Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 Isahluko Seshumi Elinesithandathu

Lumele Ngokuqinileyo Unqulo Lokwenyaniso

Lumele Ngokuqinileyo Unqulo Lokwenyaniso
  • Ifundisa ntoni iBhayibhile ngokuphathelele imifanekiso eqingqiweyo nokunqula izinyanya?

  • AmaKristu azijonga njani iiholide zonqulo?

  • Unokuzichaza njani iinkolelo zakho kwabanye ngaphandle kokubacaphukisa?

1, 2. Yiyiphi imibuzo omele uzibuze yona emva kokuba uphumile kunqulo lobuxoki, yaye ucinga ukuba kutheni kubalulekile nje oku?

MASITHI uye wafumanisa ukuba impilo yabo bonke abantu elumelwaneni iye yonakaliswa yityhefu ethile eyingozi. Mntu uthile ubelahla inkunkuma enetyhefu ngokufihlakeleyo kuloo ngingqi, yaye ngoku ubomi babantu busengozini. Yintoni obuya kuyenza? Ngokungathandabuzekiyo ubuya kufuduka apho ukuba ubunendlela yokwenjenjalo. Kodwa sekunjalo, ubusaya kujamelana nombuzo onzima othi, ‘Ngaba ayindichaphazelanga le tyhefu?’

2 Injalo kanye imeko yonqulo lobuxoki. IBhayibhile ifundisa ukuba unqulo lobuxoki lonakaliswe ziimfundiso nezithethe ezingahlambulukanga. (2 Korinte 6:17) Kungenxa yoko le nto kubalulekile ukuba uphume ‘kwiBhabhiloni Enkulu,’ ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki. (ISityhilelo 18:2, 4) Ngaba sele uphumile kuyo? Ukuba kunjalo, kuyancomeka oko. Kodwa ukuphuma kunqulo lobuxoki kuthetha okungakumbi kunokuzahlukanisa nalo okanye ukurhoxa nje kuphela. Ufanele uzibuze ukuba, ‘Ngaba akukho nentwana le yonqulo lobuxoki esaseleyo kum?’ Khawukhe uhlolisise le mizekelo ilandelayo.

 IMIFANEKISO EQINGQIWEYO NOKUNQULA IZINYANYA

3. (a) Ithini iBhayibhile ngokusetyenziswa kwemifanekiso eqingqiweyo, yaye kutheni kusenokuba nzima kwabanye ukwamkela imbono kaThixo? (b) Yintoni ofanele uyenze ngazo naziphi na izinto onazo ezinento yokwenza nonqulo lobuxoki?

3 Abanye baye bagcina imifanekiso eqingqiweyo emakhayeni abo kangangeminyaka. Ngaba nawe ungomnye wabo? Ukuba kunjalo, usenokuba uvakalelwa kukuba akuqhelekanga okanye kuphosakele ukuthandaza kuThixo xa kungekho nto ibonakalayo uyisebenzisayo. Usenokuba uyithanda gqitha eminye yale mifanekiso. Kodwa uThixo usichazele indlela afuna ukunqulwa ngayo, yaye iBhayibhile ifundisa ukuba akafuni sisebenzise imifanekiso eqingqiweyo. (Eksodus 20:4, 5; INdumiso 115:4-8; Isaya 42:8; 1 Yohane 5:21) Ngoko unokulumela unqulo lokwenyaniso ngokuthi ulahle naziphi na izinto onazo ezinento yokwenza nonqulo lobuxoki. Zijonge ngendlela uYehova azijonga ngayo—njengento “ecekisekayo.”—Duteronomi 27:15.

4. (a) Sazi njani ukuba ukunqula izinyanya kulilize? (b) Kutheni uYehova wayalela abantu bakhe ukuba bangabandakanyeki kulo naluphi na uhlobo lokusebenzelana nemimoya?

4 Iinkonzo ezininzi zobuxoki zinqula izinyanya. Ngaphambi  kokuba bafunde inyaniso yeBhayibhile, abanye babekholelwa ukuba abafileyo bayaphila kummandla womoya yaye banako ukunceda okanye ukwenzakalisa abo baphilayo. Mhlawumbi wawudla ngokwenza imigudu emikhulu ukuze uxolelaniswe nezinyanya. Kodwa njengokuba ufundile kwiSahluko 6 sale ncwadi, ngoku uyazi ukuba abafileyo akukho apho baphila khona. Ngoko ukuzama ukunxibelelana nabo kulilize. Nasiphi na isigidimi esibonakala sivela kumntu othandekayo ofileyo, eneneni sivela kwiidemon. Ngenxa yoko, uYehova wawayalela amaSirayeli ukuba angazami ukuthetha okanye ukuba nenxaxheba kulo naluphi na olunye uhlobo lokusebenzelana nemimoya.—Duteronomi 18:10-12.

5. Yintoni omele uyenze ukuba unqulo lwakho lwangaphambili belubandakanya ukusebenzisa imifanekiso eqingqiweyo okanye ukunqula izinyanya?

5 Ukuba unqulo lwakho belubandakanya ukusebenzisa imifanekiso eqingqiweyo okanye ukunqula izinyanya, yintoni omele uyenze? Hlolisisa iindinyana zeBhayibhile ezibonisa indlela uThixo alujonga ngayo uqheliselo olunjalo. Thandaza yonke imihla kuYehova umazise ngomnqweno wakho wokufuna ukulumela ngokuqinileyo unqulo lokwenyaniso, uze umcele ukuba akuncede ucinge ngendlela acinga ngayo.—Isaya 55:9.

IKRISMESI—YAYINGABHIYOZELWA NGAMAKRISTU OKUQALA

6, 7. (a) Kuthiwa iKrismesi lusuku lokukhunjulwa kwantoni, yaye ngaba abalandeli bakaYesu benkulungwane yokuqala bayibhiyozela? (b) Kwakugqalwa njani ukubhiyozelwa kwemihla yokuzalwa ngexesha labafundi bakaYesu?

6 Unqulo lomntu lunokungcoliswa ziiholide ezidumileyo zonqulo lobuxoki. Ngokomzekelo, cinga nje ngeKrismesi. Kuthiwa iKrismesi lusuku lokuzalwa kukaYesu Kristu, yaye phantse zonke iinkonzo ezithi zizezobuKristu ziyayibhiyozela. Kodwa akukho bungqina bokuba abafundi bakaYesu benkulungwane yokuqala babenayo iholide enjalo. Incwadi ethi Sacred Origins of Profound Things ithi: “Kangangeenkulungwane ezimbini emva kokuzalwa kukaKristu, akukho mntu wayewazi owona  mhla wazalwa ngawo, yaye bambalwa gqitha ababeziduba ngokufuna ukuwazi.”

7 Kwanokuba abafundi bakaYesu babewazi umhla awazalwa ngawo, babengenakuwubhiyozela. Ngoba? Ngenxa yokuba amaKristu okuqala “ayekugqala ukubhiyozela nawuphi na umhla wokuzalwa njengesithethe sabahedeni,” ngokutsho kwencwadi ethi The World Book Encyclopedia. Ekuphela kokubhiyozelwa kwemihla yokuzalwa okukhankanyiweyo eBhayibhileni koko kwabalawuli ababini ababengamnquli uYehova. (Genesis 40:20; Marko 6:21) Kwakhona ukubhiyozelwa kwemihla yokuzalwa kwakusenzelwa ukuhlonela izithixo zabahedeni. Ngokomzekelo, ngoMeyi 24 amaRoma ayebhiyozela ukuzalwa kukathixokazi uDiana. Ngosuku olulandelayo, ayebhiyozela ukuzalwa kukathixo wawo welanga uApollo. Ngoko, ukubhiyozelwa kwemihla yokuzalwa kwakugqalwa njengento yabahedeni, kungekhona eyamaKristu.

8. Chaza indlela ukubhiyozelwa kwemihla yokuzalwa okunxulumene ngayo neenkolelo.

8 Kukho esinye isizathu sokuba amaKristu enkulungwane yokuqala ayengenakuwubhiyozela umhla wokuzalwa kukaYesu. Abafundi bakhe bamele ukuba babesazi ukuba ukubhiyozelwa kwemihla yokuzalwa kwakunento yokwenza nokuba neenkolelo. Ngokomzekelo, amaGrike namaRoma amaninzi exesha lamandulo ayekholelwa ukuba kukho isidalwa esithile somoya esibakho xa kuzalwa mntu ngamnye, yaye siyamkhusela loo mntu ngalo lonke ixesha lokuphila kwakhe. Incwadi ethi The Lore of Birthdays ithi: “Esi sidalwa somoya sasinolwalamano kunye nothixo othile owazalwa ngomhla ongqamana nalowo wokuzalwa komntu lowo.” Ngokuqinisekileyo uYehova ebengayi kukholiswa kukubhiyozelwa komhla owawuya kudibanisa uYesu kunye neenkolelo. (Isaya 65:11, 12) Ngoko kwenzeka njani ukuba iKrismesi ibhiyozelwe ngabantu abaninzi kangaka?

IMVELAPHI YEKRISMESI

9. Kwenzeka njani ukuba uDisemba 25 agqalwe njengomhla wokubhiyozela ukuzalwa kukaYesu?

9 Kwadlula amakhulu eminyaka emva kokuphila kukaYesu  emhlabeni ngaphambi kokuba abantu baqalise ukubhiyozela ukuzalwa kwakhe ngoDisemba 25. Kodwa lowo asinguwo umhla wokuzalwa kukaYesu, kuba kubonakala ukuba wazalwa ngo-Oktobha. * Ngoko kwakutheni ukuze kukhethwe uDisemba 25? Kubonakala ukuba abanye abathi kamva bazibiza ngokuba bangamaKristu “babenqwenela ukuba loo mhla ungqamane nomthendeleko wobuhedeni wamaRoma wokubhiyozela ‘ukuzalwa kwelanga.’” (The New Encyclopædia Britannica) Ebusika, xa ilanga libonakala lingenamandla, abahedeni babesiba nemibhiyozo yokubongoza ilanga ukuba libuye kuhambo lwalo olude. Kwakukholelwa ukuba uDisemba 25 ngumhla ilanga elaliqalisa ngawo ukubuya. Ngelinge lokuzama ukuguqula abahedeni, abefundisi bonqulo bawamkela lo mbhiyozo baza bazama ukuwenza ubonakale njengento “yobuKristu.” *

10. Kwakutheni ukuze abanye abantu ngaphambili bangayibhiyozeli iKrismesi?

10 Kudala isaziwa into yokuba iKrismesi inemvelaphi yobuhedeni. Ngenxa yokuba iKrismesi ingasekelwanga eZibhalweni, yapheliswa eNgilani nakwamanye amazwe awayelawulwa yiMerika ebudeni benkulungwane ye-17. Nabani na owayengayi emsebenzini ngomhla weKrismesi wayesohlwaywa ngokuthi ahlawuliswe. Noko ke, kungekudala izithethe zamandulo zaphinda zaduma kwakhona, kwaza kongezelelwa nezinye ezitsha. IKrismesi yaphinda yaba yiholide ebalulekileyo kwakhona, njengokuba isadumile nangoku kumazwe amaninzi. Kodwa  abo bafuna ukukholisa uThixo abayibhiyozeli iKrismesi kunye nayo nayiphi na enye iholide enemvelaphi yobuhedeni, kuba iiholide ezinjalo zihlobene nonqulo lobuxoki. *

NGABA IMVELAPHI YENZA UMAHLUKO?

11. Siyintoni isizathu sokuba abanye abantu babhiyozele iiholide, kodwa yintoni esimele sizixhalabise kakhulu ngayo thina?

11 Abanye bayavuma ukuba iiholide ezinjengeKrismesi zinemvelaphi yobuhedeni kodwa basavakalelwa kukuba akuphosakalanga ukuzibhiyozela. Ngapha koko, inkoliso yabantu ayicingi ngonqulo lobuxoki xa ibhiyozela iiholide. Kwakhona izihlandlo ezinjalo zivulela iintsapho amathuba okuba ndawonye. Ngaba nawe uvakalelwa ngaloo ndlela? Ukuba kunjalo, makube ke kukuthanda kwakho intsapho, kungekhona ukuthanda unqulo lobuxoki, okwenza kubonakale kunzima ukulumela ngokuqinileyo unqulo lokwenyaniso. Qiniseka ukuba uYehova, ongumsunguli wentsapho, ufuna ube nolwalamano oluhle nezalamane zakho. (Efese 3:14, 15) Kodwa unokuluqinisa ulwalamano olunjalo ngeendlela ezimkholisayo uThixo. Xa wayechaza eyona nto simele sizixhalabise kakhulu ngayo, umpostile uPawulos wabhala wathi: “Qhubekani niqinisekisa ngoko kwamkelekileyo eNkosini.”—Efese 5:10.

Ngaba ubuya kuyitya ilekese oyichole kwindawo emdaka?

12. Zekelisa isizathu sokuba simele siziphephe izithethe nemibhiyozo enemvelaphi embi.

12 Mhlawumbi uvakalelwa kukuba imvelaphi yeeholide ayinanto yakwenza nendlela ezibhiyozelwa ngayo namhlanje. Ngaba ngokwenene imvelaphi ibalulekile? Kunjalo! Ngokomzekelo: Masithi ubona ilekese endaweni emdaka ecaleni kwendlela. Ngaba ubuya kuyichola uyitye? Ngokuqinisekileyo akunjalo! Loo lekese ayicocekanga. Njengaloo lekese, iiholide zisenokubonakala zimnandi, kodwa zicholwe kwindawo emdaka. Ukuze sikwazi ukulumela ngokuqinileyo unqulo lokwenyaniso, simele sibe nembono efanayo neyomprofeti  uIsaya, owathi kubanquli bokwenyaniso: “Ningachukumisi nto ingahlambulukanga.”—Isaya 52:11.

UKUBONISA INGQIQO KWABANYE

13. Luluphi ucelomngeni olusenokubakho xa ungazibhiyozeli iiholide?

13 Kusenokubakho ucelomngeni xa usenza isigqibo sokuba ungabi nanxaxheba kwiiholide. Ngokomzekelo, abo usebenza nabo basenokukuthela nqa xa ungabandakanyeki kwiholide ethile abayibhiyozelayo apho usebenza khona. Kuthekani ukuba unikwa isipho seKrismesi? Ngaba kuphosakele ukusamkela? Kuthekani ukuba iqabane lakho lomtshato lineenkolelo ezahlukileyo kwezakho? Unokuqinisekisa njani ukuba abantwana bakho abaziva bebandezwa okuthile xa bengazibhiyozeli iiholide?

14, 15. Yintoni onokuyenza xa ufumana umbuliso weholide okanye isipho?

14 Kufuneka usebenzise ingqiqo ekusingatheni nganye yezi meko. Ukuba umbuliso weholide wenziwa nje kudlulwa, usenokusuka ubulele nje ngobubele. Kodwa masithi umbuliso onjalo wenziwa ngumntu ombona okanye osebenza naye rhoqo. Kwimeko enjalo, usenokukhetha ukutsho amazwi ambalwa. Ngamaxesha onke, sebenzisa ubuchule. IBhayibhile icebisa ngokuthi: “Amazwi enu makasoloko ekholekile, enongwe ngetyuwa, ukuze nikwazi ukuphendula bonke ngabanye.” (Kolose 4:6) Lumkela ukuba ungathethi ngendlela ebonisa ukungabahloneli abanye. Kunoko, yichaze ngobuchule imeko yakho. Yenze icace into yokuba akuzichasanga izipho namatheko, kodwa ukhetha ukuba nenxaxheba kuwo ngelinye ixesha.

15 Kuthekani ukuba kukho umntu ofuna ukukunika isipho? Kuxhomekeke kwimeko. Lo mntu ukunika isipho usenokuthi: “Ndiyazi ukuba akuyibhiyozeli le holide. Sekunjalo, ndithanda ukukunika esi sipho.” Usenokugqiba kwelokuba ukwamkela isipho esinjalo asikokuba nanxaxheba kuloo holide. Noko ke, ukuba lowo ukunika isipho akazazi iinkolelo zakho, usenokumchazela ukuba akuyibhiyozeli loo holide. Oko  kuya kumenza aqonde isizathu sokuba usamkele isipho sakhe kodwa wena ungamniki nto ngeso sihlandlo. Kodwa ke, kuya kuba bubulumko ukungasamkeli isipho xa kubonakala ngokucacileyo ukuba sinikelwa ngenjongo yokubonisa ukuba akunamatheli kwiinkolelo zakho okanye uyalalanisa xa kukho okuthile okuzuzayo.

KUTHEKANI NGAMALUNGU ENTSAPHO?

16. Unokuzisingatha njani ngobuchule iimeko eziphathelele iiholide?

16 Kuthekani ukuba amalungu entsapho aneenkolelo ezahlukileyo kwezakho? Kwakhona, sebenzisa ubuchule. Akukho mfuneko yokudala imbambano ngesithethe okanye umbhiyozo ngamnye izalamane zakho eziwenzayo. Kunoko, zihlonele iimbono zazo, njengoko ufuna ukuba nazo zizihlonele ezakho. (Mateyu 7:12) Ziphephe naziphi na izenzo eziya kwenza ubonakale unenxaxheba kuloo holide. Sekunjalo, bonisa ingqiqo kwimibandela engabandakanyi kuba nanxaxheba ngokungqalileyo embhiyozweni. Kodwa ke, ufanele usoloko usenza ngendlela eya kukushiya unesazela esihle.—1 Timoti 1:18, 19.

17. Unokubanceda njani abantwana bakho bangaziva bebandezwa okuthile xa bebona abanye bebhiyozela iiholide?

17 Yintoni onokuyenza ukuze abantwana bakho bangaziva bebandezwa okuthile ngenxa yokungabhiyozeli iiholide ezingavumelaniyo neZibhalo? Kuxhomekeka koko ukwenzayo ngamanye amaxesha onyaka. Abanye abazali baba namaxesha okunika abantwana babo izipho. Esinye sezona zipho zixabisekileyo unokuzinika abantwana bakho lixesha nengqalelo yakho yothando.

QHELISELA UNQULO LOKWENYANISO

Ukuqhelisela unqulo lokwenyaniso kuzisa ulonwabo lokwenene

18. Ukuya kwiintlanganiso zamaKristu kunokukunceda njani ulumele ngokuqinileyo unqulo lokwenyaniso?

18 Ukuze umkholise uThixo, umele ulugatye unqulo lobuxoki uze ulumele ngokuqinileyo unqulo lokwenyaniso. Kubandakanya ntoni oku? IBhayibhile ithi: “Masinyamekelane, sivuselelane eluthandweni nasemisebenzini emihle,  singakutyesheli ukuhlanganisana kwethu ndawonye, njengoko kulisiko labathile ukwenjenjalo, kodwa masikhuthazane, ngokungakumbi njengoko nibona ukuba imini iyasondela.” (Hebhere 10:24, 25) Iintlanganiso zamaKristu zizihlandlo ezivuyisayo onokunqula ngazo uThixo ngendlela emkholisayo. (INdumiso 22:22; 122:1) Kwiintlanganiso ezinjalo, amaKristu athembekileyo ‘ayakhuthazana.’—Roma 1:12.

19. Kutheni kubalulekile ukuba uthethe nabanye ngezinto ozifundileyo eBhayibhileni?

19 Enye indlela onokulumela ngayo unqulo lokwenyaniso kukuthetha nabanye ngezinto ozifundileyo njengoko ufundisisa iBhayibhile namaNgqina kaYehova. Abantu abaninzi ‘bayancwina yaye bayagcuma’ ngenxa yobungendawo obukhoyo ehlabathini namhlanje. (Hezekile 9:4) Mhlawumbi kukho abantu abathile obaziyo abakwimeko enjalo. Kutheni ungathethi nabo ngethemba lakho lekamva elisekelwe eBhayibhileni? Njengoko unxulumana namaKristu okwenyaniso uze uthethe nabanye ngenyaniso emangalisayo oyifunde eBhayibhileni, uya kufumanisa ukuba nawuphi na umnqweno obunawo ngezithethe zonqulo lobuxoki uya kuya uphela ngokuphela. Qiniseka ukuba uya konwaba gqitha yaye uya kufumana iintsikelelo ezininzi ukuba ulumela ngokuqinileyo unqulo lokwenyaniso.—Malaki 3:10.

^ isiqe. 9 Umbhiyozo obizwa ngokuba yiSaturnalia nawo waba negalelo ekukhethweni kukaDisemba 25. Lo mbhiyozo wokuzukisa uthixo wamaRoma wezolimo wawusenziwa ngoDisemba 17-24. Kwakubakho itheko elikhulu, kududwe, kunikelwe nezipho ebudeni bombhiyozo weSaturnalia.

^ isiqe. 10 Ukuze ufumane ingxubusho ephathelele indlela amaKristu okwenyaniso azijonga ngayo ezinye iiholide ezidumileyo, bona iSihlomelo, kwiphepha 222-3.