Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 10

USolomon Ulawula Ngobulumko

USolomon Ulawula Ngobulumko

UYehova unika uKumkani uSolomon ubulumko; ngexesha lokulawula kukaSolomon amaSirayeli anandipha uxolo nempumelelo ngendlela engazange ibonwe

BEBUYA kuba njani ubomi ukuba lonke uhlanga nomlawuli walo beluthobela imithetho kaYehova njengoMongami? Impendulo yalo mbuzo yabonakala ngoxa kwakulawula uKumkani uSolomon iminyaka engama-40.

Ngaphambi kokuba uDavide afe, wamisela unyana wakhe uSolomon ukuba abe ngukumkani. Ephupheni, uThixo wathi kuSolomon makacele oko akufunayo. USolomon wacela ubulumko nolwazi ukuze akwazi ukugweba abantu kakuhle nangobulumko. UYehova wakholiswa sisicelo sakhe waza wamnika ubulumko nokuqonda. Kwakhona wamthembisa ngobutyebi, uzuko nobomi obude ukuba wayenokuhlala ethembekile.

USolomon waduma ngendlela awayegweba ngobulumko ngayo. Ngesinye isihlandlo abafazi ababini babebangisana ngosana oluyinkwenkwe. USolomon wathi malunqunyulwe phakathi, ukuze ngamnye afumane icala. Owokuqala wavuma, kodwa oyena mama wosana wacela ukuba lunganqunyulwa kodwa lunikwe loo mfazi wokuqala. Ngoko ke uSolomon waqonda ukuba unina wolo sana ngulowo unovelwano waza walunika yena. Wonke uSirayeli weva ngesi sigqibo, baza abantu baqonda ukuba uSolomon unobulumko bukaThixo.

Enye yezona zinto zinkulu awazifezayo uSolomon yaba kukwakha itempile kaYehova—isakhiwo esikhulu eYerusalem esasiza kuba sisazulu sonqulo kwaSirayeli. Xa kwakuvulwa loo tempile, uSolomon wathandaza wathi: “Khangela! Amazulu, ewe, izulu lawo amazulu, alikulingene; kobeka phi, ke, kule ndlu ndiyakhileyo!”—1 Kumkani 8:27.

USolomon waduma nakwamanye amazwe, njengaseShebha, eArabhiya. Ukumkanikazi waseShebha waya kubona uzuko nobutyebi bukaSolomon, efuna nokwazi ubulumko anabo. Lo kumkanikazi wabuthanda ngokwenene ubulumko bukaSolomon nokuchuma kukaSirayeli kangangokuba wadumisa uYehova ngokumisela ukumkani onobulumko obunjalo etroneni. Ngenxa yeentsikelelo zikaYehova ulawulo lukaSolomon lwaba lolona luphumelelayo noluseluxolweni kwimbali kaSirayeli wamandulo.

Okubuhlungu kukuba uSolomon wayeka ukusebenzisa ubulumko bukaYehova. Akazange athobele umthetho kaThixo, waza watshata abafazi abaninzi, abanye babo ababenqula oothixo beentlanga. Ngokuthe ngcembe abo bafazi bayisusa intliziyo yakhe kuYehova waza wanqula izithixo. UYehova wathi kuSolomon inxalenye yobukumkani yayiza kuthatyathwa kuye. Wathi kuza kusala inxalenye encinane kwintsapho yakhe, ngenxa kayise uDavide. Phezu kwako nje ukungathobeli kukaSolomon, uYehova wahlala enyanisekile kumnqophiso wobukumkani awawenza noDavide.

—Oku kusekelwe kweyoku-1 yooKumkani isahluko 1 ukusa kwese-11; kweyesi-2 yeziKronike isahluko 1 ukusa kwese-9; kwiDuteronomi 17:17.