kungekudala abantu emhlabeni wonke bakuva oko wakwenzayo uYehova kuLwandle Olubomvu. Sazi njani ukuba bakuva oko?— Kaloku, kwiminyaka engama-40 kamva, amaSirayeli afika eKanan, ilizwe awayewathembise lona uYehova. Apho amadoda amabini angamaSirayeli axelelwa oku nguRahabhi: “Siyivile indlela uYehova awawomisa ngayo amanzi oLwandle Olubomvu phambi kwenu ekuphumeni kwenu eYiputa.”​—Yoshuwa 2:10.

Namhlanje abantu abaninzi bafana kanye naloo maYiputa. Abakholelwa ukuba uYehova unguThixo womhlaba wonke. Ngoko uYehova ufuna abantu bakhe baxelele abanye ngaye. UYesu wenza kanye oko. Ngasekupheleni kobomi bakhe basemhlabeni, wathandaza kuYehova wathi: “Ndilazisile igama lakho kubo.”​—Yohane 17:26.

UYesu walazisa igama likaThixo. Ngaba ungalikhomba igama likaThixo eBhayibhileni?

Ngaba uyafuna ukufana noYesu? Ngoko xelela abanye ukuba igama likaThixo nguYehova. Usenokufumanisa ukuba abantu abaninzi abakwazi oko. Ngoko usenokubabonisa isibhalo esiseBhayibhileni kwiNdumiso 83:18. Masithabathe iBhayibhile yethu size sisifunde eso sibhalo. Sithi: “Ukuze abantu bazi ukuba wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.”

Yintoni esiyifundayo apha?— Sifunda ukuba uYehova lelona gama libalulekileyo. Ligama likaThixo uSomandla, uYise kaYesu naLowo wenze zonke izinto. Yaye khumbula ukuba, uYesu wathi simele simthande uYehova uThixo ngentliziyo yethu iphela. Ngaba uyamthanda uYehova?—

Sinokubonisa njani ukuba siyamthanda uYehova?— Sinokubonisa ngokuthi sifune ukumazi njengoMhlobo. Enye indlela kungokuxelela abanye ngegama lakhe. Sinokubabonisa ngokusuka ngqo eBhayibhileni ukuba igama lakhe nguYehova. Kwakhona sinokubaxelela ngezinto ezimangalisayo nangezinto ezintle azenzileyo uYehova. Oku kumvuyisa kakhulu uYehova kuba ufuna abantu bamazi. Sinokuba nesabelo ekwenzeni oko, akunjalo?—

Asingabo bonke abantu abaya kuphulaphula xa sithetha ngoYehova. Abantu abaninzi abazange baphulaphule kwanaxa uYesu, uMfundisi Omkhulu, wayethetha Ngaye. Kodwa oko akuzange kumenze uYesu ayeke ukuthetha ngoYehova.

Ngoko nathi masifane noYesu. Masiqhubeke sithetha ngoYehova. Ukuba senjenjalo, uYehova uThixo uya kukholiswa sithi kuba siya kuba sibonisa ukulithanda igama lakhe.

Ngoku fundani kunye eBhayibhileni izibhalo ezimbalwa ezibonisa indlela elibaluleke ngayo igama likaThixo: Isaya 12:4, 5; Mateyu 6:9; Yohane 17:6 neyabaseRoma 10:13.