Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 5

UThixo Usikelela UAbraham Nentsapho Yakhe

UThixo Usikelela UAbraham Nentsapho Yakhe

Inzala ka-Abraham iyanda. UThixo ukhusela uYosefu eYiputa

UYEHOVA wayesazi ukuba ngeny’ imini unyana wakhe oyintanda wayeza kubandezeleka aze afe. Isiprofeto esikwiGenesis 3:15 sayithi thsuphe loo nyaniso. Ngaba ikho indlela uThixo awayenokwenza ngayo ukuze uluntu luyiqonde intlungu awayeza kuba kuyo? IBhayibhile inomzekelo omhle osenza sikuqonde oku. UThixo wacela uAbraham ukuba abingelele ngonyana wakhe oyintanda uIsake.

UAbraham wayenokholo. Khumbula ukuba uThixo wayemthembise ukuba uMhlanguli okwaprofetwa ngaye okanye iMbewu yayiza kuvela ngoIsake. Eqinisekile ukuba uThixo wayenokumvusa uIsake, ngokuthobeka uAbraham waya kubingelela ngaye. Kodwa ingelosi eyayithunywe nguThixo yamnqanda kanye xa eza kwenza oko. Encoma uAbraham ngokuvuma kwakhe ukunikela ngeyona nto ayithandayo, uThixo waphinda izithembiso awayezenze kulo solusapho uthembekileyo.

Kamva uIsake wazala oonyana ababini, uEsawu noYakobi. Ngokwahlukileyo kuEsawu, uYakobi wayezixabisa izinto zokomoya, ibe uThixo wamvuza. UThixo wathiya uYakobi igama elinguSirayeli, yaye oonyana abali-12 bakaSirayeli baba ziintloko zezizwe zakwaSirayeli. Kodwa yenzeka njani into yokuba loo ntsapho ibe luhlanga olukhulu?

Kwenzeka uthotho lweziganeko xa inkoliso yabo nyana yammonelayo umninawa wabo uYosefu. Bamthengisa ebukhobokeni eYiputa. Kodwa uThixo walisikelela elo tyendyana lithembekileyo nelinenkalipho. Phezu kwazo nje izinto ezibuhlungu ezamehlelayo apho, ekugqibeleni uYosefu wakhethwa nguFaro, umlawuli waseYiputa, waza wamnika isikhundla esiphezulu. Oko kwenzeka ngexesha elifanelekileyo, kuba ngenxa yendlala uYakobi wathumela abanye boonyana bakhe ukuba baye kuthenga ukutya eYiputa—ibe kwathi kanti nguYosefu owongamela ukuthengiswa kokutya. Emva kweziganeko ezikhwankqisayo nezibangela imincili zokudibana kukaYosefu nabantakwabo ababesele beguqukile, uYosefu wabaxolela waza walungiselela ukuba intsapho yakowabo ifudukele eYiputa. Banikwa umhlaba omhle apho babeza kuhlala kakuhle baze bande. UYosefu waqonda ukuba uThixo wayengenelele ukuze azalisekise izithembiso Zakhe.

UYakobi owayesele aluphele waphila iintsuku zakhe zokugqibela eYiputa, ekunye nentsapho yakhe eyandayo. Xa wayesekhukweni lokufa, wachaza ukuba iMbewu ethenjisiweyo, okanye uMhlanguli wayeya kuba nguMlawuli onamandla owayeza kuvela kumnombo wonyana wakhe uYuda. Ngaphambi kokuba naye afe, uYosefu wathi ngenye imini uThixo wayeza kuyikhupha intsapho kaYakobi eYiputa.

—Oku kusekelwe kwiGenesis isahluko 20 ukusa kwesama-50; nakumaHebhere 11:17-22.