Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 ISIHLOMELO

Inyaniso NgoYise, UNyana, NoMoya Oyingcwele

Inyaniso NgoYise, UNyana, NoMoya Oyingcwele

ABANTU abakholelwa kwimfundiso kaBathathu Emnye bathi uThixo ungabantu abathathu—uYise, uNyana, noMoya Oyingcwele. Kuthiwa aba bantu bathathu bayalingana, bangoosomandla, yaye abanasiqalo. Ngoko imfundiso kaBathathu Emnye ithi uYise nguThixo, uNyana nguThixo, noMoya Oyingcwele nguThixo, kodwa bonke banguThixo omnye.

Abantu abaninzi abakholelwa kuBathathu Emnye bayavuma  ukuba abakwazi kuyicacisa le mfundiso. Sekunjalo, bavakalelwa kukuba iyimfundiso yeBhayibhile. Kubalulekile ukuphawula ukuba igama elithi “uBathathu Emnye” alikho eBhayibhileni. Kodwa ngaba iyathetha ngemfundiso kaBathathu Emnye? Ukuze siphendule lo mbuzo, makhe sihlolisise isibhalo abadla ngokusicaphula abo baxhasa imfundiso kaBathathu Emnye.

‘ULIZWI WAYENGUTHIXO’

UYohane 1:1 uthi: “Ekuqaleni, kungekadalwa, wayeselekho uLizwi. ULizwi lo wayekunye noThixo, naye ngokwakhe enguThixo.” (IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) Kamva kwakwesi sahluko, umpostile uYohane ubonisa ngokucacileyo ukuba “uLizwi” nguYesu. (Yohane 1:14) Ngoko, ekubeni uLizwi ebizwa ngokuba nguThixo, abanye baye bagqiba kwelokuba, ‘uNyana kunye noYise bamele ukuba banguThixo omnye.’

Khumbula ukuba le nxalenye yeBhayibhile yayibhalwe ngesiGrike ntlandlolo. Kamva, abaguquleli bawuguqulela kwezinye iilwimi loo mbhalo wesiGrike. Noko ke, abaguquleli beBhayibhile abaliqela abazange basiguqulele esi sibhalo ngokuthi “naye ngokwakhe [uLizwi] enguThixo.” Ngoba? Ngokusekelwe kulwazi lwabo lwesiGrike seBhayibhile, abo baguquleli bagqiba kwelokuba akuchananga ukuguqulela esi sibhalo ngokuthi “naye ngokwakhe [uLizwi] enguThixo.” Ngoko basiguqulela njani? Nantsi imizekelo embalwa: “ULogos [uLizwi] wayengokobuthixo.” (A New Translation of the Bible) “ULizwi wayenguthixo.” (The New Testament in an Improved Version) “ULizwi wayekunye noThixo yaye enjengaye.” (The Translator’s New Testament) Ngokutsho kwezi nguqulelo, uLizwi akangoThixo. * Kunoko, ngenxa yokuba enesigxina esiphakamileyo kunezinye izidalwa zikaYehova, uLizwi ubizwa ngokuba “nguthixo.” Kule meko igama elithi “thixo” lithetha “umntu onamandla.”

FUMANA IINKCUKACHA EZINGAKUMBI 

Inkoliso yabantu ayinalwazi ngesiGrike seBhayibhile. Ngoko ungaqiniseka njani ngentsingiselo yoko kwakuthethwa ngumpostile uYohane? Khawucinge ngalo mzekelo: Masithi utitshala uchazela  abafundi ngombandela othile. Emva koko, abafundi babonakala bengayiqondi ngendlela efanayo inkcazelo yakhe. Aba bafundi bangayilungisa njani le meko? Basenokucela utitshala ukuba abanike inkcazelo engakumbi. Ngokuqinisekileyo, ukufunda iinkcukacha ezingakumbi kuya kubanceda bawuqonde ngakumbi loo mbandela. Ngokufanayo, ukuze uyiqonde intsingiselo kaYohane 1:1, unokuhlola incwadi yeVangeli kaYohane ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngesigxina sikaYesu. Ukufunda iinkcukacha ezingakumbi ngalo mbandela kuya kukunceda ukuba ufikelele kwisigqibo esichanileyo.

Ngokomzekelo, khawukhe uhlolisise oko akubhalayo ngokubhekele phaya uYohane kwisahluko 1, indinyana 18: “Akukho namnye umntu owakha wambona uThixo [uSomandla].” Kodwa abantu bambonile uYesu, uNyana, kuba uYohane uthi: “ULizwi [uYesu] ke waba ngumntu, waza wahlala phakathi kwethu. Sabubukela ubungangamsha bakhe.” (Yohane 1:14, IBhayibhile yesiXhosa yowe-1996) Ngoko, ingenzeka njani into yokuba uNyana abe yinxalenye kaThixo uSomandla? Kwakhona uYohane uthi uLizwi “wayekunye noThixo.” Ngoko ingenzeka njani into yokuba umntu abe kunye nomnye umntu aze kwangaxeshanye abe nguloo mntu? Ngaphezu koko, njengoko kubhalwe kuYohane 17:3, uYesu uwuchaza ngokucacileyo umahluko okhoyo phakathi kwakhe noYise wasezulwini. Umbiza uYise ngokuthi “ukuphela koThixo oyinyaniso.” Yaye ngasekupheleni kwale ncwadi yeVangeli, uYohane ushwankathela ngokuthi: “Iye yabhalwa phantsi ukuze nikholwe ukuba uYesu unguye uKristu uNyana kaThixo.” (Yohane 20:31) Phawula ukuba akathi uYesu nguThixo, kodwa uthi nguNyana kaThixo. Le nkcazelo yongezelelekileyo ekwincwadi yeVangeli kaYohane ibonisa indlela afanele aqondwe ngayo uYohane 1:1. UYesu, uLizwi, “nguthixo” ngengqiqo yokuba unesigxina esiphakamileyo, kodwa akalingani noThixo uSomandla.

QINISEKA NGEENKCUKACHA

Khawucinge kwakhona ngalaa mzekelo katitshala nabafundi. Masithi mhlawumbi abanye abafundi basenamathandabuzo, kwanasemva kokuva inkcazelo eyongezelelekileyo katitshala. Yintoni abanokuyenza? Banokufuna inkcazelo engakumbi komnye utitshala. Ukuba inkcazelo yalo titshala wesibini iyafana naleyo yotitshala wokuqala, asenokuphela amathandabuzo abafundi. Ngoko nawe, ukuba akukaqiniseki ngenkcazelo yombhali weBhayibhile  uYohane, yokuba uYesu akanguye uThixo uSomandla, unokuhlolisisa inkcazelo yomnye umbhali weBhayibhile. Ngokomzekelo, khawukhe uhlolisise oko kwabhalwa nguMateyu. Ngokuphathelele isiphelo sale nkqubo yezinto, ucaphula amazwi kaYesu athi: “Akukho bani uwaziyo loo mhla nelo lixa, azazi neengelosi zamazulu engazi noNyana, kodwa nguBawo kuphela.” (Mateyu 24:36) La mazwi angqina njani ukuba uYesu akanguye uThixo uSomandla?

UYesu uthi uYise wazi ngaphezu koNyana. Kanti, ukuba uYesu ebeyinxalenye kaThixo uSomandla, ebeya kuba nolwazi olulinganayo noYise. Ngoko ke, uNyana noYise abalingani. Kodwa, abanye basenokuthi: ‘UYesu uneendima ezimbini. Apha uthetha njengomntu.’ Kodwa kwanokuba oko bekuyinyaniso, kuthekani ngomoya oyingcwele? Ukuba unguThixo olinganayo noYise, kutheni uYesu engatshongo ukuba unolwazi olulinganayo noYise?

Njengoko uqhubeka nesifundo sakho seBhayibhile, uza kufunda iindinyana ezininzi ngakumbi zeBhayibhile ezithetha ngalo mbandela. Ziza kukuchazela inyaniso ngoYise, uNyana, nomoya oyingcwele.—INdumiso 90:2; IZenzo 7:55; Kolose 1:15.

^ isiqe. 2 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngoYohane 1:1, bona iphepha 24-25 leMboniselo kaNovemba 1, 2008, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.