Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 8

UThixo Uthanda Abantu Abacocekileyo

UThixo Uthanda Abantu Abacocekileyo

“Kulowo uzigcina ehlambulukile uya kuzibonisa uhlambulukile.”—INDUMISO 18:26.

1-3. (a) Kutheni umama eye aqiniseke ukuba unyana wakhe ulungiswe kakuhle kwaye ucocekile? (b) Kutheni uYehova efuna abanquli bakhe bacoceke, kwaye yintoni esenza sikufune ukuzigcina sicocekile?

UMAMA ulungisa inkwenkwana yakhe ngaphambi kokuba ihambe. Uyaqiniseka ukuba ihlambile yaza yanxiba iimpahla ezilungiswe kakuhle nezicocekileyo. Uyazi ukuba ucoceko lubalulekile ukuze ihlale esempilweni. Uyazi kananjalo ukuba inkangeleko yonyana wakhe ithetha lukhulu ngabazali bakhe.

2 UYehova, uBawo wethu osezulwini, ufuna abakhonzi bakhe bacoceke. ILizwi lakhe lithi: “Kulowo uzigcina ehlambulukile uya kuzibonisa uhlambulukile.” * (INdumiso 18:26) UYehova uyasithanda; uyazi ukuba kulungelwa kwathina xa sizigcina sicocekile. Ukwalindele ukuba, ekubeni singamaNgqina akhe, silimele kakuhle igama lakhe. Ukucoceka kwethu nokuziphatha kakuhle akuyi kumenza agculelwe uYehova, kunoko, kuya kumzukisa yena negama lakhe elingcwele.—Hezekile 36:22; funda eyoku-1 kaPetros 2:12.

3 Ukwazi ukuba uThixo uthanda abantu abacocekileyo kusenza sifune ukuhlala sicocekile. Sifuna ukuba indlela esiphila ngayo imzukise, kuba siyamthanda. Enye into, sifuna ukuzigcina kuthando lwakhe. Ngoko ke, makhe sixubushe ngesizathu sokuba kufuneka sizigcine sicocekile, oko kuthethwa kukucoceka, nendlela esinokuzigcina ngayo sicocekile. Ukuxubusha ezi nkalo kuya kusinceda sibone enoba kukho iindawo esinokuphucula kuzo kusini na.

KUTHENI KUFUNEKA SIHLALE SICOCEKILE?

4, 5. (a) Sisiphi esona sizathu siphambili sokuba sifune ukuhlala sicocekile? (b) Ucoceko lukaYehova sinokulubona njani kwindalo yakhe ebonakalayo?

4 Enye indlela uYehova asikhokela ngayo ngumzekelo awumiselayo. ILizwi lakhe liyasibongoza ukuba ‘sibe ngabaxelisa uThixo.’ (Efese 5:1) Nasi esona sizathu sokuba kufuneke sicoceke: UYehova, uThixo esimnqulayo, ucocekile, unyulu, kwaye ungcwele ngandlela zonke.—Funda iLevitikus 11:44, 45.

5 Ucoceko lukaYehova, njengezinye iimpawu neendlela zakhe ezininzi, lubonakala kwindalo yakhe. (Roma 1:20) Umhlaba wadalwa ngohlobo lokuba ube likhaya labantu elicocekileyo. UYehova uye wadala imijikelo ecoca umoya namanzi esiwasebenzisayo. Kukho iintsholongwane ezitshintsha ukungcola zikwenze into engeyongozi. Izazinzulu ziye zazisebenzisa ezinye zezi ntsholongwane zitya yonke into ukuze zicoce xa kuchitheke ioli naxa abantu abazicingela bodwa nabanyolukileyo beye babangela ungcoliseko. Kuyacaca ukuba, ucoceko lubalulekile ‘kuMenzi womhlaba.’ (Yeremiya 10:12) Lufanele lubaluleke ke nakuthi.

6, 7. UMthetho kaMoses uyigxininisa njani into yokuba ucoceko lwalufuneka kubantu ababenqula uYehova?

6 Esinye isizathu sokuba sihlale sicocekile kukuba uYehova, uMlawuli wethu Owongamileyo, ufuna ukunqulwa ngabantu abacocekileyo. Ucoceko nonqulo zazinxibelelene kuMthetho uYehova awawunika amaSirayeli. Loo Mthetho wawusithi ngoMhla Wocamagusho, kwakufuneka umbingeleli omkhulu ahlambe umzimba kabini. (Levitikus 16:4, 23, 24) Nababingeleli ababesebenza etempileni kwakufuneka bahlambe izandla neenyawo zabo ngaphambi kokuba banyuse imibingelelo kuYehova. (Eksodus 30:17-21; 2 Kronike 4:6) Kuloo Mthetho kwachazwa izinto ezimalunga nama-70 ezenza umntu abe mdaka emzimbeni nezimenza abe yinqambi. UmSirayeli ongahlambulukanga kwakufuneka angasondeli kwaukusondela xa kunqulwa—ibe kwezinye iimeko, wayethenjiswa nangokufa xa enokuba nenxaxheba. (Levitikus 15:31) Nabani na owayengafuni ukulandela inkqubo efunekayo ukuze umntu ahlanjululwe, eyayiquka ukuhlamba umzimba nokuhlamba impahla yakhe, kwakufuneka ‘anqunyulwe angabikho phakathi kwalo ibandla.’—Numeri 19:17-20.

7 Nangona thina singasekho phantsi koMthetho kaMoses, le miyalelo isenza siyibone indlela uThixo azijonga ngayo izinto. Kucacile ukuba uMthetho wawugxininisa ukuba ucoceko luyimfuneko kubantu abanqula uThixo. UYehova akakatshintshi. (Malaki 3:6) Soze alwamkele unqulo esilunikela kuye ngaphandle kokuba ‘luhlambulukile kwaye aludyobhekanga.’ (Yakobi 1:27) Ngoko kufuneka siyazi into ayilindele kuthi kule nkalo.

OKO KUTHETHWA KUKUCOCEKA EMEHLWENI KATHIXO

8. Kukwiziphi iinkalo uYehova alindele ukuba sicoceke kuzo?

8 Xa iBhayibhile ithetha ngokucoceka ayipheleli ekucocekeni emzimbeni nje kuphela. Ukucoceka emehlweni kaThixo kungena kuzo zonke iinkalo zobomi bethu. UYehova ulindele ukuba sicoceke kwiinkalo ezine ezibalulekileyo—ngokomoya, ekuziphatheni, engqondweni, nasemzimbeni. Makhe sixovule nganye kwezi nkalo.

9, 10. Kuthetha ntoni ukuhlala ucocekile ngokomoya, yaye yintoni aye ayiphephe amaKristu enene?

9 Ucoceko lokomoya. Ngamafutshane, ukucoceka ngokomoya kuthetha ukungavubeli unqulo lwenene nonqulo lobuxoki esityeni esinye. Xa amaSirayeli emkayo eBhabhiloni aza abuyela eYerusalem, kwakufuneka athobele esi sibongozo siphefumlelweyo: “Phumani apho, ningachukumisi nto ingahlambulukanga; . . . zigcineni nihlambulukile.” (Isaya 52:11) Eyona nto ayeyigodukela yayikukuvuselela unqulo lukaYehova. Olo nqulo kwakufuneka lucoceke—lungadyojwa zizo naziphi na iimfundiso, imikhwa nezithethe ezazisenziwa kunqulo lwaseBhabhiloni.

10 Namhlanje, thina maKristu enene simele silumke singazidyobhi ngonqulo lobuxoki. (Funda eyoku-1 kwabaseKorinte 10:21.) Kubalulekile ukuyilumkela le nto, kuba impembelelo yonqulo lobuxoki ikuyo yonk’ indawo. Kumazwe amaninzi, kukho izithethe, imicimbi namasiko ahlukahlukeneyo anento yokwenza neemfundiso zonqulo ezibubuxoki, njengengcamango ethi kukho nto ithile eqhubeka iphila akuba efile umntu. (INtshumayeli 9:5, 6, 10) AmaKristu enene awazenzi izithethe ezineenkolelo zonqulo ezibubuxoki. * Asiyi kuvuma siphenjelelwe ngabantu ukuba silalanise kwimigaqo ebekwe yiBhayibhile yonqulo olucocekileyo.—IZenzo 5:29.

11. Kubandakanya ntoni ukuziphatha ngendlela ecocekileyo, yaye kutheni kubalulekile ukuhlala sicocekile kule nkalo?

11 Ukucoceka ekuziphatheni. Xa sithetha ngokuhlala sicocekile ekuziphatheni sibala nokuphepha naluphi na uhlobo lokuziphatha okubi ngokwesini. (Funda amaEfese 5:5.) Kubalulekile ukuba siziphathe ngendlela ecocekileyo ngalo lonke ixesha. Ukuze sizigcine kuthando lukaThixo, simele ‘sisabe kuhenyuzo,’ ibe loo nto siza kuyixubusha kwisahluko esilandelayo. Abahenyuzi abangaguqukiyo “abayi kubudla ilifa ubukumkani bukaThixo.” (1 Korinte 6:9, 10, 18) UThixo ujonga abantu abanjalo njengabantu “abalizothe ngenxa yobunyhukunyhuku babo.” Xa bengade baziphathe ngendlela ecocekileyo, ‘isahlulo sabo siya kuba kukufa kwesibini.’—ISityhilelo 21:8.

12, 13. Zinxibelelana njani izinto esizicingayo nesizenzayo, yaye unokuyigcina njani ingqondo yakho icocekile?

12 Ukucoceka engqondweni. Izinto ozicingayo ziphumela kwizenzo. Xa sivumela izinto ezingafanelekanga zibetheleleke ezingqondweni nakwiintliziyo zethu, kungekudala sisenokwenza izinto ezingcolileyo. (Mateyu 5:28; 15:18-20) Kodwa ukuba iingqondo zethu sizingxala ngezinto ezinyulu nezicocekileyo, sinokukhuthazeka ukuba siziphathe ngendlela ecocekileyo. (Funda amaFilipi 4:8.) Sinokwenza njani ukuze sigcine iingqondo zicocekile? Phakathi kwezinye izinto, kufuneka singazonwabisi ngeendlela ezinokungcolisa iingqondo nangayo nayiphi na indlela. * Ukongezelela koko, sinokufaka izinto ezicocekileyo ezingqondweni zethu ngokulifunda rhoqo iLizwi likaThixo.—INdumiso 19:8, 9.

13 Kubalulekile ukuba sihlale sicocekile ngokomoya, ekuziphatheni nasengqondweni ukuba sifuna ukuzigcina kuthando lukaThixo. Ezi nkalo zococeko zixovulwa banzi kwezinye izahluko zale ncwadi. Makhe singene kwinkalo yesine—ukucoceka emzimbeni.

SINOKUHLALA NJANI SICOCEKILE EMZIMBENI?

14. Kutheni ukucoceka komzimba wakho kungeyonto efuna wena wedwa?

14 Ukucoceka emzimbeni kubandakanya ukugcina imizimba yethu neendawo ezisingqongileyo zicocekile. Ngaba olu coceko luyinto efuna wena kuphela, nabangangeni ndawo kuyo abanye abantu? Soze kaloku kubantu abanqula uYehova. Njengoko besisele sitshilo, ukucoceka kwethu emzimbeni kubalulekile kuYehova, hayi nje kuba kunceda kwathina, kodwa nangenxa yokuba kuthetha lukhulu nangegama lakhe. Usawukhumbula laa mzekeliso siwenze ekuqaleni? Xa ubona umntwana osoloko erhinirhongo okanye exazalala, uye uzibuze ngabazali bakhe, akunjalo? Nathi asingethandi ke noko ukuba inkangeleko yethu okanye indlela esiphila ngayo izise izinyeliso kuBawo wethu osezulwini okanye yenze abantu banyembe isigidimi esisishumayelayo. ILizwi likaThixo lithi: “Siyakuphepha ukuba sisikhubekiso nangayiphi na indlela, ukuze kungafunyanwa siphoso kubulungiseleli bethu; kodwa ngandlela zonke siyazincomela njengabalungiseleli bakaThixo.” (2 Korinte 6:3, 4) Ngoko sinokuyigcina njani imizimba yethu icocekile?

15, 16. Kuquka ntoni ukuwucoca kakuhle umzimba, yaye impahla esiyinxibayo ifanele ibe njani?

15 Imizimba yethu nenkangeleko. Nangona izithethe kunye neemeko abantu abahlala kuzo zingafani kuwo onke amazwe, sonke siye sikwazi noko ukufumana isepha namanzi okuhlamba rhoqo nawokuqiniseka ukuba thina nabantwana bethu sicocekile. Ukuwucoca kakuhle umzimba kuquka ukuhlamba izandla ngamanzi nangesepha ngaphambi kokuba sitye okanye siphathe ukutya, emva kokuba siye kwindlu yangasese, nasemva kokuba siye sahlamba okanye satshintsha ilweyile losana. Ukuhlamba izandla zethu ngamanzi anesepha kunokuthintela izifo kuze kusindise ubomi babantu. Kunokuthintela ukunwenwa kweentsholongwane eziyingozi, nto leyo enokunqanda abantu bangahanjiswa zizisu. Kumazwe apho kungekho nkqubo yogutyulo lwelindle, ilindle linokumbelwa lize ligqunywe ngendlela ekwakusenziwa ngayo kuSirayeli wamandulo.—Duteronomi 23:12, 13.

16 Neempahla zethu sifanele sizihlambe rhoqo ukuze zicoceke yaye zibukeke. Akuyomfuneko ukuba umKristu athenge impahla eduru okanye ehamba nefashoni, kodwa ifanele ilungiswe kakuhle, icoceke kwaye indiliseke. (Funda eyoku-1 kuTimoti 2:9, 10.) Naphi na apho sikhoyo, sifuna ukuba inkangeleko yethu “ihombise imfundiso yoMsindisi wethu, uThixo.”—Tito 2:10.

17. Kutheni ikhaya lethu neendawo ezilingqongileyo zifanele zicoceke yaye zibukeke?

17 Ikhaya neendawo ezilingqongileyo. Kusenokwenzeka ukuba ikhaya esihlala kulo alilopomakazi okanye alakhiwanga ngobunewunewu, kodwa ke lifanele licoceke kwaye libukeke kangangoko kunokwenzeka. Ngendlel’ efanayo ke, ukuba sisebenzisa imoto xa sisiya kwiintlanganiso nasentsimini, senza konke okusemandleni ethu ukuba siyicoce, ngaphakathi nangaphandle. Singalibali ukuba xa ikhaya kunye neendawo ezilingqongileyo zicocekile, zinikela ubungqina ebantwini. Ngapha koko, sifundisa abantu ukuba uYehova nguThixo ococekileyo noza “konakalisa abo bawonakalisayo umhlaba,” nokuba kungekudala uBukumkani bakhe buza kuguqula eli khaya lethu lingumhlaba libe yiparadesi. (ISityhilelo 11:18; Luka 23:43) Ngokuqinisekileyo sifuna ukuba inkangeleko yamakhaya ethu nezinto esinazo ibonise abantu ukuba sele siqalisile ukuphila ngendlela ecocekileyo nefanele ihlabathi elitsha elizayo.

Ucoceko lubandakanya ukugcina imizimba yethu neendawo ezisingqongileyo zicocekile

18. Sinokuyihlonela njani iHolo yoBukumkani yebandla esikulo?

18 Indawo esinqulela kuyo. Ngenxa yokuba simthanda uYehova, siyayihlonela iHolo yoBukumkani yebandla lethu, esisazulu sonqulo lwenyaniso kummandla esihlala kuwo. Xa abantu abatsha besiza eholweni, sifuna bayithande indawo yethu yokunqulela. Kuye kufuneke ukuba siyicoce yaye siyilungise rhoqo ukuze siqiniseke ukuba ihlala intle kwaye ikhangeleka. Siyayihlonela iHolo yethu yoBukumkani xa sisenza konke okusemandleni ethu ukuze siyigcine ikwimo entle. Sivavwe ngelungelo lokunikela ngexesha lethu ukuze sincedise ekucoceni naxa ‘kulungiswa yaye kuhlaziywa’ indawo esinqulela kuyo. (2 Kronike 34:10) Kusebenza imigaqo efanayo ke naxa sihlanganisana kwiHolo Yendibano okanye kwesinye isakhiwo ekuqhutywa kuso indibano.

UKUZICOCA KWIMIKHWA ENGCOLISAYO

19. Yintoni ekufuneka siyiphephe ukuze sihlale sicocekile, yaye iBhayibhile isinceda njani kule nkalo?

19 Ukuze sihlale sicocekile emzimbeni, kufuneka siyiphephe imikhwa engcolisayo, enjengokutshaya, ukubenzisa kakubi utywala, ukusebenzisa iziyobisi okanye imichiza eyobayo, ngaphandle kokuba isetyenziselwa unyango. IBhayibhile ayiyichazi yonke imikhwa engacocekanga nelizothe ekhoyo namhlanje, kodwa ke inayo imigaqo enokusinceda siqonde indlela uYehova amele ukuba uziva ngayo ngaloo mikhwa. Xa siyazi indlela uYehova azijonga ngayo ezi zinto, siya kuthatha amanyathelo aya kusenza simkholise, kuba kaloku siyamthanda. Makhe sijonge imigaqo emihlanu efumaneka kwiZibhalo.

20, 21. Hlobo luni lwemikhwa uYehova afuna sahlukane nalo, yaye sisiphi isizathu esisenza simthobele?

20 “Ekubeni sinazo ezi zithembiso, zintanda, masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya, sigqibelelisa ubungcwele sisoyika uThixo.” (2 Korinte 7:1) UYehova ufuna sahlukane nemikhwa engcolisa imizimba yethu nenokonakalisa umoya wethu, okanye ilawule iingqondo zethu. Ngoko simele siyiphephe imikhwa echewulayo neyaziwayo ukuba idala umonakalo emzimbeni nasengqondweni.

21 IBhayibhile iyasinika isizathu esibambekayo sokuba “sizihlambulule kuko konke ukudyobheka.” Phawula ukuba eyesi-2 kwabaseKorinte 7:1 iqala ngokuthi: “Ekubeni sinazo ezi zithembiso.” Ziziphi ezo zithembiso? Njengoko kuboniswe kwiindinyana ezingaphambili, uYehova uthembisa oku: “Ndiya kunamkela. Ndiya kuba nguyihlo kuni.” (2 Korinte 6:17, 18) Khawufan’ ucinge nje: UYehova uthembisa ukuba uza kukukhusela yaye akuthande ngendlela ubawo amthanda ngayo unyana okanye intombi yakhe. Kodwa uYehova uya kuyenza loo nto kuphela ukuba akuzenzi izinto ezingcolisa ‘inyama nomoya.’ Ngoko bekuya kuba bobentwala bona ubudenge ukulahla ubuhlobo bakho obuxabisekileyo nobusondeleyo noYehova ngenxa yawo nawuphi na kwimikhwa elizothe!

22-25. Yiyiphi imigaqo yeBhayibhile enokusinceda singenzi imikhwa engcolileyo?

22 “Uze umthande uYehova uThixo wakho ngentliziyo yakho iphela nangomphefumlo wakho uphela nangengqondo yakho iphela.” (Mateyu 22:37) UYesu wathi lo ngowona mthetho mkhulu kunayo yonke. (Mateyu 22:38) UYehova ufanelwe kukuthandwa sithi ngale ndlela. Ukuze simthande ngeentliziyo, ngemiphefumlo nangeengqondo zethu ziphela, simele siyiphephe imikhwa enokusuba imiphefumlo yethu siseze ngobuso ezweni, okanye idodobalise iingqondo esiziphiwe nguThixo.

23 “[UYehova] ubanika bonke abantu ubomi nempefumlo nezinto zonke.” (IZenzo 17:24, 25) Ubomi sisipho esivela kuThixo. Ngenxa yokuba simthanda Lowo usiphe esi sipho, siyasihlonela isipho sakhe. Asiyenzi nayiphi na imikhwa enokuqoba impilo yethu, kuba siyazi ukuba ukwenjenjalo kukungasihloneli isipho esibubomi.—INdumiso 36:9.

24 “Uze umthande ummelwane wakho njengawe siqu.” (Mateyu 22:39) Imikhwa engcolileyo idla ngokungachani umntu oyenzayo kuphela, kodwa iyafikelela nakubantu abakufuphi naye. Ngokomzekelo, abantu abangatshayiyo banokwenzakaliswa kukusezela umsi wecuba. Umntu owenzakalisa abantu abakufutshane naye waphula umyalelo kaThixo othi sibathande abamelwane bethu. Sukube exoka xa esithi uyamthanda uThixo.—1 Yohane 4:20, 21.

25 ‘Balulamele uze ubathobele oorhulumente namagunya alawulayo.’ (Tito 3:1) Kumazwe amaninzi, iziyobisi ezithile akuvumelekanga ukuba nazo okanye ukuzisebenzisa. Thina maKristu asibi nazo okanye sizisebenzise iziyobisi ezingekho mthethweni.—Roma 13:1.

26. (a) Yintoni ekufuneka siyenze ukuze sizigcine kuthando lukaThixo? (b) Kutheni ukuhlala sicocekile emehlweni kaThixo kuyeyona ndlela ifanelekileyo yokuphila?

26 Ukuze sizigcine kuthando lukaThixo, kufuneka singaneli ukucoceka kwinkalo enye okanye ezimbini kuphela, simele sicoceke kuzo zonke iinkalo. Kusenokuba ngumnqantsa kona ukuyeka nokucezela kude kwimikhwa engcolisayo, kodwa sinako ukuyenza loo nto. * Phofu xa sitheth’ inyaniso, akukho ndlela ibhetele kunale, kuba uYehova wasoloko esifundisa izinto ezinceda kwathina aba. (Funda uIsaya 48:17.) Okubaluleke nangakumbi kukuba, xa sihlala sicocekile, siya kwaneliseka kuba sisazi ukuba sikholekile kuThixo esimthandayo, ngenxa yoko sisahleli eluthandweni lwakhe.

^ isiqe. 2 Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi ‘ukuhlambuluka’ alithethi ucoceko lwasemzimbeni kuphela kodwa likwabhekisela nakucoceko lokuziphatha nolokomoya.

^ isiqe. 26 Bona ibhokisi ethi “ Ngaba Ndiye Ndizame Ngandlela Zonke Ukwenza Into Elungileyo?” ekwiphepha lama-94, nethi “ KuThixo Izinto Zonke Zinako Ukwenzeka,” engasentla.

^ isiqe. 67 Asilogama lakhe.