Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 43

Ngoobani Abantakwethu Noodadewethu?

Ngoobani Abantakwethu Noodadewethu?

UMFUNDISI OMKHULU wakha wabuza umbuzo obangel’ umdla. Wawusithi: “Ngubani na uma, bengoobani bona abantakwethu?” (Mateyu 12:48) Ngaba unokuwuphendula loo mbuzo?— Kusenokwenzeka ukuba uyazi ukuba igama likamama kaYesu nguMariya. Kodwa ngaba uyawazi amagama abantakwabo?— Ngaba wayenabo oodadewabo?—

IBhayibhile ithi amagama abantakwabo Yesu ‘nguYakobi, uYosefu, uSimon noYudas.’ Yaye wayenoodadewabo ababesaphila ngoxa wayeshumayela. Ekubeni uYesu wayelizibulo kowabo, bonke abanye abantwana babebancinane kunaye.—Mateyu 13:55, 56; Luka 1:34, 35.

Ngaba abantakwabo Yesu babekwangabafundi bakhe?— IBhayibhile ithi ekuqaleni “babengalubonisi ukholo kuye.” (Yohane 7:5) Noko ke, kamva, uYakobi noYudas (okwabizwa ngokuba nguYude) baba ngabafundi bakhe, yaye bada babhala neencwadi zeBhayibhile. Ngaba uyazi ukuba ziziphi iincwadi abazibhalayo?— Ewe, yincwadi kaYakobi nekaYude.

Nangona amagama oodadeboYesu engakhankanywanga eBhayibhileni, siyazi ukuba ubuncinane babebabini. Noko ke, kusenokwenzeka ukuba kwakukho nabanye abangakumbi. Ngaba aba dadewabo baba ngabalandeli bakhe?— IBhayibhile ayithethi nto, ngoko ke asazi. Kodwa ngaba uyasazi isizathu sokuba uYesu abuze lo mbuzo, “Ngubani na uma, bengoobani bona abantakwethu?”— Makhe sibone.

UYesu wayesafundisa abafundi bakhe xa mntu uthile wamphazamisa ngelithi: “Unyoko nabantakwenu bemi ngaphandle, bafuna ukuthetha nawe.” Ngoko uYesu wasebenzisa eli thuba ukuze adlulisele isifundo esibalulekileyo ngokubuza laa mbuzo ubangel’ umdla: “Ngubani na uma, bengoobani bona abantakwethu?” Wakhomba kubafundi bakhe waza wadanduluka wathi: “Khangela! Uma nabantakwethu!”

UYesu wakuchaza oko wayekuthetha, esithi: “Nabani na owenza ukuthanda kukaBawo osezulwini, nguye lowo ongumntakwethu, nodade wethu, noma.” (Mateyu 12:47-50) Oku kubonisa indlela uYesu awayesondele ngayo kubafundi bakhe. Wayesifundisa ukuba abafundi bakhe babefana nabantakwabo noodadewabo noomama bokwenene.

UYesu wathi ngoobani abantakwabo noodadewabo?

Ngelo xesha abantakwabo Yesu—uYakobi, uYosefu, uSimon, noYudas—babengakholelwa ukuba uYesu wayenguNyana kaThixo. Kusenokwenzeka ukuba abazange bakukholelwe oko ingelosi enguGabriyeli yakuxelela unina. (Luka 1:30-33) Ngoko kusenokwenzeka ukuba babengenabuhlobo kuYesu. Nabani na owenza oko akangomntakwenu okanye udadewenu wokwenene. Ngaba ukho umntu omaziyo oye akabonisa buhlobo kumntakwabo okanye udadewabo?—

IBhayibhile isixelela ngoEsawu noYakobi nangendlela uEsawu awaba nomsindo ngayo kangangokuba wathi: “Ndiya kumbulala uYakobi umntakwethu.” Unina uRebheka woyika gqitha kangangokuba wathi uYakobi makabalekiswe ukuze uEsawu angambulali. (Genesis 27:41-46) Noko ke, kwiminyaka emininzi kamva uEsawu watshintsha, yaye wamwola waza wamanga uYakobi.​—Genesis 33:4.

Ekuhambeni kwexesha, uYakobi waba noonyana abali-12. Kodwa oonyana abakhulu bakaYakobi babengamthandi umninawa wabo uYosefu. Bammonela kuba wayengoyena nyana uthandwayo nguyise. Ngoko bamthengisa kwabo barhweba ngamakhoboka ababesendleleni eya eYiputa. Emva koko baxelela uyise ukuba uYosefu ubulewe lirhamncwa lasendle. (Genesis 37:23-36) Ngaba leyo yayingeyonto imbi?—

Kamva abantakwabo Yosefu bazisola ngoko bakwenzayo. Ngoko uYosefu wabaxolela. Ngaba uyayibona indlela uYosefu awayefana ngayo noYesu?— Abapostile bakaYesu babaleka xa wayesengxakini waza uPetros wakhanyela ukuba uyamazi. Sekunjalo, kanye njengoYosefu, uYesu wabaxolela bonke.

Sinokufunda siphi isifundo koko uKayin wakwenzayo kuAbheli?

Kukho noKayin nomntakwabo uAbheli. Nakubo sinokufunda okuthile. UThixo wabona ukuba uKayin akamthandi ngokwenene umntakwabo. Ngoko uThixo wathi uKayin umele atshintshe isimo sengqondo sakhe. Ukuba uKayin wayemthanda ngokwenene uThixo, ngewayenikele ingqalelo kula mazwi. Kodwa wayengamthandi uThixo. Ngenye imini uKayin wathi kuAbheli: “Masiye endle.” UAbheli wavuma ukuhamba noKayin. Ngoxa babebodwa apho endle, uKayin wambetha kakhulu umntakwabo waza wambulala.​—Genesis 4:2-8.

IBhayibhile isixelela ukuba kukho isifundo esikhethekileyo esinokusifunda koko. Ngaba uyasazi?— ‘Siso esi isifundo enasifundayo kwasekuqaleni: Sifanele sithandane, singabi njengoKayin, owaphuma kulowo ungendawo.’ Ngoko sifanele sibathande abantakwethu noodadewethu. Asifanele sibe njengoKayin.​—1 Yohane 3:11, 12.

Kutheni kuyinto embi nje ukufana noKayin?— Kungenxa yokuba iBhayibhile ithi ‘wayephuma kulowo ungendawo,’ uSathana uMtyholi. Ekubeni uKayin wenza kanye njengoMtyholi, kwakufana nokungathi uMtyholi nguyise.

Ngaba uyasibona isizathu sokuba kubalulekile ukuthanda abantakwenu noodadewenu?— Ukuba akubathandi, uya kuba ulinganisa abantwana bakabani?— Abantwana bakaMtyholi. Ubungenakuthanda ukuba ngomnye wabo, andithi?— Ngoko unokubonisa njani ukuba ufuna ukuba ngumntwana kaThixo?— Ngokubathanda ngokwenene abantakwenu noodadewenu.

Kodwa yintoni uthando?— Uthando yimvakalelo enzulu esinayo nesenza sifune ukwenzela abanye izinto ezilungileyo. Sibonisa ukuba siyabathanda abanye xa sinobubele kubo size sibenzele izinto ezilungileyo. Yaye ngoobani abantakwethu noodadewethu esifanele sibathande?— Khumbula ukuba uYesu wafundisa ukuba ngabo babumba intsapho enkulu yamaKristu.

Unokubonisa njani ukuba uyamthanda umzalwana wakho?

Kubaluleke kangakanani ukuba sibathande abantakwethu noodadewethu abangamaKristu?— IBhayibhile ithi: “Lowo ungamthandiyo umzalwana wakhe [okanye udadewabo], ambonileyo, akanako ukumthanda uThixo, angambonanga.” (1 Yohane 4:20) Ngoko asinakuthanda nje abantu abambalwa kwintsapho yamaKristu. Simele sibathande bonke. UYesu wathi: “Ngako oko bonke baya kwazi ukuba ningabafundi bam, ukuba ninothando phakathi kwenu.” (Yohane 13:35) Ngaba ubathanda bonke abazalwana noodade?— Khumbula ukuba, ukuba akubathandi, akunakuba umthanda ngokwenene uThixo.

Sinokubonisa njani ukuba sibathanda ngokwenene abazalwana noodadewethu?— Kaloku, ukuba siyabathanda, asisayi kubaphepha ngenxa yokuba singafuni kuthetha nabo. Siya kubonisa ubuhlobo kubo bonke. Siya kusoloko sibenzela izinto ezilungileyo yaye sikulungele ukwabelana nabo ngezinto. Yaye nanini na besengxakini, siya kubanceda kuba siyintsapho enkulu ngokwenene.

Xa sibathanda ngokwenene bonke abazalwana noodadewethu, oko kubonisa ntoni?— Kubonisa ukuba singabafundi bakaYesu, uMfundisi Omkhulu. Yaye ngaba asikuthandi oko?—

Ukubonisa uthando kubazalwana noodadewethu kuyaxutyushwa nakwabaseGalati 6:10 nakweyoku-1 kaYohane 4:8, 21. Kutheni ungatyhili iBhayibhile yakho uze uzifunde ezo ndinyana?