Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 ISIHLOMELO

Ngaba UYesu Wazalwa NgoDisemba?

Ngaba UYesu Wazalwa NgoDisemba?

IBHAYIBHILE ayisichazeli ixesha awazalwa ngalo uYesu. Kodwa inikela ubungqina obucacileyo bokuba akazange azalwe ngoDisemba.

Makhe sihlolisise ukuba yayinjani na imozulu ngexesha lokuzalwa kukaYesu eBhetelehem. Inyanga yamaYuda enguChislev (engqamana noNovemba/Disemba) yayiyinyanga yengqele nemvula. Inyanga elandela leyo yayinguTebeth (Disemba/Januwari). Yayiyeyona nyanga inemozulu ebandayo enyakeni, kude kuwe nekhephu kwimimandla esemantla. Makhe sibone ukuba ithini na iBhayibhile ngemozulu yaloo mmandla.

Umbhali weBhayibhile uEzra wayingqina into yokuba uChislev yayiyinyanga enengqele nemvula. Emva kokuchaza ukuba isihlwele sasihlanganisene eYerusalem “ngenyanga yesithoba [uChislev] ngomhla wamashumi amabini wenyanga leyo,” uEzra uchaza ukuba abantu ‘babengcangcazela ngenxa yesiphango semvula.’ Bona abo bantu babehlanganisene apho, bathi ngemozulu yelo xesha lonyaka: “Lixesha lesiphango semvula,  akunakumiwa phandle.” (Ezra 10:9, 13; Yeremiya 36:22) Ngoko ayimangalisi into yokuba abalusi ababehlala kuloo mmandla babeqinisekisa ukuba imihlambi yabo ayiphumi phandle ebusuku ngoDisemba!

Kodwa iBhayibhile ithi abalusi babengaphandle endle besalusa imihlambi yabo ngobusuku bokuzalwa kukaYesu. Kangangokuba umbhali weBhayibhile uLuka ude athi, ngelo xesha abalusi “babehlala ezindle yaye belinde imihlambi yabo ebusuku” ngaseBhetelehem. (Luka 2:8-12) Phawula ukuba abalusi babehlala ezindle, bengayi nje emini kuphela. Babesalusa imihlambi yabo endle ebusuku. Ngaba babenokukwazi ukuhlala ezindle kwimozulu yaseYerusalem eqhaqhazelis’ amazinyo nenemvula ngoDisemba? Ngokuqinisekileyo babengenakukwazi. Ngoko ubungqina bubonisa ukuba uYesu akazange azalwe ngoDisemba. *

ILizwi likaThixo lisixelela ngokungqalileyo ixesha awafa ngalo uYesu, kodwa alisiniki nkcazelo ingako ngokuphathelele ixesha awazalwa ngalo. Oku kusikhumbuza amazwi kaKumkani uSolomon athi: “Igama lilunge ngakumbi kuneoli elungileyo, yaye umhla wokufa ulunge ngaphezu komhla wokuzalwa.” (INtshumayeli 7:1) Ngoko ayimangalisi into yokuba, iBhayibhile isinike inkcazelo eninzi ngobulungiseleli bukaYesu nangokufa kwakhe, kodwa ingathethi kangako ngokuzalwa kwakhe.

Ngexesha lokuzalwa kukaYesu, abalusi babesalusa imihlambi yabo endle ebusuku

^ isiqe. 1 Inkcazelo engakumbi ungayifumana kwiphepha 152-5 lencwadi ethi Ukuqiqa NgeZibhalo, epapashwe ngamaNgqina kaYehova.