Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIHLOMELO

Indlela Amele Aphathwe Ngayo Umntu Osusiweyo

Indlela Amele Aphathwe Ngayo Umntu Osusiweyo

Ayikho into esenza sixheleke njengaxa isihlobo okanye umhlobo egxothwa ebandleni ngenxa yokona aze angaguquki. Indlela esisabela ngayo koko iBhayibhile ikutshoyo intama ubunzulu bothando esinalo kuThixo nokunyaniseka kwethu kwilungiselelo lakhe. * Makhe siphendule eminye yemibuzo edla ngokuphakama kulo mba.

Sifanele simphathe njani umntu osusiweyo? IBhayibhile ithi: “Niyeke ukunxulumana naye nabani na obizwa ngokuba ngumzalwana ongumhenyuzi okanye umntu obawayo okanye umnquli-zithixo okanye umtshabhisi okanye inxila okanye umphangi, ningatyi kwaukutya nomntu onjalo.” (1 Korinte 5:11) Ngokuphathelele nabani na ‘ongahlaliyo kwimfundiso kaKristu,’ sifunda oku: “Ningaze nimamkele emakhayeni enu okanye nimbulise. Kuba lowo umbulisayo unesabelo kwimisebenzi yakhe engendawo.” (2 Yohane 9-11) Asinabudlelane nabantu abasusiweyo kwizinto zokomoya kwaye asibuthelani nabo. IMboniselo kaMatshi 1, 1982, iphepha le-18, yathi: “U-‘Molo’ nje emntwini unokuba linyathelo lokuqala elikhokelela kwincoko yaye mhlawumbi nakubuhlobo. Ngaba besiya kufuna ukuthabatha elo nyathelo lokuqala nomntu osusiweyo ebudlelaneni?”

Ngaba kuyimfuneko ngokwenene ukumphepha ngokupheleleyo? Ewe, sinezizathu zokwenjenjalo. Okokuqala, sifuna ukunyaniseka kuThixo nakwiLizwi lakhe. UYehova asimthobeli nje xa kulula kodwa senjenjalo naxa kunzima. Ngenxa yokuba simthanda uThixo sithobela yonke imiyalelo yakhe, sisazi ukuba uthanda okusesikweni yaye unothando ibe imithetho yakhe iyinzuzo. (Isaya 48:17; 1 Yohane 5:3) Okwesibini, ukuzikhwebula kumoni ongaguqukiyo kukhusela thina nebandla ukuze singadyobheki ngokomoya nangokuziphatha yaye kugcina ibandla linegama elihle. (1 Korinte 5:6, 7) Okwesithathu, ukumela kwethu imigaqo yeBhayibhile kunokude kuncede nalowo ususiweyo. Xa sisixhasa isigqibo esenziwe yikomiti egwebayo, sinokuyichukumisa intliziyo yalowo wonileyo obekade engalwamkeli uncedo lwabadala. Ukuqhawula ubuhlobo naye kunokumnceda ‘abuyele ezingqondweni,’ abone ubunzulu besono sakhe, aze enze umzamo wokubuyela kuYehova.—Luka 15:17.

Kuthekani xa isisizalwana esisusiweyo? Xa kunjalo, kunokuba nzima ukuba amanye amalungu entsapho ahlale enyanisekile kwimithetho kaYehova. Sifanele sisiphathe njani isizalwana esisusiweyo? Asinakukwazi ukugubungela zonke iinkalo kulo mba, kodwa siza kuthetha ngezimbini kuphela.

Kwezinye iimeko, kusenokwenzeka ukuba isizalwana esisusiweyo sisahlala ekhaya kwaye siyinxalenye yentsapho. Ekubeni ukususwa kwaso kungathethi kuthi asiselolungu lentsapho, sisenokuqhubeka sisenza izinto eziqhelekileyo nentsapho. Kodwa ke, ngenxa yento esiyenzileyo isizalwana esisusiweyo, siye sabuqhawula ubuhlobo bokomoya obuphakathi kwaso nentsapho yaso engamaKristu. Ngoko amalungu entsapho anyanisekileyo akayi kwenza izinto zokomoya naso. Ngokomzekelo, isizalwana esisusiweyo asiyi kuba nanxaxheba kwisifundo seBhayibhile sentsapho. Noko ke, ukuba lowo ususiweyo kubudlelane ngumntwana osephantsi kwabazali, abazali basenembopheleleko yokumfundisa nokumqeqesha. Ngenxa yoko, abazali abanothando banokwenza ilungiselelo lokumqhubela isifundo seBhayibhile. *IMizekeliso 6:20-22; 29:17.

Kwezinye iimeko, kusenokwenzeka ukuba isizalwana esisusiweyo asihlali nentsapho. Nangona kwezinye iimeko kusenokufuneka sidibane nentsapho ukuze kulungiswe imicimbi edl’ umzi, asifanele sisondezwe entsatsheni. Amalungu entsapho angamaKristu anyanisekileyo akafanele akhangele ikroba lokuba kunye nesizalwana esisusiweyo esingahlali ekhaya. Kunoko, ukunyaniseka kuYehova nakwintlangano yakhe kuya kuwenza abambelele kwilungiselelo elisekelwe kwiZibhalo lokususa abantu kubudlelane. Ukunyaniseka kwawo kuya kubonisa ukuba ayasithanda isizalwana esonileyo kwaye kuya kusinceda sizuze kuqeqesho esilufumanayo. *Hebhere 12:11.

^ isiqe. 1 Imigaqo yeBhayibhile ephathelele lo mbandela iyasebenza nakubantu abaye bazahlula ebandleni.

^ isiqe. 2 Ukuze ufumane ingcombolo ngabantwana abasusiweyo abasephantsi kwabazali nabasahlala ekhaya, bona IMboniselo kaOktobha 1, 2001, iphepha le-16 ukuya kwele-17, nekaNovemba 15, 1988, iphepha lama-20.

^ isiqe. 3 Ukuze ufumane inkcazelo engakumbi ngendlela esifanelwe siphathwe ngayo isizalwana esisusiweyo, bona amacebiso asekelwe kwiZibhalo akwiMboniselo ka-Aprili 15, 1988, iphepha lama-26 ukuya kwelama-31, nekaMatshi 1, 1982, iphepha lama-20 ukuya kwelama-25.