Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIHLOMELO

Imichiza Etsalwe Kwizinto Eziyila Igazi Neendlela Zokutyanda

Imichiza Etsalwe Kwizinto Eziyila Igazi Neendlela Zokutyanda

Imichiza etsalwe kwizinto eziyila igazi. Le michiza itsalwa kwizinto ezine eziyila igazi—iiseli ezibomvu, iiseli ezimhlophe, iiplatelets, nesiyilelo-gazi (plasma). Ngokomzekelo, iiseli ezibomvu zineproteni ekuthiwa yihemoglobin. Imichiza eyenziwe ngehemoglobin yomntu okanye yesilwanyana iye isetyenziswe ukunyanga abantu abanomlambo (anemia) okanye abophe kakhulu.

Isiyilelo-gazi—ama-90 ekhulwini aso ayilwe ngamanzi—sineencindi zamadlala, ityuwa, iienzymes, nesondlo esiquka izimbiwa neswekile. Isiyilelo-gazi sikwanemichiza ebangela amahlwili, amajoni alwa neentsholongwane, neeproteni ezinjengealbumin. Xa umntu eye wasengozini yokosulelwa sisifo esithile, oogqirha banokumtofa igamma globulin etsalwe kumntu omzimba wakhe ukwaziyo ukulwa neso sifo. Iiseli ezimhlophe zinokuvelisa ii-interferons neeinterleukins, ezinyanga izifo ezosulelayo nomhlaza.

Ngaba amaKristu afanele avume ukunyangwa ngeendlela ezisebenzisa imichiza etsalwe kwizinto eziyila igazi? IBhayibhile ayisiniki zinkcukacha zingqalileyo ngalo mba, ngoko mntu ngamnye umele azenzele isigqibo phambi koThixo ngokwesazela sakhe. Abanye basenokungayamkeli le michiza, besithi uMthetho kaThixo awawunika amaSirayeli wawusithi igazi lesidalwa lalifanele ‘liphalazelwe emhlabeni.’ (Duteronomi 12:22-24) Ngoxa abanye bengavumi ukutofelwa igazi elipheleleyo okanye izinto eziliyilayo, banokuvuma ukunyangwa ngemichiza etsalwe kwizinto eziyila igazi. Basenokuba bavakalelwa ukuba le michiza etsalwe kwizinto eziyila igazi ayisameli ubomi beso sidalwa litsalwe kuso elo gazi.

Xa usenza isigqibo ngemichiza etsalwe kwizinto eziyila igazi, cinga ngale mibuzo ilandelayo: Ndiyayiqonda na phofu into yokuba xa ndisithi andiyifuni yonke imichiza etsalwe kwizinto eziyila igazi ndithetha ukuba andiyi kuwamkela amayeza alwa nezifo okanye anokwenza igazi lam likwazi ukwenza ihlwili ukuze ndiyeke ukopha? Ngaba ndinokukwazi ukuchazela ugqirha isizathu sokuba ndingayamkeli okanye ndiyamkela eminye yale michiza?

Iindlela Zokutyanda. Ezi ndlela ziquka ihemodilution necell salvage. Kwihemodilution, igazi liyakhutshwa emzimbeni, kuze endaweni yalo kutofwe umchiza owandisa igazi, lize libuyiselwe kwakhona. Icell salvage iqokelela igazi elopha ebudeni botyando ize ilibuyisele. Elo gazi liqokelelwa enxebeni, lihlanjwe okanye lihluzwe, emva koko liphinde libuyiselwe kwisigulana. Ekubeni oogqirha bengazisebenzisi ngendlela efanayo ezi ndlela zokutyanda, umKristu ufanele ambuze ugqirha wakhe ukuba uza kwenza njani.

Xa usenza izigqibo ngezi ndlela zokutyanda, zibuze le mibuzo: ‘Ukuba inxalenye yegazi lam iza kukhutshwa emzimbeni wam mhlawumbi nomjikelo wegazi uphazamiseke okwethutyana, ngaba isazela sam siya kundivumela na ukuba eli gazi ndilijonge njengenxalenye yomzimba wam, ibe ngenxa yoko kungabiyomfuneko ukuba “liphalazelwe emhlabeni”? (Duteronomi 12:23, 24) Ngaba isazela sam esiqeqeshwe yiBhayibhile siya kuphazamiseka ukuba ebudeni bonyango inxalenye yegazi lam iyatsalwa, ixutywe neminye imichiza, ize iphinde ifakwe emzimbeni wam? Ndiyaqonda na ukuba xa ndingazamkeli zonke iindlela zokunyanga ezisebenzisa igazi lam loo nto ithetha ukuba andiyi kuvuma ukuba igazi lam lihlolwe (blood test), andiyi kusebenzisa umatshini wehemodialysis, okanye weheart-lung bypass?’

UmKristu ufanele azenzele isigqibo ngendlela eliya kusetyenziswa ngayo igazi lakhe xa etyandwa. Ufanele azigqibele nangomba wokuxilongwa nonyango olubandakanya ukutsalwa kwentwana yegazi lakhe, mhlawumbi lixutywe neminye imichiza, lize liphinde lifakwe kuye.