Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 25

Ngaba Banokutshintsha Abo Benza Izinto Ezimbi?

Ngaba Banokutshintsha Abo Benza Izinto Ezimbi?

NGABA bekungayi kuba yinto entle ukuba bonke abantu bebesoloko besenza okulungileyo?— Kodwa akakho umntu osoloko esenza okulungileyo. Ngaba uyasazi isizathu sokuba sisenza izinto ezimbi maxa wambi, nokuba sele sifuna ukwenza okulungileyo?— Kungenxa yokuba sonke sizalelwe esonweni. Kodwa abanye abantu benza izinto ezimbi gqitha. Bayabacaphukela abanye abantu baze babenzakalise ngabom. Ngaba ucinga ukuba banokutshintsha baze bafunde ukwenza okulungileyo?—

Khawujonge lo mfana ugcine izambatho zangaphandle zabo bagibisela uStefano ngamatye. Igama lakhe lesiHebhere nguSawule, kodwa elesiRoma nguPawulos. Uyavuyiswa kukubulawa kukaStefano, ongumfundi woMfundisi Omkhulu. Makhe sibone isizathu sokuba uSawule enze izinto ezimbi ngolo hlobo.

USawule ulilungu leqela lonqulo lwamaYuda ekuthiwa ngabaFarisi. AbaFarisi banalo iLizwi likaThixo, kodwa bakhathalela kakhulu iimfundiso zeenkokeli ezithile zonqulo lwabo. Koko okubangela ukuba uSawule enze izinto ezimbi.

USawule ukho xa kubanjwa uStefano eYerusalem. UStefano usiwa enkundleni, yaye abanye abagwebi balapho ngabaFarisi. UStefano akoyiki nangona etyholwa ngezinto ezimbi. Ngenkalipho uyazithethelela aze anikele ubungqina obuhle kwabo bagwebi ngoYehova uThixo nangoYesu.

Kodwa abo bagwebi abakuthandi oko akuthethayo. Zininzi izinto abasele bezazi ngoYesu. Enyanisweni, bebesandul’ ukumbulala uYesu! Kodwa emva koko, uYehova wamnyusela ezulwini uYesu. Ngoku, kunokuba batshintshe iindlela zabo, aba bagwebi balwa nabafundi bakaYesu.

Aba bagwebi bayambamba uStefano baze bamse ngaphandle kwesixeko. Bayambetha awe baze bamgibisele ngamatye. Yaye njengoko ubona kulo mfanekiso, noSawule ulapho ubukele. Ucinga ukuba kulungile ukumbulala uStefano.

Kutheni uSawule ecinga ukuba kulungile ukubulala uStefano?

Ngaba uyasazi isizathu sokuba uSawule acinge ngaloo ndlela?— Kaloku, uSawule ebengumFarisi ubomi bakhe bonke, yaye wayekholelwa ukuba iimfundiso zabaFarisi zilungile. Wayecinga ukuba loo madoda angumzekelo, ngoko wawalinganisa.​—IZenzo 7:54-60.

Emva kokuba uStefano ebulewe, yintoni ayenzayo uSawule?— Kaloku, uzama ukuphelisa abafundi bakaYesu! Uya emakhayeni abo aze arhuqele phandle amadoda nabafazi. Emva koko ubavalela entolongweni. Abafundi abaninzi bayemka eYerusalem, kodwa abayeki ukushumayela ngoYesu.​—IZenzo 8:1-4.

Oku kumenza uSawule abacaphukele nangakumbi abafundi bakaYesu. Ngenxa yoko uya kuMbingeleli Omkhulu uKayafa aze afumane imvume yokubamba amaKristu akwisixeko saseDamasko. USawule ufuna ukuza nawo engamabanjwa eYerusalem ukuze ohlwaywe. Kodwa ngoxa esesendleleni eya eDamasko, kwenzeka into emangalisayo.

Ngubani othetha noSawule, yaye umthuma ukuba enze ntoni uSawule?

Kuvela umbane ezulwini, nelizwi elithi: “Sawule, Sawule, kutheni unditshutshisa nje?” NguYesu, uthetha esezulwini! Lo mbane ukhanya gqitha kangangokuba wenza uSawule abe yimfama, yaye abo bahamba naye bayamkhokela ukuya eDamasko.

Emva kweentsuku ezintathu uYesu ubonakala embonweni komnye wabafundi bakhe abaseDamasko ekuthiwa nguAnaniyas. UYesu uxelela uAnaniyas ukuba aye kuSawule, amvule amehlo, aze athethe naye. Xa uAnaniyas ethetha noSawule, uSawule uyayamkela inyaniso engoYesu. Uphinda akwazi ukubona. Ubomi bakhe butshintsha ngokupheleleyo, aze abe ngumkhonzi othembekileyo kaThixo.​—IZenzo 9:1-22.

Ngaba uyasiqonda ke ngoku isizathu esabangela ukuba uSawule enze izinto ezimbi?— Kungenxa yokuba wayefundiswe izinto ezingalunganga. Wayelinganisa abantu ababengathembekanga kuThixo. Yaye wayenxulumana neqela labantu elalithanda iingcamango zabantu ngaphezu kweLizwi likaThixo. Kodwa kutheni uSawule etshintsha ubomi bakhe aze enze okulungileyo, nangona abanye abaFarisi beqhubeka besilwa noThixo?— Kungenxa yokuba uSawule akayithiyanga inyaniso. Ngoko xa eboniswa oko kulungileyo, ukulungele ukukwenza.

Ngaba uyazi ukuba uSawule waba yintoni kamva?— Waba ngumpostile uPawulos, umpostile kaYesu. Yaye khumbula ukuba, uPawulos wabhala iincwadi ezininzi zeBhayibhile ngaphezu kwakhe nawuphi na omnye umntu.

Baninzi abantu abanokutshintsha njengoSawule. Kodwa akukho lula oko kuba kukho umntu ozama ngamandla ukuphembelela abantu ukuba benze izinto ezimbi. Ngaba uyazi ukuba ngubani lowo?— UYesu wathetha ngaye xa wabonakala kuSawule kwindlela eya eDamasko. Apho uYesu wathetha noSawule esezulwini wathi: ‘Ndikuthuma ukuba uye kuvula amehlo abantu, ubakhuphe ebumnyameni baye ekukhanyeni, nakwigunya likaSathana baye kuThixo.’​—IZenzo 26:17, 18.

Ewe, nguSathana uMtyholi ophembelela abantu ukuba benze izinto ezimbi. Ngaba ukufumanisa kunzima maxa wambi ukwenza okulungileyo?— Kuba njalo kuthi sonke. USathana ubangela kube nzima. Kodwa kukho nesinye isizathu esibangela ukuba kungasoloko kulula ukwenza okulungileyo. Ngaba uyasazi eso sizathu?— Kungenxa yokuba sizalelwe esonweni.

Sesi sono esibangela kube lula ukwenza izinto ezingalunganga kunezilungileyo. Ngoko yintoni esifanele siyenze?— Sifanele silwele ukwenza okulungileyo. Xa sisenjenjalo, sinokuqiniseka ukuba uYesu onothando ngathi uya kusinceda.

Xa uYesu wayesemhlabeni, wabonisa uthando kubantu ababesenza izinto ezimbi baza batshintsha. Wayeyiqonda indlela ekwakunzima ngayo ukuba batshintshe. Ngokomzekelo, kwakukho amabhinqa awayesiba neentlobano zesini namadoda amaninzi. Kakade ke, oko kwakuphosakele. IBhayibhile iwabiza la mabhinqa ngokuthi ngamahenyukazi.

Kwakutheni ukuze uYesu alixolele eli bhinqa lalisenza izinto ezimbi?

Ngesinye isihlandlo, elinye laloo mabhinqa leva ngoYesu, laza laya apho akhoyo kwindlu yomFarisi. Lagalela ioli kwiinyawo zikaYesu laza lasula iinyembezi ezazisezinyaweni zakhe ngeenwele zalo. Lalizisola gqitha ngenxa yezono zalo, ngoko uYesu walixolela. Kodwa loo mFarisi wayengacingi ukuba lifanele lixolelwe.​—Luka 7:36-50.

Ngaba uyakwazi oko kwathethwa nguYesu kwabanye abaFarisi?— Wathi kubo: ‘Amahenyukazi anihambela phambili ukungena ebukumkanini bukaThixo.’ (Mateyu 21:31) UYesu wakuthetha oku ngenxa yokuba amahenyukazi aba nokholo kuye, aza aziyeka izenzo zawo ezibi. Kodwa abaFarisi baqhubeka besenza izinto ezimbi kubafundi bakaYesu.

Ngoko xa iBhayibhile ibonisa ukuba oko sikwenzayo kuphosakele, sifanele sikulungele ukutshintsha. Yaye xa sikwazi oko uYehova afuna sikwenze, sifanele sikwenze. Ngoko uYehova uya kuvuyiswa sithi aze asinike ubomi obungunaphakade.

Ukuze sikwazi ukuphepha ukwenza izinto ezingalunganga, makhe sifunde INdumiso 119:9-11; IMizekeliso 3:5-7 nese-12:15.