Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 12

Thetha Izinto‘Ezakhayo’

Thetha Izinto‘Ezakhayo’

“Makungaphumi lizwi libolileyo emlonyeni wenu, kodwa mayibe lelilungele ukwakha.”—EFESE 4:29.

1-3. (a) Sisiphi isipho uYehova asiphe sona, yaye sinokusetyenziswa kakubi njani? (b) Ukuze sizigcine kuthando lukaThixo, simele sisisebenzise njani isipho sokuthetha?

UKUBA ubuphe umhlobo wakho isipho, ubuya kuvakalelwa njani ukuba ebenokusisebenzisa kakubi ngabom? Masithi umphe imoto, waza kamva wafumanisa ukuba uye wayindlandlathekisa waza wenzakalisa abantu. Ngaba ubungayi kuphoxeka?

2 Ukukwazi ukuthetha into evakalayo sikuphiwe nguYehova, esivela kuye “sonke isipho esilungileyo naso sonke isipho esigqibeleleyo.” (Yakobi 1:17) Esi sipho, ezingasiphiwanga izilwanyana, sisenza singaneli nje ukukwazi ukuchaza izinto esizicingayo, kodwa sichaze nendlela esivakalelwa ngayo. Noko ke, njengemoto, isipho sokuthetha sinokusetyenziswa kakubi. Ngokwenene uYehova umele ukuba uyaphoxeka xa sithetha nje singacinganga, sibavisa ubuhlungu abanye abantu!

3 Ukuze sizigcine kuthando lukaThixo, sifanele sisebenzise isipho sokuthetha ngendlela uYehova afuna ngayo. Uyichaze yacaca indlela yokuthetha emkholisayo. ILizwi lakhe lithi: “Makungaphumi lizwi libolileyo emlonyeni wenu, kodwa mayibe lelilungele ukwakha njengoko kusenokuba yimfuneko, ukuze libanike oko kukholekileyo abevayo.” (Efese 4:29) Makhe sihlole isizathu sokuba silumkele izinto esizithethayo, sihlole nezinto esingafanele sizithethe, nendlela esingathetha ngayo izinto ‘ezakhayo.’

ISIZATHU SOKUBA SIFANELE SIZILUMKELE IZINTO ESIZITHETHAYO

4, 5. Eminye imizekeliso yeBhayibhile iwachaza njani amandla amazwi?

4 Esinye isizathu esibalulekileyo sokuba silumkele izinto esizithethayo kukuba amazwi anamandla. IMizekeliso 15:4 ithi: “Ukuzola kolwimi ngumthi wobomi, kodwa ubugqwetha buyawaphula umoya.” * Kanye njengokuba amanzi ewuvusa umthi obunayo, umntu othetha ngendlela ezolileyo unokubahlaziya abantu abamphulaphuleyo. Ngokwahlukileyo koko, amazwi aphixeneyo avela kumntu owonakeleyo anokubatyumza abanye abantu. Ngokwenene izinto esizithethayo zinamandla okubenzakalisa okanye okubaphilisa abantu.—IMizekeliso 18:21.

5 Omnye umzekeliso uwachaza kakuhle amandla amazwi, usithi: “Kukho othetha engacinganga njengokuhlaba kwekrele, kodwa ulwimi lwezilumko luyaphilisa.” (Funda iMizekeliso 12:18.) Ukuthetha ungacinganga kunokubenzakalisa abanye abantu kwaye kunokuphelisa nobuhlobo. Ngaba wakha wahlatywa entliziyweni ngamazwi afana nekrele? Kwelinye icala, kwalo mzekeliso mnye uthi: “Ulwimi lwezilumko luyaphilisa.” Amazwi anovelwano avela kumntu onobulumko bukaThixo anokuphilisa intliziyo exhwalekileyo aze aqinise ubuhlobo. Ngaba ukho umntu owakha wathetha amazwi akuphilisayo? (IMizekeliso 16:24) Ekubeni sisazi ukuba amazwi anamandla, ngokuqinisekileyo sifuna ukuthetha izinto eziphilisayo, kungekhona ezivisa ubuhlungu.

Ukuthetha ngelizwi elizolileyo kuyahlaziya

6. Kutheni kunzima kangaka ukulawula amalwimi ethu?

6 Enoba singazama kangakanani, soze sikwazi ukuwalawula ngokupheleleyo amalwimi ethu. Ngoko ke, nasi esinye isizathu sokuba sifanele sizilumkele izinto esizithethayo: Isono nokungafezeki kwethu zenza kube lula ukuwasebenzisa kakubi amalwimi ethu. Amazwi asuka entliziyweni, kwaye “intliziyo yomntu ityekele ebubini.” (Genesis 8:21; Luka 6:45) Ngenxa yoko, kunzima ukululawula ulwimi. (Funda uYakobi 3:2-4.) Nangona singenakukwazi ukuwalawula ngokupheleleyo amalwimi ethu, sinako ukuzama ukuphucula indlela esiwasebenzisa ngayo. Kanye njengokuba indadi ezama ukudada inyusa umlambo ifanele iqhubeke isilwa nomsinga, nathi kufuneka siqhubeke sisilwa nesono sokusebenzisa kakubi amalwimi ethu.

7, 8. Zimchaphazela kangakanani uYehova izinto esizithethayo?

7 Isizathu sesithathu sokuba sizilumkele izinto esizithethayo kukuba uYehova uza kusiphendulisa ngendlela esithetha ngayo. Indlela esisebenzisa ngayo amalwimi ethu ayichaphazeli ubuhlobo bethu nabanye abantu nje kuphela, kodwa ikwachaphazela nendlela uYehova asijonga ngayo. UYakobi 1:26 uthi: “Ukuba umntu uzibona engumnquli ofanelekileyo ukanti engalubambi ngomkhala ulwimi lwakhe, kodwa eqhubeka ekhohlisa intliziyo yakhe, unqulo lwakhe luphuthile.” * Njengoko sibonile kwisahluko esandulela esi, indlela esithetha ngayo iyahambisana nonqulo lwethu. Ukuba asiwalawuli amalwimi ethu—sithetha izigaqa zamazwi angaginyekiyo—yonke imisebenzi yobuKristu esiyenzayo ililize kuThixo. Ngaba ayikothusi loo nto?—Yakobi 3:8-10.

8 Kucacile ukuba sinezizathu ezivakalayo zokukulumkela ukusisebenzisa kakubi isipho sokuthetha. Ngaphambi kokuba sithethe ngeendlela zokuthetha ezakhayo, makhe sithethe ngezinto angafanele athethe ngazo umKristu wenene.

UKUTHETHA IZINTO EZINGAKHIYO

9, 10. (a) Yiyiphi intetho esetyenziswa umhla nezolo kwihlabathi lanamhlanje? (b) Kutheni sifanele siyikhabe ngaw’ omane intetho engcolileyo? (Bona nombhalo osemazantsi.)

9 Ukuthetha amanyala. Ukuthuka, ukuthetha izinto ezingcolileyo nezinye izinto ezingamanyala sisonka semihla ngemihla kweli hlabathi. Abantu abaninzi baye bathi bhutyu isithuko kwanaxa bekhuza okanye xa beswele amagama afanelekileyo okuchaza into. Abaqhuli badla ngokuthetha amanyala anento yokwenza nesini ukuze bahlekise abantu. Kodwa ke, ukuthetha amanyala asiyonto yokuhlekisa. Kwiminyaka engama-2 000 eyadlulayo, umpostile uPawulos waphefumlelwa ukuba aluleke ibandla laseKolose esithi lilahle ‘intetho engamanyala.’ (Kolose 3:8) UPawulos waxelela ibandla lase-Efese ukuba ‘ukuqhula okungamanyala’ yenye yezinto ezingafanele ‘zikhankanywe kwaukukhankanywa’ phakathi kwamaKristu enene.—Efese 5:3, 4.

10 Ukuthetha izinto ezingcolileyo kulizothe kuYehova. Kulizothe nakwabo bamthandayo. Ngokwenene ukumthanda kwethu uYehova kusenza singathethi izinto ezingcolileyo. Xa ebala “imisebenzi yenyama,” uPawulos ufaka ‘nokungahlambuluki,’ okuquka ukuthetha izinto ezingekho nyulu. (Galati 5:19-21) Asiyonto yokudlala le. Umntu othi, kwanasemva kokuba elulekwe kaninzi aqhubeke ethetha okanye ekhuthaza ukuziphatha okubi nokonakala, unokususwa kubudlelwane. *

11, 12. (a) Kuba yingozi xa kutheni ukuthetha ngabantu? (b) Kutheni abanquli bakaYehova befanele bangabanyelisi abanye abantu?

11 Intlebendwane. Abantu bayathanda ukuthetha ngabanye. Ngaba ukuthetha ngabantu kusoloko kuphosakele? Akuphosakalanga ukuba yincoko nje engenabuzaza njengokuthetha izinto ezakhayo okanye eziluncedo, njengokuba ngubani obhaptiziweyo okanye ngubani ofuna ukukhuthazwa. AmaKristu enkulungwane yokuqala ayenomdla kwamanye kwaye echazelana ngamanye amakholwa. (Efese 6:21, 22; Kolose 4:8, 9) Noko ke, ukuthetha ngabanye abantu kunokuba yingozi ukuba siyaxoka ngabo okanye sichaza izinto eziyimfihlo. Okubi nangakumbi kukuba kunokukhokelela kwintlebendwane, esoloko idala iingxaki. Ukuhleba “kukutyhola umntu ngobuxoki . . . nto leyo enokumngcolisa igama.” Ngokomzekelo, abaFarisi babhenela ekuhlebeni uYesu ngelizama ukumnyelisa. (Mateyu 9:32-34; 12:22-24) Ukuhleba kudla ngokudala iingxabano.—IMizekeliso 26:20.

12 UYehova akakujongi njengento engenamsebenzi ukusebenzisa kakubi isipho sokuthetha ngenjongo yokungcolisa amagama abantu okanye ukudala iingxabano. Ubathiyile abo babangela “usukuzwano phakathi kwabazalwana.” (IMizekeliso 6:16-19) Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “umnyelisi” ngudi·aʹbo·los, elikwasetyenziswa njengesibizo sikaSathana. “NguMtyholi,” umnyelisi ongendawo kaThixo. (ISityhilelo 12:9, 10) Ngokuqinisekileyo asingethandi ukuthetha ngendlela eya kusenza, ngokungathi kunjalo, sibe ngumtyholi. Akanandawo ebandleni umntu ohlebayo nobangela ukuba kuvele imisebenzi yenyama ‘enjengosukuzwano nezahlukwano.’ (Galati 5:19-21) Ngenxa yoko, ngaphambi kokuba udlulise iindaba ngomntu, zibuze: ‘Ngaba yinyaniso? Ngaba kuhle ukuyithetha le nto? Ngaba kuyimfuneko okanye kububulumko ukuyidlulisa le nkcazelo?’—Funda eyoku-1 kwabaseTesalonika 4:11.

13, 14. (a) Ukuthetha krwada kunokubaphatha njani abo basiphulaphuleyo? (b) Yintoni ukutshabhisa, yaye kutheni umtshabhisi ezibeka engozini?

13 Ukuthetha krwada. Njengoko sele sibonile, amazwi ayakwazi ukubavisa ubuhlungu abantu. Ewe kona, maxa wambi sonke sikhe sithethe izinto size sizisole kamva kuba asifezekanga. Kodwa ke, iBhayibhile isilumkisa ngendlela yokuthetha engafanelekanga kumakhaya amaKristu okanye ebandleni. UPawulos wabongoza amaKristu esithi: “Mabususwe kuni bonke ubukrakra bolunya nomsindo nengqumbo nokumemeza nokutshabhisa nabo bonke ububi.” (Efese 4:31) Ezinye iinguqulelo ziguqulela igama elithi “ukutshabhisa” ngokuthi “amazwi angendawo,” “ulwimi olwenzakalisayo,” nangokuthi “intlamba.” Ukuthetha krwada—okuquka ukuthuka abantu nokusoloko ubagxibha—kunokubathoba isidima abantu de bazive bengento yanto. Amazwi omntu okrwada ayazityumza iintliziyo eziethe-ethe nezithembayo zabantwana.—Kolose 3:21.

14 IBhayibhile isebenzisa amazwi aqatha xa igweba ukuthuka—ukunyemba abantu ngentlamba, ngokubabiza ngamagama abathob’ isidima, okanye ngokuba krwada. Umntu othukayo uzibeka engozini, kuba umtshabhisi ongaguqukiyo kwanaxa encedwe kaninzi unokususwa kubudlelane. Ukuba akatshintshi unokude aphoswe naziintsikelelo zoBukumkani. (1 Korinte 5:11-13; 6:9, 10) Kucacile ke ngoko ukuba asinakukwazi ukuzigcina kuthando lukaThixo ukuba izinto esizithethayo azicocekanga, zibubuxoki okanye zikhohlakele. Ukuthetha ngolu hlobo akwakhi.

AMAZWI ‘AWAKHAYO’

15. Yintetho enjani ‘eyakhayo’?

15 Sinokusisebenzisa njani isipho sokuthetha ngendlela afuna ngayo uThixo? Khumbula ukuba iLizwi likaThixo lisibongoza ukuba sithethe ‘amazwi akhayo.’ (Efese 4:29) UYehova uyavuya xa sithetha amazwi akhayo, akhuthazayo nabomelezayo abanye abantu. Kufuneka ucinge kakuhle ukuze uthethe amazwi anjalo. IBhayibhile ayisibekeli imithetho esifanele siyilandele kule nkalo; kananjalo ayinalo noludwe lweendidi ezamkelekileyo ‘zentetho ephilisayo.’ (Tito 2:8) Ukuze sithethe amazwi ‘awakhayo,’ kuya kusinceda ukukhumbula izinto ezintathu ezibalulekileyo ebonakala ngazo intetho eyakhayo: Imele iphilise, ibe yinyaniso, kwaye kuthethwe ngobubele. Sicinga ngezo zinto, makhe sithethe ngemizekelo embalwa yentetho eyakhayo.—Bona ibhokisi ethi, “ Ngaba Ndithetha Izinto Ezakhayo?

16, 17. (a) Kutheni sifanele sibancome abanye abantu? (b) Ngawaphi amathuba asivelelayo okuncoma abantu ebandleni? entsatsheni?

16 Ukuncoma ngokunyanisekileyo. UYehova noYesu bayayiqonda imfuneko yokuncoma abantu. (Mateyu 3:17; 25:19-23; Yohane 1:47) Nathi maKristu senza kakuhle xa sibancoma ngokunyanisekileyo abanye abantu. Ngoba? IMizekeliso 15:23 ithi: “Hayi indlela elilunge ngayo ilizwi elithethwa ngexesha elifanelekileyo!” Khawuzibuze le mibuzo: ‘Ndiye ndizive njani xa umntu endincoma ngokunyaniseka? Ngaba andiye ndizive kuthe ngco ngaphakathi kwaye ndikhuthazekile?’ Xa umntu ekuncoma ngokunyaniseka utsho wazi ukuba uyawuphawula umsebenzi wakho, ukukhathalele, kwaye akufananga waziduba ngokwenza loo nto uyenzileyo. Xa unconywa ngaloo ndlela utsho uzithembe kwaye loo nto ikwenza ukhuthale nangakumbi kwixesha elizayo. Ukuba kumnandi ngolo hlobo ukunconywa, kutheni ke wena ungabancomi abanye?—Funda uMateyu 7:12.

17 Ziqeqeshele ukukhangela izinto ezintle ebantwini, uze ubancome. Ebandleni, kunokunikelwa intetho elungiselelwe kakuhle, unokuphawula umntu oselula ozama ukufikelela usukelo lokomoya, okanye unokubona umKristu osele ekhulile oza kuzo zonke iintlanganiso nangona kunzima ngenxa yokwaluphala. Ukubancoma ngokunyaniseka abantu abanjalo kunokubachukumisa kuze kubomeleze ngokomoya. Entsatsheni, amadoda nabafazi bafanele bancomane kwaye babulelane. (IMizekeliso 31:10, 28) Abantwana bavuya kakhulu xa bebona ukuba izinto abazenzayo ziyaphawulwa kwaye bayaxatyiswa. Ukuncoma umntwana kuyamhlaziya kanye njengokuba isityalo sihlaziywa lilanga nakukunkcenkceshelwa. Bazali, wakhangeleni amathuba okuncoma iimpawu ezintle nemizamo abayenzayo abantwana benu. Xa ubancoma ngolo hlobo abantwana bakho banokukhalipha kwaye bazithembe ibe loo nto iya kubenza bazame nangakumbi ukwenza izinto ezilungileyo.

18, 19. Kutheni sifanele senze konke esinako ukuthuthuzela amanye amakholwa, yaye sinokukwenza njani oko?

18 Ukuthuthuzela. UYehova ubakhathalela ngokwenene “abo bathobekileyo” kunye ‘nabatyumkileyo.’ (Isaya 57:15) ILizwi lakhe liyasibongoza ukuba ‘sihlale sithuthuzelana’ size ‘siyithuthuzele imiphefumlo edandathekileyo.’ (1 Tesalonika 5:11, 14) Sinokuqiniseka ukuba uThixo uyayibona kwaye uyayixabisa imizamo esiyenzayo yokuthuthuzela amanye amakholwa asentlungwini.

UYehova uyavuya xa sithetha izinto ezibakhayo abanye abantu

19 Noko ke, yintoni onokuyithetha ukuze wakhe omnye umKristu xa edimazekile okanye edandathekile? Mus’ ukuvakalelwa kukuba umele uyilungise loo ngxaki. Kwiimeko ezininzi, amazwana ambalwa anokunceda. Mqinisekise umntu osentlungwini ukuba umkhathalele kwaye umxhalabele. Cela ukuthandaza kunye naye; unokumcela uYehova ukuba ancede loo mntu abone indlela athandwa ngayo ngabanye abantu nanguThixo. (Yakobi 5:14, 15) Mqinisekise ukuba ibandla liyamfuna kwaye limxabisile. (1 Korinte 12:12-26) Mfundele iSibhalo esikhuthazayo ukuze umqinisekise ukuba uYehova umkhathalele ngokwenene. (INdumiso 34:18; Mateyu 10:29-31) Ukuzipha ixesha elaneleyo lokuthetha “ilizwi elilungileyo” nomntu ophelelwe lithemba nokuthetha ngokunyaniseka ngokuqinisekileyo kuya kumnceda azive ethandwa kwaye exatyisiwe.—Funda iMizekeliso 12:25.

20, 21. Yintoni eyenza isiluleko sincede?

20 Isiluleko esincedayo. Sonke thina zidalwa zingafezekanga siyakufuna ukululekwa ngamaxesha athile. IBhayibhile isikhuthaza ngelithi: “Phulaphula icebiso uze wamkele ingqeqesho, ukuze ube nobulumko kamva.” (IMizekeliso 19:20) Asingobadala kuphela abafanele baluleke. Abazali baluleka abantwana. (Efese 6:4) Oodade abakhulileyo ngokomoya kufuneka baluleke abafazana. (Tito 2:3-5) Ukuthanda abantu kuya kusenza sibaluleke ngendlela eya kubenza bangaziva becinezelwa. Yintoni enokusinceda sibaluleke ngaloo ndlela abantu? Zintathu izinto ezenza isiluleko sibe luncedo: isimo sengqondo kunye nenjongo yalowo ululekayo, isizathu sesiluleko, nendlela ekululekwa ngayo.

21 Ukuze isiluleko sincede, lowo ululekayo ufanele abe nesimo sengqondo esifanelekileyo kuqala. Zibuze lo mbuzo, ‘Ndisamkela lula xa kutheni isiluleko?’ Xa usazi ukuba loo mntu ukululekayo ukukhathalele, akakhupheli msindo kuwe kwaye akanamoya wezikhova, kuba lula ukusamkela isiluleko. Ke, kutheni ungabi neso simo sengqondo nawe xa ululeka abanye? Isiluleko esincedayo sisekelwa kwiLizwi likaThixo. (2 Timoti 3:16) Nasiphi na isiluleko esisinikelayo sifanele sisekelwe kwiZibhalo, enoba siza kucaphula eBhayibhileni ngokungqalileyo okanye akunjalo. Ngenxa yoko, abadala bafanele balumkele ukunyanzelisa iimbono zabo ebantwini; abafanele kananjalo bajije okanye bagqwethe iZibhalo, bazenze zibe ngathi zixhasa iimbono zabo. Enye into eyenza isiluleko sincede kukusidlulisela kakuhle. Isiluleko esinongwe ngobubele samkeleka lula kwaye naloo mntu ululekwayo uphatheka ngesidima.—Kolose 4:6.

22. Uzimisele ukusisebenzisa njani isipho sokuthetha?

22 Ngokuqinisekileyo ukuthetha sisipho esivela kuThixo. Ukuba siyamthanda uYehova, esi sipho asiyi kusisebenzisa kakubi. Masikhumbule ukuba izinto esizithethayo kwabanye zinamandla—zinokubakha okanye zibachithe. Ngoko ke, masizame ukusebenzisa esi sipho ngendlela uThixo afuna ngayo—‘sakhe’ abanye. Xa sisenjenjalo, indlela esithetha ngayo iya kubakhuthaza ize ibahlaziye abantu abasondeleyo kuthi ibe iya kusinceda sizigcine kuthando lukaThixo.

^ isiqe. 4 Igama lesiHebhere eliguqulelwe ngokuthi “ubugqwetha” kwiMizekeliso 15:4 likwathetha “ubugwenxa, ukonakala.”

^ isiqe. 7 Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “luphuthile” likwaguqulelwa nangokuthi “alunamsebenzi” nangokuthi “alunasiqhamo.”—1 Korinte 15:17; 1 Petros 1:18.

^ isiqe. 10 KwiZibhalo, igama elithi “ukungahlambuluki” lisetyenziswa ukuchaza izono eziliqela. Nangona ukungahlambuluki kungasoloko kufuna ukuba ubani avele phambi kwekomiti egwebayo, umntu oqhubeka esenza izinto ezingahlambulukanga ezinzulu unokugxothwa ebandleni.—2 Korinte 12:21; Efese 4:19; bona “Imibuzo Evela Kubafundi” kwiMboniselo kaJulayi 15, 2006.