Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 47

Indlela Esinokubona Ngayo Ukuba IArmagedon Isondele

Indlela Esinokubona Ngayo Ukuba IArmagedon Isondele

UYAWAZI umqondiso, akunjalo?— KwiSahluko 46 siye safunda ngomqondiso uThixo awawenzayo wokuba akasayi kuphinda atshabalalise ihlabathi ngomkhukula. Kwanabapostile bacela umqondiso wokubuya kukaYesu nowokusondela kwesiphelo sehlabathi, okanye inkqubo yezinto.​—Mateyu 24:3.

Ekubeni uYesu wayengenakubonakala ezulwini, kwakufuneka umqondiso owawuza kubonwa ngabantu wokuba sele eqalile ukulawula. Ngoko uYesu wathetha ngezinto abafundi bakhe abafanele bazijonge apha emhlabeni. Ukwenzeka kwezi zinto kwakuya kuthetha ukuba sele ebuyile yaye sele eqalisile ukulawula ezulwini njengoKumkani.

Ukuze abonise abafundi bakhe ukubaluleka kokuhlala bephaphile, uYesu wathi kubo: “Phawulani umkhiwane nayo yonke eminye imithi: Xa niyibona imile amathupha, niyazi ukuba ngoku ihlobo likufuphi.” Uyakwazi ukubona xa kusondela ihlobo. Yaye unokubona xa iArmagedon isondele ngokujonga izinto ezenzekayo ezazichazwe nguYesu.​—Luka 21:29, 30.

Yintoni eyayifundiswa nguYesu xa wayethetha ngomthi womkhiwane?

Kweli phepha nakwelilandelayo, siza kubona imifanekiso yezinto uYesu awathi zaziya kuba yinxalenye yomqondiso wokuba uBukumkani bukaThixo busondele. Xa zonke ezi zinto zisenzeka, uBukumkani bukaThixo obunoMlawuli onguKristu buya kutyumza bonke abanye oorhulumente, njengoko sele sifundile kwiSahluko 46.

Ngoko khawujongisise imifanekiso ekumaphepha amabini angaphambi kweli, yaye siza kukhe sithethe ngayo. KuMateyu 24:6-14 nakuLuka 21:9-11 unokufunda ngoko ukubonayo kule mifanekiso. Kwakhona, phawula amanani amancinane akumfanekiso ngamnye. Inani elikwafanayo lifumaneka ekuqaleni kwesiqendu esichaza umfanekiso. Ngoku makhe sibone enoba iinkalo ezininzi zomqondiso owanikelwa nguYesu ziyazaliseka kusini na namhlanje.

(1) UYesu wathi: “Niza kuva ngeemfazwe neengxelo zeemfazwe; . . . uhlanga luya kuvukelana nohlanga nobukumkani buvukelane nobukumkani.” Ngaba wakha waziva iingxelo ezingeemfazwe?— Imfazwe yehlabathi yokuqala yaliwa ukususela ngowe-1914 ukusa ngowe-1918, yaye kwabakho neMfazwe Yehlabathi II ukususela ngowe-1939 ukusa ngowe-1945. Azizange zibekho iimfazwe zehlabathi ngaphambili! Ngoku kukho iimfazwe ehlabathini lonke. Kuyabonakala ukuba mihla le xa sivula umabonwakude nonomathotholo okanye sifunda iphephandaba, eyona nto kuthethwa ngayo ziimfazwe.

(2) Kwakhona uYesu wathi: “Kuya kubakho ukunqongophala kokutya . . . kwiindawo ngeendawo.” Njengoko kusenokwenzeka ukuba uyazi, asingabo bonke abantu abanokutya okwaneleyo. Mihla le kufa amawakawaka abantu ngenxa yokungabi nakutya kwaneleyo.

(3) UYesu wongezelela ngelithi: ‘Kuya kubakho iindyikitya zokufa kwiindawo ngeendawo.’ Ngaba uyazi ukuba yintoni indyikitya yokufa?— Sisifo esibulala abantu abaninzi. Enye indyikitya yokufa enkulu ebizwa ngokuba nguMbathalala yabulala abantu abamalunga nezigidi ezingama-20 kwisithuba nje esingangonyaka. Kusenokwenzeka ukuba kweli xesha siphila kulo abantu abangakumbi kunoko baza kubulawa nguGawulayo. Yaye kukho umhlaza, isifo sentliziyo nezinye izifo ezibulala amawakawaka abantu minyaka le.

(4) UYesu wachaza enye inkalo yomqondiso, esithi: ‘Kuya kubakho iinyikima kwiindawo ngeendawo.’ Ngaba uyazi ukuba yintoni inyikima?— Inyikima yenza umhlaba ushukume. Kuye kudilike izindlu, yaye kudla ngokufa nabantu. Ukususela ngonyaka we-1914, kuye kwabakho iinyikima ezininzi minyaka le. Ngaba wakha weva kuthethwa ngeenyikima?—

(5) UYesu wathi enye inkalo yomqondiso yayiya kuba ‘kukwanda kobubi.’ Kungenxa yoko le nto kukho amasela nobundlobongela obuninzi kangaka. Abantu kuyo yonk’ indawo boyika ukuqhekezelwa amakhaya abo. Ulwaphulo-mthetho nobundlobongela obuninzi ehlabathini namhlanje abuzange bubekho nanini na ngaphambili.

(6) UYesu wachaza enye inkalo ebaluleke kakhulu yomqondiso wathi: “Ezi ndaba zilungileyo zobukumkani ziya kushunyayelwa kuwo wonke umhlaba omiweyo kube bubungqina kuzo zonke iintlanga; kwandule ke kufike ukuphela.” (Mateyu 24:14) Ukuba uyazikholelwa “ezi ndaba zilungileyo,” ufanele uthethe ngazo kwabanye. Ngaloo ndlela uya kuba nesabelo ekuzalisekiseni le nkalo yomqondiso.

Abanye abantu basenokuthi ezi zinto uYesu wathetha ngazo bezisoloko zisenzeka. Kodwa azizange khe zenzeke zonke ngaxeshanye kumazwe amaninzi kangaka ehlabathini. Ngoko ngaba uyakuqonda oko kuthethwa ngulo mqondiso?— Uthetha ukuba xa sibona zonke ezi zinto zisenzeka, sele kukufutshane ukuba eli hlabathi lingendawo lithatyathelw’ indawo lihlabathi elitsha likaThixo.

Xa uYesu wayechaza lo mqondiso, wathetha nangexesha elikhethekileyo lonyaka. Wathi: “Hlalani nithandazela ukuba intsabo yenu ingabi sebusika.” (Mateyu 24:20) Ucinga ukuba wayethetha ukuthini ngaloo mazwi?—

Kaloku, ukuba umntu ubaleka intlekele ebusika, xa imozulu imbi yaye iyingozi, yintoni enokwenzeka kuye?— Ukuba uyasinda, uya kusinda ebunzimeni. Ngaba bekungayi kuba buhlungu ukuba umntu abulawe sisaqhwithi sasebusika ngenxa nje yokuba ebezixakekise gqitha ngezinye izinto waza akahamba kuselithuba?—

Xa uYesu wayesithi bangemki ebusika, wayefundisa ntoni?

Ngaba uyayibona ingongoma awayeyigxininisa uYesu xa wathi sifanele sisabe ngaphambi kokuba kufike ubusika?— Wayebonisa ukuba njengoko sisazi ukuba iArmagedon ikufuphi, asimele silibazise ekuboniseni ukuba siyamthanda uThixo ngokumkhonza. Ukuba siyalibazisa, sisenokushiywa lixesha. Ngoko siya kufana nabantu abatshatyalaliswa nguMkhukula, abathi bamva uNowa kodwa abangena emkhombeni.

Kwinqaku elilandelayo siza kuthetha ngendlela ekuza kuphilwa ngayo emva kwemfazwe enkulu yeArmagedon. Siza kufunda ngoko uThixo aza kusenzela kona sonke thina bamthandayo nabamkhonzayo ngoku.

Nazi ezinye izibhalo ezibonisa ukuba iArmagedon ikufuphi: Eyesi-2 kuTimoti 3:1-5 neyesi-2 kaPetros 3:3, 4.