Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ISAHLUKO 14

“Sonke Siye Sagqiba” Ngento Enye

“Sonke Siye Sagqiba” Ngento Enye

Indlela iqumrhu elilawulayo elafikelela ngayo kwisigqibo nendlela eso sigqibo esalimanyanisa ngayo ibandla

Sisekelwe kwiZenzo 15:13-35

1, 2. (a) Yiyiphi imibuzo ebalulekileyo elifanele liyiphendule iqumrhu elilawulayo lebandla lamaKristu lenkulungwane yokuqala? (b) Yintoni eza kubanceda aba bazalwana ukuze benze isigqibo esifanelekileyo?

 AMADODA athe xhonxosholo njengoko ecinga ngesigqibo aza kusenza. Abapostile nabadala bahleli kweli gumbi liseYerusalem bayajongana beqonda ukuba bafikelele kwixesha elibaluleke kakhulu. Umbandela wolwaluko uye waphakamisa imibuzo ebalulekileyo. Ngaba amaKristu aphantsi koMthetho kaMoses? Ngaba kufanele kubekho umahluko phakathi kwamaKristu angamaYuda nalawo eeNtlanga?

2 Amadoda akhokelayo aye ahlolisisa ubungqina obuninzi. Acinga ngeLizwi likaThixo lesiprofeto nobungqina babantu abaye bazibonela ngawabo, obubonisa intsikelelo kaYehova. Awuxubushe ngokucokisekileyo lo mbandela. Intaphane yobungqina obuye bavela ngokuphathelele lo mbandela ikwenza kucace nakuthathatha ukuba umoya kaYehova uyawalathisa. Ngaba la madoda aza kululandela olu lwalathiso?

3. Sinokuzuza njani ngokuhlolisisa ingxelo yeZenzo isahluko 15?

3 Kuza kufuneka abe nokholo nesibindi ukuze amkele ulwalathiso lomoya. Isigqibo sawo siza kuwenza athiywe ngakumbi ziinkokeli zonqulo zamaYuda. Ajamelene nokuchaswa ngamadoda athile ebandleni azimisele ukubuyisela abantu bakaThixo kuMthetho kaMoses. Yintoni bethu eza kwenziwa liqumrhu elilawulayo? Makhe sibone. Njengoko sihlolisisa le ngxelo, siza kubona umzekelo owamiselwa ngaloo madoda, olandelwa liQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova namhlanje. Nathi ngumzekelo esifanele siwulandele xa kufuneka senze izigqibo naxa sijamelene neengxaki kubomi bethu njengamaKristu.

“Le Nto Ivumelana Nezinto Ezibhalwe NgabaProfeti” (IZenzo 15:13-21)

4, 5. UYakobi wayikhanyisa njani loo ngxubusho ngeLizwi likaThixo lesiprofeto?

4 Umfundi uYakobi, umntakwab’ oYesu wathetha. a Kubonakala ngathi wayengusihlalo waloo ntlanganiso. Amazwi akhe ayeshwankathela isigqibo elalifikelele kuso iqumrhu elilawulayo. Ethetha namadoda awayehlanganisene uYakobi wathi: “USimiyon uye wabalisa kakuhle ukuba uThixo uye waqalisa ukubakhetha ezintlangeni abantu abaza kubizwa ngegama lakhe. Le nto ivumelana nezinto ezibhalwe ngabaProfeti.”​—IZe. 15:14, 15.

5 Intetho kaSimiyon, okanye uSimon Petros nobungqina bukaBharnabhas noPawulos mhlawumbi babangela ukuba engqondweni kaYakobi kuthi qatha izibhalo ezawenza wacaca umbandela ekwakuxutyushwa ngawo. (Yoh. 14:26) Emva kokuba ethe “le nto ivumelana nezinto ezibhalwe ngabaProfeti,” uYakobi wacaphula amazwi ka-Amosi 9:11, 12. Loo ncwadi ikuluhlu lweZibhalo zesiHebhere ezibizwa ngokuba “ngabaProfeti.” (Mat. 22:40; IZe. 15:16-18) Uya kuphawula ukuba amazwi acatshulwa nguYakobi ahluke kancinane kulawo akwincwadi ka-Amos namhlanje. Kusenokwenzeka ukuba uYakobi wayecaphula kwiSeptuagint, inguqulelo yesiGrike yeZibhalo zesiHebhere.

6. Zawukhanyisa njani lo mbandela iZibhalo?

6 UYehova waxela kwangaphambili ngomprofeti uAmos ukuba kwakuza kufika ixesha awayeza kuyivusa ngalo “indlu kaDavide,” oko kukuthi, umnombo owawuza kuvelisa uBukumkani bukaMesiya. (Hez. 21:26, 27) Ngaba uYehova wayeza kuqhubana namaYuda okwenyama kuphela kwakhona? Akunjalo. Isiprofeto sachaza ukuba ‘abantu bazo zonke iintlanga’ zaziya kuhlanganiswa zibizwe “abantu ababizwa ngegama” likaThixo. Khumbula ukuba, uPetros wayesele etshilo ukuba uThixo “akazange enze kubekho mahluko phakathi kwethu [amaKristu angamaYuda] nabo [amakholwa eeNtlanga], kodwa wazicoca iintliziyo zabo ngenxa yokholo abanalo.” (IZe. 15:9) Ngamanye amazwi, yayikukuthanda kukaThixo ukuba bonke, amaYuda kunye neeNtlanga, babe ziindlalifa zoBukumkani. (Roma 8:17; Efe. 2:17-19) Ezo ziprofeto ziphefumlelweyo azizange zithi iiNtlanga zazifanele zaluke kuqala okanye ziguqukele kubuYuda.

7, 8. (a) Lalisithini icebiso likaYakobi? (b) Sifanele siwaqonde njani amazwi akhe?

7 Echukunyiswe bubungqina obuvela kwiZibhalo nobabunikelwe ngabanye, uYakobi wacebisa esithi: “Ngoko ke elam lithi, mabangakhathazwa abantu beentlanga abaguqukela kuThixo, kodwa mababhalelwe ukuba baphephe izinto ezibingelelwe kwizithixo, ukuziphatha kakubi ngesondo, izinto ezikrwitshiweyo negazi. Kuba ukususela kwakudala kwakukho abantu abashumayela ngomthetho kaMoses kuzo zonke izixeko, kuba lo mthetho ufundelwa abantu qho ngesabatha kwizindlu akhonzela kuzo amaYuda.”​—IZe 15:19-21.

8 Ngaba uYakobi wayegxininisa igunya lakhe lokuba ngusihlalo waloo ndibano, yaye ngenxa yoko ebenzela isigqibo okanye enyanzelisa iimbono zakhe kwabanye abazalwana xa wayesithi, “ngoko elam lithi”? Nakanye! Igama lesiGrike eliguqulelwe ngokuthi “elam lithi,” lisenokuthetha “umgwebo” okanye “ndidlulisela uluvo.” Ngoko ke uYakobi wayengabenzeli isigqibo abazalwana kodwa wayecebisa ngokusekelwe kubungqina awayebuvile kunye noko kwakuthethwa ziZibhalo ngaloo mbandela.

9. Zaziza kuba yintoni iingenelo zecebiso likaYakobi?

9 Ngaba lalifanelekile icebiso likaYakobi? Ngokuqinisekileyo, kuba abapostile nabadala balamkela. Zaba yintoni iingenelo zalo? Kwelinye icala isigqibo esasicetyiswa sasingayi ‘kuwakhathaza’, okanye senze kube nzima kumaKristu eeNtlanga ngokuwanyanzela ukuba agcine uMthetho kaMoses. (IZe. 15:19) Ukanti, sasiza kubonisa intlonelo ngezazela zamaKristu angamaYuda, awayeneminyaka esiva ‘umthetho kaMoses ufundelwa abantu qho ngesabatha kwizindlu akhonzela kuzo amaYuda.’ b (IZe. 15:21) Ngokuqinisekileyo elo cebiso laliza kuluqinisa umanyano phakathi kwamaKristu angamaYuda kunye naweeNtlanga. Okona kubalulekileyo yayikukuba, laliza kuvuyisa uYehova ekubeni lalivisisana nenjongo yakhe. Hayi ukubalasela kwawo lo mzekelo wokucombulula ingxaki eyayinokuqhekeza phakathi ubunye nentlalo-ntle yebandla labantu bakaThixo liphela! Ngokuqinisekileyo lo ngumzekelo elifanele liwuxelise ibandla lamaKristu lanamhlanje!

UAlbert Schroeder ethetha kwindibano yezizwe ngezizwe ngo-1998

10. IQumrhu Elilawulayo namhlanje liwuxelisa njani umzekelo woogxa balo benkulungwane yokuqala?

10 Njengoko besikhe sachaza kwisahluko esanduleleyo, iQumrhu eliLawulayo lamaNgqina kaYehova namhlanje likhangela kuYehova, uMongami weNdalo Iphela, nakuYesu Kristu, iNtloko yebandla ukuze lifumane ulwalathiso kuyo yonke imibandela, njengoko babesenza oogxa balo benkulungwane yokuqala. c (1 Kor. 11:3) Likwenza njani oku? UAlbert D. Schroeder, owayelilungu leQumrhu Elilawulayo ukususela ngo-1974 de wagqiba ikhondo lakhe lasemhlabeni ngoMatshi 2006, wathi: “IQumrhu Elilawulayo liba nentlanganiso rhoqo ngoLwesithathu, evulwa ngomthandazo wokucela ulwalathiso lomoya kaYehova. Lenza konke okusemandleni alo ukuze liqiniseke ukuba wonke umbandela eliwusingathayo naso sonke isigqibo elisenzayo sivisisana neLizwi likaThixo iBhayibhile.” NoMilton G. Henschel, owayelilungu leQumrhu Elilawulayo kangangexesha elide, nowagqiba ikhondo lakhe lasemhlabeni ngoMatshi 2003, wabuza umbuzo obalulekileyo kubafundi ababephumelele kwiklasi ye-101 yeSikolo seBhayibhile seWatchtower saseGiliyadi. Wathi: “Ngaba ikho enye intlangano apha emhlabeni enabaphathi abafunda iLizwi likaThixo iBhayibhile phambi kokuba yenze izigqibo ezibalulekileyo?” Impendulo icacile.

‘Bathumela Amadoda Akhethiweyo’ (IZenzo 15:22-29)

11. Amabandla asixelelwa njani isigqibo sequmrhu elilawulayo?

11 Iqumrhu elilawulayo laseYerusalem lafikelela kwisigqibo esifanayo ngokuphathelele umba wolwaluko. Noko ke, ukuze abazalwana ebandleni benze into enye, kwafuneka baxelelwe ngeso sigqibo ngendlela ecacileyo nekhuthazayo ngeso sigqibo. Yayiza kwenziwa njani loo nto? Ingxelo ithi: “Abapostile, abadala nalo lonke ibandla bagqiba kwelokuba bakhethe phakathi kwabo amadoda ababeza kuwathumela kwa-Antiyokwe kunye noPawulos noBharnabhas. Bathumela uYudas owayekwabizwa ngokuba nguBharsabhas kunye noSilas, amadoda akhokelayo phakathi kwabazalwana.” Kwakhona, kwabhalwa ileta yaza yathunyelwa nala madoda ukuze ifundwe kuwo onke amabandla akwa-Antiyokwe, eSiriya naseKilikiya.​—IZe. 15:22-26.

12, 13. Waba yintoni umphumo wokuthunyelwa (a) kukaYudas noSilas? (b) kweleta evela kwiqumrhu elilawulayo?

12 UYudas noSilas babekufanelekela ukumela iqumrhu elilawulayo kuba ‘babengamadoda akhokelayo phakathi kwabazalwana.’ Ukuthunyelwa kwamadoda amane kwakuza kwenza kucace ukuba, isigidimi ayesiphethe sasingeyompendulo nje yombuzo owawubuziwe, kodwa sasikwachaza ulwalathiso olutsha oluvela kwiqumrhu elilawulayo. Ubukho bala ‘madoda akhethiweyo’ babuza kuqinisa umanyano phakathi kwamaKristu angamaYuda aseYerusalem naweeNtlanga. Elo yayililungiselelo lobulumko nothando. Ngokuqinisekileyo labenza bamanyana baza bathandana abantu bakaThixo.

13 Le leta yawachazela ngokucacileyo amaKristu eeNtlanga, hayi nje kuphela umbandela wolwaluko, kodwa noko ayemele akwenze ukuze uYehova akholiswe ngawo aze awasikelele. Inxalenye ebalulekileyo yayo yayisithi: “Umoya oyingcwele usincede sabona ukuba masinganongezeli mthwalo ngaphandle kwezi zinto zibalulekileyo: ukuba niziphephe izinto ezibingelelwe kwizithixo, igazi, nezinto ezikrwitshiweyo, yaye ningaziphathi kakubi ngesondo. Ukuba niyaqiniseka ukuba niyaziphepha ezi zinto, niza kuphumelela. Kamnandi!”​—IZe. 15:28, 29.

14. Abantu bakaYehova bakwazi njani ukusebenza ngomanyano kweli hlabathi lanamhlanje lahluleleneyo?

14 Namhlanje, amaNgqina kaYehova angaphezu kwe-8 000 000 akumabandla angaphezu kwayi-100 000 akholelwa kwinto enye yaye aziphatha ngendlela efanayo. Inokwenzeka njani loo nto, kwihlabathi elizaliswe ziingxabano nelahlulelene ngolu hlobo? Eyona nto ibangela umanyano lulwalathiso olucacileyo oludluliselwa nguYesu Kristu, iNtloko yebandla ‘ngekhoboka elithembekileyo neliyingqondi,’ ngamanye amazwi, iQumrhu Elilawulayo. (Mat. 24:45-47) Lukwabangelwa nayindlela abazalwana abasehlabathini lonke abaluthobela ngayo ulwalathiso lweQumrhu Elilawulayo.

“Bavuya Kuba Yabakhuthaza” (IZenzo 15:30-35)

15, 16. Waba yintoni umphumo womba wolwaluko, yaye zaba yintoni izizathu zawo?

15 Xa iqhubeka ingxelo yeZenzo isixelela ukuba xa abathunywa abasuka eYerusalem bafika kwa-Antiyokwe ‘baqokelela abafundi baza babanika loo leta.’ Abazalwana balapho basabela njani kulwalathiso lwequmrhu elilawulayo? “Emva kokuba beyifundile [ileta] bavuya kuba yabakhuthaza.” (IZe. 15:30, 31) Ukongezelela, uYudas noSilas “babakhuthaza abazalwana ngeentetho ezininzi baza babomeleza.” Ngoko ke, loo madoda mabini ‘ayengabaprofeti,’ njengoko uBharnabhas, uPawulos nabanye kwakusithiwa ngabaprofeti​—ibinzana elibhekisela kwabo bavakalisa ukuthanda kukaThixo.​—IZe. 13:1; 15:32; Eks. 7:1, 2.

16 Kucacile ukuba uYehova walixhasa eli lungiselelo, nto leyo eyazisa isicombululo kule ngxaki. Yintoni eyabangela ukuba umphumo ube mhle? Ngokungathandabuzekiyo, yayilulwalathiso olucacileyo nolwalufike ngexesha elifanelekileyo lwequmrhu elilawulayo, olusekelwe kwiLizwi likaThixo nolwalathiso lomoya oyingcwele. Okunye okwaba negalelo yindlela esadluliselwa ngothando ngayo eso sigqibo emabandleni.

17. Utyelelo lwabaveleli besiphaluka lufana njani nendlela esadluliselwa ngayo isigqibo?

17 Lixelisa loo mzekelo, iQumrhu Elilawulayo lamaNgqina kaYehova lalathisa abazalwana abasehlabathini lonke. Xa lifikelele kwizigqibo ezithile lizidlulisela emabandleni ngendlela ecacileyo nengqalileyo. Enye indlela elizidlulisela ngayo kungabaveleli besiphaluka. Aba bazalwana bazincamileyo batyelela amabandla ukuze badlulisele ulwalathiso olucacileyo nokhuthazo. NjengoPawulos noBharnabhas, bachitha ixesha elininzi entsimini “befundisa yaye beshumayela nabanye abafundi abaninzi, iindaba ezilungileyo zelizwi likaYehova.” (IZe. 15:35) NjengoYudas noSilas, bakhuthaza “abazalwana ngeentetho ezininzi” baze babomeleze.

18. Yintoni eya kubangela ukuba abantu bakaThixo baqiniseke ukuba uya kuqhubeka ebasikelela?

18 Kuthekani ngamabandla? Yintoni eya kwenza ukuba amabandla asehlabathini lonke ahlale eseluxolweni yaye emanyene nakuba ekwihlabathi elahluleleneyo? Khumbula ukuba yayingumfundi uYakobi owabhala kamva wathi: “Ubulumko obuvela emazulwini, okokuqala bumsulwa, budala uxolo, bubhetyebhetye, bulungele ukuthobela . . . Kwakhona, isiqhamo sobulungisa sityalwa xa kukho uxolo, kusenzelwa abo badala uxolo.” (Yak. 3:17, 18) Asingetsho ukuba uYakobi wayethetha ngentlanganiso eyayiseYerusalem. Kodwa ke ukufunda kwethu iziganeko ezikwiZenzo isahluko 15, kusenza siqiniseke ukuba uYehova usisikelela kuphela xa simanyene yaye sisebenzisana.

19, 20. (a) Yintoni eyayibonisa ukuba kwakukho uxolo nomanyano kwibandla lakwa-Antiyokwe? (b) Yintoni abakwaziyo ukuyenza uPawulos noBharnabhas?

19 Kucace mhlophe ukuba kwabakho uxolo nomanyano kwibandla lakwa-Antiyokwe. Kunokuba basukuzane nabazalwana baseYerusalem, abazalwana bakwa-Antiyokwe bakuxabisa ukutyelelwa nguYudas noSilas. Ingxelo ithi: “Emva kwethutyana behleli apho, bakhululwa ngoxolo ngabazalwana ukuba babuyele kwabo babebathumile,” eYerusalem. d (IZe. 15:33) Sinokuqiniseka ukuba abazalwana baseYerusalem bachulumanca bakuva ngohambo lwaloo madoda. Ngenxa yobubele obungasifanelanga bukaYehova, uthumo lwabo lwaba yimpumelelo.

20 UPawulos noBharnabhas ababesele kwa-Antiyokwe babeza kunikela ingqalelo ekuthabatheni ukhokelo kumsebenzi wokushumayela njengokuba besenza abaveleli besiphaluka xa betyelele amabandla. (IZe. 13:2, 3) Abantu bakaYehova basikelelwa ngokwenene! UYehova waqhubeka ebasebenzisa yaye ebasikelela njani aba bashumayeli banenzondelelo? Kuza kuxutyushwa ngoko kwisahluko esilandelayo.

AmaKristu omhla wethu ayazuza kumalungiselelo okomoya eQumrhu Elilawulayo nabameli balo

a Funda ibhokisi enomxholo othi “ UYakobi​—‘Umninawa WeNkosi.’

b Ngobulumko uYakobi wabhekisela kwizibhalo zikaMoses, ezaziquka kungekuphela nje uMthetho kodwa nembali engezenzo zikaThixo nokubonakaliswa kwentando yakhe kwanangaphambi koMthetho. Ngokomzekelo, imbono kaThixo ngegazi, ukukrexeza nonqulo zithixo ibonakala ngokucacileyo kwiGenesis. (Gen. 9:3, 4; 20:2-9; 35:2, 4) Ngaloo ndlela uYehova watyhila imigaqo esebenza kubo bonke abantu, enoba babengamaYuda okanye iiNtlanga.

d Ezinye iinguqulelo zeBhayibhile zifakela amagama athile kwindinyana 34, enza kubonakale ngathi uSilas wakhetha ukusala kwa-Antiyokwe. (kwiKing James Version) Noko ke, kubonakala ngathi loo magama ongezelelwa kamva.