Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 28

Indlela Esinokwazi Ngayo Lowo Sifanele Simthobele

Indlela Esinokwazi Ngayo Lowo Sifanele Simthobele

MAXA WAMBI kuba nzima ukwazi ukuba ngubani esifanele simthobele. Umama okanye utata wakho usenokukuxelela ukuba wenze into ethile. Kodwa yena utitshala okanye ipolisa lisenokukuxelela ukuba wenze into eyahlukileyo kuleyo. Xa kusenzeka oko, ngubani kubo oya kumthobela?—

Ngaphambilana kule ncwadi, kwiSahluko 7, sifunde eBhayibhileni incwadi yabase-Efese 6:1-3. Yona ithi abantwana bafanele bathobele abazali babo. Eso sibhalo sithi: “Bathobeleni abazali benu ngokumanyene neNkosi.” Ngaba uyazi ukuba kuthetha ukuthini ‘ukumanyana neNkosi’?— Abazali abamanyene neNkosi bafundisa abantwana babo ukuthobela imithetho kaThixo.

Kodwa abanye abantu abadala abakholelwa kuYehova. Ngoko, uya kuthini ukuba omnye wabo uthi kufanelekile ukukopa kwiimviwo zesikolo okanye ukuthatha into evenkileni ungayihlawuleli? Ngoko ke ngaba kufanelekile ukuba umntwana akope okanye ebe?—

Khumbula ukuba, uKumkani uNebhukadenetsare wakha wanyanzelisa ukuba wonke umntu aqubude kumfanekiso wegolide awayewenzile. Kodwa uShadraki, uMeshaki noAbhednego abazange bavume. Ngaba uyazi ukuba kwakutheni?— Kungenxa yokuba iBhayibhile ithi abantu bafanele banqule uYehova kuphela.​—Eksodus 20:3; Mateyu 4:10.

Uthini uPetros kuKayafa?

Emva kokuba efile uYesu, abapostile bakhe basiwa phambi kweSanhedrin, inkundla ephakamileyo yonqulo lwamaYuda. UMbingeleli Omkhulu uKayafa wathi: ‘Saniyalela ngokucacileyo ukuba ningafundisi ngegama likaYesu, ukanti, khangelani! niyizalisile iYerusalem ngemfundiso yenu.’ Kwakutheni ukuze abapostile bangayithobeli iSanhedrin?— Ephendulela bonke abapostile, uPetros wathi kuKayafa: “Simele sithobele uThixo njengomlawuli kunabantu.”​—IZenzo 5:27-29.

Ngelo xesha, iinkokeli zonqulo lwamaYuda zazinempembelelo enkulu gqitha. Kodwa ilizwe lazo lalilawulwa ngurhulumente wamaRoma. Inkokeli yaloo rhulumente kwakusithiwa nguKesare. Nangona amaYuda ayengakufuni ukulawulwa nguKesare, urhulumente wamaRoma wayebenzela izinto ezininzi ezintle abantu. Nabo oorhulumente banamhlanje babenzela izinto ezintle abantu bamazwe abo. Ngaba uyazazi ezinye zezo zinto bazenzayo?—

Oorhulumente bakha iindlela baze bahlawule amapolisa nabacimi-mlilo ukuze basikhusele. Kwakhona bakha izikolo kunye neendawo zokunyamekela impilo. Kufuneka imali eninzi ukuze urhulumente akwazi ukwenza ezi zinto. Ngaba uyazi ukuba urhulumente uyifumana phi loo mali?— Uyifumana ebantwini. Loo mali ihlawulwa ngabantu kurhulumente kuthiwa yirhafu.

Xa wayesemhlabeni uMfundisi Omkhulu, amaYuda amaninzi ayengafuni ukuhlawula irhafu kurhulumente wamaRoma. Ngoko ngenye imini ababingeleli bathenga amadoda athile ukuze abuze uYesu ngenjongo yokumfaka engxakini. Loo mbuzo wawusithi, ‘Ngaba simele siyihlawule na irhafu kuKesare?’ Lo yayingumbuzo onzima gqitha. Ukuba uYesu wayephendule wathi, ‘Ewe, nimele niyihlawule irhafu,’ amaYuda amaninzi ayengayi kukuthanda oko. Ukanti uYesu wayengenakuthi, ‘Hayi, animele niyihlawule irhafu.’ Kwakuya kuba kuphosakele ukutsho.

Ngoko ke, wathini uYesu? Wathi: ‘Ndiboniseni ingqekembe.’ Bathi bakuza nayo, uYesu wababuza wathi: ‘Ngumfanekiso negama likabani na eli likuyo?’ Loo madoda athi: ‘NgokaKesare.’ Ngoko uYesu wathi: “Ngandlela zonke, ngoko, buyiselani izinto zikaKesare kuKesare, kodwa izinto zikaThixo kuThixo.”​—Luka 20:19-26.

UYesu wawuphendula njani umbuzo onzima wala madoda?

Kwakungekho mntu wayenokukwazi ukumgxeka ngaloo mpendulo. Ukuba uKesare ubenzela izinto abantu, kufanelekile ukumhlawula ngenxa yezo zinto abenzela zona. Ngoko ngale ndlela, uYesu wabonisa ukuba kufanelekile ukuhlawula irhafu kurhulumente ngenxa yezinto esizifumana kuye.

Noko ke, usenokuba akukabi mdala ngokwaneleyo ukuba ungahlawula irhafu. Kodwa ikho into onokumenzela yona urhulumente. Ngaba uyazi ukuba yintoni leyo?— Kukuthobela imithetho yakhe. IBhayibhile ithi: ‘Wathobeleni amagunya awongamileyo.’ La magunya ngamagosa karhulumente. Ngoko nguThixo othi sifanele sithobele imithetho karhulumente.​—Roma 13:1, 2.

Kusenokubakho umthetho othi makungalahlwa maphepha esitratweni. Ngaba ufanele uwuthobele loo mthetho?— Ewe, uThixo ufuna uwuthobele. Ngaba ufanele uwathobele namapolisa?— Urhulumente uyawahlawula amapolisa ukuze akhusele abantu. Ukuwathobela kufana nokuthobela urhulumente.

Ngoko ukuba ubusele uza kuwela isitrato lize ipolisa lithi “Yima!” yintoni ofanele uyenze?— Ukuba abanye abalihoyi baze bawele, ngaba nawe umele uwele?— Ufanele ulinde, nokuba sele inguwe wedwa oseleyo. UThixo uthi umele ulithobele.

Kusenokubakho isiphithiphithi kwindawo ohlala kuyo, lize ipolisa lithi: “Ningayi esitratweni. Ningaphumi phandle.” Kodwa usenokuva ingxolo uze ufune ukuqonda oko kwenzekayo. Ngaba ufanele uphume phandle uye kujonga?— Ngaba ukwenza oko bekuya kuba kukuthobela “amagunya awongamileyo”?—

Kwakhona, kumazwe amaninzi urhulumente wakha izikolo, aze ahlawule ootitshala. Ngoko ngaba ucinga ukuba uThixo ufuna umthobele utitshala?— Khawucinge nje ngoku. Ngurhulumente ohlawula utitshala ukuze afundise, kanye njengokuba ehlawula ipolisa ukuze likhusele abantu. Ngoko ke, ukuthobela ipolisa okanye utitshala kufana nokuthobela urhulumente.

Kutheni sifanele silithobele ipolisa?

Kodwa kuthekani ukuba utitshala uthi umele unqule umfanekiso othile? Ungathini?— AmaHebhere amathathu akazange aqubude emfanekisweni kwanaxa ayeyalelwe nguKumkani uNebhukadenetsare ukuba enjenjalo. Ngaba usasikhumbula isizathu soko?— Kungenxa yokuba ayefuna ukuthobela uThixo.

Umbhali-mbali uWill Durant wabhala ngamaKristu okuqala wathi ‘ayengazinikelanga [okanye, enyaniseke] ngokupheleleyo kuKesare.’ Kunoko, ayezinikele ngokupheleleyo kuYehova! Ngoko ke, khumbula ukuba nguThixo ofanele abe kwindawo yokuqala ebomini bethu.

Urhulumente simthobela ngenxa yokuba nguThixo ofuna senjenjalo. Kodwa ukuba kuthiwa masenze into uThixo athi masingayenzi, sifanele sithini?— Sifanele sithethe oko kwathethwa ngabapostile kumbingeleli omkhulu besithi: “Simele sithobele uThixo njengomlawuli kunabantu.”​—IZenzo 5:29.

IBhayibhile isifundisa ukuba sithobele umthetho. Funda oko kubhalwe kuMateyu 5:41; kuTito 3:1 nakweyoku-1 kaPetros 2:12-14.