Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

Ileta Evela KwiQumrhu Elilawulayo

Mvakalisi WoBukumkani Othandekayo:

Khawube nomfanekiso-ngqondweni wakho ungomnye wabapostile umi kwiNtaba yemiNquma. Kuthi kusenjalo kuthi gqi uYesu phambi kwakho. Xa kanye eza kunyukela ezulwini uthi: “Niya kwamkela amandla xa umoya oyingcwele ufika kuni, yaye niya kuba ngamangqina am eYerusalem nakulo lonke elakwaYuda naseSamariya kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba.” (IZe. 1:8) Ubuya kusabela njani?

Mhlawumbi ubuya kuziva unikwe umsebenzi ongaphaya kwamandla akho. Ubunokuzibuza oku, ‘Inokwenzeka njani into yokuba iqaqobana elincinane kangaka labafundi likwazi ukunikela ubungqina “kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba”?’ Mhlawumbi ubuya kukhumbula isilumkiso sikaYesu kubusuku obungaphambi kokufa kwakhe, xa wathi: “Ikhoboka alikho likhulu kunenkosi yalo. Ukuba banditshutshisile mna, baya kunitshutshisa nani; ukuba baligcinile ilizwi lam, baya kuligcina nelenu. Kodwa baya kuzenza zonke ezi zinto ngokunxamnye nani ngenxa yegama lam, kuba bengamazi lowo undithumileyo.” (Yoh. 15:20, 21) Ucinga ngaloo mazwi ubunokuzibuza oku, ‘Ndingakwazi njani ukunikela ubungqina obucokisekileyo phantsi kwenkcaso nentshutshiso ekrakra ngolu hlobo?’

Nanamhlanje, sizibuza loo mibuzo. NjengamaNgqina kaYehova, nolwethu uthumo lufuna sinikele ubungqina obucokisekileyo “kude kuse nakwezona nxalenye zikude zomhlaba,” ‘kubantu beentlanga zonke.’ (Mat. 28:19, 20) Sinokuwufeza njani lo msebenzi, ingakumbi xa ucinga ngentshutshiso ekwathiwa siza kujamelana nayo?

IZenzo Zabapostile zisinika ingxelo echulumancisayo ngendlela abathi abapostile namanye amaKristu enkulungwane yokuqala yeXesha Eliqhelekileyo, akwazi ngayo ukufeza isabelo sawo ngenxa yoncedo lukaYehova. Le ncwadi uyifundayo ngoku ilungiselelwe ukukunceda uhlolisise loo ngxelo nokuze uve indlela ezichulumancisa ngayo iziganeko ezibhalwe kuyo. Uya kumangaliswa kukufumanisa ukuba izinto eziliqela ezazisenzeka kubakhonzi bakaThixo benkulungwane yokuqala ziyafana nezo zenzeka kubantu bakhe namhlanje. Uya kubona ukuba ezi zinto ziquka kungekuphela nje umsebenzi esiwenzayo kodwa nendlela olungelelaniswa ngayo lo msebenzi. Ukucinga ngezi ziganeko zifanayo kuya kuyomeleza nakanjani inkolelo onayo yokuba uYehova uThixo usaqhubeka esalathisa inxalenye esemhlabeni yentlangano yakhe.

Sinethemba yaye sithandazela ukuba ukuhlolisisa kwakho le ncwadi yeZenzo kukuncede ube nentembelo engakumbi yokuba uYehova uya kukunceda nokuba amandla omoya wakhe oyingcwele aya kukomeleza. Ngamana ingakukhuthaza uqhubeke ‘unikela ubungqina obucokisekileyo’ ngoBukumkani bukaThixo, uze uncede abantu bafumane indlela esa elusindisweni.​—IZe. 28:23; 1 Tim. 4:16.

Abazalwana bakho,

IQumrhu Elilawulayo LamaNgqina KaYehova