Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Isahluko Sokuqala

Yiyiphi Inyaniso Ngokuphathelele UThixo?

Yiyiphi Inyaniso Ngokuphathelele UThixo?
  •  Ngaba ngokwenene uThixo ukukhathalele?

  • Unjani uThixo? Ngaba unalo igama?

  • Ngaba ndinokusondela kuThixo?

1, 2. Kutheni kubalulekile nje ukubuza?

NGABA wakha wayiphawula indlela abantwana abathanda ngayo ukubuza? Abaninzi baqala ukubuza zisuka nje bakuba befunde ukuthetha. Bekuthe ntsho emehlweni bakubuza imibuzo enjengethi: Kutheni isibhakabhaka siluhlaza? Zenziwe ngantoni iinkwenkwezi? Iintaka zifundiswe ngubani ukucula? Usenokuzama ukuphendula, kodwa akusoloko kulula. Enoba ungaphendula ngokucacileyo baza kulandelisa ngomnye umbuzo othi: Ngoba?

2 Asingobantwana kuphela ababuza imibuzo. Njengoko sikhula, siyaqhubeka sinemibuzo. Sibuziswa kukufuna ukwazi okanye ukuphepha ingozi. Kodwa abantu abaninzi abasabuzi, ababuzi kwanangezona zinto zibalulekileyo ebomini. Ukuba banayo imibuzo engqondweni, abazikhathazi ngokufuna iimpendulo zayo.

3. Kutheni abantu abaninzi bengazikhathazi ngokufuna iimpendulo zeyona mibuzo ibalulekileyo?

3 Khawucinge nje ngombuzo okuqweqwe lwale ncwadi, kwanangaleyo ikwintshayelelo,  okanye le  isekuqaleni kwesi sahluko. Leyo yeminye yeyona mibuzo ibalulekileyo unokuyibuza. Sekunjalo, abantu abaninzi abasazikhathazi ngokufuna iimpendulo zayo. Ngoba? Ngaba iBhayibhile iyayiphendula? Abanye bavakalelwa kukuba iimpendulo zayo zinzima. Kanti abanye bona banexhala lokuba ukubuza imibuzo kusenokubahlazisa. Abanye bathi kubhetele ukuyishiyela kubefundisi imibuzo enjalo. Uthini wena?

4, 5. Yiyiphi eminye yeyona mibuzo ibalulekileyo sinokuyibuza, yaye kutheni sifanele sizifune iimpendulo zayo?

4 Kunokwenzeka ukuba unomdla wokufumana iimpendulo zeyona mibuzo ibalulekileyo ebomini. Ngokungathandabuzekiyo ukhe uzibuze ukuba: ‘Yintoni injongo yobomi? Ngaba ubomi buphelele apha? Unjani kanye kanye uThixo?’ Kuhle ukubuza imibuzo enjengale, yaye kubalulekile ukuba ungaphel’ amandla de ufumane iimpendulo ezichanileyo. Umfundisi odumileyo uYesu Kristu wathi: “Qhubekani nicela, niya kunikwa; qhubekani nifuna, niya kufumana; qhubekani ninkqonkqoza, niya kuvulelwa.”—Mateyu 7:7.

5 Uya kungenelwa ngokwenene ukuba ‘uyaqhubeka ufuna’ iimpendulo zemibuzo ebalulekileyo. (IMizekeliso 2:1-5) Enoba bathini abanye abantu, kodwa qiniseka ukuba zikho iimpendulo eBhayibhileni, yaye akukho nzima ukuziqonda. Kanti okuvuyisayo kukuba, ezi mpendulo ziya kukunika ithemba novuyo. Yaye zinokukunceda ukuba uphile ubomi obanelisayo kanye ngoku. Ngokomzekelo, makhe sihlolisise impendulo yombuzo odida abantu abaninzi.

NGABA UTHIXO AKAKHATHALI YAYE AKANALUVELWANO?

6. Kutheni abantu abaninzi becinga ukuba uThixo akakukhathalele ukubandezeleka kwabantu?

6 Abantu abaninzi bacinga ukuba kunjalo. Bathi, ‘Ukuba uThixo ebekhathala, ngaba ngesiphila ngale ndlela emhlabeni?’ Ihlabathi namhlanje lizaliswe ziimfazwe, intiyo  nonxunguphalo. Kanti ngaphezu koko sithwaxwa ziimeko ezibuhlungu njengokugula nokufelwa ngabantu esibathandayo. Yiyo loo nto abantu abaninzi besithi, ‘Ukuba uThixo ebesikhathalele, ngaba ebeya kusiyekela sehlelwe yintlungu engaka?’

7. (a) Abefundisi babenze njani abantu abaninzi bacinga ukuba uThixo akanaluvelwano? (b) Ithini iBhayibhile ngezilingo esisenokuzifumana?

7 Okubi nangakumbi kukuba, maxa wambi abefundisi benza abantu bacinge ukuba uThixo akanaluvelwano. Bakwenza njani oko? Ngokuthi bagxeke uThixo ngezinto ezimbi ezenzekayo. Xa kuvela intlekele, bathi kukuthanda kukaThixo. Kodwa ngaba kukuthanda kukaThixo ngokwenene? Ithini yona iBhayibhile? KuYakobi 1:13 ithi: “Makungabikho nabani na, xa esesilingweni othi: ‘Ndilingwa nguThixo.’ Kuba uThixo akanakulingwa ngezinto ezimbi yaye naye akalingi namnye.” Ngoko uThixo akazange nanini na abangele ubungendawo esibubonayo emhlabeni namhlanje. (Yobhi 34:10-12) Ewe kona, uyazivumela izinto ezimbi ukuba zenzeke. Kodwa kukho umahluko omkhulu phakathi kokuyivumela into ukuba yenzeke nokuyibangela yenzeke.

8, 9. (a) Ungawuzekelisa njani umahluko okhoyo phakathi kokubangela ubungendawo nokubuvumela? (b) Kutheni singenakumgxeka uThixo ngesigqibo sakhe sokuvumela uluntu luzikhethele ikhondo elibi?

8 Cinga nje ngokomzekelo ngotata osisilumko nonothando ononyana osel’ ekhulile osahlala ekhaya nabazali. Xa lo nyana eqalisa ukuvukela aze agqibe kwelokuba emke ekhaya, uyise uyamvumela. Apho ngaphandle uziphatha kakubi aze angen’ engxakini. Ngaba nguyise obangele ukuba unyana wakhe angen’ engxakini? Akunjalo. (Luka 15:11-13) Ngokufanayo, naye uThixo ubavumele abantu ukuba bazikhethele ikhondo elibi, kodwa asinguye obangele ukuba bangen’ engxakini. Ngoko ngokuqinisekileyo asinakugxeka uThixo ngeengxaki uluntu olujamelene nazo.

9 UThixo unezizathu ezivakalayo zokuvumela uluntu luzikhethele  ikhondo elibi. NjengoMdali osisilumko nonamandla, akanyanzelekanga ukuba asichazele izizathu anazo. Kodwa ngenxa yothando uye wasichazela. Uza kuziva ezi zizathu kwiSahluko 11. Kodwa into ongaqiniseka ngayo kukuba, uThixo akanguye unobangela weengxaki esinazo. Endaweni yoko, nguye kuphela osinika ithemba lokukhululeka kuzo!—Isaya 33:2.

10. Kutheni sinokuba nethemba lokuba uThixo uza kubuphelisa bonke ubungendawo?

10 Enye into, uThixo ungcwele. (Isaya 6:3) Oku kuthetha ukuba unyulu. Akanazo kwaphela iingcinga ezimbi. Ngoko sinokumthemba ngokupheleleyo. Kanti bona abantu asinakubathemba ngokupheleleyo, kuba maxa wambi baba neengcamango ezimbi. Nokuba angade abekho umntu onyaniseke ngokwenene, udla ngokungabi nawo amandla okulungisa umonakalo obangelwe ngabantu ababi. Kodwa uThixo yena unamandla angasikelwanga mda. Ngawo uza kuphelisa bonke ubungendawo obukhoyo emhlabeni. Uza kubuphelisa ngonaphakade ububi!—INdumiso 37:9-11.

UVAKALELWA NJANI UTHIXO NGOKUNGABIKHO KOKUSESIKWENI?

11. (a) Uvakalelwa njani uThixo ngokungekho sikweni? (b) Uvakalelwa njani uThixo ngokubandezeleka kwakho?

11 Okwangoku, uvakalelwa njani uThixo ngoko kwenzekayo ehlabathini nakubomi bakho? IBhayibhile ithi uThixo “ngumthandi wokusesikweni.” (INdumiso 37:28) Ngoko uvakalelwa gqitha ngoko kwenzekayo, enoba kulungile okanye akulunganga. Uzithiye zonke izenzo ezingekho sikweni. IBhayibhile ithi “yaba buhlungu intliziyo” kaThixo xa ihlabathi lalizaliswe bububi ngexesha lamandulo. (Genesis 6:5, 6) UThixo akatshintshanga. (Malaki 3:6) Nangoku usakuthiyile ukubona ukubandezeleka okukhoyo ehlabathini. Yaye uThixo ukuthiyile ukubona abantu betsala nzima. IBhayibhile ithi “ukukhathalele.”—1 Petros 5:7.

IBhayibhile ifundisa ukuba uYehova unguMdali wendalo iphela onothando

12, 13. (a) Kutheni sineempawu ezintle njengothando, yaye uthando luyichaphazela njani indlela esivakalelwa ngayo ngoko kwenzekayo ehlabathini? (b) Kutheni unokuqiniseka ukuba ngokwenene uThixo uza kuziphelisa iingxaki ezikhoyo ehlabathini?

 12 Sinokuqiniseka njani ukuba uThixo ukuthiyile ukubandezeleka? Nabu obunye ubungqina boko. IBhayibhile ifundisa ukuba umntu wenziwe ngokomfanekiselo kaThixo. (Genesis 1:26) Ngoko into yokuba sineempawu ezintle ibubungqina bokuba uThixo uneempawu ezintle. Ngokomzekelo, andithi iyakukhathaza into yokubona abantu abamsulwa betsala nzima? Ngoko unokuqiniseka ukuba imkhathaza ngakumbi ke yena uThixo.

13 Enye yezona zinto zibalaseleyo ngabantu luthando. Nako oko kungumfanekiselo kaThixo. IBhayibhile ifundisa ukuba “uThixo uluthando.” (1 Yohane 4:8) Sinothando ngenxa yokuba uThixo naye unothando. Ukuba ubunamandla, uthando beluya kukushukumisela ukuba uphelise ukubandezeleka nokungekho sikweni ehlabathini, akunjalo? Ngokuqinisekileyo kunjalo! Ngoko unokuqiniseka ukuba uThixo uza kukuphelisa ukubandezeleka nokungekho sikweni. Izithembiso zikaThixo ezikhankanywe kwintshayelelo yale ncwadi azilophupha nje okanye intsomi. Ziza kuzaliseka ngokuqinisekileyo! Noko ke, ukuze ukholelwe kwizithembiso zikaThixo, ufanele wazi okungakumbi ngaye.

UTHIXO UFUNA UMAZI UKUBA UNGUBANI

Xa ufuna umntu akwazi, umxelela igama lakho, akunjalo? UThixo usixelele igama lakhe eBhayibhileni

14. Ngubani igama likaThixo, yaye kutheni sifanele silisebenzise?

14 Yintoni oyenzayo xa ufuna umntu othile akwazi? Umxelela igama lakho,  akunjalo? Ngaba uThixo yena unalo igama? Iinkonzo ezininzi zithi igama lakhe “nguThixo” okanye “iNkosi,” kodwa asingomagama akhe lawo. Zizibizo nje kuphela ezo, njengokuba “ukumkani” “nomongameli” bezizibizo. IBhayibhile ifundisa ukuba uThixo unezibizo ezininzi. “UThixo” “noNkosi” zezinye zazo. Kodwa ke, iBhayibhile ikwafundisa ukuba uThixo unegama: elinguYehova. INdumiso 83:18 ithi: “Wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.” Ukuba iBhayibhile yakho ayinalo elo gama, ungafunda ngesizathu soko kwiSihlomelo esikwiphepha 195-7 lale ncwadi. Enyanisweni igama likaThixo livela izihlandlo ezingamawakawaka  kwimibhalo-ngqangi yamandulo yeBhayibhile. Ngoko uYehova ufuna ulazi igama lakhe yaye ulisebenzise. Ngamany’ amazwi, usebenzisa iBhayibhile ukuze azazise kuwe.

15. Lithetha ukuthini igama elithi Yehova?

15 UThixo uzinike igama elinentsingiselo ebanzi. Igama lakhe, uYehova, lithetha ukuba uThixo unokuzalisekisa nasiphi na isithembiso asenzayo yaye unokuphumeza nayiphi na injongo yakhe. * Igama likaThixo likhethekile, alikho elifana nalo. Liyamfanela, kuba uYehova ukhethekile ngeendlela ezininzi. Ziziphi ezo ndlela?

16, 17. Sinokufunda ntoni ngoYehova kwezi zibizo zilandelayo: (a) “uSomandla”? (b) “uKumkani kanaphakade”? (c) “uMdali”?

16 Sibonile ukuba iNdumiso 83:18 ithi ngoYehova: “Nguwe  wedwa Oyena Uphakamileyo.” Kanti ikwanguYehova kuphela obizwa ngokuba “nguSomandla.” ISityhilelo 15:3 sithi: “Mikhulu kwaye iyamangalisa imisebenzi yakho, Yehova, Thixo Somandla. Zibubulungisa yaye ziyinyaniso iindlela zakho, Kumkani kanaphakade.” Isibizo esithi “Somandla” sibonisa ukuba nguYehova kuphela onamandla ngokugqithiseleyo. Amandla akhe akanakuthelekiswa nanto; makhulu ngendlela engenakulinganiswa. Yaye isibizo esithi “Kumkani kanaphakade” sisikhumbuza ukuba uYehova ukhetheke nangenye indlela. Nguye kuphela ongenasiqalo. INdumiso 90:2 ithi: “Ukususela kwixesha elingenammiselo ukusa kwixesha elingenammiselo [okanye, ngonaphakade] wena unguThixo.” Oko kuyakhwankqisa, akunjalo?

17 Kwakhona uYehova ukhetheke ngokuba nguye kuphela onguMdali. ISityhilelo 4:11 sithi: “Ufanele, Yehova, Thixo wethu, ukwamkela uzuko nembeko namandla, ngenxa yokuba wadala zonke izinto, nangenxa yokuthanda kwakho zabakho yaye zadalwa.” Yonke nje indalo onokucinga ngayo—enoba zizidalwa ezingabonakaliyo zomoya ezulwini, iinkwenkwezi, imithi yeziqhamo, iintlanzi eziselwandle, nemilambo—zonke nje zenziwe nguYehova uMdali!

NGABA UNAKO UKUSONDELA KUYEHOVA?

18. Kutheni abanye abantu bevakalelwa kukuba abanakuze bakwazi ukusondela kuThixo, kodwa ithini yona iBhayibhile?

18 Abany’ abantu bangenwa luvalo xa befunda ngeempawu ezikhwankqisayo zikaYehova. Baba noloyiko lokuba uThixo uphakame kakhulu ukuba bangakwazi ukusondela kuye, okanye ukuba angade azikhathaze kwaukuzikhathaza ngabo. Kodwa ngaba kuchanile ukucinga ngale ndlela? IBhayibhile ibonisa ukuba akuchananga. Ithi ngoYehova: ‘Enyanisweni, akakude kuye ngamnye wethu.’ (IZenzo 17:27) Kangangokuba iBhayibhile ide isibongoze isithi: “Sondelani kuThixo, naye uya kusondela kuni.”—Yakobi 4:8.

19. (a) Sinokuqalisa njani ukusondela kuThixo, yaye oko kunaziphi iingenelo? (b) Ziziphi iimpawu zikaThixo ezinomtsalane kakhulu kuwe?

 19 Unokusondela njani kuThixo? Okokuqala nje, qhubeka ufunda ngoThixo, njengokuba usenza ngoku. UYesu wathi: “Oku kuthetha ubomi obungunaphakade, ukungenisa kwabo ulwazi ngawe, wena ukuphela koThixo oyinyaniso, nangalowo umthumileyo, uYesu Kristu.” (Yohane 17:3) Ewe, iBhayibhile ifundisa ukuba ukufunda ngoYehova nangoYesu kukhokelela ‘kubomi obungunaphakade’! Njengoko sele kuchaziwe ngaphambili, “uThixo uluthando.” (1 Yohane 4:16) UYehova ukwanazo nezinye iimpawu ezininzi ezintle nezinomtsalane. Ngokomzekelo, iBhayibhile ithi uYehova “[nguThixo] onenceba nobabalo, ozeka kade umsindo, onobubele bothando obuninzi nenyaniso.” (Eksodus 34:6) “Ulungile yaye ukulungele ukuxolela.” (INdumiso 86:5) UThixo unomonde. (2 Petros 3:9) Unyanisekile. (ISityhilelo 15:4) Njengoko uqhubeka ufunda iBhayibhile, uza kuyibona indlela uYehova aye wazibonakalisa ngayo ezi mpawu kwanezinye ezininzi ezinomtsalane.

20-22. (a) Ngaba ukungamboni kwethu uThixo kuyasithintela ekusondeleni kuye? Cacisa. (b) Yintoni abanokuthi ngokunyaniseka abantu abathile bakubongoze ukuba uyenze, kodwa ufanele wenze ntoni?

20 Enyanisweni, akunakumbona uThixo kuba ungumoya ongabonakaliyo. (Yohane 1:18; 4:24; 1 Timoti 1:17) Kodwa ke, ngokufunda ngaye eBhayibhileni, unokumazi ngokobuqu. Njengoko umdumisi watshoyo, unako ‘ukukubona ukuthandeka kukaYehova.’ (INdumiso 27:4; Roma 1:20) Okukhona ufunda ngoYehova, kokukhona uya kumazi ngokobuqu yaye kokukhona uya kuba nesizathu esingakumbi sokumthanda uze uzive usondele kuye.

Indlela uyise onothando abathanda ngayo abantwana bakhe ibonisa uthando olukhulu ngakumbi uBawo wethu wasezulwini analo ngathi

21 Uya kusiqonda ngakumbi isizathu sokuba iBhayibhile isifundise ukuba simgqale uYehova njengoBawo wethu. (Mateyu 6:9) Akaphelelanga nje ekusinikeni ubomi, kodwa ufuna sibunandiphe ubomi—kanye njengokuba uyise onothando ebeya kubanqwenelela oko abantwana bakhe. (INdumiso 36:9) IBhayibhile ikwafundisa ukuba abantu banako  ukuba ngabahlobo bakaYehova. (Yakobi 2:23) Khawucinge nje ngako oko—ukuthi usenokuba ngumhlobo woMdali wendalo iphela!

22 Njengoko uqhubeka ufunda iBhayibhile, kusenokubakho abantu abathile abanokuthi ngokunyaniseka bakubongoze ukuba uyeke ukufunda. Basenokuxhalabela ukuba uza kulahla iinkolelo zakho. Kodwa musa ukuvumela nabani na akuyekise ukwakha obu buhlobo bubalaseleyo.

23, 24. (a) Kutheni ufanele uqhubeke ubuza imibuzo ngoko ukufundayo? (b) Yintoni eza kuxutyushwa kwisahluko esilandelayo?

23 Kakade ke, ziya kubakho izinto ongaziqondiyo ekuqaleni. Usenokukugqala ngathi kuyakuthoba ukubuza ngazo, kodwa musa ukuvumela iintloni zikuthintele ungabuzi. UYesu wathi kulungile ukuthobeka njengomntwana oselula. (Mateyu 18:2-4) Yaye siyazi ukuba abantwana babuza imibuzo emininzi. UThixo ufuna uphenduleke. IBhayibhile iyabancoma abo baye babonisa umdla omkhulu wokufunda ngoThixo. Baye baziphengulula ngokucokisekileyo iZibhalo ukuze baqiniseke ukuba oko bakufundayo kuyinyaniso.—IZenzo 17:11.

24 Eyona ndlela ibalaseleyo yokwazi ngoYehova kukufunda iBhayibhile. Yahlukile kuyo nayiphi na enye incwadi. Yahluke njani? Oko kuza kuxutyushwa kwisahluko esilandelayo.

^ isiqe. 15 Kukho inkcazelo engakumbi ngentsingiselo nendlela yokubiza igama likaThixo kwiSihlomelo esikwiphepha 195-7.