Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Isahluko Sesibini

IBhayibhile—Incwadi Evela KuThixo

IBhayibhile—Incwadi Evela KuThixo
  • IBhayibhile yahluke njani kuyo nayiphi na enye incwadi?

  • Inokukunceda njani iBhayibhile ukuba uhlangabezane neengxaki onazo?

  • Kutheni umele uzikholelwe iziprofeto eziseBhayibhileni?

1, 2. IBhayibhile isisipho esibalaseleyo esivela kuThixo ngaziphi iindlela?

NGABA usakhumbula mhla wafumana isipho esixabisekileyo esivela kumhlobo omthandayo? Umele ukuba wawuzaliswe yimincili. Ngapha koko, isipho sikuxelela okuthile ngalowo ukupha sona—ukuba uyabuxabisa ubuhlobo benu. Ngokuqinisekileyo wambulela umhlobo wakho ngeso sipho.

2 IBhayibhile isisipho esivela kuThixo, esimele simbulele ngokwenene ngaso. Le ncwadi ikhethekileyo isixelela ngezinto ebesingenakuze sizazi. Ngokomzekelo, isixelela ngokudalwa kweenkwenkwezi, umhlaba, kwanendoda nomfazi bokuqala. IBhayibhile inemigaqo enokuthenjwa yokusinceda sihlangabezane neengxaki kwanamaxhala obomi. Ichaza indlela uThixo aza kuyiphumeza ngayo injongo yakhe yokwenza ubomi buyolise ngakumbi emhlabeni. Ngokwenene iBhayibhile isisipho esibalaseleyo!

3. Ukusipha kukaYehova iBhayibhile kusixelela ntoni ngaye, yaye kutheni kuchulumancisa nje oko?

3 Kwakhona iBhayibhile isisipho esichulumancisayo, kuba isichazela okuthile ngaLowo usiphe sona, uYehova uThixo. Ukusipha kwakhe le ncwadi kubonisa ukuba ufuna simazi kakuhle.  Eneneni, iBhayibhile inokukunceda ukuba usondele kuYehova.

4. Yintoni ekuchukumisayo ngokusasazwa kweBhayibhile?

4 Baninzi kakhulu abantu abanesi sipho siyiBhayibhile. Iye yapapashwa ngeelwimi ezingaphezu kwama-2 300, nto leyo eyenza ukuba ifumaneke kubantu abangaphezu wama-90 ekhulwini ehlabathini lonke. Kusasazwa umlinganiselo weeBhayibhile ezingaphezu kwesigidi veki nganye! Zingamawaka ezigidi iiBhayibhile neenxalenye zayo eziye zashicilelwa. Ngokuqinisekileyo, ayikho enye incwadi efana neBhayibhile.

“INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele” ifumaneka ngeelwimi ezininzi

5. IBhayibhile “iphefumlelwe nguThixo” ngayiphi indlela?

5 Ngaphezu koko, iBhayibhile “iphefumlelwe nguThixo.” (2 Timoti 3:16) Ngayiphi indlela? IBhayibhile iphendula ngokuthi: “Abantu bathetha ngokuphuma kuThixo njengoko babeqhutywa ngumoya oyingcwele.” (2 Petros 1:21) Ngokomzekelo: Usomashishini usenokubhalelwa ileta ngunobhala wakhe. Loo leta ineengcamango nemiyalelo kasomashishini. Ngoko eneneni yileta yakhe, kungekhona ekanobhala. Ngokufanayo, iBhayibhile inesigidimi sikaThixo, kungekhona esabantu abayibhalayo. Ngoko enyanisweni yonke iBhayibhile ‘ililizwi likaThixo.’—1 Tesalonika 2:13.

 IYAVISISANA YAYE ICHANILE

6, 7. Kutheni kuphawuleka ngokukhethekileyo nje ukuvisisana kwenkcazelo eseBhayibhileni?

6 Kuthabathe iminyaka eli-1 600 ukubhalwa kweBhayibhile. Ababhali bayo babephila ngamaxesha ahlukeneyo yaye beneemvelaphi ezahlukeneyo. Bambi babengabalimi, abalobi, nabelusi. Abanye babengabaprofeti, abagwebi, nookumkani. ULuka ongumbhali wencwadi yeVangeli wayengugqirha. Nakubeni inababhali abaneemvelaphi ezahlukeneyo, iBhayibhile iyavisisana ukususela ekuqaleni ukusa ekugqibeleni. *

7 Incwadi yokuqala yeBhayibhile isixelela ngendlela ezaqala ngayo iingxaki zoluntu. Incwadi yokugqibela ibonisa ukuba wonke umhlaba uza kuba yiparadesi, okanye umyezo. Iyonke inkcazelo eseBhayibhileni iphathelele iziganeko zamawakawaka eminyaka eyadlulayo, kodwa nkcazelo nganye isikhanyisela ngakumbi ngenjongo kaThixo. Indlela evisisana ngayo iBhayibhile iyakhwankqisa, kodwa koko kanye ebesinokukulindela kwincwadi evela kuThixo.

8. Nika imizekelo ebonisa ukuba iBhayibhile ichanile ngokwezenzululwazi.

8 IBhayibhile ichanile kwimibandela yenzululwazi. Ide ibe nenkcazelo nangezinto ezazingaziwa ngexesha lokubhalwa kwayo. Ngokomzekelo, incwadi yeLevitikus inenkcazelo ngemithetho eyayiyalela amaSirayeli amandulo ukuba amhlalise yedwa umntu onesifo esasulelayo, kwanemithetho ephathelele ucoceko, zinto ezo ezazingaziwa zezinye iintlanga. Nakubeni ngelo xesha kwakukho ingcamango ephosakeleyo yokuba umhlaba usicaba, iBhayibhile yachaza ukuba usisazinge, okanye ungqukuva. (Isaya 40:22) Yaphinda yachaza kwanokuba umhlaba ‘uxhonywe kokungento.’ (Yobhi 26:7) Noko ke, iBhayibhile asiyoncwadi yezenzululwazi. Kodwa xa ithetha  ngemibandela yezenzululwazi, isoloko ichanile. Ngaba asiyonto ebesinokuyilindela leyo kwincwadi evela kuThixo?

9. (a) Yintoni ebonisa ukuba iingxelo zembali eziseBhayibhileni zichanile yaye zithembekile? (b) Ukunyaniseka kwababhali bayo kukuxelela ntoni ngeBhayibhile?

9 IBhayibhile ichanile yaye ithembekile naxa ichaza iingxelo zembali. Iinkcukacha zayo zingqalile. Ayichazi nje amagama abantu kuphela, kodwa ichaza nomnombo wabantu abathile. * Ngokwahlukileyo kubabhali-mbali abaqhelekileyo, abadla ngokungakukhankanyi ukoyiswa kwabantu besizwe sabo, bona ababhali beBhayibhile babenyanisekile, bebhala kwanangeentsilelo zabo nezesizwe sabo. Ngokomzekelo, kwincwadi yeBhayibhile yeNumeri, umbhali uMoses uvuma isiphoso sakhe esinzulu awathi wohlwaywa kanobom ngaso. (Numeri 20:2-12) Ukunyaniseka okunjalo akudli ngakubakho kwezinye iingxelo zembali, kodwa kukho eBhayibhileni kuba iyincwadi evela kuThixo.

INCWADI ENAMACEBISO OBULUMKO

10. Kutheni ingamangalisi nje into yokuba iBhayibhile inamacebiso aluncedo?

10 Ekubeni iBhayibhile iphefumlelwe nguThixo, “iyingenelo ekufundiseni, ekohlwayeni, ekulungelelaniseni izinto.” (2 Timoti 3:16) Enyanisweni iBhayibhile inamacebiso aluncedo. Ibonisa ukuqonda okunzulu ngokubunjwa kwabantu. Akumangalisi oko, kuba uMbhali wayo, uYehova uThixo, unguMdali! Uziqonda ngaphezu kwethu iingcamango neemvakalelo zethu. Ngaphezu koko, uYehova uyakwazi oko sikufunayo ukuze sonwabe. Uyazazi nezinto esifanele siziphephe.

11, 12. (a) Yintoni awayifundisayo uYesu kwiNtshumayelo yaseNtabeni? (b) Yiyiphi eminye imigaqo eluncedo exutyushwayo eBhayibhileni, yaye kutheni amacebiso ayo engaphelelwa lixesha?

11 Khawucinge nje ngentetho kaYesu ebizwa ngokuba yiNtshumayelo yaseNtabeni, ebhalwe kuMateyu isahluko 5  ukusa kwesesi-7. Kule ntetho isemagqabini uYesu wafundisa abantu izinto eziliqela, esingabalula phakathi kwazo indlela yokufumana ulonwabo lokwenene, indlela yokucombulula ukungavisisani, indlela yokuthandaza, nokuba nembono efanelekileyo ngezinto eziphathekayo. La mazwi kaYesu asenamandla yaye aseluncedo namhlanje kanye njengokuba ayenjalo ngexesha lokuwathetha kwakhe.

12 Eminye imigaqo yeBhayibhile iphathelele ubomi bentsapho, ukukhuthala emsebenzini, nolwalamano lwethu nabanye.  Imigaqo yeBhayibhile isebenza kubo bonke abantu, yaye amacebiso ayo asoloko eluncedo. Ubungqina bokuba iBhayibhile inamacebiso obulumko bufumaneka emazwini kaThixo awabhalwa ngumprofeti uIsaya athi: “Mna, Yehova, ndinguThixo wakho, Lowo ukufundisa okuyingenelo kuwe.”—Isaya 48:17.

INCWADI YESIPROFETO

Umbhali weBhayibhile uIsaya waprofeta ngokutshatyalaliswa kweBhabhiloni

13. Ziziphi iinkcukacha uYehova awaphefumlela uIsaya ukuba azibhale ngokuphathelele iBhabhiloni?

13 IBhayibhile ineziprofeto eziliqela, yaye ezininzi kuzo sele zizalisekile. Makhe sihlolisise umzekelo nje ube mnye. Esebenzisa umprofeti uIsaya, owayephila ngenkulungwane yesibhozo ngaphambi kweXesha Eliqhelekileyo, uYehova waxela kwangaphambili ukuba isixeko saseBhabhiloni sasiza kutshatyalaliswa. (Isaya 13:19; 14:22, 23) Wachaza neenkcukacha eziphathelele indlela okwakuza kwenzeka ngayo oko. Imikhosi ehlaselayo yayiza kuwenza uwuthe umlambo waseBhabhiloni ize ingene kweso sixeko ingakhange ilwe. Akuphelelanga apho. Isiprofeto sikaIsaya side sichaze negama lokumkani owayeza koyisa iBhabhiloni—uKoreshi.—Isaya 44:27–45:2.

14, 15. Zazaliseka njani ezinye iinkcukacha zesiprofeto sikaIsaya esiphathelele iBhabhiloni?

14 Kwiminyaka engama-200 kamva—ngobusuku bango-Oktobha 5/6, 539 B.C.E.—kwagaleleka umkhosi waza wagxumeka iintente kufuphi neBhabhiloni. Wawukhokelwa ngubani? Ngukumkani wasePersi ogama linguKoreshi. Lalifikile ixesha lokuzaliseka kweso siprofeto simangalisayo. Kodwa ngaba umkhosi kaKoreshi wawuza kungena eBhabhiloni ngaphandle kokulwa, njengoko kwakuprofetiwe?

15 Ngobo busuku amaBhabhiloni ayenombhiyozo yaye ayezigqala ekhuselekile phakathi kwezo ndonga zinkulu zesixeko sawo. Ngelo xesha yena uKoreshi ngobuchule wayejika amanzi omlambo owawunqumla kweso sixeko. Ngokukhawuleza amanzi awutha waza umkhosi wakhe wachankcatha kumsele wawo de waya kufika kwiindonga zeso sixeko. Kodwa lo  mkhosi kaKoreshi wadlula njani kwezo ndonga zaseBhabhiloni? Kwenzeka ukuba ngandlel’ ithile ngobo busuku amasango eso sixeko ashiywe evulekile!

16. (a) Waprofeta wathini uIsaya ngesiphelo seBhabhiloni? (b) Sazaliseka njani isiprofeto sikaIsaya sokutshatyalaliswa kweBhabhiloni?

16 Kwakhona kwaprofetwa kwathiwa ngeBhabhiloni: “Ayisoze imiwe, ingasoze ihlale izizukulwana ngezizukulwana. UmArabhu akayi kumisa ntente yakhe apho, yaye akukho balusi baya kuyeka imihlambi yabo ibuthe apho.” (Isaya 13:20) Esi siprofeto sachaza okungakumbi kunokutshatyalaliswa nje kweso sixeko kuphela. Sabonisa ukuba iBhabhiloni iza kuphanziswa ngonaphakade. Buyabonakala namhlanje ubungqina bokuzaliseka kwala mazwi. Amabhodlo angenabemi eBhabhiloni yamandulo—akumgama weekhilomitha ezingama-80 ukusa kumazantsi eBaghdad, eIraq—abubungqina bokuba kuye kwazaliseka oko uYehova wakuthethayo ngoIsaya esithi: “Ndiza kuyitshayela ngomtshayelo wembubhiso.”—Isaya 14:22, 23. *

Amabhodlo eBhabhiloni

17. Ukuzaliseka kweziprofeto zeBhayibhile kulomeleza njani ukholo?

 17 Ukuhlolisisa indlela ezithembeke ngayo iziprofeto zeBhayibhile komeleza ukholo, akunjalo? Ngapha koko, ukuba uYehova uThixo uye wazizalisekisa izithembiso zakhe zangaphambili, sinokuba nethemba lokuba uya kusizalisekisa nesithembiso separadesi ezayo yasemhlabeni. (Numeri 23:19) Eneneni, ‘sinethemba lobomi obungunaphakade awathi uThixo, ongenakuxoka, wabuthembisa kwantlandlolo.’—Tito 1:2. *

“ILIZWI LIKATHIXO LIPHILILE”

18. Ngawaphi amazwi achukumisayo awawathethayo umpostile uPawulos ongumKristu ngokuphathelele “ilizwi likaThixo”?

18 Ngokusuka koko siye sakufunda kwesi sahluko, kucacile ukuba ngokwenene iBhayibhile yincwadi ekhethekileyo.  Sekunjalo, ukubaluleka kwayo akupheleli nje ekuthini inkcazelo yayo iyavisisana, ichanile ngokwezenzululwazi nangokwembali, inamacebiso obulumko, yaye ineziprofeto ezinokuthenjwa. Umpostile uPawulos ongumKristu wabhala wathi: “Ilizwi likaThixo liphilile, linamandla yaye libukhali ngaphezu kwalo naliphi na ikrele elintlangothi-mbini, lihlaba lide lahlule umphefumlo nomoya, kwanamalungu nomongo wawo, yaye liyakwazi ukuphicotha iingcamango notyekelo lwentliziyo.”—Hebhere 4:12.

19, 20. (a) IBhayibhile inokukunceda njani ukuba uzigocagoce? (b) Unokuwubonisa njani umbulelo onawo ngesipho esikhethekileyo sikaThixo esiyiBhayibhile?

19 Ukufunda “ilizwi” okanye isigidimi sikaThixo esiseBhayibhileni kunokubutshintsha ubomi bethu. Kunokusinceda ukuba sizigocagoce ngokunzulu. Sisenokuthi siyamthanda uThixo, kodwa indlela esisabela ngayo koko kufundiswa liLizwi lakhe eliphefumlelweyo iBhayibhile, kuya kutyhila iingcamango zokwenene zentliziyo yethu.

20 Ngokwenene iBhayibhile yincwadi evela kuThixo. Yincwadi esifanele siyixabise size siyifundisise. Ngoko bonisa umbulelo onawo ngesi sipho sikaThixo ngokuthi usifunde rhoqo. Ngaloo ndlela, uya kuyiqonda ngakumbi injongo kaThixo ngoluntu. Isahluko esilandelayo siza kusichazela ukuba iyintoni loo njongo kwanendlela eza kuzaliseka ngayo.

^ isiqe. 6 Nangona abanye abantu besithi kukho iinxalenye ezithile zeBhayibhile eziphikisanayo, abukho ubungqina boko. Bona isahluko 7 sencwadi ethi IBhayibhile—Ngaba Ililizwi LikaThixo Okanye Lomntu? epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

^ isiqe. 9 Ngokomzekelo, phawula iinkcukacha eziphathelele umnombo kaYesu ezichazwe kuLuka 3:23-38.

^ isiqe. 16 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngokuphathelele iziprofeto zeBhayibhile, bona iphepha 27-9 lencwadana enemifanekiso ethi Incwadi Yabantu Bonke, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.

^ isiqe. 17 Ukutshatyalaliswa kweBhabhiloni kungumzekelo nje omnye wokuzaliseka kweziprofeto zeBhayibhile. Omnye wemizekelo ekhoyo ngowokutshatyalaliswa kweTire neNineve. (Hezekile 26:1-5; Zefaniya 2:13-15) Kwakhona, isiprofeto sikaDaniyeli sachaza ngokulandelelana kwamagunya alawulayo emva kokutshatyalaliswa kweBhabhiloni. Phakathi kwawo kwakukho nobukhosi bamaMedi namaPersi nobamaGrike. (Daniyeli 8:5-7, 20-22) KwiSihlomelo, iphepha 199-201 kuxutyushwa ngeziprofeto ezininzi eziphathelele uMesiya nezazaliseka kuYesu Kristu.