Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 36

Ngoobani Abaza Kuvuswa? Baza Kuhla Phi?

Ngoobani Abaza Kuvuswa? Baza Kuhla Phi?

KWIZAHLUKO ezibini ezidluleyo, bangaphi abantu abavuswayo esiye safunda ngabo?— Bahlanu. Bangaphi abangabantwana kubo?— Bathathu. Yaye owesine kubo kuthiwa ngumfana. Ucinga ukuba ibonisa ntoni le nto?—

Kaloku, ibonisa ukuba uThixo uyabathanda abantu abaselula. Kodwa uya kuvusa nabanye abangakumbi. Ngaba uThixo uya kuvusa kuphela abo baye benza okulungileyo?— Sisenokucinga ukuba kunjalo. Kodwa abantu abaninzi abazange bayifunde inyaniso ngoYehova uThixo noNyana wakhe. Ngoko benza okubi kuba babefundiswe izinto eziphosakeleyo. Ucinga ukuba uYehova uza kubavusa abantu abanjalo?—

IBhayibhile ithi: “Kuza kubakho uvuko lwamalungisa nabangengomalungisa.” (IZenzo 24:15) Kutheni kuza kuvuswa abo bangengawo amalungisa okanye abo bangazange benze izinto ezilungileyo?— Kungenxa yokuba abazange bafumane ithuba lokufunda ngoYehova nangoko afuna abantu bakwenze.

Kutheni uThixo eza kuvusa abantu abangazange benze izinto ezilungileyo?

Ucinga ukuba abantu baza kuvuswa nini?— Ngexesha lokufa kukaLazaro uYesu wenza esi sithembiso kudadewabo uMarta: “Umntakwenu uza kuvuka.” UMarta wathi kuye: “Ndiyazi ukuba uza kuvuka eluvukweni ngomhla wokugqibela.” (Yohane 11:23, 24) Wayethetha ukuthini uMarta xa wayesithi uLazaro uza kuvuka “ngomhla wokugqibela”?—

Iphi le Paradesi uYesu axelela le ndoda ngayo?

Kaloku, uMarta wayesivile isithembiso sikaYesu esithi: ‘Bonke abo bakumangcwaba enkumbulo baya kuphuma.’ (Yohane 5:28, 29) Ngoko ‘umhla wokugqibela’ uya kuba xa bonke abo bakwinkumbulo kaThixo beya kubuyela ebomini. Lo mhla wokugqibela awunaziyure zingama-24. Uya kuba neminyaka eliwaka. Ngokuphathelele lo mhla, iBhayibhile ithi, ‘uThixo uya kubagweba abantu basemhlabeni.’ Phakathi kwabo aya kubagweba kuya kube kukho abo bavusiweyo.​—IZenzo 17:31; 2 Petros 3:8.

Khawucinge nje ngendlela oya kuvuyisa ngayo loo mhla! Ebudeni balo mhla uneminyaka eliwaka, izigidi ngezigidi zabantu ebezifile ziya kuvuswa. UYesu uyibiza ngokuba yiParadesi le ndawo baza kuvuselwa kuyo. Makhe sibone ukuba iza kuba phi le Paradesi yaye iza kuba njani.

Malunga neeyure ezintathu ngaphambi kokuba afe kwisibonda sentuthumbo, uYesu uthetha ngeParadesi nendoda ekwisibonda esikufutshane naye. Le ndoda ibulawelwa ukwaphula kwayo umthetho. Kodwa njengoko esi saphuli-mthetho sijonge uYesu size sive oko kuthethwayo Ngaye, siqalisa ukuba nokholo kuYesu. Ngoko esi saphuli-mthetho sithi: “Uze undikhumbule xa uthe wangena ebukumkanini bakho.” UYesu uphendula athi: “Inene ndithi kuwe namhlanje, Uya kuba nam eParadesi.”​—Luka 23:42, 43.

Xa sifunda ngeParadesi, sifanele sibe nawuphi umfanekiso-ngqondweni?

UYesu uthetha ukuthini ngala mazwi? Iphi iParadesi?— Khawucingisise. Yayiphi iParadesi ekuqaleni?— Khumbula ukuba, uThixo wanika indoda yokuqala, uAdam nomfazi wayo iparadesi ababeza kuphila kuyo kanye apha emhlabeni. Kwakusithiwa ngumyezo wase-Eden. Kwakukho izilwanyana kuloo myezo, kodwa zazingenabungozi ebantwini. Yaye kwakukho imithi eneziqhamo ezininzi ezimnandi, kwakunye nomlambo omkhulu. Kwakumnandi gqitha ukuhlala apho!​—Genesis 2:8-10.

Ngoko xa sifunda ngokuba seParadesi kweso saphuli-mthetho, sifanele sibe nomfanekiso-ngqondweni walo mhlaba uyindawo entle esinokuhlala kuyo. Ngaba uYesu uya kuba lapha emhlabeni kunye neso saphuli-mthetho eParadesi?— Akunjalo. Ngaba uyasazi isizathu sokuba engazi kuba lapha?—

Kungenxa yokuba uYesu uza kuba esezulwini elawula iParadesi esemhlabeni njengoKumkani. Ngoko uYesu uza kuba kunye nale ndoda ngengqiqo yokuba uza kuyivusa ekufeni aze anyamekele iimfuno zayo. Kodwa kutheni uYesu eza kuvumela umntu owayesisaphuli-mthetho aphile eParadesi?— Makhe sibone ukuba asinakuyifumana kusini na impendulo yalo mbuzo.

Ngaphambi kokuba sithethe noYesu, ngaba esi saphuli-mthetho sasisazi ngeenjongo zikaThixo?— Akunjalo. Senza izinto ezimbi ngenxa yokuba sasingayazi inyaniso ngoThixo. EParadesi siya kufundiswa ngeenjongo zikaThixo. Emva koko, siya kunikwa ithuba lokuzingqina ukuba simthanda ngokwenene uThixo ngokwenza ukuthanda Kwakhe.

Ngaba bonke abantu abaya kuvuswa baza kuhlala kwiParadesi esemhlabeni?— Akunjalo. Ngaba uyasazi isizathu soko?— Kungenxa yokuba abanye baya kuvuswa ukuze baphile noYesu ezulwini. Baya kulawula kunye naye umhlaba oyiParadesi njengookumkani. Makhe sibone ukuba sikwazi njani oku.

Ngobusuku bangaphambi kokufa kwakhe, uYesu uthi kubapostile bakhe: ‘Endlwini kaBawo ezulwini, zininzi iindawo zokuhlala, yaye ndiyemka ndiya kunilungiselela indawo.’ Emva koko, uYesu ubathembisa esithi: “Ndiya kuza kwakhona ndize ndinamkelele kum ekhaya, ukuze apho ndikhoyo mna nibe lapho nani.”​—Yohane 14:2, 3.

UYesu uya phi emva kokuba evusiwe?— Ewe, ubuyela ezulwini ukuze abe kunye noYise. (Yohane 17:4, 5) Ngoko uYesu uthembisa abapostile bakhe nabanye abalandeli ukuba uya kubavusa ukuze babe kunye naye ezulwini. Baza kwenza ntoni apho kunye noYesu?— IBhayibhile ithi abafundi bakhe abaza kuba “kuvuko lokuqala” baya kuphila ezulwini baze balawule umhlaba “njengookumkani kunye naye iminyaka eliwaka.”​—ISityhilelo 5:10; 20:6; 2 Timoti 2:12.

Bangaphi abaya kuba “kuvuko lokuqala” baze balawule kunye noYesu njengookumkani?— UYesu wabaxelela oku abafundi bakhe: “Musani ukoyika, mhlambi mncinane, ngenxa yokuba kukholekile kuYihlo ukuninika ubukumkani.” (Luka 12:32) Lo “mhlambi mncinane,” uvuswayo ukuze ube kunye noYesu kuBukumkani bakhe basezulwini, ulinani eliqingqiweyo. IBhayibhile ithi kuvuswa emhlabeni “ikhulu elinamashumi amane anesine lamawaka.”​—ISityhilelo 14:1, 3.

Baza kuhlala phi abantu abavusiweyo, yaye yintoni abaza kuyenza apho?

Bangaphi abaza kuphila kwiParadesi esemhlabeni?— IBhayibhile ayilichazi inani labo. Kodwa uThixo wayexelele uAdam noEva ngoxa babekumyezo wase-Eden, ukuba babe nabantwana baze bazalise umhlaba. Enyanisweni basilela ukwenjenjalo. Kodwa uThixo uya kuqinisekisa ukuba injongo yakhe yokuzalisa umhlaba ngabantu abalungileyo iyaphumelela.​—Genesis 1:28; Isaya 45:18; 55:11.

Khawucinge nje ngendlela ekuya kuvuyisa ngayo ukuphila eParadesi! Wonke umhlaba uya kuba njengepaki. Uya kuzaliswa ziintaka nezilwanyana nayimithi neentlobo-ntlobo zeentyatyambo ezintle. Akukho mntu uya kuva iintlungu ngenxa yokugula, yaye akukho mntu uya kufa. Bonke abantu baya kuba ngabahlobo. Ukuba sifuna ukuphila ngonaphakade eParadesi, simele siqale ngoku ukuyilungiselela.