Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 ISIHLOMELO

Oko Ikuko “IBhabhiloni Enkulu”

Oko Ikuko “IBhabhiloni Enkulu”

INCWADI yeSityhilelo inamabinzana anentsingiselo yokomfuziselo. (ISityhilelo 1:1) Ngokomzekelo, ikhankanya ibhinqa elinegama elithi “iBhabhiloni Enkulu” elibhalwe ebunzini lalo. Kuthiwa eli bhinqa lihleli phezu ‘kwezihlwele neentlanga.’ (ISityhilelo 17:1, 5, 15) Ekubeni lingekho ibhinqa lokoqobo elinokukwazi ukwenza oko, iBhabhiloni Enkulu imele ukuba yeyokomfuziselo. Ngoko, lifuzisela ntoni eli henyukazi?

KwiSityhilelo 17:18, eli bhinqa lokomfuziselo lichazwa ngokuba ‘sisixeko esikhulu esinobukumkani phezu kookumkani bomhlaba.’ Igama elithi “isixeko” libhekisela kwibutho elithile labantu. Ekubeni esi ‘sixeko sikhulu’ sinegunya phezu  “kookumkani bomhlaba,” ngoko eli bhinqa elibizwa ngokuba yiBhabhiloni Enkulu limele ukuba liyintlangano yomhlaba wonke enempembelelo enkulu. Ngoko linokubizwa ngokuba bubukhosi behlabathi. Bubukhosi obunjani? Bubukhosi bonqulo. Phawula indlela ezinye iindinyana zencwadi yeSityhilelo ezikungqina ngayo oko.

Ubukhosi bunokuba bobezopolitiko, obezorhwebo, okanye obonqulo. Ibhinqa elibizwa ngokuba yiBhabhiloni Enkulu alibubo ubukhosi bezopolitiko kuba iLizwi likaThixo lithi “ookumkani bomhlaba,” okanye amagunya ezopolitiko eli hlabathi, “ahenyuze nalo.” Ukuhenyuza kwalo kubhekisela ekuzimanyeni kwalo nabalawuli balo mhlaba, nto leyo esisizathu sokuba kuthiwe ‘lihenyukazi elikhulu.’—ISityhilelo 17:1, 2; Yakobi 4:4.

IBhabhiloni Enkulu ayinakuba bubukhosi bezorhwebo kuba ‘abarhwebi bomhlaba,’ abafanekisela imibutho yezorhwebo, baza kuyililela ngexesha lokutshatyalaliswa kwayo. Omabini la maqela, ookumkani nabarhwebi, bachazwa ngokuthi “bema mgama” bekhangele kwiBhabhiloni Enkulu. (ISityhilelo 18:3, 9, 10, 15-17) Ngoko kusengqiqweni ukugqiba ngelithi iBhabhiloni Enkulu ayibobukhosi bezopolitiko okanye bezorhwebo, kodwa ibubukhosi bonqulo.

Ubungqina obungakumbi bokuba iBhabhiloni Enkulu inento yokwenza nonqulo bubonakala kwingxelo ethi ilahlekisa zonke iintlanga ‘ngoqheliselo lwayo lokusebenzelana nemimoya.’ (ISityhilelo 18:23) Ekubeni lonke uhlobo lokusebenzelana nemimoya lulolonqulo yaye luphenjelelwa ziidemon, ngoko ayimangalisi into yokuba iBhayibhile isithi iBhabhiloni Enkulu “yindawo yokuhlala iidemon.” (ISityhilelo 18:2; Duteronomi 18:10-12) Kwakhona obu bukhosi buchazwa njengobuluchasileyo unqulo lwenyaniso, bubatshutshisa “abaprofeti” kunye ‘nabo bangcwele.’ (ISityhilelo 18:24) Enyanisweni, iBhabhiloni Enkulu iluthiye unqulo lwenyaniso kangangokuba iwatshutshisa ngenkohlakalo, ide iwabulale “amangqina kaYesu.” (ISityhilelo 17:6) Ngoko kucacile ukuba eli bhinqa liyiBhabhiloni Enkulu lifanekisela ubukhosi behlabathi bonqulo lobuxoki, obuquka zonke iinkonzo ezichaseneyo noYehova uThixo.