Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 41

Abantwana Abavuyisa UThixo

Abantwana Abavuyisa UThixo

UCINGA ukuba nguwuphi umntwana emhlabeni owamvuyisa ngendlela ebalaseleyo uYehova?— YayinguNyana wakhe, uYesu. Makhe sithethe ngezinto ezenziwa nguYesu ukuze avuyise uYise osezulwini.

Intsapho yakuloYesu yayihlala kumgama wohambo lweentsuku ezintathu ukusuka eYerusalem, ndawo leyo eyayinetempile entle kaYehova. UYesu wayibiza le tempile ngokuba ‘yindlu kaBawo.’ Ekunye nentsapho yakowabo, wayedla ngokuya apho nyaka ngamnye ukuya kubhiyozela iPasika.

Ngomnye unyaka, xa uYesu wayeneminyaka eli-12 ubudala, intsapho yakowabo yayikuhambo olubuyayo emva kokubhiyozela iPasika. Yathi yakufika kwindawo eyayiza kulalisa kuyo yafumanisa ukuba uYesu akakho naphakathi kwezalamane nezihlobo zayo. Ngoko nangoko uMariya noYosefu babuyela eYerusalem ukuya kukhangela uYesu. Ucinga ukuba wayephi?—

Bamfumana uYesu esetempileni. Wayephulaphule abafundisi, ebabuza nemibuzo. Yaye xa bembuza into ethile, wayebaphendula. Babemangaliswa yindlela awayebaphendula kakuhle ngayo. Ngaba uyasiqonda ke ngoku isizathu sokuba uThixo avuyiswe nguNyana wakhe?—

Kambe ke, xa uMariya noYosefu bada bamfumana uYesu, batsho bakhululeka. Kodwa yena uYesu wayengaxhalabanga. Wayesazi ukuba wayekhuselekile xa esetempileni. Ngoko wababuza oku: “Beningazi na ukuba ndimele ndibe sendlwini kaBawo?” Wayesazi ukuba le tempile yayiyindlu kaThixo, yaye wayekuthanda ukuba kuyo.

Emva koko, uMariya noYosefu bathabatha uYesu oneminyaka eli-12 ubudala baza babuyela naye eNazarete. Ucinga ukuba uYesu wayebajonga njani abazali bakhe?— Kaloku, iBhayibhile ithi “waqhubeka ezithobile kubo.” Ucinga ukuba oko kuthetha ntoni?— Kuthetha ukuba wayebathobela. Ewe, wayesenza konke oko akuxelelwa ngabazali bakhe, kuquka imisebenzi efana nokuya kukha amanzi equleni.​—Luka 2:41-52.

Umntwana onguYesu wamvuyisa njani uThixo?

Ngoko khawucinge nje ngoku: Nangona uYesu wayefezekile, wabathobela abazali bakhe abangafezekanga. Ngaba oku kwamvuyisa uThixo?— Ngokuqinisekileyo kwamvuyisa, kuba iLizwi likaThixo lithi ebantwaneni: “Bathobeleni abazali benu.” (Efese 6:1) Nawe uya kumvuyisa uThixo ukuba uyabathobela abazali bakho, kanye njengoYesu.

Enye indlela onokumvuyisa ngayo uThixo kukuxelela abanye ngaye. Noko ke, abanye abantu basenokuthi oko akumele kwenziwe ngabantwana. Kodwa xa abantu bazama ukunqanda amakhwenkwe aselula ekwenzeni oku, uYesu wathi: ‘Anizange nifunde na eZibhalweni ukuba, “Emilonyeni yeentsana uThixo uya kwenza ukuba kuphume indumiso”?’ (Mateyu 21:16) Ngoko sonke sinokubaxelela abanye ngoYehova nangendlela anguThixo omangalisayo ngayo, ukuba ngokwenene siyafuna ukwenjenjalo. Yaye ukuba senjenjalo, siya kumvuyisa uThixo.

Sizifunda phi izinto ngoThixo esinokuxelela abanye ngazo?— Kwisifundo seBhayibhile sasekhaya. Kodwa sifunda okungakumbi kwindawo abahlanganisana kuyo abantu bakaThixo ukuze bafundiswe. Kodwa sinokubazi njani abantu bakhe?—

Abantu benza ntoni xa beneentlanganiso? Ngaba ngokwenene bafundisa oko kuseBhayibhileni? Ngaba bayayifunda baze bayixubushe? Le yindlela esimphulaphula ngayo uThixo, akunjalo?— Yaye kwiintlanganiso zamaKristu silindele ukuva oko kuthethwa nguThixo, akunjalo?— Kodwa kuthekani ukuba abantu bathi akuyomfuneko ukuphila ngokuvisisana noko kuthethwa yiBhayibhile? Ngaba ubuya kuthi bangabantu bakaThixo?—

Nantsi enye into emasiyicinge. IBhayibhile ithi abantu bakaThixo baya kuba ‘sisizwana esibizwa ngegama lakhe.’ (IZenzo 15:14) Ekubeni igama likaThixo linguYehova, sinokubuza abantu enoba uThixo wabo nguYehova. Ukuba bayala, siya kwazi ukuba abangobantu bakhe. Kwakhona abantu bakaThixo bathetha nabanye ngoBukumkani bakhe. Yaye babonisa ukumthanda kwabo uThixo ngokugcina imiyalelo yakhe.​—1 Yohane 5:3.

Ukuba unabantu obaziyo abazenzayo zonke ezo zinto, ngoko ufanele ubathelele kunqulo lwabo. Ufanele uphulaphule ngenyameko kwezi ntlanganiso uze uphendule xa kubuzwa imibuzo. Wenjenjalo uYesu xa wayesendlwini kaThixo. Yaye ukuba uyazenza ezo zinto, uya kumvuyisa uThixo, kanye njengoYesu.

Ngaba bakho abanye abantwana obakhumbulayo abakhankanywe eBhayibhileni abathi bavuyisa uThixo?— UTimoti ungobalaseleyo phakathi kwabo. Uyise wayengakholelwa kuYehova. Kodwa unina uYunike, noninakhulu uLoyisi babekholelwa kuye. UTimoti wabaphulaphula waza wafunda ngoYehova.

Yintoni uTimoti awafuna ukuyenza, nakuba uyise wayengakholwa?

Wathi akukhula uTimoti, umpostile uPawulos watyelela idolophu awayehlala kuyo. Wayiphawula indlela uTimoti awayekuthanda ngayo ukukhonza uYehova. Ngoko wamcela uTimoti ukuba ahambe naye ukuze akhonze uThixo ngomkhamo othe chatha. Naphi na apho babesiya khona, babexelela abantu ngoBukumkani bukaThixo nangoYesu.​—IZenzo 16:1-5; 2 Timoti 1:5; 3:14, 15.

Kodwa ngaba eBhayibhileni kukho imizekelo yamakhwenkwe aselula kuphela awavuyisa uThixo?— Akunjalo konke konke. Khawucinge ngenye intombazana eselula engumSirayeli eyakwenzayo oko. Ngexesha lokuphila kwayo, amaSiriya namaSirayeli ayeziintshaba. Ngenye imini amaSiriya alwa namaSirayeli aza ayithimba le ntombazana iselula. Yasiwa kwindlu yomphathi-mkhosi, ekwakusithiwa nguNahaman. Apho yafika yaba sisicaka somfazi kaNahaman.

UNahaman wayenesifo seqhenqa. Akakho ugqirha owayenokumnceda. Kodwa le ntombazana iselula nengumSirayeli yayikholelwa ukuba omnye wabakhonzi abakhethekileyo bakaThixo, owayengumprofeti, wayenokumnceda uNahaman. Kambe ke, uNahaman nomfazi wakhe babengengobanquli bakaYehova. Ngaba le ntombazana iselula yayifanele ibaxelele oko ikwaziyo? Ngewawenze ntoni wena?—

Le ntombazana ingumSirayeli yamvuyisa njani uThixo?

Noko ke, le ntombazana iselula yathi: ‘Ukuba nje uNahaman unokuya kumprofeti kaYehova okwaSirayeli, beliya kunyangeka iqhenqa lakhe.’ UNahaman wayiphulaphula le ntombazana, waza waya kuloo mprofeti kaYehova. Emva kokuba ekwenzile oko wakuxelelwa nguloo mprofeti, wanyangeka. Oku kwenza uNahaman waba ngumkhonzi woThixo oyinyaniso.​—2 Kumkani 5:1-15.

Ngaba ungathanda ukunceda omnye umntu afunde ngoYehova nangoko anokukwenza, njengoko le ntombazana iselula yenzayo?— Ngubani onokumnceda?— Kakade ke, ekuqaleni basenokungayiqondi into yokuba bafuna ukuncedwa. Kodwa unokubaxelela ngezinto ezintle azenzayo uYehova. Yaye basenokukuphulaphula. Unokuqiniseka ukuba oku kuya kumvuyisa uThixo.

Ukuze bafumane uvuyo ekukhonzeni uThixo, abaselula banokufumana ukhuthazo olungakumbi kwiNdumiso 122:1; 148:12, 13; kwiNtshumayeli 12:1; kweyoku-1 kuTimoti 4:12 nakumaHebhere 10:23-25.