Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 45

Buyintoni UBukumkani BukaThixo? Indlela Yokubonisa Ukuba Siyabufuna

Buyintoni UBukumkani BukaThixo? Indlela Yokubonisa Ukuba Siyabufuna

NGABA uyawazi umthandazo uYesu awawufundisa abalandeli bakhe?— Ukuba akuwazi, masiwufunde kunye eBhayibhileni, kuMateyu 6:9-13. Lo mthandazo, abaninzi abawubiza ngokuba nguMthandazo weNkosi, uquka la mazwi: “Mabufike ubukumkani bakho.” Ngaba uyazi ukuba buyintoni uBukumkani bukaThixo?—

Kaloku, ukumkani ngumlawuli welizwe. Yaye urhulumente wakhe ubizwa ngokuba bubukumkani. Kwamanye amazwe inkokeli karhulumente kuthiwa ngumongameli. Kuthiwa yintoni uMlawuli worhulumente kaThixo?— Kuthiwa nguKumkani. Kungeso sizathu le nto urhulumente kaThixo kusithiwa buBukumkani.

Ngaba uyazi ukuba ngubani okhethwe nguYehova uThixo njengoKumkani worhulumente Wakhe?— NguNyana wakhe, uYesu Kristu. Kutheni efaneleka ngakumbi kunaye nawuphi na umlawuli onokukhethwa ngabantu?— Kungenxa yokuba uYesu umthanda ngokwenene uYise, uYehova. Ngoko usoloko esenza oko kulungileyo.

Kude kudala ngaphambi kokuba uYesu azalwe eBhetelehem, iBhayibhile yathetha ngokuzalwa kwakhe yaza yathi wayeza kuba nguMlawuli okhethwe nguThixo. Makhe sifunde ngako oku, kuIsaya 9:6, 7. Uthi: ‘Sizalelwe umntwana, sinikwe unyana; yaye urhulumente uya kuba segxalabeni lakhe. Igama lakhe liya kubizwa ngokuba yiNkosana yoXolo. Urhulumente wakhe noxolo azisayi kuphela.’

Ngaba uyasazi isizathu sokuba uMlawuli woBukumkani bukaThixo apha ebizwa ngokuba ‘yiNkosana’?— Kaloku, le nkosana ingunyana kakumkani. Yaye uYesu nguNyana kaKumkani Omkhulu, uYehova. Kodwa uYehova ukwamenze uYesu uKumkani worhulumente Wakhe, oya kulawula umhlaba kangangewaka leminyaka. (ISityhilelo 20:6) Emva kokubhaptizwa kwakhe, uYesu waqalisa ‘ukushumayela esithi: “Guqukani, kuba ubukumkani bamazulu busondele.”’​—Mateyu 4:17.

Ucinga ukuba kutheni uYesu wathi uBukumkani busondele?— Kungenxa yokuba uKumkani owayeza kuthi kamva alawule ezulwini wayephakathi kwabo! Kungeso sizathu uYesu wathi ebantwini: “Ubukumkani bukaThixo buphakathi kwenu.” (Luka 17:21) Ngaba wawungenakuthanda ukusondela kuKumkani kaYehova de umbambe nokumbamba?—

Ngoko khawutsho, nguwuphi umsebenzi obalulekileyo uYesu awayeze kuwenza emhlabeni?— UYesu wathi xa wayephendula loo mbuzo: “Ndimele ndizivakalise iindaba ezilungileyo zobukumkani bukaThixo nakwezinye izixeko, ngenxa yokuba ndithunywe oko.” (Luka 4:43) UYesu wayesazi ukuba wayengenakushumayela yedwa. Ngoko ucinga ukuba wenza ntoni?—

UYesu wayeze kwenza wuphi umsebenzi emhlabeni?

UYesu wahamba nabantu waza wababonisa indlela yokushumayela. Abokuqala awabafundisayo yayingabali-12 awabakhetha njengabapostile. (Mateyu 10:5, 7) Kodwa ngaba uYesu waqeqesha abapostile bakhe kuphela ukwenza loo msebenzi? Akunjalo, kuba iBhayibhile ithi wafundisa nabanye abangakumbi ukushumayela. Ekuhambeni kwexesha, wathuma abanye abafundi abangama-70 behamba ngababini. Yaye babebafundisa ntoni abantu?— UYesu wathi: ‘Qhubekani nibaxelela ukuba, “Ubukumkani bukaThixo busondele kuni.”’ (Luka 10:9) Kungale ndlela ke abathi abantu bafundiswa ngorhulumente kaThixo.

Kude kudala kwaSirayeli, ookumkani abasandul’ ukumiselwa babengena esixekweni bekhwele inkonyana le-esile ukuze babonwe ngabantu. Naye uYesu wenza oko njengoko etyelela iYerusalem okokugqibela. Kaloku, uYesu uza kuba nguMlawuli woBukumkani bukaThixo. Ngaba abantu bayathanda ukuba abe nguKumkani?—

Kaloku, njengoko ehamba ngalo, abaninzi kwisihlwele baqalisa ukwandlala izambatho zabo zangaphezulu endleleni ngaphambi kwakhe. Abanye basika amasebe emithi baze bawabeke endleleni. Ngokwenza oku babonisa ukuba bafuna uYesu abe nguKumkani wabo. Bathi: “Usikelelwe Lowo uza njengoKumkani egameni likaYehova!” Kodwa asinguye wonke umntu ovuyayo. Eneneni, ezinye iinkokeli zonqulo zide zithi kuYesu, ‘Xelela abafundi bakho ukuba bathule.’​—Luka 19:28-40.

Kutheni abantu bengasafuni ukuba uYesu abe nguKumkani wabo?

Kwiintsuku ezintlanu kamva, uYesu uyabanjwa aze asiwe kwelinye ibhotwe ukuze avele phambi kwerhuluneli, uPontiyo Pilato. Iintshaba zikaYesu zithi uzenza ukumkani yaye unxamnye norhulumente wamaRoma. Ngoko uPilato uyambuza uYesu ngako oku. UYesu uyamxelela ukuba akazami kubhukuqa urhulumente. Uthi kuPilato: “Ubukumkani bam abuyonxalenye yeli hlabathi.”—Yohane 18:36.

Ngoko uPilato uya ngaphandle aze axelele abantu ukuba akafumani siphoso kuYesu. Kodwa abantu abafuni ukuba uYesu abe nguKumkani wabo. Abafuni ukuba akhululwe. (Yohane 18:37-40) Emva kokuba ethethe noYesu kwakhona, uPilato uqinisekile ukuba akukho nto iphosakeleyo ayenzileyo. Ngoko, ekugqibeleni uPilato umkhuphela ngaphandle uYesu aze athi: ‘Yabonani! Nanko ke ukumkani wenu!’ Kodwa abantu bayakhwaza besithi: “Msuse! Msuse! Mbethelele!”

UPilato ubuza athi: “Ndimbethelele na ukumkani wenu?” Ababingeleli abaziintloko baphendula bathi: “Asinakumkani ngaphandle kukaKesare.” Khawufan’ ucinge! Aba babingeleli bangendawo baphembelela abantu ukuba bajikele uYesu!​—Yohane 19:1-16.

Nanamhlanje imeko ifana twatse neyelo xesha. Eneneni abantu abaninzi abafuni ukuba uYesu abe nguKumkani wabo. Basenokuthi bayakholelwa kuThixo, kodwa abafuni ukuxelelwa nguThixo okanye uKristu ngento amabayenze. Bafuna ababo oorhulumente balapha emhlabeni.

Kuthekani ngathi? Xa sifunda ngoBukumkani bukaThixo nangazo zonke izinto ezintle obuya kuzenza, siye sivakalelwe njani ngoThixo?— Siyamthanda, akunjalo?— Ngoko sinokumbonisa njani uThixo ukuba siyamthanda yaye sifuna ukulawulwa buBukumkani bakhe?—

Kwakutheni ukuze uYesu abhaptizwe, yaye uThixo wabonisa njani ukuba wayekholiswa koko?

Sinokumbonisa uThixo indlela esivakalelwa ngayo ngokulandela umzekelo kaYesu. Yaye yintoni eyenziwa nguYesu eyayibonisa ukuba uyamthanda uYehova?— UYesu wathi: “Ndisoloko ndisenza izinto ezikholekileyo kuye.” (Yohane 8:29) Ewe, uYesu weza emhlabeni ukuze enze ‘ukuthanda kukaThixo’ nokuze ‘awugqibe umsebenzi wakhe.’ (Hebhere 10:7; Yohane 4:34) Khawucinge ngoko uYesu wakwenzayo ngaphambi kokuba aqalise umsebenzi wakhe wokushumayela.

UYesu waya kuYohane umBhaptizi kuMlambo iYordan. Emva kokuba bengene emanzini, uYohane wafaka uYesu ngokupheleleyo ngaphantsi kwamanzi waza wamphakamisa. Ngaba uyasazi isizathu sokuba uYohane abhaptize uYesu?—

Sinokuthetha phi nabanye ngoBukumkani bukaThixo?

UYohane wayecelwe nguYesu ukuba ambhaptize. Kodwa sazi njani ukuba uThixo wayefuna uYesu abhaptizwe?— Oko sikwazi ngenxa yokuba xa uYesu waphumayo emanzini, weva ilizwi likaThixo liphuma ezulwini lisithi: “UnguNyana wam, oyintanda; ndikholisiwe nguwe.” UThixo wada wehlisa umoya wakhe oyingcwele phezu koYesu ufana nehobe. Ngoko ngokubhaptizwa kwakhe, uYesu wabonisa ukuba ufuna ukukhonza uYehova ubomi bakhe bonke, ewe ngonaphakade.​—Marko 1:9-11.

Ngoku usakhula. Kodwa uza kwenza ntoni xa sele ukhulile?— Ngaba uya kufana noYesu uze ubhaptizwe?— Ufanele umxelise, kuba iBhayibhile ithi wakushiya ‘nomzekelo, ukuze ulandele emanyathelweni akhe ngokusondeleyo.’ (1 Petros 2:21) Xa ubhaptizwa, uya kubonisa ukuba ngokwenene ufuna ukulawulwa buBukumkani bukaThixo. Kodwa akwanelanga ukubhaptizwa nje kuphela.

Kufuneka sithobele zonke izinto ezafundiswa nguYesu. UYesu wathi asifanele sibe ‘yinxalenye yehlabathi.’ Ngaba besiya kuba siyamthobela ukuba besinokubandakanyeka kwizinto zehlabathi? UYesu nabapostile bakhe abazange bakwenze oko. (Yohane 17:14) Endaweni yoko yintoni abayenzayo?— Bathetha ngoBukumkani bukaThixo nabanye abantu. Oko kwakuyeyona nto ibalulekileyo ebomini babo. Ngaba nathi sinokukwenza oko?— Ewe sinako, yaye siya kukwenza ukuba sinyanisekile koko sikuthethayo xa sithandazela ukufika koBukumkani bukaThixo.

Nceda ufunde ezi zibhalo zisichazela ngoko sinokukwenza ukubonisa ukuba siyafuna ukuba uBukumkani bukaThixo bufike: UMateyu 6:24-33; 24:14; eyoku-1 kaYohane 2:15-17 nese-5:3.