Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

 ISIHLOMELO

Ngaba Sifanele Sizibhiyozele Iiholide?

Ngaba Sifanele Sizibhiyozele Iiholide?

IHOLIDE ezidumileyo zonqulo nezehlabathi ezibhiyozelwayo kumazwe amaninzi namhlanje, azisekelwanga eBhayibhileni. Ngoko zabakho njani ezo holide? Ukuba unokukwazi ukutyelela umzi wogcino-zincwadi, uya kukufumanisa kubangela umdla oko imiqulu yeencwadi ikuthethayo ngeeholide ezidumileyo kwindawo ohlala kuyo. Qwalasela le mizekelo imbalwa.

 I-Ista. “Akukho apho iTestamente Entsha ithetha khona ngokubhiyozelwa kweIsta,” itsho njalo iThe Encyclopædia Britannica. Yaqala njani i-Ista? Yaqala kunqulo lwabahedeni. Nangona kusithiwa le holide yeyokukhumbula ukuvuka kukaYesu, izithethe ezihambisana neIsta asizizo ezobuKristu. Ngokomzekelo, xa ithetha ‘ngomvundla weIsta,’ iThe Catholic Encyclopedia ithi: “Umvundla ngumqondiso wabahedeni yaye ubusoloko ufuzisela ukuchuma.”

Ukubhiyozela Unyaka Omtsha. Umhla kwanezithethe zokubhiyozelwa koNyaka Omtsha ziyahluka kumazwe ngamazwe. Ngokuphathelele imvelaphi yalo mbhiyozo, iThe World Book Encyclopedia ithi: “Umlawuli waseRoma uJulius Caesar wamisela uJanuwari 1 njengoSuku loNyaka Omtsha ngowama-46 B.C. Ngolu suku amaRoma ayebhiyozela uJanus, uthixo wamasango, iingcango, neziqalo. Inyanga kaJanuwari yathiywa ngoJanus, owayenobuso obuziindidi ezimbini—obunye babukhangele phambili yaye obunye bukhangele ngasemva.” Ngoko ukubhiyozelwa koNyaka Omtsha kusekelwe kwizithethe zabahedeni.

IHalloween. IThe Encyclopedia Americana ithi: “Izithethe ezihambisana neHalloween zaqala kumbhiyozo wamaDruid [ababingeleli bamaCelts] ngexesha langaphambi kobuKristu. AmaCelts ayebhiyozela oothixo ababini abaphambili—uthixo welanga nothixo wabafileyo . . . , owayebhiyozelwa ngoNovemba 1, ekuqaleni koNyaka Omtsha wamaCelts. Ngokuthe ngcembe lo mbhiyozo wabafileyo wadityaniswa nesithethe samaKristu.”

Ezinye Iiholide. Asinakukwazi ukuchaza zonke iiholide ezibhiyozelwayo ehlabathini. Kodwa iiholide ezizukisa abantu okanye imibutho yabantu azamkelekanga kuYehova. (Yeremiya 17:5-7; IZenzo 10:25, 26) Kwakhona, khumbula ukuba imvelaphi yemibhiyozo yonqulo yiyo egqibayo enoba iyamkholisa kusini na uThixo okanye akunjalo. (Isaya 52:11; ISityhilelo 18:4) Imigaqo yeBhayibhile ekhankanywe kwiSahluko 16 sale ncwadi iya kukunceda uqonde indlela avakalelwa ngayo uThixo ngokuba nenxaxheba kwakho kwiiholide zehlabathi.