Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Isahluko Seshumi

Izidalwa Zomoya—Indlela Ezisichaphazela Ngayo

Izidalwa Zomoya—Indlela Ezisichaphazela Ngayo
  • Ngaba iingelosi ziyabanceda abantu?

  • Oomoya abangendawo baluchaphazele njani uluntu?

  • Ngaba sifanele siboyike oomoya abangendawo?

1. Kutheni sifanele sifune ukufunda ngeengelosi?

UKWAZI umntu kudla ngokuquka ukufunda okuthile ngentsapho yakhe. Ngokufanayo, ukwazi uYehova uThixo kuquka ukwazi ngakumbi ngentsapho yakhe yeengelosi. IBhayibhile izibiza iingelosi ngokuba ‘ngoonyana bakaThixo.’ (Yobhi 38:7) Ngoko, yiyiphi indima ezinayo ekuphunyezweni kwenjongo kaThixo? Ngaba kukho okuthile eziye zakufeza kwimbali yoluntu? Ngaba iingelosi ziyabuchaphazela ubomi bakho? Ukuba kunjalo, zibuchaphazela njani?

2. Zazivela phi iingelosi, yaye zininzi kangakanani?

2 IBhayibhile ithetha kakhulu ngeengelosi. Makhe sihlolisise ezinye zeendinyana zayo ukuze sifunde ngakumbi ngeengelosi. Zazivela phi iingelosi? EyabaseKolose 1:16 ithi: “Zadalwa ngaye [uYesu Kristu] zonke ezinye izinto emazulwini nasemhlabeni.” Ngoko, zonke izidalwa zomoya ezibizwa ngokuba ziingelosi zadalwa nguYehova uThixo esebenzisa uNyana wakhe wamazibulo. Zininzi kangakanani iingelosi? IBhayibhile ibonisa ukuba kwadalwa amakhulu ezigidi zeengelosi, yaye zonke zinamandla.—INdumiso 103:20; ISityhilelo 5:11 *

3. Usixelela ntoni uYobhi 38:4-7 ngeengelosi?

 3 ILizwi likaThixo iBhayibhile lisixelela ukuba ekusekweni komhlaba, “bonke oonyana bakaThixo bakhwaza bencoma.” (Yobhi 38:4-7) Ngoko iingelosi zazikho kwakudala ngaphambi kokudalwa kwabantu, kwanangaphambi kokudalwa komhlaba. Kwakhona le ngxelo yeBhayibhile ibonisa ukuba iingelosi zineemvakalelo, kuba ithi ‘zamemelela kunye ngovuyo.’ Phawula ukuba “bonke oonyana bakaThixo” bavuya kunye. Ngelo xesha, zonke iingelosi zaziyinxalenye yentsapho emanyeneyo ekhonza uYehova uThixo.

UKUXHASWA NOKUKHUSELWA ZIINGELOSI

4. IBhayibhile ibonisa njani ukuba iingelosi ezithembekileyo zinomdla ebantwini?

4 Ukususela ekuboneni kwazo ukudalwa kwabantu bokuqala, izidalwa zomoya ezithembekileyo ziye zabonisa umdla wokwenene ekwandeni kwentsapho yabantu nasekuzalisekeni kwenjongo kaThixo. (IMizekeliso 8:30, 31; 1 Petros 1:11, 12) Noko ke, ekuhambeni kwexesha iingelosi ziye zabona inkoliso yentsapho yabantu iyeka ukukhonza uMdali wayo onothando. Ngokungathandabuzekiyo oku kwazenza buhlungu gqitha iingelosi ezithembekileyo. Kodwa xa kukho nokuba ngumntu nje omnye obuyela kuYehova, “kubakho uvuyo phakathi kweengelosi.” (Luka 15:10) Ekubeni iingelosi zibakhathalele ngokunzulu ngaloo ndlela abo bakhonza uThixo, ayimangalisi ke ngoko into yokuba uYehova eye wazisebenzisa kaninzi ekomelezeni nasekukhuseleni abakhonzi bakhe abathembekileyo emhlabeni. (Hebhere 1:7, 14) Khawuqwalasele imizekelo nje embalwa.

“UThixo wam uthumele ingelosi yakhe, yayivala imilomo yeengonyama.”—Daniyeli 6:22

5. Yiyiphi imizekelo yokuxhaswa ziingelosi ekhoyo eBhayibhileni?

5 Iingelosi ezimbini zanceda uLote olilungisa neentombi zakhe ukuba basinde ekutshatyalalisweni kwezixeko ezingendawo iSodom neGomora ngokuthi zibakhuphele ngaphandle kwazo. (Genesis 19:15, 16) Kumakhulu eminyaka emva koko, umprofeti uDaniyeli waphoswa emhadini weengonyama, kodwa wasinda waza wathi: “UThixo wam uthumele ingelosi yakhe, yayivala imilomo yeengonyama.” (Daniyeli 6:22) Ngenkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, enye ingelosi  yakhulula umpostile uPetros entolongweni. (IZenzo 12:6-11) Ngaphezu koko, iingelosi zomeleza uYesu ekuqaliseni kobulungiseleli bakhe basemhlabeni. (Marko 1:13) Kwakhona, ngaphambi nje kokufa kukaYesu, kwafika ingelosi kuye “yamomeleza.” (Luka 22:43) Kumele ukuba kwamkhuthaza gqitha uYesu oko ebudeni baloo maxesha awayebaluleke gqitha ebomini bakhe!

6. (a) Iingelosi zibakhusela njani abantu bakaThixo namhlanje? (b) Yiyiphi imibuzo esiza kuyihlolisisa?

6 Namhlanje iingelosi azisabonakali ngokoqobo kubantu bakaThixo abasemhlabeni. Nangona zingabonakali ebantwini, iingelosi zikaThixo ezinamandla zisabakhusela abantu bakhe, ingakumbi kuyo nantoni na enokubenzakalisa ngokomoya. IBhayibhile ithi: “Ingelosi kaYehova imisa inkampu macala onke kwabo bamoyikayo, ize ibahlangule.” (INdumiso 34:7) Kutheni emele asikhuthaze gqitha nje loo mazwi? Kungenxa yokuba kukho izidalwa zomoya ezingendawo eziyingozi ezifuna ukusitshabalalisa! Zingoobani? Zivela phi? Zizama njani ukusenzakalisa? Ukuze sifumane iimpendulo, makhe sihlolisise ngokufutshane oko kwenzekayo ekuqaleni kwembali yoluntu.

IZIDALWA ZOMOYA EZIZIINTSHABA ZETHU

7. Uye waphumelela ngomkhamo ongakanani uSathana ekutyekiseni abantu kuThixo?

7 Njengoko sifundile kwiSahluko 3 sale ncwadi, enye ingelosi yaba nomnqweno wokulawula abanye yaza yavukela uThixo. Kamva le ngelosi yabizwa ngokuba nguSathana uMtyholi. (ISityhilelo 12:9) Ebudeni beenkulungwane ezili-16 emva kokuba ekhohlise uEva, uSathana waphumelela ekutyekiseni phantse bonke abantu kuThixo, ngaphandle kwabambalwa abathembekileyo abanjengoAbheli, uEnoki noNowa.—Hebhere 11:4, 5, 7.

8. (a) Kwenzeka njani ukuba ezinye iingelosi zibe ziidemon? (b) Yintoni ekwafuneka ziyenzile iidemon ukuze zisinde kuMkhukula wexesha likaNowa?

8 Ngexesha likaNowa, kwabakho nezinye iingelosi ezavukela uYehova. Zayishiya intsapho kaThixo yasezulwini, zeza  emhlabeni, zazambathisa imizimba yenyama. Ngoba? IGenesis 6:2 ithi: “Baziphawula ke oonyana boThixo oyinyaniso iintombi zabantu, ukuba zintle ngenkangeleko; baza bazithabathela abafazi kuzo zonke abazikhethayo.” Ngenxa yoko kwanda ubungendawo ebantwini, kodwa uYehova uThixo akazange akuvumele oko kuqhubeke ithuba elide. Wazisa umkhukula womhlaba wonke owatshabalalisa bonke abantu abangendawo, kwasinda kuphela abakhonzi bakhe abathembekileyo. (Genesis 7:17, 23) Ngoko iingelosi ezavukelayo, ezibizwa ngokuba ziidemon, zanyanzeleka ukuba ziyishiye imizimba yazo yenyama zize zibuyele ezulwini njengezidalwa zomoya. Zazixhasa uMtyholi, owaba ‘ngumlawuli weedemon.’—Mateyu 9:34.

9. (a) Kwenzeka ntoni kwiidemon xa zabuyela ezulwini? (b) Yintoni esiza kuyihlolisisa ngokuphathelele iidemon?

 9 Xa ezo ngelosi zingathobeliyo zabuyela ezulwini, azivunyelwanga ukuba zibe yinxalenye yentsapho yasezulwini, njengomlawuli wazo uSathana. (2 Petros 2:4) Nangona ngoku zingasakwazi ukuzambathisa imizimba yenyama, zisenempembelelo embi kakhulu ebantwini. Enyanisweni, encediswa zezi demon, uSathana “ulahlekisa umhlaba omiweyo uphela.” (ISityhilelo 12:9; 1 Yohane 5:19) Njani? Ngokuyintloko, iidemon zisebenzisa iindlela zokulahlekisa abantu. (2 Korinte 2:11) Makhe sihlolisise ezinye zezi ndlela.

INDLELA EZILAHLEKISA NGAYO IIDEMON

10. Kuyintoni ukusebenzelana nemimoya?

10 Ekulahlekiseni kwazo abantu, iidemon zisebenzisa ukusebenzelana nemimoya. Ukusebenzelana nemimoya kukuqhagamshelana ngokungqalileyo needemon, okanye ukuqhagamshelana nazo ngoncedo lukasiyazi. IBhayibhile iyakugatya ukusebenzelana nemimoya, yaye isilumkisa ukuba singasondeli kuyo nantoni na enxulumene nako. (Galati 5:19-21) Indlela iidemon ezikusebenzisa ngayo ukusebenzelana nemimoya iyafana nendlela umlobi asisebenzisa ngayo isithiyelo. Umlobi usebenzisa izithiyelo ezahlukeneyo ekubambiseni iintlobo ezahlukeneyo zeentlanzi. Ngokufanayo, oomoya abangendawo basebenzisa iintlobo ezahlukeneyo zokusebenzelana nemimoya ekuphembeleleni zonke iindidi zabantu.

11. Kuyintoni ukuvumisa, yaye kutheni simele sikuphephe?

11 Olunye uhlobo lwesithiyelo esisetyenziswa ziidemon kukuvumisa. Kuyintoni ukuvumisa? Kuyindlela yokuzama ukufumana ulwazi ngekamva okanye into ethile engaziwayo. Ezinye iintlobo zokuvumisa zibandakanya ukuvumisa ngeenkwenkwezi, ukusebenzisa amathambo, ukuvumisa ngokusebenzisa ibhola yeglasi, ukuchaza ikamva lomntu ngokujonga imigca esesandleni sakhe, ukuhlaba izihlabo, nokukholelwa emaphupheni. Nangona abantu abaninzi becinga ukuba ukuvumisa kuyinto nje engenabungozi, iBhayibhile ibonisa ukuba abaxeli-thamsanqa basebenzelana noomoya abangendawo.  Ngokomzekelo, iZenzo 16:16-18 zikhankanya “idemon yokuvumisa” eyayisenza intombazana ethile ikwazi ukuqhelisela “ubugcisa bokuxela izinto kwangaphambili.” Kodwa baphela obo bugcisa yakuba idemon ikhutshiwe kuyo.

Iidemon zibakhohlisa ngeendlela ezahlukeneyo abantu

12. Kutheni kuyingozi ukuzama ukunxibelelana nabafileyo?

12 Enye indlela iidemon ezilahlekisa ngayo abantu kungokubakhuthaza ukuba babuzise kwabafileyo. Abantu abasentlungwini yokufelwa ngumntu abamthandayo badla ngokukhohliswa ziingcamango eziphosakeleyo eziphathelele abo bafileyo. Usiyazi usenokubanika inkcazelo ekhethekileyo okanye usenokuthetha ngelizwi elifana nelaloo mntu ufileyo. Ngenxa yoko, abantu abaninzi bakholelwa ukuba abafileyo bayaphila, yaye ukuqhagamshelana nabo kuya kubanceda abo baphilayo ukuba bakwazi ukunyamezela intlungu abanayo. Kodwa nayiphi na “intuthuzelo” elolo hlobo yeyobuxoki yaye iyingozi. Ngoba? Kuba iidemon zinako ukulinganisa ilizwi lomntu ofileyo zize zinike usiyazi inkcazelo ethile ngaye. (1 Samuweli 28:3-19) Ngaphezu koko, njengoko sifundile kwiSahluko 6, abafileyo abasekho. (INdumiso 115:17) Ngoko nabani na “obuzisa  kwabafileyo” ulahlekiswe ngoomoya abangendawo yaye wenza ngokuchasene nokuthanda kukaThixo. (Duteronomi 18:10, 11; Isaya 8:19) Ngoko ke, sigatye ngokupheleleyo esi sithiyelo siyingozi sisetyenziswa ziidemon.

13. Abaninzi ababekhe bazoyika iidemon baye bakwazi ukwenza ntoni?

13 Oomoya abangendawo abaneli nje ngokulahlekisa abantu, kodwa kwakhona bayaboyikisa. USathana needemon zakhe bayazi ukuba basalelwe ‘lixesha elifutshane’ ngaphambi kokupheliswa kwamandla abo, yaye ngoku bakhohlakele ngakumbi kunangaphambili. (ISityhilelo 12:12, 17) Nakuba kunjalo, amawaka abantu ababekade bengcungcuthekiswa kukoyika aba moya bangendawo, baye bakwazi ukwahlukana nabo. Bakwenze njani oku? Yintoni anokuyenza umntu kwanokuba sele ebandakanyeke ekusebenzelaneni nemimoya?

INDLELA ESINOKUMELANA NGAYO NOOMOYA ABANGENDAWO

14. Njengoko enzayo amaKristu enkulungwane yokuqala ase-Efese, thina sinokwahlukana njani noomoya abangendawo?

14 IBhayibhile isichazela indlela esinokumelana ngayo noomoya abangendawo kwanendlela esinokwahlukana ngayo nabo. Cinga nje ngomzekelo wamaKristu enkulungwane yokuqala awayehlala kwisixeko sase-Efese. Amanye awo ayesebenzelana nemimoya ngaphambi kokuba abe ngamaKristu. Xa agqiba kwelokuba ahlukane nokusebenzelana nemimoya, enza ntoni? IBhayibhile ithi: “Abaliqela noko kwabo babeqhelisela ubugcisa bomlingo bazizisa ndawonye iincwadi zabo baza bazitshisa phambi kwakhe wonk’ ubani.” (IZenzo 19:19) Ngokutshabalalisa kwawo iincwadi zemilingo, loo maKristu abamisela umzekelo wento abamele bayenze abo bafuna ukumelana noomoya abangendawo namhlanje. Abantu abafuna ukukhonza uYehova bamele bahlukane nayo nantoni na enento yokwenza nokusebenzelana nemimoya. Oku kuquka iincwadi, amaphephancwadi, imifanekiso eshukumayo okanye exhonywayo, kwanomculo okhuthaza ukusebenzelana nemimoya. Kukwaquka namakhubalo okanye ezinye izinto ezinxitywa ngenjongo yokuzikhusela koomoya abangendawo.—1 Korinte 10:21.

15. Yintoni esimele siyenze ukuze simelane nemikhosi yoomoya abangendawo?

 15 Kwiminyaka eliqela emva kokuba amaKristu ase-Efese ezitshabalalisile iincwadi zawo ezithetha ngemilingo, umpostile uPawulos wabhala wathi: “Sizamazamana . . . nemikhosi yoomoya abangendawo.” (Efese 6:12) Iidemon azizange zinikezele. Zaqhubeka zizama ukuwoyisa loo maKristu. Ngoko yintoni enye awayefanele ayenze? UPawulos wathi kuwo: “Ngaphezu kwezinto zonke, thabathani ikhaka elikhulu lokholo, enothi ngalo nikwazi ukucima yonke imijukujelwa evuthayo yalowo ungendawo [uSathana].” (Efese 6:16) Okukhona lisomelela ngakumbi ikhaka lethu lokholo, kokukhona siya kumelana ngokuqinileyo nemikhosi yoomoya abangendawo.—Mateyu 17:20.

16. Sinokulomeleza njani ukholo lwethu?

16 Ngoko sinokulomeleza njani ukholo lwethu? Ngokufundisisa iBhayibhile. Ukomelela kodonga kuxhomekeke ekuqineni kwesiseko salo. Ngokufanayo, ukomelela kokholo lwethu kuxhomekeke ekuqineni kwesiseko salo, esilulwazi oluchanileyo lweLizwi likaThixo, iBhayibhile. Ukuba siyifundisisa yonke imihla iBhayibhile, ukholo lwethu luya komelela. Njengodonga olomeleleyo, ukholo olunjalo luya kusikhusela kwimpembelelo yoomoya abangendawo.—1 Yohane 5:5.

17. Liliphi inyathelo esimele silithabathe ukuze sikwazi ukumelana noomoya abangendawo?

17 Liliphi elinye inyathelo ekwafuneka elithabathile loo maKristu ase-Efese? Ayefuna ukhuseleko olungakumbi kuba ayephila kwisixeko esasizaliswe yimpembelelo yeedemon. Ngoko uPawulos wathi kuwo: ‘Ngazo zonke izihlandlo qhubekani nithandaza yaye nikhunga nikuwo umoya.’ (Efese 6:18) Ekubeni nathi siphila kwihlabathi elizaliswe yimpembelelo yeedemon, kubalulekile ukuba sithandaze ngokunyanisekileyo kuYehova simcele ukuba asikhusele kwaba moya bangendawo. Sifanele sisebenzise igama likaYehova emithandazweni yethu. (IMizekeliso 18:10) Sifanele sizingise ekuthandazeni kwethu kuThixo ukuba ‘asihlangule kulowo ungendawo,’ uSathana uMtyholi.  (Mateyu 6:13) UYehova uya kuyiphendula imithandazo enyaniseke ngolo hlobo.—INdumiso 145:19.

18, 19. (a) Kutheni sinokuqiniseka ukuba sinako ukoyisa ekulweni kwethu nezidalwa zomoya ezingendawo? (b) Nguwuphi umbuzo oza kuphendulwa kwisahluko esilandelayo?

18 Oomoya abangendawo bayingozi, kodwa asinasizathu sakuboyika ukuba siyamchasa uMtyholi size sisondele kuThixo ngokuthi senze ukuthanda Kwakhe. (Yakobi 4:7, 8) Amandla oomoya abangendawo alinganiselwe. Bohlwaywa ngexesha likaNowa, yaye baza kufumana umgwebo wabo wokugqibela kwixesha elizayo. (Yude 6) Kwakhona, khumbula ukuba sikhuselwe ziingelosi zikaYehova ezinamandla. (2 Kumkani 6:15-17) Ezo ngelosi zikulangazelela ngokwenene ukusibona siphumelela ekumelaneni noomoya abangendawo. Iingelosi ezingamalungisa ziyasikhuthaza. Ngoko masisondele kuYehova nentsapho yakhe yezidalwa zomoya ezithembekileyo. Kwakhona masiphephe naluphi na uhlobo lokusebenzelana nemimoya size siqhubeke sithobela isiluleko esiseLizwini likaThixo. (1 Petros 5:6, 7; 2 Petros 2:9) Ngaloo ndlela sinokuqiniseka ukuba siya koyisa ekulweni kwethu nezidalwa zomoya ezingendawo.

19 Kodwa kutheni uThixo ebanyamezele oomoya ababi kunye nobungendawo obuye bazisa ukubandezeleka okukhulu ebantwini? Loo mbuzo uza kuphendulwa kwisahluko esilandelayo.

^ isiqe. 2 Ngokuphathelele iingelosi ezingamalungisa, ISityhilelo 5:11 sithi: “Inani lazo lalingamashumi amawaka aphindwe ngamashumi amawaka.” Ngoko iBhayibhile ichaza ukuba kwadalwa amakhulu ezigidi zeengelosi.