Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 18

Ngaba Akulibali Ukuthi Enkosi?

Ngaba Akulibali Ukuthi Enkosi?

NGABA ukhe wafumana ukutya namhlanje?— Uyazi ukuba kuphekwe ngubani?— Mhlawumbi ngumama wakho okanye ngomnye umntu, kodwa kutheni sifanele sibulele uThixo ngako?— Kungenxa yokuba nguThixo ovelisa ukutya. Noko ke, sifanele sithi enkosi nakulowo usiphekelayo okanye lowo usiphakela ukutya.

Maxa wambi siye silibale ukubulela kwabo basenzela ububele, akunjalo? Xa uMfundisi Omkhulu wayesemhlabeni, kukho abantu abaneqhenqa abalibalayo ukumbulela.

Ngaba uyazi ukuba sisifo esinjani iqhenqa?— Esi sifo iqhenqa sinokude sibangele ukuba inyama yalowo unaso ivuthuluke. Xa uYesu wayesemhlabeni, abantu abaneqhenqa kwakufuneka bangahlali nabanye abantu. Yaye ukuba umntu oneqhenqa ubona omnye umntu esiza, kwakufuneka amkhwaze aze amlumkise ukuba amele kude kuye. Oku kwakusenziwa ukuze abanye abantu bangasondeli kuye baze bosulelwe sesi sifo.

UYesu wayenobubele kubantu abaneqhenqa. Ngenye imini, xa wayesiya eYerusalem, uYesu wadlula kwenye idolophu encinane. Xa wayekufuphi naloo dolophu, kweza kuye abantu abalishumi abaneqhenqa. Babevile ukuba uYesu unamandla avela kuThixo okuphilisa zonke iintlobo zezifo.

Abo baneqhenqa abazange basondele kuYesu. Bamela kude. Babekholelwa ukuba uYesu unako ukubaphilisa. Ngoko besakubona uMfundisi Omkhulu, abo baneqhenqa bamkhwaza besithi: ‘Yesu, Mfundisi, sincede!’

Ngaba uyabasizela abantu abagulayo?— UYesu wayenjalo. Wayeyazi indlela ekubuhlungu ngayo ukuba neqhenqa. Ngoko wabaphendula wathi: “Hambani niye kuzibonakalisa kubabingeleli.”—Luka 17:11-14.

Yintoni uYesu axelela aba bantu baneqhenqa ukuba bayenze?

Kwakutheni ukuze uYesu athi mabenze oko? Kwakungenxa yomthetho uYehova awawunika abantu Bakhe ngokuphathelele abo baneqhenqa. Lo mthetho wawusithi umbingeleli kaThixo ufanele ahlole inyama yalowo uneqhenqa. Yayiba ngumbingeleli oxelela lowo uneqhenqa xa liphelile. Akuba ephilile, wayehlala nabantu abaphilileyo kwakhona.—Levitikus 13:16, 17.

Noko ke aba bona babeseneqhenqa. Ngoko ke, ngaba baya kumbingeleli njengokuba uYesu wayebaxelele?— Ewe, baya ngoko nangoko. Bamele ukuba babekholelwa ukuba uYesu wayeza kubaphilisa. Kodwa kwenzeka ntoni?

Ngoxa babesendleleni eya kumbingeleli, saphela eso sifo sabo. Inyama yabo yaphiliswa. Bavuzwa ngokuba nokholo kumandla kaYesu. Hayi indlela abavuya ngayo! Kodwa ngoku yintoni ababefanele bayenze ukuze babonakalise umbulelo wabo? Wawuya kwenza ntoni wena?—

Yintoni lo mntu uneqhenqa angazange alibale ukuyenza?

Omnye kwabo babephilisiwe wabuyela kuYesu. Waqalisa ukumzukisa uYehova, ethetha izinto ezimdumisayo uThixo. Wayesenza into efanelekileyo kuba amandla okumphilisa ayevela kuThixo. Wada waguqa phambi koMfundisi Omkhulu waza wambulela. Wayenombulelo gqitha ngoko wayekwenzelwe nguYesu.

Kodwa kuthekani ngabanye abasithoba? UYesu wabuza wathi: ‘Bekuphiliswe abantu abalishumi abaneqhenqa, akunjalo? Baphi ke abanye abasithoba? Ngaba kubuye wamnye kuphela ukuza kuzukisa uThixo?’

Ewe, kunjalo. Mnye kuphela kwabo balishumi owazukisa okanye wadumisa uThixo waza wabuyela kuYesu eze kumbulela. Yaye yena wayengumSamariya, umntu ovela kwelinye ilizwe. Abanye abasithoba abazange bambulele uThixo, bengazange bambulele noYesu.​—Luka 17:15-19.

Ufana nawuphi wena kwabo bantu? Sifuna ukufana nalowo wayengumSamariya, andithi?— Ngoko xa sisenzelwa ububele ngomnye umntu, yintoni esifanele singalibali ukuyenza?— Sifanele simbulele ngoko. Abantu basoloko belibala ukuthi enkosi. Kodwa yinto elungileyo ukuthi enkosi. UYehova uThixo noNyana wakhe, uYesu, bayavuya xa sisenza oko.

Unokumxelisa njani umntu oneqhenqa owabuyela kuYesu?

Ukuba unokucinga ngako oku, uya kukhumbula ukuba zininzi izinto ozenzelwe ngabanye abantu. Ngokomzekelo, ngaba wakha wagula?— Kusenokwenzeka ukuba akuzange ugule kakhulu njengabo bantu babeneqhenqa, kodwa usenokuba wakha wanomkhuhlane okanye isisu esibuhlungu. Ngaba bakho abantu ababekunyamekela?— Kusenokwenzeka ukuba bakupha amayeza athile bekunceda nangezinye izinto. Ngaba yakuvuyisa into yokuba bekuncede waphila?—

Loo mSamariya wambulela uYesu ngokumphilisa kwakhe, yaye oko kwamvuyisa uYesu. Ngaba ucinga ukuba umama notata wakho baya kukuvuyela ukubulela kwakho xa bekwenzele izinto ezithile?— Kakade, baya kuvuya.

Zikho izinto ozenzelwa ngabanye abantu mihla le okanye veki nganye. Kusenokwenzeka ukuba ngumsebenzi wabo ukwenjenjalo. Yaye basenokuba bayavuyiswa koko. Kodwa usenokulibala ukubabulela. Kunokwenzeka ukuba utitshala wakho wenza konke okusemandleni akhe ukukufundisa. Ngumsebenzi wakhe ukwenjenjalo. Kodwa uya kuvuya gqitha xa umbulela ngokukufundisa kwakhe.

Kutheni kubalulekile ukungalibali ukuthi enkosi?

Maxa wambi kusenokubakho izinto ezithile ezincinane ozenzelwa ngabanye abantu. Ngaba ukho umntu owakhe wakuvulela ucango? Okanye ukho umntu owakhe wakunika ukutya? Kubalulekile ukuthi enkosi nakwizinto ezincinane ngolo hlobo.

Ukuba asilibali ukuthi enkosi kubantu abaphila emhlabeni, ngoko asiyi kulibala ukuthi enkosi nakuBawo wethu wasezulwini. Yaye zininzi gqitha izinto esinokumbulela ngazo uYehova! Usiphe ubomi nazo zonke izinto ezilungileyo ezenza sibunandiphe. Ngoko sinezizathu ezininzi zokumzukisa uThixo ngokuthetha kakuhle ngaye yonk’ imihla.

Ngokuphathelele amazwi okubonisa umbulelo, funda INdumiso 92:1; eyabase-Efese 5:20; eyabaseKolose 3:17 neyoku-1 kwabaseTesalonika 5:18.