Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 ISIHLOMELO

Indlela Isiprofeto SikaDaniyeli Esikuchaza Ngayo Ukufika KukaMesiya

Indlela Isiprofeto SikaDaniyeli Esikuchaza Ngayo Ukufika KukaMesiya

UMPROFETI uDaniyeli wayephila kwiminyaka engaphezu kwama-500 ngaphambi kokuzalwa kukaYesu. Sekunjalo, uYehova wanika uDaniyeli inkcazelo eyayiza kunceda ekuqondeni ixesha uYesu awayeza kuthanjiswa, okanye amiselwe ngalo njengoMesiya, okanye uKristu. UDaniyeli waxelelwa oku: “Yazi ke, uqonde ukuba, ukususela ekuphumeni kwelizwi lokuba ibuyiselwe ize yakhiwe kwakhona iYerusalem kude kuse kuMesiya iNkokeli, yoba ziiveki  ezisixhenxe, neeveki ezingamashumi amathandathu anesibini.”—Daniyeli 9:25.

Ukuze siqonde ixesha lokufika kukaMesiya, okokuqala simele sazi unyaka ekubalwa ukususela kuwo. Isiprofeto sithi simele sibale “ukususela ekuphumeni kwelizwi lokuba ibuyiselwe ize yakhiwe kwakhona iYerusalem.” ‘Liphume nini ke elo lizwi’? Ngokutsho kombhali weBhayibhile uNehemiya, ilizwi lokuba zakhiwe kwakhona iindonga zeYerusalem laphuma “ngonyaka wamashumi amabini ka-Artashashta ukumkani.” (Nehemiya 2:1, 5-8) Ababhali-mbali baye baqinisekisa ukuba uArtashashta waqalisa ukulawula ngonyaka wama-475 B.C.E. Ngoko unyaka wama-20 wolawulo  lwakhe waba ngowama-455 B.C.E. Ngoku siwufumene unyaka esaqala ngawo ukusebenza isiprofeto sikaDaniyeli esingokufika kukaMesiya, unyaka wama-455 B.C.E.

UDaniyeli uchaza ubude bexesha elaliza kugqitha ngaphambi kokufika ‘kukaMesiya iNkokeli.’ Isiprofeto sikhankanya “iiveki ezisixhenxe, neeveki ezingamashumi amathandathu anesibini”—oko kukuthi iiveki ezingama-69 zizonke. Lide kangakanani elo xesha? Iinguqulelo eziliqela zeBhayibhile zibonisa ukuba ezi veki zazingabalwa ngokweentsuku ezisixhenxe, kodwa ngokweminyaka. Oko kukuthi, veki nganye yayiyiminyaka esixhenxe. Le ndlela yokugqala iminyaka esixhenxe njengeveki yayiqhelekile kumaYuda amandulo. Ngokomzekelo, ayewugqala unyaka wesixhenxe njengonyaka weSabatha. (Eksodus 23:10, 11) Ngoko, iiveki ezingama-69 zesiprofeto zazibhekisela kwiiveki zeminyaka, nto leyo ethetha ukuba zizonke zaziyiminyaka engama-483.

Ngoku ke makhe sizibale ezi veki. Ukuba sibala iminyaka engama-483 ukususela kowama-455 B.C.E., sifikelela kunyaka wama-29 C.E. Lowo ngunyaka kanye awabhaptizwa ngawo uYesu waza waba nguMesiya! * (Luka 3:1, 2, 21, 22) Ngaba ayimangalisi na indlela esizaliseke ngayo esi siprofeto seBhayibhile?

^ isiqe. 2 Ukususela kowama-455 B.C.E. ukusa ku-1 B.C.E. yiminyaka engama-454. Ukususela ku-1 B.C.E. ukusa ku-1 C.E. ngunyaka omnye (ekubeni wawungekho unyaka ongunothi). Yaye ukususela ku-1 C.E. ukusa kowama-29 C.E. yiminyaka engama-28. Xa sidibanisa le minyaka mithathu sifumana isimbuku seminyaka engama-483. UYesu ‘wanqunyulwa’ okanye wafa ngowama-33 C.E., ebudeni beveki yama-70. (Daniyeli 9:24, 26) Bona incwadi ethi Nikela Ingqalelo Kwisiprofeto SikaDaniyeli! isahluko 11, ne-Insight on the Scriptures, uMqulu 2, iphepha 899-901. Zombini zipapashwe ngamaNgqina kaYehova.