Yiya kwinkcazelo

Yiya kwiziqulatho

ICANDELO 12

Ukukhokelwa Bubulumko BukaThixo

Ukukhokelwa Bubulumko BukaThixo

Incwadi yeMizekeliso yingqokelela yamazwi esiluleko aphefumlelweyo, inkoliso yawo ebhalwe nguSolomon, nasikhokelayo kubomi bemihla ngemihla

NGABA uYehova nguMlawuli onobulumko? Enye indlela esinokuyifumana ngayo impendulo echanileyo kulo mbuzo, kukuqwalasela isiluleko sakhe. Ngaba siyasebenza? Ngaba ukusisebenzisa kuyabuphucula ubomi buze bube nentsingiselo ngakumbi? UKumkani uSolomon osisilumko wabhala intlaninge yemizekeliso. Le mizekeliso isebenza phantse kuzo zonke iinkalo zobomi bethu. Nantsi eminye yayo.

Simele sikholose ngoThixo. Ukuze sibe nolwalamano oluhle noYehova kubalulekile ukuba sikholose ngaye. USolomon wabhala: “Kholosa ngoYehova ngayo yonke intliziyo yakho, ungayami ngokwakho ukuqonda. Uze umgqale yena ezindleleni zakho zonke, kwaye uya kuwenza uthi tye umendo wakho.” (IMizekeliso 3:5, 6) Ukukholosa ngoThixo ngokufuna ulwalathiso lwakhe size simthobele, kwenza ubomi bethu bube nenjongo. Xa sisenjenjalo siyamvuyisa uYehova yaye simenza akwazi ukuphendula kwimbambano eyaphakanyiswa lutshaba lwakhe uSathana.—IMizekeliso 27:11.

Ukusebenzisana nabanye ngobulumko. Indlela uThixo awaluleka ngayo amadoda, abafazi nabantwana isebenza ngakumbi kweli xesha lethu kunangaphambili. Eyalela indoda ukuba ihlale ithembekile kumfazi wayo, uThixo uthi: ‘Yiba nemihlali ngumfazi wobutsha bakho.’ (IMizekeliso 5:18-20) Kwincwadi yeMizekeliso abafazi abatshatileyo bafumana umzekelo womfazi ofanelekileyo othandwayo yindoda nabantwana bakhe. (IMizekeliso, isahluko 31) Nabantwana bayalelwa ukuba bathobele abazali babo. (IMizekeliso 6:20) Le ncwadi ibonisa nokubaluleka kokuba nabahlobo, kuba ukuba yinkomo edla yodwa kwenza abantu bazingce. (IMizekeliso 18:1) Abahlobo banokusiphembelela ekwenzeni okulungileyo okanye okubi, ngoko kufuneka sibakhethe ngobulumko.—IMizekeliso 13:20; 17:17.

Zinyamekele ngobulumko. Incwadi yeMizekeliso inesiluleko esixabisekileyo ngendlela esinokukuphepha ngayo ukusebenzisa kakubi utywala, esinokukwazi ngayo ukulawula iimvakalelo zethu ngoxa sikhuthele emsebenzini. (IMizekeliso 6:6; 14:30; 20:1) Ilumkisa ngelithi ukukholosa ngezinto ezithethwa ngabantu kunesiluleko sikaThixo kukhokelela kwintlekele. (IMizekeliso 14:12) Isibongoza ukuba sikhusele umntu wangaphakathi, intliziyo, kwiimpembelelo ezonakalisayo, kwanokuba singalibali ukuba “iphuma [kwintliziyo] imithombo yobomi.”—IMizekeliso 4:23.

Izigidi zabantu ezisehlabathini zifumanise ukuba ukuphila ngesiluleko esinjalo kuyabuphucula ubomi bazo. Ngenxa yoko, zinezizathu ezininzi zokuthobela uYehova njengoMlawuli.

—Oku kusekelwe kwincwadi yeMizekeliso.