Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 44

Abahlobo Bethu Bafanele Bamthande UThixo

Abahlobo Bethu Bafanele Bamthande UThixo

ABAHLOBO ngabantu esithanda ukuncokola size sichithe ixesha kunye nabo. Kodwa kubalulekile ukuba nabahlobo abalungileyo. Ucinga ukuba ngubani oyena mhlobo ufanelekileyo sinokuba naye?— Ewe, nguYehova uThixo.

Ngaba ngokwenene sinokuba ngabahlobo bakaThixo?— Kaloku, iBhayibhile ithi uAbraham, owayephila kudala, ‘wayengumhlobo kaYehova.’ (Yakobi 2:23) Ngaba uyazi ukuba waba nguye njani?— IBhayibhile ithi uAbraham wamthobela uThixo. Wayethobela naxa oko wayecelwa ukuba akwenze kwakunzima. Ngoko ukuze sibe ngabahlobo bakaYehova, simele senze oko kumkholisayo, kanye njengokuba uAbraham wenzayo nanjengokuba uMfundisi Omkhulu wayesoloko esenza.​—Genesis 22:1-14; Yohane 8:28, 29; Hebhere 11:8, 17-19.

UAbraham waba nguye njani “umhlobo kaYehova”?

UYesu wathi kubapostile bakhe: “Ningabahlobo bam ukuba nenza oko ndiniyalela kona.” (Yohane 15:14) Ekubeni yonke into uYesu awayeyixelela abantu yayivela kuYehova, ngoko wayethetha ukuba abahlobo bakhe yayingabantu ababesenza oko kufunwa nguThixo. Enyanisweni, bonke abahlobo bakhe babemthanda uThixo.

Abanye babona bahlobo basondeleyo boMfundisi Omkhulu yayingabapostile bakhe, yaye unokubabona kwiphepha 75 lale ncwadi. Babehamba naye, bemncedisa nasekushumayeleni. UYesu wachitha ixesha elininzi nala madoda. Wayesitya kunye nawo. Wayencokola kunye nawo ngoThixo. Yaye wayesenza nezinye izinto kunye nawo. Kodwa uYesu wayekwanabo nabanye abahlobo abaninzi. Wayedla ngokuhlala nabo, yaye kwakuba mnandi xa ekunye nabo.

Enye intsapho uYesu awayethanda ukuyityelela yayihlala kwidolophana yaseBhethani, eyayikufutshane nesixeko esikhulu saseYerusalem. Ngaba uyayikhumbula?— Yayiyintsapho yakuloMariya, uMarta nomntakwabo uLazaro. UYesu wathi uLazaro ngumhlobo wakhe. (Yohane 11:1, 5, 11) Isizathu sokuba uYesu ayithande le ntsapho aze amane eyityelela kukuba yayimthanda uYehova yaye imkhonza.

Kutheni uYesu wayesoloko etyelela le ntsapho xa eye eYerusalem? Ngaba uyawazi amagama abo?

Loo nto yayingathethi ukuba uYesu wayengenabubele kubantu abangamkhonziyo uThixo. Wayebubonakalisa nakubo. Wayede aye nakumakhaya abo aze atye nabo. Oku kwabangela ukuba abanye bathi uYesu ‘wayengumhlobo wabaqokeleli berhafu naboni.’ (Mateyu 11:19) Enyanisweni uYesu wayengayi kumakhaya aba bantu kuba ethanda indlela abaphila ngayo. Wayebatyelela ukuze athethe nabo ngoYehova. Wayezama ukubanceda batshintshe iindlela zabo ezimbi baze bakhonze uThixo.

Kwakutheni ukuze uZakeyu akhwele kulo mthi?

Oku kwakha kwenzeka ngenye imini kwisixeko saseYeriko. UYesu wayedlula apho esiya eYerusalem. Apho kwakukho isihlwele sabantu, yaye phakathi kwaso kwakukho indoda egama linguZakeyu. Yayifuna ukubona uYesu. Kodwa uZakeyu wayemfutshane, yaye wayengenakukwazi ukumbona ngenxa yeso sihlwele. Ngoko wabaleka phambili waza wakhwela emthini ukuze ambone kakuhle uYesu xa edlula.

Xa wayedlula kuloo mthi, uYesu wajonga phezulu waza wathi: ‘Khawuleza uhle, kuba namhlanje ndiza kuya endlwini yakho.’ Kodwa uZakeyu wayeyindoda esisityebi eyayenze izinto ezimbi. Kwakutheni ukuze uYesu afune ukuya kwindlu yendoda enjalo?—

Kwakungekho ngenxa yokuba uYesu wayeyithanda indlela eyayiphila ngayo loo ndoda. Wayeyele ukuya kuthetha noZakeyu ngoThixo. Wayibona indlela le ndoda eyazama ngayo ukumbona. Ngoko wayeqonda ukuba mhlawumbi uZakeyu wayeza kumphulaphula. Eli yayilithuba elihle lokuba athethe naye ngendlela uThixo afuna abantu baphile ngayo.

Kwakutheni ukuze uYesu atyelele uZakeyu, yaye wathembisa ukwenza ntoni uZakeyu?

Ngoko usabela njani?— UZakeyu uyazithanda iimfundiso zikaYesu. Uyazisola ngokuqhatha kwakhe abantu, yaye uthembisa ukuyibuyisa yonke imali yabo. Emva koko uba ngumlandeli kaYesu. UZakeyu noYesu baqala ngelo xesha ukuba ngabahlobo.​—Luka 19:1-10.

Ukuba siyafunda kuMfundisi Omkhulu, ngaba siya kuze sibatyelele abantu abangengobahlobo bethu?— Ewe. Kodwa asisayi kubatyelela kuba sithanda indlela abaphila ngayo. Yaye asiyi kwenza izinto eziphosakeleyo nabo. Siya kubatyelela ukuze sithethe nabo ngoThixo.

Kodwa abona bahlobo basondeleyo kuthi ngabo sithanda ukuchitha ixesha elininzi nabo. Ukuze babe ngabahlobo abafanelekileyo, bafanele bathandwe nguThixo. Kusenokwenzeka ukuba abanye abamazi kwaukumazi uYehova. Kodwa ukuba bayafuna ukumazi, sinokubanceda. Xa sele bethanda uYehova ngendlela esimthanda ngayo, banokuba ngabahlobo bethu abasondeleyo.

Ikho nenye indlela yokubona enoba umntu uya kuba ngumhlobo olungileyo kusini na. Jonga izinto azenzayo. Ngaba ubenza izinto ezibuhlungu abanye aze ahleke? Akufanelekanga oko, andithi?— Ngaba usoloko ezifak’ engxakini? Asiyi kuthanda ukuba sengxakini nathi kunye naye, andithi?— Okanye ngaba wenza izinto eziphosakeleyo ngabom aze acinge ukuba ulumkile xa engakhange abhaqwe? Kwanokuba akakhange abhaqwe, uThixo yena umbonile, andithi?— Ngaba ucinga ukuba abantu abenza izinto ezinjalo banokuba ngabahlobo abasifaneleyo?—

Kutheni ungathathi iBhayibhile yakho? Makhe sibone oko ikutshoyo ngendlela abahlobo bethu abanokusichaphazela ngayo. Masityhile eyoku-1 kwabaseKorinte isahluko 15, indinyana 33. Ngaba uyifumene?— Ithi: “Ningalahlekiswa. Unxulumano olubi lonakalisa imikhwa elungileyo.” Loo nto ithetha ukuba, xa sichitha ixesha nabantu abenza izinto ezimbi, nathi sisenokuba ngabantu ababi. Kanti naxa sinabahlobo abalungileyo, basenokusinceda sibe nemikhwa elungileyo.

Masingaze silibale ukuba oyena Mntu ubalulekileyo kuthi nguYehova. Asifuni konakalisa ubuhlobo bethu kunye naye, akunjalo?— Ngoko sifanele sizimisele ukwenza abahlobo nabo bathanda uThixo kuphela.

Ukubaluleka kokuba nabahlobo abafanelekileyo kuchazwe kwiNdumiso 119:115; kwiMizekeliso 13:20; kweyesi-2 kuTimoti 2:22 nakweyoku-1 kaYohane 2:15.