Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 14

Isizathu Sokuba Sifanele Sixolele

Isizathu Sokuba Sifanele Sixolele

NGABA kukho umntu owakha wakwenza into embi?— Ngaba wakuvisa ubuhlungu okanye wathetha into embi kuwe?— Ngaba umele umphathe kakubi nawe njengokuba enzile kuwe?—

Abantu abaninzi badla ngokuziphindezela, xa kukho umntu obenze into embi. Kodwa uYesu wasifundisa ukuba sifanele sibaxolele abo basenza izinto ezimbi. (Mateyu 6:12) Kuthekani ukuba umntu usoloko esenza izinto ezimbi kuthi? Sifanele simxolele izihlandlo ezingaphi?—

Yiloo nto kanye uPetros awayefuna ukuyazi. Ngoko ngenye imini wabuza uYesu wathi: ‘Ngaba ndifanele ndimxolele izihlandlo ezisixhenxe?’ Noko ke, izihlandlo ezisixhenxe azanelanga. UYesu wathi: ‘Ufanele umxolele izihlandlo ezingamashumi asixhenxe anesixhenxe’ ukuba ukona kaninzi ngolo hlobo.

Yintoni awayefuna ukuyazi uPetros ngokuphathelele ukuxolela?

Zizihlandlo ezininzi kakhulu ezo! Asinakukwazi ukuzikhumbula izinto ezimbi ezininzi ngolo hlobo umntu asenza zona, akunjalo? Nantsi eyona nto wayesifundisa yona uYesu: Asifanele sizibale izihlandlo abasona ngazo abanye. Xa becela uxolo, sifanele sibaxolele.

UYesu wayefuna ukubonisa abafundi bakhe indlela ekubaluleke ngayo ukuxolela. Ngoko emva kokuba ephendule umbuzo kaPetros, wabalisela abafundi bakhe ibali. Ngaba uyafuna ukuliva?—

Kwakukho ukumkani olungileyo owayenobubele kakhulu. Wayede awaboleke nemali amakhoboka akhe xa efuna uncedo. Kodwa ngenye imini lo kumkani wafuna ukuba loo makhoboka abuyise imali yakhe. Ngoko kwaziswa elinye ikhoboka elalibolekwe ngukumkani imali eziingqekembe ezingama-60 ezigidi. Yimali eninzi kakhulu leyo!

Kwenzeka ntoni xa ikhoboka lacenga ukumkani ukuba aliphe ithuba elingakumbi lokuhlawula?

Noko ke, elo khoboka laliyisebenzise yonke imali kakumkani, yaye lalingakwazi ukuyihlawula. Ngoko ukumkani wayalela ukuba lithengiswe. Wathi makuthengiswe nomfazi walo nabantwana balo nayo yonke into elalinayo. Ngoko, wayeza kuhlawulwa ngemali efumanekileyo. Ucinga ukuba lalivakalelwa njani elo khoboka koko?—

Laguqa phambi kukakumkani laza lamcenga lisithi: ‘Khawuncede undiphe ixesha elingakumbi, ndiza kulihlawula lonke ityala lam kuwe.’ Ukuba wawunguloo kumkani, yintoni owawuya kuyenza kwelo khoboka?— Ukumkani walisizela ikhoboka lakhe. Ngoko walixolela. Wathi kwelo khoboka malingayihlawuli yonke loo mali, nkqu nokuba ibe nye kwezo ngqekembe zingama-60 ezigidi. Hayi indlela elimele ukuba lavuya ngayo elo khoboka!

Kodwa lenza ntoni elo khoboka emva koko? Laphuma laya kwelinye ikhoboka, elalilityala iingqekembe ezilikhulu nje kuphela zemali. Lalixhakamfula elo khoboka lalikrwitsha, lisithi: ‘Hlawula iingqekembe zam ezilikhulu ondityala zona!’ Ngaba unokumthelekelela umntu esenza into enjalo, ingakumbi emva kokuba exolelwe kakhulu ngolo hlobo ngukumkani?—

Ikhoboka laliphatha njani elinye elalingakwazi ukulihlawula ityala lalo?

Noko ke, elo khoboka lalinetyala leengqekembe nje ezilikhulu zemali lalilihlwempu. Lalingenakukwazi ukuyihlawula ngoko nangoko loo mali. Ngoko lawa phantsi ezinyaweni zekhoboka elo laza lalicenga lisithi: ‘Khawuncede undiphe ixesha elingakumbi, ndiza kukuhlawula.’ Ngaba le ndoda yayifanele ilinike ixesha elingakumbi elo khoboka?— Wawuya kwenza ntoni wena?—

Le ndoda yayingenabubele njengokumkani. Yayiyifuna ngoko nangoko imali yayo. Ngoko ngenxa yokuba elo khoboka lingazange likwazi ukuyihlawula, yathi malifakwe entolongweni. Amanye amakhoboka akubona oku, yaye akazange akuthande. Alisizela ikhoboka elalisentolongweni. Ngoko aya kuxelela ukumkani.

Naye ukumkani akazange asithande esi senzo. Waliqumbela kakhulu elo khoboka lingaxoleliyo. Ngoko walibiza waza wathi: ‘Khobokandini elingendawo, andizange na ndikuxolele xa wawundityala? Ngoko ubungafanele na ukuba nawe ulixolele elaa khoboka?’

Yintoni awayenzayo ukumkani kwikhoboka elingaxoleliyo?

Elo khoboka lingaxoleliyo kwakufanele ukuba lifunde isifundo kuloo kumkani ulungileyo. Kodwa alizange lifunde nto. Ngoko ukumkani walifaka entolongweni elo khoboka de liyihlawule yonke imali eziingqekembe ezingama-60 ezigidi. Kakade ke, apho entolongweni lalingenakuyifumana imali yokuhlawula ukumkani. Ngoko laliza kuhlala apho lide life.

Xa uYesu wayequkumbela eli bali, wathi kubalandeli bakhe: “UBawo osemazulwini uya kuqhubana nani ngohlobo olufanayo ukuba anixoleli ngamnye umzalwana wakhe ngokusuka ezintliziyweni zenu.”​—Mateyu 18:21-35.

Enyanisweni, nathi simtyala lukhulu uThixo. Ubomi bethu buxhomekeke kuye! Ngoko kuncinane oko basityala kona abanye abantu, xa sikuthelekisa noko sikutyala uThixo. Oko basityala kona kufana nezaa ngqekembe zilikhulu zemali lalinetyala lazo ikhoboka. Kodwa oko simtyala kona uThixo ngenxa yezinto ezimbi esizenzayo kufana neengqekembe ezingama-60 ezigidi ikhoboka elalizityala ukumkani.

UThixo unobubele kakhulu. Nangona sisenza izinto ezimbi, uyasixolela. Akasihlawulisi ngokusitshabalalisa ngonaphakade. Kodwa nasi isifundo esifanele sisikhumbule: UThixo uya kusixolela kuphela xa sibaxolela abantu abasenza izinto ezimbi. Simele sikucingisise nzulu oku, akunjalo?—

Yintoni oya kuyenza xa kukho umntu ocela ukuba umxolele?

Ngoko ukuba umntu ukwenza into embi aze emva koko acele uxolo, uya kwenza ntoni? Ngaba uya kumxolela?— Kuthekani ukuba ukwenza kaninzi oko? Ngaba uya kuqhubeka umxolela?—

Ukuba ibisithi abo bacela uxolo, besiya kufuna ukuba loo mntu asixolele, andithi?— Ngoko simele senjenjalo nakuye. Asifanele sithi simxolele nje kuphela, kodwa sifanele simxolele ngokwenene ngokusuka entliziyweni. Xa sisenjenjalo, sibonisa ukuba sikufuna ngokwenene ukuba ngabalandeli boMfundisi Omkhulu.

Ukuze siqonde ukubaluleka kokuxolela, kwakhona masifunde IMizekeliso 19:11; uMateyu 6:14, 15 noLuka 17:3, 4.