Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 ISIHLOMELO

Igama LikaThixo—Ukusetyenziswa Kwalo Nentsingiselo Yalo

Igama LikaThixo—Ukusetyenziswa Kwalo Nentsingiselo Yalo

EBHAYIBHILENI yakho, iguqulelwe njani iNdumiso 83:18? INguqulelo Yehlabathi Elitsha YeZibhalo Ezingcwele iyiguqulela ngokuthi le ndinyana: “Ukuze abantu bazi ukuba wena, ogama linguYehova, nguwe wedwa Oyena Uphakamileyo phezu komhlaba wonke.” Nezinye iiBhayibhile eziliqela ziyiguqulela ngendlela efanayo. Kodwa iinguqulelo ezininzi zilisusile igama likaYehova, zaza endaweni yalo zasebenzisa isibizo esithi “Nkosi” okanye esithi “Ongunaphakade.” Yintoni kanye kanye efanele isetyenziswe kule ndinyana? Ngaba sisibizo okanye ligama likaYehova?

Igama likaThixo ngoonobumba besiHebhere

Le ndinyana ithetha ngegama. KwisiHebhere santlandlolo, eyayibhalwe ngaso inxalenye enkulu yeBhayibhile, kusetyenziswe igama lakhe lobuqu elikhethekileyo kule ndinyana. Libhalwa ngolu hlobo ngesiHebhere: יהוה (YHWH). NgesiXhosa eli gama liguqulelwa ngokuthi “Yehova.” Ngaba eli gama livela kwindinyana enye kuphela yeBhayibhile? Akunjalo. Kumbhalo wantlandlolo weZibhalo zesiHebhere livela phantse izihlandlo ezingama-7 000!

Libaluleke kangakanani igama likaThixo? Cinga nje ngomthandazo owenziwa nguYesu Kristu. Uqala ngokuthi: “Bawo wethu osemazulwini, malingcwaliswe igama lakho.” (Mateyu 6:9) Kamva, uYesu wathandaza wathi kuThixo: “Bawo, lizukise igama lakho.” UThixo waphendula ngokuthetha esezulwini, wathi: “Ndilizukisile yaye ndiza kulizukisa kwakhona.” (Yohane 12:28) Kucacile ukuba, igama likaThixo libaluleke gqitha. Ngoko kutheni abanye abaguquleli beye balikhupha eli gama kwiinguqulelo zabo zeBhayibhile baza basebenzisa izibizo endaweni yalo?

Kukho izizathu ezibini eziphambili zokuba benjenjalo. Esokuqala sikukuba, abaninzi babo bathi eli gama lifanele lingasetyenziswa ngenxa yokuba ayaziwa namhlanje indlela elalibizwa ngayo ntlandlolo. IsiHebhere samandulo sasibhalwa ngaphandle kwezikhamiso. Ngoko akukho bani namhlanje uyazi ngokuqinisekileyo indlela abantu ababephila ngexesha lokubhalwa kweBhayibhile ababembiza ngayo u-YHWH. Kodwa, ngaba oku kufanele kusithintele ukuba singalisebenzisi igama likaThixo? Ngamaxesha okubhalwa  kweBhayibhile, igama elithi Yesu lisenokuba lalibizwa ngokuthi Yeshuwa okanye Yehoshuwa—akukho bani uqinisekileyo ngeyona ndlela lalibizwa ngayo. Ukanti, abantu ehlabathini lonke bayalisebenzisa igama likaYesu, belibiza ngeendlela ezahlukeneyo ngokweelwimi zabo. Abayekanga ukulisebenzisa eli gama ngenxa nje yokuba bengayazi indlela elalibizwa ngayo ngenkulungwane yokuqala. Ngokufanayo, ukuba ungatyelela kwelinye ilizwe, usenokufumanisa ukuba igama lakho livakala ngendlela eyahlukileyo xa libizwa ngabantu abathetha olunye ulwimi. Ngoko, ukungaqiniseki ngendlela elalibizwa ngayo igama likaThixo mandulo, akusosizathu sokuba singalisebenzisi.

Isizathu sesibini sokuba lisuswe igama likaThixo eBhayibhileni sibandakanya isithethe samaYuda ekukudala sikho. Inkoliso yawo ikholelwa ukuba igama likaThixo lifanele lingabizwa. Kubonakala ukuba le nkolelo isekelwe ekuwuqondeni kwawo phosakeleyo umthetho weBhayibhile othi: “Uze ungaliphathi njengelingento yanto igama likaYehova uThixo wakho, kuba uYehova akayi kungamohlwayi oliphatha njengelingento yanto igama lakhe.”—Eksodus 20:7.

Lo mthetho uyakwalela ukusetyenziswa kakubi kwegama likaThixo. Kodwa ngaba uyakwalela ukusetyenziswa kwelo gama ngentlonelo? Akunjalo. Ababhali beBhayibhile yesiHebhere (“iTestamente Endala”) babengamadoda athembekileyo awayephila ngokuvisisana noMthetho uThixo awawunika amaSirayeli amandulo. Ukanti, balisebenzisa kaninzi igama likaThixo. Ngokomzekelo, baliquka kwiingoma ezininzi zokumdumisa ezaziculwa zizihlwele zabanquli. UYehova uThixo wada wabayalela abanquli bakhe ukuba babize egameni lakhe, yaye abo bathembekileyo bakwenza oko. (Yoweli 2:32; IZenzo 2:21) Ngenxa yoko, amaKristu namhlanje alisebenzisa ngentlonelo igama likaThixo, njengoko noYesu wenzayo.—Yohane 17:26.

Abaguquleli beBhayibhile benza impazamo enkulu ngokulisusa kwabo igama likaThixo baze basebenzise izibizo endaweni yalo. Ngaloo ndlela, balenza lingaziwa igama likaThixo yaye abonakale ekude kuthi, nangona iBhayibhile ibongoza abantu ukuba bahlakulele “ukusondelelana noYehova.” (INdumiso 25:14) Khawucinge nje ngomhlobo wakho omkhulu. Ubuya kusondela kangakanani kuye ukuba ubungalazi igama lakhe? Ngokufanayo, xa abantu bengalazi igama likaThixo, elinguYehova, banokusondela njani kuye? Ngaphezu koko, xa abantu bengalisebenzisi igama likaThixo, abanakuyazi intsingiselo yalo emangalisayo. Yiyiphi loo ntsingiselo?

 UThixo wayichaza ngokwakhe intsingiselo yegama lakhe kumkhonzi wakhe othembekileyo uMoses. Xa uMoses wabuza ngegama likaThixo, uYehova wamphendula wathi: “Ndinguye lowo ndiya kuzingqina ndinguye.” (Eksodus 3:14) Inguqulelo kaRotherham iwaguqulela ngolu hlobo la mazwi: “Ndiyiloo nto ndinqwenela ukuba yiyo.” Ngoko uYehova unokuba yiyo nantoni na amele abe yiyo ukuze kuzaliseke iinjongo zakhe.

Masithi ubukwazi ukuba yiyo nantoni na ofuna ukuba yiyo. Ubuya kubenzela ntoni abahlobo bakho? Xa omnye wabo egula kakhulu, ubunokuba ngugqirha olichule uze umnyange. Xa omnye elahlekelwa yimali, ubunokuba sisityebi uze umhlangule kuloo meko. Noko ke, inyaniso ikukuba, akunakukwazi ukuba yinto yonke. Sonke sinamandla alinganiselweyo. Njengoko ufundisisa iBhayibhile, uza kumangaliswa kukubona indlela uYehova aba yiyo nantoni na amele abe yiyo ukuze azalisekise izithembiso zakhe. Yaye uyakuvuyela ukusebenzisa amandla akhe ukuze ancede abo bamthandayo. (2 Kronike 16:9) Le nkalo intle kangaka yobuntu bukaYehova iyasitheka kwabo bangalaziyo igama lakhe.

Ngokucacileyo, igama elithi Yehova limele lifakwe eBhayibhileni. Ukwazi intsingiselo yalo nokulisebenzisa ngokukhululekileyo ekunquleni kwethu, kuya kusinceda ukuba sisondele ngakumbi kuBawo wethu wasezulwini, uYehova. *

^ isiqe. 3 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngegama likaThixo, intsingiselo yalo, nezizathu zokuba lifanele lisetyenziswe elunqulweni, bona incwadana enemifanekiso ethi Igama LikaThixo Eliya Kuhlala Likho Ngonaphakade, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.