Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 29

Ngaba Onke Amatheko Ayamkholisa UThixo?

Ngaba Onke Amatheko Ayamkholisa UThixo?

Kwakutheni ukuze uThixo akholiswe leli theko?

NGABA uyakuthanda ukuya emathekweni?— Kunokuba mnandi gqitha. Ngaba ucinga ukuba uMfundisi Omkhulu uyathanda ukuba siye emathekweni?— Kanti, naye waya kwelinye itheko lomtshato, yaye wayehamba nabanye abafundi bakhe. UYehova ‘unguThixo onoyolo,’ ngoko uyavuya xa sizonwabisa kumatheko afanelekileyo.​—1 Timoti 1:11; Yohane 2:1-11.

Iphepha 29 lale ncwadi lisibalisela ngokwahlula kubini kukaYehova uLwandle Olubomvu ukuze amaSirayeli awele. Ngaba uyakhumbula ufunda ngaloo nto?— Emva koko, abantu bacula baza badanisa, bebulela uYehova. Kwakungathi benza itheko. Abo bantu babonwabe gqitha, yaye sinokuqiniseka ukuba noThixo yayimonwabisa loo nto.​—Eksodus 15:1, 20, 21.

Malunga neminyaka engama-40 kamva, amaSirayeli aya kwelinye itheko elikhulu. Ngesi sihlandlo ayemenywe ngabantu ababengamkhonzi nokumkhonza uYehova. Eneneni, aba bantu babebamemile babequbuda kwabanye oothixo yaye besiba neentlobano zesini nabantu abangatshatanga nabo. Ngaba ucinga ukuba kwakufanelekile ukuya kwitheko elinjalo?— Kaloku, uYehova akazange akholiswe lilo, yaye wawohlwaya loo maSirayeli.​—Numeri 25:1-9; 1 Korinte 10:8.

Kwakhona iBhayibhile ibalisa ngamatheko amabini emihla yokuzalwa. Ngaba elinye lawo lalilelokubhiyozela umhla wokuzalwa koMfundisi Omkhulu?— Akunjalo. Omabini la matheko emihla yokuzalwa ayesenzelwa amadoda awayengamkhonzi uYehova. Elinye yayilitheko lomhla wokuzalwa kukaKumkani uHerode Antipas. Wayengumlawuli kwisithili saseGalili ngexesha lokuphila kukaYesu apho.

Zininzi izinto ezimbi ezenziwa nguKumkani uHerode. Wathabatha umfazi womntakwabo wamenza owakhe. Igama laloo mfazi lalinguHerodiya. UYohane umBhaptizi owayengumkhonzi kaThixo, wamxelela uHerode ukuba kwakuphosakele ukwenza oko. UHerode akazange akuthande oko. Ngoko wamvalela entolongweni uYohane.​—Luka 3:19, 20.

Ngoxa wayesentolongweni uYohane, kwabhiyozelwa umhla wokuzalwa kukaHerode. UHerode wenza itheko elikhulu. Wamema abantu abaninzi ababalulekileyo. Bonke batya, basela, baza bazonwabisa. Emva koko intombi kaHerodiya yangena yaza yabadanisela. Wonke umntu wayithanda gqitha indlela eyayidanisa ngayo kangangokuba uKumkani uHerode wafuna ukuyipha isipho esikhethekileyo. Wathi kuyo: “Nakuphi na okucelayo, ndiza kukunika, ukusa kwisiqingatha sobukumkani bam.”

Yayiza kucela ntoni? Ngaba yayiza kucela imali? iimpahla ezintle? ibhotwe elilelayo? Le ntombi yayixakiwe ukuba iza kucela ntoni. Ngoko yaya kunina uHerodiya, yaza yabuza ukuba: “Ndicele ntoni?”

Uze ukhumbule ukuba uHerodiya wayemcaphukela kakhulu uYohane umBhaptizi. Ngoko waxelela le ntombi ukuba icele intloko yakhe. Le ntombi yaya kukumkani yaza yathi: “Ndifuna undinike kanye ngoku ngesitya esimcaba intloko kaYohane umBhaptizi.”

UKumkani uHerode wayengafuni kumbulala uYohane kuba wayesazi ukuba uyindoda elungileyo. Kodwa uHerode wayesele esenzile isithembiso, yaye wayesoyika oko kwakuza kuthethwa ngabanye kwelo theko xa engasizalisekisi. Ngoko wathumela indoda entolongweni ukuba iye kunqumla intloko kaYohane. Loo ndoda yakhawuleza yabuya. Yayiphethe isitya esimcaba esinentloko kaYohane, yaza yasinika le ntombi. Yona yasinika unina.​—Marko 6:17-29.

Elinye itheko lomhla wokuzalwa esibalisela ngalo iBhayibhile lalingekho bhetele. Lalisenzelwa ukumkani waseYiputa. Nasebudeni beli theko, loo kumkani wathi makunqunyulwe intloko yomnye umntu. Emva koko, wayixhoma le ndoda ukuze ityiwe ziintaka! (Genesis 40:19-22) Ngaba ucinga ukuba uThixo wayekholiswa ngaloo matheko mabini?— Ngaba ngewawuthandile ukuya kuwo?—

Kwenzeka ntoni kwitheko lomhla wokuzalwa kukaHerode?

Siyazi ukuba yonke into eseBhayibhileni ibhalwe ngenjongo. Ibalisa ngamatheko emihla yokuzalwa amabini nje kuphela. Yaye kuwo omabini, kwenziwa izinto ezimbi njengenxalenye yokubhiyoza. Ngoko, ubuya kuthi uThixo uzama ukusixelela ntoni ngamatheko emihla yokuzalwa? Ngaba uThixo ufuna sibhiyozele imihla yokuzalwa?—

Enyanisweni, namhlanje akusanqunyulwa zintloko zabantu kumatheko anjalo. Kodwa yonke le mibhiyozo yemihla yokuzalwa yaqalwa ngabantu ababengamnquli uThixo oyinyaniso. IThe Catholic Encyclopedia ithi xa ithetha ngamatheko emihla yokuzalwa akhankanywe eBhayibhileni: “Ngaboni kuphela . . . ababhiyozela imihla yabo yokuzalwa.” Ngaba sifuna ukuba njengabo?—

Kuthekani ngoMfundisi Omkhulu? Ngaba wawubhiyozela umhla wokuzalwa kwakhe?— Akunjalo, iBhayibhile ayithethi nto ngetheko lomhla wokuzalwa kukaYesu. Eneneni, abalandeli bokuqala bakaYesu abazange bawubhiyozele umhla wokuzalwa kwakhe. Ngaba uyasazi isizathu sokuba abantu bakhethe ukubhiyozela umhla wokuzalwa kukaYesu ngoDisemba 25?—

Ngokutsho kweThe World Book Encyclopedia, loo mhla wakhethwa ngenxa yokuba “abantu baseRoma babesele bewubhiyozela njengeTheko likaSaturn, elingumhla wokuzalwa kwelanga.” Ngoko abantu bakhetha ukubhiyozela umhla wokuzalwa kukaYesu ngosuku olwaluyiholide yabahedeni!

Ngaba uyasazi isizathu sokuba uYesu abe akazange azalwe ngoDisemba?— Kungenxa yokuba iBhayibhile ithi ngexesha lokuzalwa kukaYesu, abalusi babesezindle ebusuku. (Luka 2:8-12) Yaye babengenakuhlala phandle ngenyanga kaDisemba ebandayo neneemvula.

Kutheni uDisemba 25 engengomhla wokuzalwa kukaYesu?

Abantu abaninzi bayazi ukuba iKrismesi asingomhla wokuzalwa kukaYesu. Bayazi nokuba ngolo suku abahedeni babenombhiyozo owawungamkholisi uThixo. Kodwa sekunjalo abaninzi bayayibhiyozela iKrismesi. Eyona nto iphambili kubo kukwenza itheko, bengayikhathalele into yokuba uThixo ulijonga njani na elo theko. Kodwa sifuna ukukholisa uYehova, akunjalo?—

Ngoko xa sisenza amatheko, simele siqiniseke ukuba ayamkholisa uYehova. Sinokuwenza nanini na ebudeni bonyaka. Akuyomfuneko ukulinda de ibe lusuku oluthile. Sinokutya kamnandi size sizonwabise ngemidlalwana. Ngaba ubungathanda ukwenjenjalo?— Mhlawumbi ungacela abazali bakho bakuncedise ekwenzeni amalungiselelo etheko. Bekuya kuba mnandi oko, akunjalo?— Kodwa ngaphambi kokuba wenze amalungiselelo elo theko, qiniseka ukuba uThixo uyakholiswa kusini na lilo.

Sinokuqiniseka njani ukuba amatheko esiwenzayo ayamkholisa uThixo?

Ukubaluleka kokusoloko sisenza oko kukholisa uThixo kuyachazwa nakwiMizekeliso 12:2; kuYohane 8:29; kweyabaseRoma 12:2 nakweyoku-1 kaYohane 3:22.