Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISIHLOMELO

Yoyisa Umkhwa Wokuphulula Amaphambili

Yoyisa Umkhwa Wokuphulula Amaphambili

Umkhwa ongamkholisiyo uThixo okukuphulula amaphambili wenza abantu bacinge ngokwanelisa iziqu zabo bodwa kwaye wonakalisa ingqondo. * Umntu ophulula amaphambili unokuphela sele ejonga abanye abantu njengezinto zokwanelisa umnqweno wesini. Kuye, isini asinanto yakwenza nothando kwaye siyinto nje yokudala uyolo lwexeshana nokuphelisa inkanuko. Kodwa ke eso siqabu siba sesexeshana. Enyanisweni, kunokuba ukuphulula amaphambili kubhubhise amalungu omzimba ngokuphathelele “uhenyuzo, ukungahlambuluki, inkanuko yesini [engafanelekanga],” kuyawavuselela.—Kolose 3:5.

Umpostile uPawulos wabhala wathi: “Zintanda, masizihlambulule kuko konke ukudyobheka kwenyama nokomoya, sigqibelelisa ubungcwele sisoyika uThixo.” (2 Korinte 7:1) Ukuba ukufumanisa kunzima ukuthobela la mazwi, mus’ ukudimazeka. UYehova usoloko ‘ekulungele ukuxolela’ nokunceda. (INdumiso 86:5; Luka 11:9-13) Ngokwenene, isazela sakho esikugwebayo kunye nemizamo oyenzayo yokuwuyeka lo mkhwa—nangona uman’ ukubuyela emva—ibonisa ukuba unesimo sengqondo esihle. Khumbula nokuba “uThixo mkhulu kuneentliziyo zethu yaye uyazazi zonke izinto.” (1 Yohane 3:20) UThixo akaboni izono zethu kuphela; ubona yonke into ngathi. Loo nto imenza akwazi ukuba novelwano xa sithandaza kuye sicela ukuba asenzele inceba. Ngoko ungadinwa ukuthandaza kuThixo ngokuthobeka nangokunyaniseka, njengomntwana obalekela kuyise xa esengxakini. UYehova uya kukunika isazela esicocekileyo. (INdumiso 51:1-12, 17; Isaya 1:18) Kakade ke, ufanele wenze okuvisisana nemithandazo yakho. Ngokomzekelo, zama ukuphepha zonke iintlobo zezinto ezibonisa amanyala nabahlobo abangalunganga. *

Ukuba ingxaki yakho yokuphulula amaphambili isaqhubeka, thetha nomzali ongumKristu okanye umhlobo okhulileyo ngokomoya nonenkathalo. *IMizekeliso 1:8, 9; 1 Tesalonika 5:14; Tito 2:3-5.

^ isiqe. 1 Lo mkhwa sithetha ngawo kukuphulula okanye ukuhlikihla amalungu esini okudla ngokuphumela ekubeni umntu afumane uyolo lwesini.

^ isiqe. 2 Iintsapho ezininzi zibeka ikhompyutha kwindawo esekuhleni ekhaya ukuze zikwazi ukuyilawula. Ukanti, ezinye zide zithenge iinkqubo zekhompyutha ezizivalayo izinto ezingathandekiyo. Kodwa ke, akunakuzithemba ngokupheleleyo ezi nkqubo zekhompyutha.

^ isiqe. 1 Ukuze ufumane amacebiso asebenzayo endlela yokoyisa ukuphulula amaphambili, bona inqaku elithi “Abantu Abaselula Bayabuza . . . Ndinokuwoyisa Njani Lo Mkhwa?” kuVukani! kaNovemba 2006 nakwincwadi ethi Imibuzo Yabantu Abaselula—Iimpendulo Eziluncedo, iphepha lama-178 ukuya kwelama-182, uMqulu woku-1.