Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 1

UMdali Unika Abantu IParadesi

UMdali Unika Abantu IParadesi

UThixo udala ummandla wendalo nezinto eziphilayo emhlabeni; udala abantu abafezekileyo, indoda nomfazi, ababeke kumyezo omhle, aze abanike imithetho abafanele bayithobele

LA MAZWI alandelayo kuthiwa yeyona ntshayelelo idumileyo kwezakha zabhalwa. “Ekuqaleni uThixo wadala amazulu nomhlaba.” (Genesis 1:1) Ngesi sivakalisi silula nesinamandla, iBhayibhile isichazela ngoyena Mntu ubalulekileyo kwiZibhalo Ezingcwele—uThixo usomandla, uYehova. Indinyana yokuqala yeBhayibhile ithi uThixo unguMdali wendalo iphela kuquka isijikelezi-langa esihlala kuso. Iindinyana ezilandelayo zisichazela ngezihlandlo ezide zamaxesha, abizwa ngokuba ziintsuku, apho uThixo wasilungiselela umhlaba ukuze sihlale kuwo, esenza zonke izinto ezimangalisayo zendalo.

Kwizinto ezidalwe nguThixo emhlabeni, eyona ibalulekileyo ngumntu. Yena wamenza ngomfanekiso wakhe—wakwazi ukubonakalisa iimpawu zikaThixo, njengothando nobulumko. UThixo wamenza ngothuli lomhlaba. Wamthiya igama lokuba nguAdam, waza wambeka eparadesi—umyezo wase-Eden. Kuloo myezo uThixo watyala imithi emihle nevelisa iziqhamo.

UThixo wabona kufanelekile ukwenzela umntu iqabane. Esebenzisa ubambo luka-Adam, uThixo wamenzela umfazi, waza wathiywa igama lokuba nguEva. Engakwazi ukuzibamba uAdam wadanduluka esithi: “Ekugqibeleni eli ke lithambo lasemathanjeni am nenyama yasenyameni yam.” UThixo wathi: “Kungenxa yoko le nto indoda iya kumshiya uyise nonina, inamathele emfazini wayo baze babe nyama-nye.”—Genesis 2:22-24; 3:20.

UThixo wanika uAdam noEva imiyalelo emibini. Kowokuqala, wabayalela ukuba bawulime umhlaba, bawunyamekele, baze bawuzalise ngabantwana. Kowesibini, wabaxelela ukuba phakathi kwemithi emininzi eyayikuloo myezo, sisiqhamo somthi nje omnye ababengamele basitye, “umthi wokwazi okulungileyo nokubi.” (Genesis 2:17) Xa bengamthobeli, babeza kufa. Ngaloo miyalelo, uThixo wayebanika ithuba lokubonisa ukuba bayavuma ukulawulwa nguye. Ukumthobela kwakuya kubonisa ukuba bayamthanda yaye banombulelo ngoko abenzele kona. Sasingekho isizathu sokuba bangavumi ukulawulwa nguye. Babengenaso nasinye isiphako abo bantu bafezekileyo. IBhayibhile ithi: “UThixo wazibona zonke izinto awayezenzile, khangela! zilunge gqitha.”—Genesis 1:31.

—Oku kusekelwe kwiGenesis isahluko 1 nesesi-2.