Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Isahluko Seshumi Elinanye

Kutheni UThixo Evumela Ukubandezeleka?

Kutheni UThixo Evumela Ukubandezeleka?
  • Ngaba nguThixo obangela kubekho ukubandezeleka ehlabathini?

  • Yiyiphi imbambano eyaveliswayo kumyezo wase-Eden?

  • UThixo uza kukuphelisa njani ukubandezeleka kwabantu?

1, 2. Kukuphi ukubandezeleka abajamelana nako abantu namhlanje, nto leyo ebangela ukuba abaninzi babuze yiphi imibuzo?

EMVA kwemfazwe emanyumnyezi kwelinye ilizwe, kwafa amawakawaka amabhinqa nabantwana ababengekho semkhosini, bangcwatyelwa kumsele omnye kwaza kwagxunyekwa nokrozo lweminqamlezo ejikeleze loo msele. Kumnqamlezo ngamnye kwakubhalwe umbuzo othi: “Bekutheni?” Maxa wambi lo ngowona mbuzo ubuhlungu kunayo yonke. Abantu bawubuza besentlungwini xa imfazwe, intlekele, isifo, okanye ulwaphulo-mthetho lubulala abantu ababathandayo abangenatyala, naxa lutshabalalisa amakhaya abo, okanye lubabandezela nangayiphi na enye indlela. Bafuna ukwazi isizathu sokuba behlelwe zezo ntlekele.

2 Kutheni uThixo evumela ukubandezeleka? Ukuba uYehova uThixo ungusomandla, unothando, unobulumko nokusesikweni, kutheni ihlabathi lizaliswe yintiyo nokungekho sikweni? Ngaba nawe wakha wazibuza le mibuzo?

3, 4. (a) Yintoni ebonisa ukuba akuphosakalanga ukubuza isizathu sokuba uThixo avumele ukubandezeleka? (b) Uvakalelwa njani uYehova ngobungendawo nokubandezeleka?

3 Ngaba kuphosakele ukubuza isizathu sokuba uThixo evumela  ukubandezeleka? Abanye banoloyiko lokuba ukubuza umbuzo ololo hlobo kuthetha ukuba abanalukholo lwaneleyo okanye abamhloneli uThixo. Kodwa xa ufunda iBhayibhile, uya kufumanisa ukuba abantu ababenokholo nababemoyika uThixo bayibuza imibuzo elolo hlobo. Ngokomzekelo, umprofeti uHabhakuki wabuza uYehova wathi: “Kutheni undenza ndibone okwenzakalisayo, uze uqhubeke ujonga inkathazo? Kutheni kukho ukuphanga nogonyamelo phambi kwam, yaye kutheni kusibakho ukuxabana, ibe kutheni kuqhubeka imbambano?”—Habhakuki 1:3.

UYehova uza kukuphelisa konke ukubandezeleka

4 Ngaba uYehova wamkhalimela umprofeti othembekileyo uHabhakuki ngokubuza loo mibuzo? Akunjalo. Kunoko, uThixo wawaquka la mazwi anyanisekileyo kaHabhakuki kwingxelo yeBhayibhile ephefumlelweyo. Kwakhona uThixo wamnceda waqonda izibakala ezingakumbi, waza walomeleza ukholo lwakhe. UYehova ufuna ukwenza okufanayo nakuwe. Khumbula ukuba, iBhayibhile ifundisa ukuba ‘ukukhathalele.’ (1 Petros 5:7) UThixo ubuthiye ngaphezu kwakhe nawuphi na umntu ubungendawo kunye nokubandezeleka obukubangelayo. (Isaya 55:8, 9) Ukuba kunjalo, kutheni ke kukho ukubandezeleka okukhulu kangaka ehlabathini?

 KUTHENI KUKHO UKUBANDEZELEKA OKUKHULU KANGAKA?

5. Kudla ngokuthiwa ukubandezeleka kwabantu kubangelwa ngubani, kodwa yintoni efundiswa yiBhayibhile?

5 Abantu beenkonzo ezahlukeneyo baye babuza abefundisi babo isizathu sokuba kubekho ukubandezeleka okukhulu kangaka. Ngokufuthi baxelelwa ukuba ukubandezeleka kukuthanda kukaThixo, yaye wayicwangcisa kwasekuqaleni yonke into eyenzekayo, kuquka iintlekele. Abaninzi babo baxelelwa ukuba iindlela zikaThixo aziqondakali, okanye baxelelwe ukuba ubangela ukufa ebantwini—kwanasebantwaneni—ukuze abathabathele kuye ezulwini. Kodwa ke, ufundile ukuba uYehova uThixo akabangeli nabunye ububi. IBhayibhile ithi: “Makube lee kuThixo oyinyaniso ukwenza ngobungendawo, nakuSomandla ukwenza ngokungekho sikweni!”—Yobhi 34:10.

6. Kutheni abantu abaninzi besenza impazamo yokugxeka uThixo ngokubandezeleka okukhoyo ehlabathini?

6 Ngaba uyasazi isizathu sokuba abantu benze impazamo yokugxeka uThixo ngako konke ukubandezeleka okukhoyo ehlabathini? Ubukhulu becala, bamgxeka uThixo uSomandla ngenxa yokuba becinga ukuba nguye olawula eli hlabathi. Abayazi inyaniso elula kodwa ebalulekileyo efundiswa yiBhayibhile. Ufundile ngaloo nyaniso kwiSahluko 3 sale ncwadi. Umlawuli weli hlabathi nguSathana uMtyholi.

7, 8. (a) Ihlabathi lizibonisa njani iimpawu zomlawuli walo? (b) Ukungafezeki kwabantu kunye ‘nexesha kwanesihlo esingenakubonwa kwangaphambili’ kube naliphi igalelo ekubandezelekeni kwabo?

7 IBhayibhile ithi: “Ihlabathi liphela lisemandleni ongendawo.” (1 Yohane 5:19) Ngaba ayizicacelanga loo nto? Eli hlabathi libonisa iimpawu zesidalwa somoya esingabonakaliyo ‘esilahlekisa umhlaba omiweyo uphela.’ (ISityhilelo 12:9) USathana unentiyo, uyakhohlisa, yaye ukhohlakele. Ngoko ihlabathi, elizaliswe yimpembelelo yakhe, nalo linentiyo, liyakhohlisa, yaye likhohlakele. Kungenxa yeso sizathu le nto kukho ukubandezeleka okukhulu kangaka.

8 Isizathu sesibini sokuba kubekho ukubandezeleka okungaka,  seso sichazwe kwiSahluko 3, sokuba uluntu alufezekanga yaye lunesono ngenxa yemvukelo yase-Eden. Abantu abanesono badla ngokufuna ukubalasela, yaye oko kuphumela kwiimfazwe, iingcinezelo nokubandezeleka. (INtshumayeli 4:1; 8:9) Isizathu sesithathu sokubandezeleka ‘lixesha nesihlo esingenakubonwa kwangaphambili.’ (INtshumayeli 9:11) Kweli hlabathi lingakhuselwanga nguMlawuli onguYehova, abantu basenokubandezeleka ngenxa nje yokuba bekwindawo ethile ngexesha elingafanelekanga.

9. Sinokuqiniseka njani ukuba uYehova unesizathu esihle sokuvumela ukubandezeleka kuqhubeke?

9 Kuyakhuthaza ukwazi ukuba asingoThixo obangela ukubandezeleka. Asinguye obangela iimfazwe, ulwaphulo-mthetho, iingcinezelo, okanye iintlekele zokwemvelo ezenza abantu babandezeleke. Sekunjalo, sifuna ukwazi ukuba, Kutheni uYehova ekuvumela ukubandezeleka? Ukuba unguSomandla, ngokuqinisekileyo unawo amandla okukuphelisa. Ngoko, kutheni ke ekuvumela kuqhubeke? Ekubeni enguThixo onothando, ngoko umele ukuba unesizathu esihle sokukuvumela.—1 Yohane 4:8.

KUVELA IMBAMBANO EBALULEKILEYO

10. Yintoni awayicel’ umngeni uSathana, yaye ngoba?

10 Ukuze siqonde isizathu sokuba uThixo akuvumele ukubandezeleka, sifanele sibuyele emva kwixesha lokuqala kwako. Xa uSathana wabangela ukuba uAdam noEva bangamthobeli uYehova, kwavela imbambano ebalulekileyo. USathana akazange acele umngeni amandla kaYehova. Uyazi kakuhle into yokuba amandla kaYehova akanasiphelo. Kunoko, uSathana wacela umngeni igunya likaYehova lokulawula. Ngokuthi kukaSathana uThixo ulixoki elibandeza abantu okuhle, wayedlulisela ingcamango yokuba uYehova akalawuli ngendlela efanelekileyo. (Genesis 3:2-5) Lilonke wayesithi abantu banokuzilawula bhetele ngaphandle kukaThixo. Ngaloo ndlela wayecel’ umngeni ulongamo lukaYehova, okanye igunya lakhe lokulawula.

11. Kutheni uYehova engasukanga nje wabatshabalalisa abavukeli base-Eden?

 11 UAdam noEva bamvukela uYehova. Kwakufana nokungathi bathi: ‘Asizi kulawulwa nguYehova thina. Sinokuzigqibela ngokwethu okulungileyo nokubi.’ UYehova wayenokuyisombulula njani loo mbambano? Wayenokuzibonisa njani zonke izidalwa ezikrelekrele ukuba abo bavukeli babengachananga, kodwa nguye kuphela onokusilawula ngokufanelekileyo? Abanye basenokuthi uThixo ngewayesuke nje wabatshabalalisa abo bavukeli aze adale ngokutsha. Kodwa uYehova wayeyichazile injongo yakhe yokuba umhlaba uzaliswe yinzala ka-Adam noEva, yaye wayefuna iphile kwiparadesi yasemhlabeni. (Genesis 1:28) UYehova usoloko ezizalisekisa iinjongo zakhe. (Isaya 55:10, 11) Ngapha koko, ukubatshabalalisa abo bavukeli base-Eden kwakungayi kuyisombulula imbambano eyaveliswayo ephathelele igunya likaYehova lokulawula.

12, 13. Zekelisa isizathu sokuba uYehova avumele uSathana abe ngumlawuli weli hlabathi nesizathu sokuba avumele uluntu luzilawule.

12 Makhe sikuzekelise oku. Masithi ngokomzekelo utitshala uxelela abafundi indlela yokusombulula isibalo esinzima. Kodwa kusuke kuphakame mfundi uthile okrelekrele novukelayo athi le ndlela katitshala yokusombulula esi sibalo ayichananga.  Lo mvukeli udlulisela ingcamango yokuba utitshala akafundisi kakuhle, aze abaqinisekise abafundi ukuba yena unendlela ebhetele yokusombulula esi sibalo. Bambi abafundi bacinga ukuba uchanile, baze nabo bavukele. Yintoni afanele ayenze utitshala? Ukuba uyabagxotha abo bavukeli eklasini yakhe, kuza kubachaphazela njani abanye abafundi oko? Ngaba abazi kusuka nabo bakholelwe ukuba lo mfundi uvukelayo kunye nabo bamthelelayo bachanile? Kunjalo kanye, yaye oko kunokubenza balahlekelwe yintlonelo abebenayo ngotitshala, becinga ukuba woyika ukubhencwa ukuba akachananga. Bekuya kuba kuhle ukuba utitshala amvumele lo mvukeli abonise iklasi indlela yena anokusisombulula ngayo esi sibalo.

Ngaba umfundi ufaneleka ngakumbi kunotitshala?

13 Koko kanye okuye kwenziwa nguYehova. Khumbula ukuba yayingengobavukeli base-Eden kuphela ababebandakanyekile. Kukho izigidi zeengelosi ezazibukele. (Yobhi 38:7; Daniyeli 7:10) Indlela uYehova awayeza kuyisingatha ngayo loo mvukelo yayiza kuzichaphazela kakhulu zonke ezo ngelosi kwanazo zonke ezinye izidalwa ezikrelekrele. Ngoko, uye wenza ntoni uYehova? Uye wamvumela uSathana ukuba abonise indlela yena anokululawula ngayo uluntu. UThixo uye waluvumela noluntu ukuba luzilawule phantsi kolwalathiso lukaSathana.

14. Sinayiphi ingenelo isigqibo sikaYehova sokuvumela abantu bazilawule?

14 Utitshala esizekelise ngaye uyazi ukuba lo mvukeli kunye nabafundi abaye bamthelela abachananga. Kodwa uyazi ukuba ukubavumela benze ngendlela yabo kuya kuba yingenelo kuyo yonke iklasi. Xa aba bavukeli besilela, bonke abafundi abanyanisekileyo baya kubona ukuba ngutitshala kuphela okufanelekelayo ukukhokela iklasi. Baya kusiqonda nesizathu sokuba kwixesha elizayo utitshala ebagxotha bonke abavukeli eklasini yakhe. Ngokufanayo, uYehova uyazi ukuba zonke iingelosi nabantu abanyanisekileyo baya kungenelwa xa bebona ukuba uSathana kunye nabanye abavukeli baye basilela, naxa bebona ukuba abantu abanako ukuzilawula. NjengoYeremiya wamandulo, baya kufunda le nyaniso ibalulekileyo: “Ndazi kakuhle, Yehova, ukuba ayikho semntwini  wasemhlabeni indlela yakhe. Asikokomntu ohambayo ukwalathisa inyathelo lakhe.”—Yeremiya 10:23.

KUTHENI EKUVUMELE ITHUBA ELIDE KANGAKA?

15, 16. (a) Kutheni uYehova evumele ukubandezeleka kwaqhubeka ithuba elide kangaka? (b) Kutheni uYehova engazithintelanga izinto ezimbi njengolwaphulo-mthetho?

15 Kodwa ke, kutheni uYehova ekuvumele ukubandezeleka kuqhubeke ithuba elide kangaka? Yaye kutheni engazithinteli nje izinto ezimbi ukuba zingenzeki? Kaloku, cinga ngezinto ezimbini utitshala esizekelise ngaye angasayi kuzenza. Okokuqala, akasayi kumthintela lo mfundi uvukelayo xa eqalisa nje ukuvul’ umlomo. Okwesibini, utitshala akasayi kumncedisa lo mvukeli njengoko esenza ngendlela abona ngayo. Ngokufanayo, naye uYehova unezinto ezimbini angazenzanga. Okokuqala, akamthintelanga uSathana kunye nabo bamxhasayo xa bebezama ukunikela ubungqina bokuba bachanile. Uye wabanika ithuba elaneleyo. Kumawakawaka eminyaka yolawulo lwabantu, akukho lawulo bangaluzamanga. Baye benza inkqubela kwezenzululwazi nakwezinye iinkalo, kodwa ukungabikho kokusesikweni, ubuhlwempu, ulwaphulo-mthetho neemfazwe kuye kwanda. Ngokwenene ulawulo lwabantu lungqineke lusilela kakhulu.

16 Okwesibini, uYehova akamncedisanga uSathana ekulawuleni kwakhe eli hlabathi. Kaloku, ukuba uThixo ebenokuthintela izinto ezimbi njengolwaphulo-mthetho, ngaba ebengayi kuba uxhasa abavukeli? Ngaba ebengayi kuba udlulisela ebantwini ingcamango yokuba banako ukuzilawula kuze kungabikho miphumo mibi? Ukuba uYehova ebenokwenza ngaloo ndlela, ebeya kuba uxhasa ubuxoki babavukeli. Kanti enyanisweni ‘akunakwenzeka ukuba uThixo axoke.’—Hebhere 6:18.

17, 18. Yintoni aza kuyenza uYehova ngawo wonke umonakalo oye wabangelwa lulawulo lwabantu nayimpembelelo kaSathana?

17 Kodwa ke, kuthekani ngawo wonke umonakalo oye wenziwa ebudeni bethuba elide lokuvukela uThixo? Kaloku, khumbula ukuba uYehova ungusomandla. Ngoko unako ukukuphelisa ukubandezeleka koluntu, yaye uza kukuphelisa.  Njengoko sifundile, umonakalo okhoyo uza kulungiswa xa lo mhlaba usenziwa ube yiParadesi. Imiphumo yesono iza kupheliswa ngokuba nokholo kwidini lentlawulelo likaYesu, yona imiphumo yokufa iza kupheliswa ngovuko. UThixo uza kusebenzisa uYesu ‘ekuchitheni imisebenzi kaMtyholi.’ (1 Yohane 3:8) Konke oku uYehova uza kukwenza kanye ngexesha elifanelekileyo. Simele sivuye kuba engakwenzanga msinya oku, kuba umonde wakhe usinike ithuba lokufunda inyaniso size simkhonze. (2 Petros 3:9, 10) Ebudeni beli xesha, uThixo ebexakekile efuna abanquli abanyanisekileyo yaye ebanceda ukuba banyamezele nakuphi na ukubandezeleka abasenokujamelana nako kweli hlabathi lizaliswe ziinkathazo.—Yohane 4:23; 1 Korinte 10:13.

18 Abanye basenokubuza bathi, Ngaba aliyonyaniso na elokuba ngekungekho konke oku kubandezeleka ukuba uThixo wayemdale uAdam noEva ngendlela yokuba bangakwazi ukuvukela? Ukuze uphenduleke lo mbuzo, khumbula isipho esixabisekileyo uYehova akunike sona.

UZA KUSISEBENZISA NJANI ISIPHO SIKATHIXO?

UThixo uya kukunceda ukuba unyamezele ukubandezeleka

19. Sisiphi isipho esixabisekileyo asiphe sona uYehova, yaye kutheni sifanele sisixabise?

19 Njengoko kubonisiwe kwiSahluko 5, abantu badalwe baba nenkululeko yokuzikhethela. Ngaba uyayiqonda indlela esixabiseke ngayo eso sipho? UThixo wenze intaphane yezilwanyana, yaye zilawulwa lithuku. (IMizekeliso 30:24) Abantu baye benza iirobhothi eziyilwe ngohlobo lokuba zilandele yonke imiyalelo. Ngaba besiya kuvuya ukuba uThixo ebesenze ngaloo ndlela nathi? Akunjalo, kunoko siyakuvuyela ukuba nenkululeko yokuzikhethela uhlobo lwabantu esifuna ukuba  lulo, indlela esifuna ukuphila ngayo, ukuzikhethela abahlobo esibathandayo, njalo njalo. Siyakuthanda ukuba nomlinganiselo othile wenkululeko, yaye noThixo uthanda kube njalo.

20, 21. Sinokusisebenzisa njani isipho senkululeko yokuzikhethela ngeyona ndlela ibalaseleyo, yaye kutheni sifanele sifune ukwenjenjalo?

20 UYehova akanamdla wokuba simkhonze ngokunyanzelwa. (2 Korinte 9:7) Ngokomzekelo: Yintoni ebiya kumkholisa ngakumbi umzali—ngaba ngumntwana othi “Ndiyakuthanda” kuba exelelwe ukuba atsho njalo, okanye ngumntwana otsho ngokuzithandela ngokusuka entliziyweni? Ngoko zibuze ukuba, Ndiza kuyisebenzisa njani mna inkululeko yokuzikhethela endiyinikwe nguYehova? USathana, uAdam noEva, bayisebenzisa kakubi inkululeko yabo yokuzikhethela. Bamgatya uYehova uThixo. Yintoni wena oza kuyenza?

21 Unethuba lokusisebenzisa ngeyona ndlela ibalaseleyo isipho senkululeko yokuzikhethela. Unokuthelela izigidi eziye zakhetha ukuma kwicala likaYehova. Ziyayivuyisa intliziyo kaThixo kuba zimngqina uSathana elixoki yaye engakufanelekelanga ukulawula. (IMizekeliso 27:11) Nawe unokwenjenjalo ngokuthi ukhethe ikhondo elifanelekileyo lobomi. Oku kuza kuchazwa kwisahluko esilandelayo.