Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 31

Apho Unokufumana Khona Intuthuzelo

Apho Unokufumana Khona Intuthuzelo

NGABA ukhe uzive udanile yaye unesithukuthezi?— Ngaba ukhe uzibuze enoba umntu othile uyakuthanda kusini na?— Abanye abantwana baye bazive ngolo hlobo. Kodwa uThixo wenza esi sithembiso: “Mna andiyi kukulibala.” (Isaya 49:15) Ngaba akuvuyisi na ukwazi oko?— Ewe, uYehova uThixo usithanda ngokwenene!

Ucinga ukuba ivakalelwa njani le gusha incinane nelahlekileyo?

Omnye umbhali weBhayibhile wathi: “Nokuba ubawo noma bangandishiya, ke yena uYehova uya kundithabatha.” (INdumiso 27:10) Ukwazi oko kunokuba yintuthuzelo ngokwenene, akunjalo?— Ewe, uYehova usixelela oku: “Musa ukoyika, kuba ndinawe. . . . Ndiza kukunceda ngokwenene.”​Isaya 41:10.

Noko ke, maxa wambi, uYehova uyamvumela uSathana ukuba asizisele iingxaki. UYehova ude amvumele uSathana ukuba abavavanye abakhonzi Bakhe. UMtyholi wakha wenza uYesu wabandezeleka kangangokude akhale kuYehova esithi: “Thixo wam, Thixo wam, undishiyeleni na?” (Mateyu 27:46) Nakuba uYesu wabandezelekayo, wayesazi ukuba uYehova uyamthanda. (Yohane 10:17) Kodwa kwakhona uYesu wayesazi ukuba uThixo umvumele uSathana ukuba avavanye abakhonzi Bakhe, yaye umvumele ukuba abenze babandezeleke. Kwesinye isahluko siza kusichaza isizathu sokuba uThixo amvumele uSathana enze oku.

Xa sisengabantwana, sidla ngokoyika maxa wambi. Ngokomzekelo, ngaba wakha walahleka?— Ngaba wawusoyika?— Abantwana abaninzi babeza koyika. UMfundisi Omkhulu wakha wabalisa ngokulahleka. Kodwa wayengathethi ngomntwana olahlekileyo. Wayebhekisela kwigusha.

Ngandlel’ ithile nawe uyafana negusha. Njani? Kaloku, iigusha azikho nkulu kangako yaye azinamandla. Ibe zifuna umntu wokuzinyamekela nokuzikhusela. Umntu onyamekela iigusha kuthiwa ngumalusi.

Kwibali lakhe uYesu uthetha ngomalusi owayeneegusha ezilikhulu. Kodwa enye kwezo gusha yalahleka. Kusenokwenzeka ukuba yayifuna ukubona elinye icala lenduli. Kodwa yathi ingaqondanga loo gusha, yazibona sele ikude kwezinye. Ngaba unokuyithelekelela indlela eyaziva ngayo loo gusha xa yathi yakubhekabheka yafumanisa ukuba iyodwa?—

Wayeza kwenza ntoni umalusi akufumanisa ukuba enye igusha ilahlekile? Ngaba wayeza kuqiqa ngelithi le gusha izifake ngokwayo enkathazweni, yaye akasayi kuzikhathaza ngayo? Okanye ngaba wayeza kushiya ezo zingama-99 kwindawo ekhuselekileyo aze akhangele leyo ingekhoyo? Ngaba kwakuyimfuneko ukwenza umgudu ongako ngenxa yegusha nje enye?— Ukuba ubuyile gusha ilahlekileyo, ngaba ubuya kukuvuyela ukukhangelwa ngumalusi?—

Ngubani ofana nomalusi ohlangula igusha yakhe?

Lo malusi wayezithanda gqitha zonke iigusha zakhe, naleyo yayilahlekile. Ngoko waya kuyikhangela. Cinga nje indlela eyavuya ngayo loo gusha xa yabona umalusi esiza! Yaye uYesu uthi lo malusi wavuya akuyifumana igusha yakhe. Wayivuyela gqitha ngaphezu kwezo zingama-99 zazingalahlekanga. Ngoko, ngubani ofana nalo malusi asibalisela ngaye uYesu? Ngubani osinyamekela ngendlela umalusi enza ngayo kwiigusha zakhe?— UYesu wathi nguYise wasezulwini. Yaye uYise nguYehova.

UYehova uThixo nguMalusi Omkhulu wabantu bakhe. Ubathanda bonke abo bamkhonzayo, kuquka abantwana abanjengawe. Akathandi namnye kuthi ukuba enzakale okanye atshabalale. Ngokuqinisekileyo kuyasithuthuzela ukwazi ukuba uThixo usinyamekela ngolo hlobo!​—Mateyu 18:12-14.

Ngaba uYehova ngowokwenene kuwe kanye njengokuba enjalo utata wakho okanye omnye umntu?

Ngaba ngokwenene uyakholelwa kuYehova uThixo?— Ngaba ungumntu wokwenene kuwe?— Kuyinyaniso ukuba asinakumbona uYehova. Oku kungenxa yokuba unguMoya. Unomzimba ongabonakaliyo emehlweni ethu. Kodwa ungumntu wokwenene, yaye uyasibona. Uyazi xa sifuna uncedo. Yaye sinokuthetha naye ngomthandazo, kanye njengoko sinokuthetha naye nawuphi na umntu osemhlabeni. UYehova ufuna ukuba sikwenze oku.

Ngoko ukuba uziva udakumbile okanye unesithukuthezi, ufanele wenze ntoni?— Thetha noYehova. Sondela kuye, yaye uya kukuthuthuzela aze akuncede. Khumbula ukuba uYehova uyakuthanda, kwanokuba uziva unesithukuthezi. Masithabathe iBhayibhile. KwiNdumiso 23, ukususela kwindinyana 1, sifunda oku: “UYehova ngumaLusi wam. Andiyi kuswela nto. Undilalisa kumadlelo anengca; undikhaphelela kwiindawo zokuphumla ezinamanzi amaninzi.”

Phawula oko akongezelelayo umbhali, kwindinyana 4: “Nangona ndihamba kwintlambo yethunzi elimnyama, andoyiki nto imbi, kuba unam wena; intonga yakho nomsimelelo wakho ziyandithuthuzela.” Leyo yindlela abavakalelwa ngayo abantu abaThixo wabo unguYehova. Bayathuthuzelwa xa besenkathazweni. Ngaba nawe uvakalelwa ngaloo ndlela?—

Njengoko umalusi onothando ezinyamekela iigusha zakhe, ngoko noYehova ubanyamekela kakuhle abantu bakhe. Ubalathisela kwindlela efanelekileyo, yaye bamlandela ngovuyo. Kwanaxa besenkathazweni, aboyiki. Umalusi usebenzisa intonga okanye umsimelelo wakhe ukuze akhusele iigusha kwizilwanyana ezinokuzenzakalisa. IBhayibhile ibalisa indlela umalusi oselula onguDavide awazikhusela ngayo iigusha zakhe kwingonyama nakwibhere. (1 Samuweli 17:34-36) Nabantu bakaThixo bayazi ukuba uYehova uya kubakhusela. Baziva bekhuselekile kuba uThixo unabo.

Kanye njengoko umalusi ekhusela iigusha zakhe, ngubani onokusinceda xa sisenkathazweni?

UYehova uzithanda ngokwenene iigusha zakhe, yaye uzinyamekela ngothando. IBhayibhile ithi: ‘Njengomalusi uya kuzalusa iigusha zakhe. Ngeengalo zakhe uya kuwaqokelela ndawonye amatakane.’​—Isaya 40:11.

Ngaba akukuvuyisi ukwazi ukuba uYehova unjalo?— Ngaba uyafuna ukuba ngomnye weegusha zakhe?— Iigusha ziyaliphulaphula ilizwi lomalusi wazo. Zisoloko zisondele kuye. Ngaba nawe uyamphulaphula uYehova?— Ngaba usondele kuye?— Ngoko akuyomfuneko ukuba woyike. UYehova uya kuba nawe.

UYehova ubanyamekela ngothando abo bamkhonzayo. Masifunde kunye oko iBhayibhile ikutshoyo ngalo mbandela kwiNdumiso 37:25; 55:22 nakuLuka 12:29-31.