Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ngaba Yinjongo KaThixo Le?

Ngaba Yinjongo KaThixo Le?

UNGAFUNDA naliphi na iphephandaba. Ungabukela umabonwakude okanye uphulaphule unomathotholo. Zininzi iingxelo zolwaphulo-mthetho, iimfazwe nobunqolobi! Cinga ngezinto ezikuxhalabisayo. Usenokuba uxhalatyiswa kukugula okanye kukufelwa ngumntu omthandayo. Usenokuba uvakalelwa njengendoda elungileyo uYobhi eyathi ‘yanele yinkxwaleko.’—Yobhi 10:15.

Khawuzibuze:

  • Ngaba yinjongo kaThixo ukuba siphile ngale ndlela?

  • Yintoni enokundinceda ndihlangabezane neengxaki endinazo?

  • Ngaba likho ithemba lokuba kuya kuze kubekho uxolo emhlabeni?

IBhayibhile iyiphendula ngendlela eyanelisayo le mibuzo.

 IBHAYIBHILE IFUNDISA UKUBA UTHIXO UZA KWENZA EZI NGUQULELO ZILANDELAYO EMHLABENI.

  • “Uya kuzisula zonke iinyembezi emehlweni abo, kungabi sabakho kufa, kungabi sabakho kuzila nakukhala nantlungu kwakhona.”—ISityhilelo 21:4.

  • “Isiqhwala siya kutsiba njengexhama.”—Isaya 35:6

  • “Aya kuvulwa amehlo eemfama.”—Isaya 35:5

  •  ‘Bonke abo bakumangcwaba enkumbulo baya kuphuma.’—Yohane 5:28, 29.

  • “Akakho ummi wakhona oya kuthi: “Ndiyagula.’”—Isaya 33:24.

  • “Kuya kubakho ukudla okuziinkozo okuninzi emhlabeni.”—INdumiso 72:16.

 ZUZA KOKO KUFUNDISWA YIBHAYIBHILE

Musa ukukubetha ngoyaba oko kuchazwe kumaphepha angaphambili ngokusuka nje uthi ‘Yintsom’ emini leyo.’ UThixo uthembise ukuba uza kukwenza oku, yaye iBhayibhile iyasichazela indlela aza kukwenza ngayo.

Kodwa iBhayibhile ayaneli nje ngokusichazela kuphela ngoko kuza kwenzeka kwixesha elizayo. Ingakunceda ukuba ubunandiphe ngokwenene ubomi bakho nangoku. Cinga nje ngezinto ezikuxhalabisayo nezikukhathazayo. Mhlawumbi ziquka ukungabi namali, iingxaki zentsapho, ukukhathazwa yimpilo, okanye ukufelwa ngumntu omthandayo. IBhayibhile inokukunceda kwiingxaki ojamelene nazo namhlanje, ize ikuphendulele nemibuzo enjengale:

  • Kutheni sibandezeleka?

  • Sinokujamelana njani namaxhala obomi?

  • Singalufumana njani ulonwabo entsatsheni yethu?

  • Kwenzeka ntoni kuthi xa sisifa?

  • Ngaba siya kuze sibabone kwakhona abantu abafileyo esibathandayo?

  • Sinokuqiniseka njani ukuba uThixo uza kukwenza oko akuthembisileyo kwikamva?

 Ukufunda kwakho le ncwadi kubonisa ukuba unomdla wokwazi oko kufundiswa yiBhayibhile. Le ncwadi iza kukunceda. Uya kuphawula ukuba iziqendu zinemibuzo esemazantsi kwephepha. Izigidi zabantu ziyithanda gqitha inkqubo yamaNgqina kaYehova yokusebenzisa imibuzo neempendulo xa efundisisa iBhayibhile kunye nazo. Siyathemba ukuba nawe uza kuyithanda. Sikunqwenelela intsikelelo kaThixo njengoko uzaliswa yimincili yokufunda oko iBhayibhile ikufundisayo ngokwenene!