Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 13

Abo Baba Ngabafundi BakaYesu

Abo Baba Ngabafundi BakaYesu

Ngubani le ndoda, yaye iba nguye njani umfundi kaYesu?

NGUBANI oyena mkhonzi ubalaseleyo kaThixo wakha waphila?— Unyanisile, nguYesu Kristu. Ngaba ucinga ukuba singafana naye?— Kaloku, iBhayibhile ithi wasishiya nomzekelo wokuba siwulandele. Yaye usimema ukuba sibe ngabafundi bakhe.

Ngaba uyazi ukuba kuthetha ukuthini ukuba ngumfundi kaYesu?— Kuthetha izinto eziliqela. Okokuqala, simele sifunde kuye. Kodwa akuphelelanga apho. Kwakhona simele sikukholelwe ngokwenene oko akuthethayo. Ukuba senjenjalo, siya kukwenza oko asixelela kona.

Abantu abaninzi bathi bayakholelwa kuYesu. Ngaba ucinga ukuba bonke bangabafundi bakhe ngokwenene?— Akunjalo, abaninzi babo abangabo. Basenokuba bayaya ecaweni. Kodwa uninzi lwabo aluzange luziphe ithuba lokufunda ngoko uYesu wakufundisayo. Enyanisweni, ngabo balandela umzekelo kaYesu kuphela abangabafundi bakhe.

Makhe sithethe ngabo babengabafundi bakaYesu xa wayesemhlabeni. Omnye wabafundi bakhe bokuqala yayinguFilipu. UFilipu waya kubiza umhlobo wakhe uNathaniyeli (okwabizwa ngokuba nguBhartolomeyu), lo umbona ehleli phantsi komthi. Akuba uNathaniyeli efikile kuYesu, uYesu wathi: ‘Khangela, nantsi indoda enyanisekileyo, umSirayeli wokwenene.’ Emangalisiwe uNathaniyeli wabuza wathi: “Undaze njani na?”

Ngoobani ababizayo uYesu ukuba babe ngabafundi bakhe?

UYesu wathi: “Phambi kokuba uFilipu akubize, ngoxa ubuphantsi komkhiwane, ndikubonile.” Yammangalisa uNathaniyeli into yokuba uYesu ayazi kanye indawo awayekuyo, ngoko wathi: “Unguye uNyana kaThixo, unguye uKumkani kaSirayeli.”​—Yohane 1:49.

UYudas (okwabizwa ngokuba nguTadeyu), USimon

Bakho abanye ababa ngabafundi bakaYesu ngaphambi kukaFilipu noNathaniyeli. YayinguAndreya nomntakwabo uPetros kwakunye noYohane mhlawumbi nomntakwabo uYakobi. (Yohane 1:35-51) Noko ke, kamva la madoda mane abuyela kwishishini lawo lokuloba. Ngoko ngenye imini xa uYesu wayehamba ngakuLwandle lwaseGalili, wabona uPetros noAndreya bethoba iminatha yokuloba elwandle. UYesu wababiza wathi: “Ndilandeleni.”

UYakobi (unyana ka-Alfeyu), UTomas, UMateyu

Xa wayeqhubeka ehamba, uYesu wabona uYakobi noYohane. Babesesikhepheni kunye noyise, belungisa iminatha yabo yokuloba. Nabo uYesu wababiza ukuze bamlandele. Wawuya kwenza ntoni ukuba yayinguwe lowo wayebizwa nguYesu? Ngaba wawuya kumlandela ngoko nangoko?— La madoda ayemazi ukuba wayengubani uYesu. Ayesazi ukuba wayethunyelwe nguThixo. Ngoko alishiya ngoko nangoko ishishini lawo aza amlandela uYesu.​—Mateyu 4:18-22.

UNathaniyeli, UFilipu, UYohane

Xa la madoda aba ngabalandeli bakaYesu, ngaba oko kwakuthetha ukuba ayesoloko esenza oko kulungileyo?— Akunjalo. Usenokukhumbula ukuba la madoda ada aphikisana ngokuba nguwuphi oyena mkhulu kuwo. Kodwa ayemphulaphula uYesu, yaye ayekulungele ukutshintsha. Ukuba sikulungele ukutshintsha, nathi sinokuba ngabafundi bakaYesu.

UYakobi (umntakwabo Yohane), UAndreya, UPetros

UYesu umema bonke abantu ukuba babe ngabafundi bakhe. Ngesinye isihlandlo, umlawuli oselula osisityebi wabuza uYesu indlela yokufumana ubomi obungunaphakade. Xa lo mlawuli usisityebi wathi ebeyithobela imiyalelo kaThixo ukususela ebuntwaneni, uYesu wammema wathi: ‘Yiba ngumlandeli wam.’ Ngaba uyazi ukuba kwenzeka ntoni?—

Noko ke, xa le ndoda yafumanisa ukuba ukuba ngumfundi kaYesu kwakubaluleke ngaphezu kokuba sisityebi, yakhathazeka kakhulu. Ayizange ibe ngumfundi kaYesu kuba yayithanda imali ngaphezu kokuthanda uThixo.​—Luka 18:18-25.

Emva kokuba uYesu eshumayele kangangonyaka onesiqingatha, wakhetha abali-12 kubafundi bakhe baba ngabapostile. Aba bapostile yayingamadoda awawathuma ukuba enze umsebenzi okhethekileyo. Ngaba uyawazi amagama abo?— Makhe sibone ukuba singawakhumbula na. Khawujonge le mifanekiso yabo ilapha, uze ubone ukuba ungawakhumbula na amagama abo. Khawuzame ukuwabiza ngentloko amagama abo.

Ngoobani la mabhinqa anceda uYesu ekushumayeleni kwakhe?

Ekuhambeni kwexesha, omnye waba bapostile bali-12 waba ngongendawo. WayenguYudas Skariyoti. Emva koko, kwakhethwa omnye umfundi ukuba abe ngumpostile. Ngaba uyalazi igama lakhe?— LalinguMatiya. Kamva, uPawulos noBharnabhas nabo baba ngabapostile, kodwa babengeyonxalenye yabo bali-12.—IZenzo 1:23-26; 14:14.

Njengoko sifundile kwiSahluko 1 sale ncwadi, uYesu wayenomdla kubantwana abaselula. Kwakutheni ukuze abe nomdla kubo?— Kungenxa yokuba wayesazi ukuba nabo babenokuba ngabafundi bakhe. Enyanisweni, abantwana banokuthetha izinto ezinokwenza abantu abakhulileyo babaphulaphule baze bafune ukufunda ngakumbi ngoMfundisi Omkhulu.

Kukho namabhinqa amaninzi awaba ngabafundi bakaYesu. Amanye ayehamba naye xa wayeshumayela kwezinye izixeko. UMariya ekuthiwa nguMagadala, uYowana, noSusana, nabo babehamba naye. Kusenokwenzeka ukuba babemlungiselela ukutya bemhlambela neempahla zakhe.​—Luka 8:1-3.

Ngaba uyafuna ukuba ngumfundi kaYesu?— Khumbula ukuba, ukutsho nje ngomlomo ukuba singabafundi bakhe akusenzi sibe ngabo. Simele siziphathe njengabafundi bakhe naphi na apho sikhoyo, kungekuphela nje xa sisiya kwiintlanganiso zamaKristu. Ucinga ukuba ziziphi iindawo ekubalulekileyo ukuba siziphathe kuzo njengabafundi bakaYesu?—

Simele senjenjalo naxa sisekhaya. Kodwa enye indawo kuxa usesikolweni. Mna nawe asifanele silibale ukuba ukuze sibe ngabafundi bokwenene bakaYesu, simele siziphathe ngendlela awayeziphatha ngayo yonke imihla, naphi na apho sikhoyo.

Kuphi apho kubaluleke khona ukuba siziphathe njengabafundi bakaYesu?

Ngoku fundani kunye oko kuthethwa yiBhayibhile ngabafundi bakaYesu kuMateyu 28:19, 20; kuLuka 6:13-16; kuYohane 8:31, 32 nakweyoku-1 kaPetros 2:21.