Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 14

Nyaniseka Kwizinto Zonke

Nyaniseka Kwizinto Zonke

“Sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.”—HEBHERE 13:18.

1, 2. Kutheni uYehova evuya xa esibona sizama ukunyaniseka? Yenza umzekelo.

MASITHI umama nonyana wakhe omncinane baphuma evenkileni. Unyana uthi xhungu, eme ebonakala othukile. Uphethe into yokudlala ayithathe evenkileni. Ulibele ukuyibuyisela okanye ukucela unina amthengele yona. Ukhwaza unina. Unina uyamkhapha ukubuyela evenkileni ukuze abuyisele loo nto kwaye acele uxolo. Njengoko esenza loo nto, umlomo kanina awuhlangani luvuyo nakukuzidla ngonyana wakhe. Ngoba?

2 Abazali bayavuya xa bebona abantwana babo bebona ukubaluleka kokunyaniseka. UBawo wethu wasezulwini, ‘uThixo wenyaniso,’ naye uyavuya. (INdumiso 31:5) Njengoko esibona sikhula ngokomoya, uyavuya xa sizama ukunyaniseka. Ekubeni sifuna ukumkholisa nokuzigcina kuthando lwakhe, nathi sivakalelwa ngendlela echazwe ngumpostile uPawulos xa esithi: “Sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.” (Hebhere 13:18) Makhe sixubushe ngeenkalo ezine zobomi apho maxa wambi kusenokuba nzima ukuba sinyaniseke. Emva koko siza kuxubusha ngeentsikelelo esinokuzifumana xa sinyanisekile.

NYANISEKA KWISIQU SAKHO

3-5. (a) ILizwi likaThixo lisilumkisa njani ngobungozi bokuziqhatha? (b) Yintoni eya kusinceda singaziqhathi?

3 Into yokuqala eba nzima kukunyaniseka kwiziqu zethu. Kulula kuthi thina bantu bangafezekanga ukuziqab’ intshongo emehlweni. Ngokomzekelo, uYesu waxelela amaKristu aseLawodike ukuba ayeziqhathile acinga ukuba azizityebi, ngoxa enyanisweni ‘ayengamahlwempu, eziimfama kwaye ehamba ze’ ngokomoya—imeko yawo yayilusizi ngokwenene. (ISityhilelo 3:17) Ukuziqhatha kwawo kwawabeka kwembi ingozi.

4 Mhlawumbi uyasikhumbula nesilumkiso somfundi uYakobi, owathi: “Ukuba umntu uzibona engumnquli ofanelekileyo ukanti engalubambi ngomkhala ulwimi lwakhe, kodwa eqhubeka ekhohlisa intliziyo yakhe, unqulo lwakhe luphuthile.” (Yakobi 1:26) Ukuba sicinga ukuba sinokuthetha ngendlela engafanelekanga size siqhubeke sisamkeleka kuYehova, siyaziqhatha. Sifane saziduba nje ngokunqula uYehova. Yintoni enokusinceda siyiphephe le ngozi?

5 Kwiindinyana ezingentla, uYakobi ufanisa inyaniso ekwilizwi likaThixo nesipili. Usicebisa ukuba siqondele kumthetho ogqibeleleyo kaThixo size senze utshintsho xa kuyimfuneko. (Funda uYakobi 1:23-25.) IBhayibhile inokusinceda singaziqhathi, kodwa sibone izinto esifanele siphucule kuzo. (IZililo 3:40; Hagayi 1:5) Kwakhona sinokuthandaza kuYehova size simcele asigocagoce, asincede sibone size silungise naziphi na iziphako esinazo. (INdumiso 139:23, 24) Ukunganyaniseki bubuthathaka obufihlakeleyo, ibe sifanele sikujonge ngendlela uBawo wethu osezulwini akujonga ngayo. IMizekeliso 3:32 ithi: “Umntu otenxayo uyinto ecekisekayo kuYehova, kodwa ukusondelelana naye kokwabo bathe tye.” UYehova unokusinceda sivakalelwe ngendlela avakalelwa ngayo size nathi sizibone ngendlela asibona ngayo. Khumbula ukuba uPawulos wathi: “Sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.” Okwangoku asikafezeki, kodwa sikunqwenela yaye sikufuna ngokwenene ukunyaniseka.

UKUNYANISEKA ENTSATSHENI

Ukunyaniseka kusinceda singaziphathi ngendlela ekuya kufuneka siyifihle

6. Kutheni abantu abatshatileyo befanele bangafihlelani izinto, kwaye ziziphi iingozi abanokuziphepha xa bengafihlelani?

6 Intsapho yamaKristu ifanele ibonakale ngokunyaniseka. Umyeni nenkosikazi bafanele bangafihlelani izinto kwaye banyaniseke. AmaKristu atshatileyo akafanele enze izinto ezenzakalisayo, ezinjengomkhwa ongcolileyo wokuncwasa umntu ongatshatanga naye, ukuthandana nabanye abantu kwi-Internet, okanye ukusebenzisa amanyala ngayo nayiphi na indlela. Amanye amaKristu atshatileyo aye azenza ezi zinto ziphosakeleyo ezifihla kumaqabane awo. Ukwenza loo nto kukunganyaniseki. Phawula amazwi kaKumkani uDavide owayethembekile athi: “Andihlalanga namadoda angenanyaniso; yaye andingeni kwabo bazifihlayo oko bakuko.” (INdumiso 26:4) Ukuba utshatile, ungaze wenze into eza kufuna ukuba uzifihle into oyiyo kwiqabane lakho!

7, 8. Yiyiphi imizekelo eseBhayibhileni enokunceda abantwana bafunde ukuxabiseka kokunyaniseka?

7 Kububulumko ukuba abazali basebenzise imizekelo yeBhayibhile xa befundisa abantwana babo ngokunyaniseka. Kwelinye icala, kukho iingxelo ezifana neka-Akan, owebayo waza wazama ukufihla; uGehazi, owaxokayo kuba efuna imali; noYudas, owebayo waza waxoka ngenjongo yokufaka uYesu engxakini.—Yoshuwa 6:17-19; 7:11-25; 2 Kumkani 5:14-16, 20-27; Mateyu 26:14, 15; Yohane 12:6.

8 Ukanti kukho nezinye iingxelo, ezinjengekaYakobi owabongoza oonyana bakhe ukuba babuyisele imali eyayifakwe kwiingxowa zabo ngempazamo; ekaYifeta nentombi yakhe, abancama lukhulu ngenxa yokugcina isifungo esenziwa nguYifeta; nekaYesu owazivezayo phambi kwehlokondiba elalineengcwangu ukuze azalisekise isiprofeto yaye akhusele abahlobo bakhe. (Genesis 43:12; ABagwebi 11:30-40; Yohane 18:3-11) Le mizekelo imbalwa inokunceda abazali babone ubuncwane obukwiLizwi likaThixo obunokubanceda bafundise abantwana babo bakuthande baze bakuxabise ukunyaniseka.

9. Yintoni abafanele bayiphephe abazali xa befuna ukuba ngumzekelo wokunyaniseka kubantwana babo, ibe kutheni kubalulekile ukuba ngumzekelo?

9 Ukufundisa ngale ndlela kuza neembopheleleko kubazali. Umpostile uPawulos wabuza wathi: “Ngaba, noko ke, wena ufundisa uthile ongomnye, akuzifundisi na wena? Wena, ushumayela usithi ‘Uze ungebi,’ ngaba uyeba na?” (Roma 2:21) Abanye abazali badida abantwana babo ngokubafundisa ukuba banyaniseke babe bona benganyanisekanga. Banokuthethelela ukuba izinto ezincinane nokuxoka ngezingxengxezo ezinjengesithi “Bayazi nabo ukuba abantu baza kuzithatha ezi zinto” okanye bathi “Hayi, bendincokola nje.” Inyaniso yona kukuba, isela lisela nexoki lixoki, kungakhathaliseki ukuba ingakanani into eliyibileyo okanye bungakanani ubuxoki elibuthethileyo. * (Funda uLuka 16:10.) Abantwana bakhawuleza bababone abazali xa behanahanisa ibe inokubenzakalisa kakhulu loo nto. (Efese 6:4) Noko ke, xa bebona ukunyaniseka kwabazali babo, nabo banokukhula bezukisa uYehova kweli hlabathi linganyanisekanga.—IMizekeliso 22:6.

UKUNYANISEKA EBANDLENI

10. Yintoni esifanele siyikhumbule ngokuphathelele ukunyaniseka xa sithetha namanye amakholwa?

10 Xa sikunye namanye amaKristu sifumana amathuba okuphucula ukunyaniseka kwethu. Njengoko siye safunda kwiSahluko se-12, sifanele siyilumkele indlela esisisebenzisa ngayo isipho sokuthetha, ngokukodwa xa sithetha nabazalwana noodade wethu bokomoya. Kulula ukuba incoko nje eqhelekileyo itshintshe ibe yintlebendwane, nokunukunezwa kwabantu! Xa sibalisa ibali esingaqinisekanga ngalo, kungenzeka ukuba sisasaza ulwimi, ngoko kubhetele sizilumkele izinto esizithethayo. (IMizekeliso 10:19) Kwelinye icala, kusenokwenzeka ukuba siqinisekile ngento, kodwa loo nto ayithethi kuthi masiyithi paha. Ngokomzekelo, kusenokwenzeka ukuba ayifuni thina loo nto, okanye kuya kuba lulunya ukuyithetha. (1 Tesalonika 4:11) Abanye abantu baye bathethe krwada bephephela ngokuthi banyanisekile, kodwa awethu amazwi afanele ahlale ekholekile.—Funda amaKolose 4:6.

11, 12. (a) Ziziphi iindlela abaye baziqhwayele olunenkume ngazo abo benze isono esinzulu? (b) Bubuphi ubuxoki obukhuthazwa nguSathana ngezono ezinzulu, yaye sinokubulwa njani? (c) Sinokubonisa njani ukuba sinyanisekile kwintlangano kaYehova?

11 Kubaluleke nangakumbi ukunyaniseka kwabo bakhokelayo ebandleni. Abanye abantu xa benze isono esinzulu baye bazinqikele olunenkume ngokuzama ukufihla isono abasenzileyo nangokuxoka kubadala xa bebuzwa. Abanye bade baphile ubomi obumbaxa, bezenza ngathi bakhonza uYehova ngoxa beqhubeka besona. Iyonke loo nto, yenza ubomi baloo mntu buzaliswe bubuxoki. (INdumiso 12:2) Abanye bathetha inyaniso engaphelelanga kubadala baze bafihle ezona nkcukacha zibalulekileyo. (IZenzo 5:1-11) Unozala wako konke oku kunganyaniseki kukukholelwa ubuxoki obukhuthazwa nguSathana.—Bona ibhokisi ethi “ Ubuxoki BukaSathana Ngokuphathelele Izono Ezinzulu.”

12 Kubalulekile ke nokunyaniseka kwintlangano kaYehova xa sibhala siphendula imibuzo. Ngokomzekelo, xa sifaka ingxelo yentsimi, siya kukulumkela ukubhala ingxelo engachananga. Ngendlela efanayo, xa sizalisa ifomu yelungelo lenkonzo, singaze sixoke ngempilo yethu nangezinye izinto.—Funda iMizekeliso 6:16-19.

13. Sinokunyaniseka njani xa siqhuba ishishini nelinye ikholwa?

13 Sifanele sinyaniseke kwamanye amakholwa nakumba woshishino. Maxa wambi, abazalwana noodade basenokuqhuba ishishini namanye amakholwa. Bafanele balumke bangaqhubi ushishino lwabo kwiHolo yoBukumkani okanye entsimini. Kusenokwenzeka ukuba omnye ungumqeshi aze omnye abe ngumqeshwa. Ukuba siqeshe abazalwana noodade, sifanele siqiniseke ukuba sibaphatha ngokunyaniseka, sibanika umvuzo wabo ngethuba, sibavuza ngaloo mali besivumelene ngayo nabo, kwaye sibanika neemfanelo zabo ezigunyaziswa ngumthetho. (1 Timoti 5:18; Yakobi 5:1-4) Kwelinye icala, xa siqeshwe ngumzalwana okanye ngudade, simele siziphose nofele emsebenzini sisebenzela umvuzo wethu. (2 Tesalonika 3:10) Asilindeli kuba asikokose okwamaqanda kuba nje singabazalwana, ngokungathi umqeshi wethu ufanele asenzelele kwizinto ezifana nekhefu, nezinye izinto ezingafunyanwayo ngabanye abaqeshwa.—Efese 6:5-8.

14. Xa amaKristu edibanele ishishini, yintoni afanele ayilumkele, yaye ngoba?

14 Kuthekani ukuba elo shishini silidibanele, mhlawumbi kukho umzalwana otyale imali yakhe kulo okanye wabolekisa ngayo? IBhayibhile inomgaqo obalulekileyo noluncedo othi: Yibhale phantsi yonke into! Ngokomzekelo, xa uYeremiya wathenga umhlaba, wabhala amaxwebhu amabini, wafuna amangqina, waza wagcina loo maxwebhu kwindawo ekhuselekileyo ukuze awasebenzise xa kuyimfuneko. (Yeremiya 32:9-12; bona neGenesis 23:16-20.) Ukubhala zonke iinkcukacha, kusayinwe kuze kubekho namangqina asiyinayo xa sisingatha imicimbi yemali namanye amakholwa, akuthethi kuthi asiwathembi. Kunoko, kuyasinceda siphephe iingxabano, ukuphoxeka nezinto ezinokwahlula ibandla. Onke amaKristu ashishina kunye afanele akhumbule ukuba alikho ishishini elibaluleke kangangokuba lichithe umanyano noxolo lwebandla. *1 Korinte 6:1-8.

UKUNYANISEKA EHLABATHINI

15. UYehova ukujonga njani ukushishina ngondlela mnyama, ibe amaKristu ayijonga njani le mikhwa iqhelekileyo?

15 UmKristu akanyaniseki xa esebandleni kuphela. UPawulos wathi: “Sinqwenela ukuziphatha ngokunyaniseka kwizinto zonke.” (Hebhere 13:18) UMdali wethu unomdla kakhulu ukuba sinyaniseke naxa sisingatha imicimbi yemali nabantu behlabathi. Kwincwadi yeMizekeliso kuphela, kubhekiselwa kwizikali eziqhathayo kangangezihlandlo ezine. (IMizekeliso 11:1; 16:11; 20:10, 23) Mandulo, kwakuyinto eqhelekileyo ukuba oosomashishini basebenzise izikali namatye okulinganisa ukuze balinganise izinto ezithengiweyo nexabiso lazo. Abarhwebi abanganyanisekanga babedla ngokusebenzisa iindidi ezimbini zamatye okulinganisa nezikali eziqhathayo ukuze bakhohlise baze baqhathe abathengi. * UYehova uyithiyile le mikhwa! Ukuze sizigcine kuthando lwakhe, siyaqiniseka ukuba siyakuphepha ukushishina ngondlela mnyama.

16, 17. Ziziphi iintlobo zokunganyaniseki eziqhelekileyo namhlanje, yaye amaKristu enene azimisele ukwenza ntoni?

16 Ayisothusi into yokufumanisa ukuba abantu abaninzi abanyanisekanga, kuba kaloku eli hlabathi lilawulwa nguSathana. Nathi sinokulingelwa ekubeni singanyaniseki mihla le. Xa abantu bebhala inkcazelo ngeziqu zabo (CV) ukuze bafumane umsebenzi, badla ngokuxoka okanye babaxe izinto, bebhala izidanga ezingekhoyo yaye bexoka nangamava abanawo. Xa abantu bazalisa iifomu zokufudukela kwamanye amazwe, ezerhafu, ezeinshorensi nezinye, badla ngokuxoka ukuze bafumane loo nto bayifunayo. Abafundi abaninzi bayakopa xa kubhalwa iimviwo, okanye xa bebhala izincoko neengxelo zesikolo, basenokuya kwi-Internet baze bakhuphele loo nto bayifumanayo, benze ngathi ngabo abayibhalileyo. Kwaye xa abantu bedibana namagosa anganyanisekanga, badla ngokuwanyengezela okuthile ukuze bafumane loo nto bayifunayo. Besiyilindele ke phofu loo nto kweli hlabathi apho abantu abaninzi ‘bengabazithandayo, abathandi bemali nabangathandi kulunga.’—2 Timoti 3:1-5.

17 AmaKristu enene ayaqiniseka ukuba akazenzi ezi zinto. Into eyenza kube nzima nangakumbi maxa wambi ukunyaniseka kukuba, abantu abanganyanisekanga babonakala bephumelela kweli hlabathi. (INdumiso 73:1-8) Kwelinye icala, amaKristu wona anokulahlekelwa lukhulu kuba efuna ukunyaniseka “kwizinto zonke.” Ngaba ikho into ayizuzayo ngokuncama ezo zinto? Ewe ikho! Ziziphi iintsikelelo azifumanayo ngokunyaniseka?

IINTSIKELELO ZOKUNYANISEKA

18. Kutheni kubalulekile ukwaziwa njengomntu onyanisekileyo?

18 Zimbalwa izinto ebomini ezixabiseke njengokwaziwa njengomntu onyanisekileyo nonokuthenjwa. (Bona ibhokisi ethi “ Ndinyaniseke Kangakanani?”) Kaloku wonke umntu unokuzenzela igama elihle! Akuyomfuneko ukuba ube nesiphiwo esithile, ube sisityebi, ube mhle, ube newonga okanye nantoni na enye engaphezu kwamandla akho. Kodwa ke, abantu abaninzi abakwazi ukuzenzela igama elihle. Banqabile abantu abazenzela igama elihle. (Mika 7:2) Abanye abantu bayakugculela xa unyanisekile, kodwa bakho nabanye abaya kukuncoma, bakuthembe yaye bakuhlonele xa unyanisekile. AmaNgqina kaYehova amaninzi aye afumanisa ukuba ukunyaniseka kwawo kuyawanceda nasemsebenzini. Aye asinda xa kugxothwa abaqeshwa abanganyanisekanga emsebenzini, okanye aqeshwa kwiindawo ekufunwa kuzo abasebenzi abanyanisekileyo.

19. Ukunyaniseka kunokuziphatha njani izazela zethu nolwalamano lwethu noYehova?

19 Enoba iyenzeka okanye ayenzeki kuwe loo nto, uya kufumanisa ukuba ukunyaniseka kuneentsikelelo ezingakumbi. Uya kusikelelwa ngesazela esicocekileyo. UPawulos wabhala wathi: “Siyathemba ukuba sinesazela esinyanisekileyo.” (Hebhere 13:18) Ngaphezu koko, uBawo wethu onothando wasezulwini uyazi ukuba unyanisekile, kwaye uyabathanda abantu abanyanisekileyo. (Funda iNdumiso 15:1, 2; iMizekeliso 22:1.) Ewe, ukunyaniseka kuya kukunceda uzigcine kuthando lukaThixo, ibe ayikho into egqitha leyo. Ngoku siza kungena komnye umbandela onxibelelene nalo othi: Indlela uYehova awujonga ngayo umsebenzi.

^ isiqe. 9 Ebandleni, xa umntu elixoki eliphum’ izandla, nelinyelisayo—nelinjongo yalo izicaceleyo ukuba kukunukuneza abantu—kusenokufuneka avele kwikomiti egwebayo.

^ isiqe. 14 Ukuze wazi oko ufanele ukwenze xa ninengxaki kwimicimbi yemali, jonga inqaku elikwiSihlomelo elithi “Ukucombulula Iingxabano Eziphathelele Imiba Yemali.”

^ isiqe. 15 Babesebenzisa amatye okulinganisa ahlukileyo xa bethenga baze basebenzisa amanye xa bethengisa, ibe babefumana ingeniso kuyo yonke loo nto. Babesebenzisa isikali esinengalo ende okanye enzima kunenye ngenjongo yokuqhatha umthengi.